Amafama angathathi-ntweni naswele izixhobo zokunkcenkceshela
Amakhaya afumanisa kunzima ukwenza imveliso yokutya naya kuthi afumane uncedo lwemali eya ku-wanceda ngezixhobo zokukhongozela amanzi emvula naya kusetyenziswa kwimveliso yokutya ekhayeni. Kwakhona, le mali iya kunceda ekugcineni imveliso yokutya ekhayeni ikwimeko entle.
Umntu ngamnye oya kufumana olu ncedo makabe:
Ngummi walapha eMzantsi Afrika;
ERHAWUTINI
EMPUMALANGA
EMNTLA-KOLONI
ENTSHONA-KOLONI
EMNTLA-NTSHONA
Ukuba ufuna ifomu yokufaka isicelo, okanye ke xa ufuna inkcazelo ethe vetshe malunga nokuba wenze njani xa ufaka isicelo senkxaso-mali, qhagamshelana ne-ofisi yakwa-DWAF ekufuphi kuwe, okanye iwebhsayithi engu:
INkxaso-mali yokuXhobisa aMafama oNkcenkceshelo angathathi ntweni naswele izixhobo zokusebenza
UMphathiswa wezaManzi naMahlathi unoxanduva lokuqinisekisa ukuba wonke ubani uwafumana ngokwaneleyo amanzi, aqinisekise ukuba amanzi kwimijelo ngemijelo ayanonotshelwa, asetyenziswe, aphuculwe, alondolozwe ze alawulwe ngendlela eya kuzinza neyanelisayo. Uphinda futhi aqinisekise ukuba iindawo ezifana nezo zazikhe zathwaxeka kanobom kwilixa langaphambili zifumana isabelo esanelisayo samanzi.
Nangona ikho inguqu malunga nobonelelo ngamanzi kwezolimo apha eMzantsi Afrika nje, kusekho ukusilela malunga nokufikeleleka kwemijelo yamanzi ngakumbi kumafamaangathathi-ntweninasweleizixhobozokusebenza. Kungeso sizathu urhulumente egqibe ekubeni abonelele la mafama ngale nkxaso.
NgokweSiqendu sama-61 nama-62 soMthetho kaZwelonke wezaManzi (i-NWA ngamafutshane), uMthetho wama-36 wowe-1998, urhulumente uyile inkqubo yokubonelela amafama onkcenkceshelo angathathi ntweni naswele izixhobo ngemali, ukuze kuphuculwe indlela yokusetyenziswa kwamanzi kwezolimo. Eli lingelijoliswe ekuphuculeni iindlela zobonelelo ngamanzi kwezolimo ukuqinisekisa ukuba ukhulo kwezoqoqosho nophuculo lwentlalo yoluntu luzinzile.
Yinkxaso enjani le ikhutshwa ngurhulumente?
Le mali ikhutshwa ngezi ndlela zintandathu zilandelayo:
Igranti yesixa-mali esiya kuba yinkunzi ukuze kwakhiwe okanye kuphuculwe imijelo emikhulu apho amanzi onkcenkceshelo aya kuhamba khona:
Oophayiphu, iindawo ezimpompa amanzi, amadama amakhulu, iindawo asuka kuzo amanzi, ukanti kuphuculwe nezixhobo zokulondolozwa nokulawulwa kwamanzi.
Le mali iya kuphinda ijongane nezi neendleko zilandelayo:
Ukufuna abacebisi malunga nolwakhiwo/uphuculo lwemijelo yamanzi: abaya kunceda ngokubonisa ukuba le mijelo iya kuma njani, zeziphi izixhobo ezifunekayo, amanzi alondolozwe njani, njalonjalo .
Igranti okanye abhsidi eya kusebenza ekwakheni nasekulondolozeni imijelo yamanzi, nokuhlawula iindleko zokuLawulwa kwaManzi kunye nezo zibangelwa kukwehla kwexabiso lamanzi. Le granti okanye isabhsidi iphelelwa emva kweminyaka emithandathu kwaye yenzelwe ukuhlawulwa ezi ndleko zilandelayo:
zemiJelo kaRhulumente yaManzi ephantsi kolawulo lweSebe lezaManzi naMahlathi (i-DWAF ngamafutshane)
Ulawulo oluluqilima ngokwabiwa kwamanzi;
Uyilo lweenkqubo ngokusetyenziswa nokulondolozwa kwamanzi;
Ulawulo ngokuphathwa kwemali, ukwenziwa kwesicwangciso seshishini, uhlahlo-lwabiwo-mali nemiba enxulumene nezinto zasemthethweni.
Igranti eya kunceda ekuhlawuleleni iinkqubo zokwazisa ngoncedo lwamanzi emvula kwimveliso yokutya ekhayeni, kanti nakwezinye izinto ezibalulekileyo kwalapho ekhayeni.
