LWABATHENGI
UXWEBHU
Izithembiso kubathengi bethu Umgaqo-nkqubo xa uwonke ukubonelela ngeenkonzo zamanzi ezisemgangathweni, ezifikelelekayo ngokwezemali neziya kugcinwa zikho kulandelwa iziCwangciso zoPhuhliso lweeNkonzo zaManzi ukuqinisekisa uqhagamshelwano olusebenza ngendlela enentlonelo, efanelekileyo, nesebenzayo nabathengi bethu ukuqinisekisa ubonelelo lwamanzi oluqhubekayo ukucutha ilahleko yamanzi nokuqinisekisa ukuba amanzi asetyenziswa ngobulumko ngumasipala naluluntu
Ukwenza ngokukhawuleza kangangoko ukuba iinkonzo zamanzi zifikelele kubo bonke abo bathengi ziyakuthi zibe yimfuneko kubo.
Amanzi alungele ukuselwa ukubonelela ngama-6 000 eelitha zamanzi asimahla ngenyanga kubo bonke abasebenzisi bamanzi asekhayeni ukuqinisekisa ukuba umgangatho wobunjani bamanzi uyazihlangabeza izikhokelo zobunjani bomgangatho wamanzi okusela ukuqinisekisa uxinzelelo lwamanzi olwaneleyo ngethuba asetyenziswa ngalo ngabantu abaninzi bar okanye 24meters head kujongwe ukubuyisela ukusebenza kwamanzi kwisithuba seeyure ezintandathu xa kukho ukuphazamiseka okungacwangciswanga kujongwe ukukhupha iiakhawunti ezinengcaciso nezichanekileyo ezisekelwe kufundo lweemitha zenyanga nganye ukuqinisekisa ukuba ubonelelo lwezixa ezikhulu zamanzi luhamba ngokwezivumelwano
Amanzi angalungelanga ukuselwa ukukhuthaza ukuba asetyenziswe ekunkcenkcesheleni nakushishino apho afanelekileyo kwimeko yobume bendawo nakwezoqoqosho
Amanzi amdaka (imibhobho yamanzi amdaka nalawo aphuma ezifektri)
kujoliswe ekucutheni iimpembelelo kwimeko yobume bendalo ebangelwa kukusebenza kwemixokelelwane yamanzi amdaka kujongwe ukuthoba iindleko ngokucutha ukungena kwamanzi esitishi nokuphumela kwamanzi omhlaba kwimijelo ephantsi komhlaba ehambisa amanzi amdaka kujoliswe ekumiseleni indlela efanelekieyo ekuhlambululeni amanzi azizixa ezikhulu
Uvanduva lwabathengi ukuhlawula iinkonzo zamanzi ezingaphezulu kwesixa sakho samanzi esisimahla ukuhlala usezingqondweni zokonga amanzi musa ukugungxulela izinto ezingafanelanga zigungxululelwe kumxokelelwane womjelo ophantsi komhlaba wokuhambisa amanzi amdaka musa ukukhuphela amanzi emvula kumjelo ophantsi komhlaba wokuhambisa amanzi amdaka Yithobele imithetho, imimiselo nemithetho kamasipala kwakunye nezaziso zemiqathango yokusetyenziswa kwamanzi
Izimvo kunye neengcebiso zakho zokuphucula le nkonzo zamkelekile kwaye kufuneka zithunyelwe kummeli wabaphathi be-ISO kumnxeba 710-8006 okanye kwifeksi engunombolo 710-8374.
