YITHI PHANTSI KUBUNDLOBONGELA
Ubundlobongela ngokuchasene nabasuka kumazwe angaphandle lulwaphulo-mthetho!
Urhulumente akasokuze aluvumele tu naluphi na uhlobo lobundlobongela ngokuchasene naye nabani na!
Masisebenzisane ukudala ubomi obungcono babo bonke abahlala eMzantsi Afrika.
Masisebenzisane ukwakha izakhono zethu nokudala amathuba emisebenzi.
Masisebenzisane ukulwa ulwaphulo-mthetho.
Masihloniphe bonke abo bahambele okanye bahlala eMzantsi Afrika.
Ukuba ngaba unolwazi ngohlaselo olucetyiweyo lokuhlasela abasuka kwamanye amazwe abahlala eMzantsi Afrika, nceda utsalele isikhululo samapolisa esikufutshane nawe okanye kwimeko kaxakeka tsalela ku-10111.
YITHI PHANTSI KUBUNDLOBONGELA
MASISEBENZISANE UKUTHINTELA UBUNDLO­BONGELA OBUCHASENE NABASUKA KUMAZWE ANGAPHANDLE
Uhlaselo lobundlobongela kubantu abasuka kumazwe angaphandle abahlala eMzantsi Afrika abusokuze buncede nabani na. Awona ma-
xhoba idla ngokuba ngabantu abamsulwa - abophuli-mthetho badla ngokusinda. Apho unolwazi khona ngezenzo zolwaphulo-mthetho - yazisa abasemagunyeni. Musa ukuthathela umthetho ezandleni zakho.
Urhulumente umema lonke uluntu ukuba luhlale luvundlile luze luxele naziphi na izenzo zobundlobongela ezicetyiweyo nentiyo yabasuka kwamanye amazwe.
Ukusingathwa ngokuyimpumelelo kweNdebe yeHlabathi ye-FIFA yowama-2010 kudale umfanekiso omhle ngoMzantsi Afrika nelizwekazi le-Afrika kuluntu lwezizwe-ngezizwe. Ilizwe lethu lifumene ukwanda okukhulu kwenani leendwendwe ezilihambeleyo laza laphucula ama­thuba okufumana abatyali-zimali ngoko ke namathuba omsebenzi.
Nabuphi na ubundlobongela elizweni lethu buya kubuyisela umva inzuzo esiyizuze ngokusingatha iNdebe yeHlabathi. Ihlabathi li­siqwalasele ngaphezulu kunakuqala ngoku.
Ubundlobongela abuzange baba sisisombululo.
