UMhombiso kuwongwa ngawo abemi boMzantsi Afrika abathe benza isenzo sobukhalipha esibalaseleyo ngokungaphezulu nababeke ubomi babo engozini enkulu, okanye abo balahlekelwa bubomi babo, kubandakanywa nokuzama ukuhlangula ubomi bomnye umntu, okanye ukuhlangula ipropati, apha ngaphakathi nangaphandle kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
Indlela ewongwa ngayo
Le Mbasa inganikwa ngokweendidi ezi ntathu:
Udidi 1 = IGolide
Udidi 2 = ISilivere
Umqondiso /izinto eyenziwe ngazo
Umxholo ophambili /umqondiso
Ikhaka elenziwe ngofele lwesilwanyana, olwenkomo ngokuthe ngqo, luyasetyenzwa lusukwe lube yimveliso esisangqa enomphandle owomeleleyo ize igqityezelwe ngesiphatho somthi . Igqudu nomkhonto zincedisana nekhaka, elinikwa iindwendwe eziza kwilizwe lethu ezivela kulo lonke ilizwe njengesenzo esingumqondiso womoya omhle.
Ikhaka
Ilitye elinqabileyo eliluhlaza - indawo engundoqo apho iintonga zokwalatha ezintathu ziphuma khona , zimele indlela engaphambili eza kuhanjwa ekunikeni uncedo kwabo balufunayo ngexesha leentlekele zendalo nezinye iimeko ezinzima ngokugqithisileyo ezithi ziqhubeke amaxesha ngamaxesha apha kwilizwe ngokubanzi .
Ibheji yasentanyeni
Ingonyama - njengemqondiso wobuhle, amandla nobukhalipha, imelwe ngamathupha ayo ajikeleza isiphetho semilo yesiphatho. Oku kubonakalisa iipatroli zemida, ngaphakathi nangaphandle kwilizwe lethu, ngabemi baseMzantsi Afrika abazimiseleyo nabakhaliphileyo. Iintonga zokwalatha ezintathu zejografi zimelwe kukuhlangana kweentyatyambo zekhala elikrakrayo, isityalo salapha eMzantsi Afrika esingumqondiso wokomelela , ukumelana neemeko ezinzima nexabiso laso ekwenzeni amayeza.
Umfanekiswana
