﻿
Isicelo esiya kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo sokuba iqulungqe ukuba ingaba ishishini lomqashi lilonke, okanye inxenye yalo, liyinkonzo yokuxhasa nokugcina indawo ethile yokusebenza, ifektri okanye oomatshini, ingatshabalali na    




Inkcazelo




Umqashi angenza isicelo ngencwadi ebhaliweyo kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo sokuba iqulungqe ukuba ingaba ishishini lomqashi lilonke, okanye inxenye yalo, liyinkonzo yokuxhasa nokugcina indawo ethile yokusebenza, ifektri, okanye oomatshini, ingatshabalali na.



Inkonzo iyinkonzo yokuxhasa nokugcina  ukubangaba ukuphazamiseka kwaloo nkonzo kungadala ukutshabalala okunembonakalo nokubambekayo kuyo nayiphina indawo yokusebenza, ifektri okanye oomatshini.

Nabaphina abanye ababandakanyeki abanomnqweno, bangathumela impendulo kwiNkonzo eyiMfuneko eNgundoqo, kwisithuba seentsuku ezingama 21 befumene esi sicelo.





Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiSebe lezaBasebenzi

Inkqubo emayilandelwe


Yenza isicelo kwiNkonzo eyiMfuneko eNgundoqo yeKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo kunye noMiselo-Sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation Mediation and Arbitration 
Gcwalisa ifom 4.3 ye-LRA uze uyithumele kwiKomiti yeeNkonzo eziyiMfuneko eNgundoqo  kwi-CCMA
Ikopi yale fom kufuneka ithunyelwe komnye umbandakanyeki kwaye kufuneka kunikwe ubungqina bokuba ikopi yale fom isiwe komnye umbandakanyeki, ngokufaka ezi zinto zilandelayo:
Makufakwe ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini.
Makufakwe ikopi yerisiti esayiniweyo ukubangaba ikopi isiwe ngesandla.
Ingxelo esayiniweyo engqina ukuhanjiswa kwekopi ngulo mntu uhambise ifom kufuneka ihambe nesicelo.
Makufakwe ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi okanye nabuphina obunye ubungqina obanelisayo.


Imithetho esetyenziswayo

Labour Relations Act, 1995 , Section 75 UMthetho woBudlelwane bezaBasebenzi



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo; kuxhomekeka kumbandakanyeki owenza isicelo seenkonzo eziyimfuneko engundoqo.



Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezigcwaliswayo

Umqashi wenza isicelo kwi-CCMA sokuqulungqwa kwenkonzo yokuxhasa nokugcina indawo ethile yokusebenza, ifektri okanye oomatshini: kwiFom LRA 4.3  Form LRA 4.3 





Iinkcukacha zonxulumano




