IFOMU YOKUBHUKISHA
Zalisa ifomu uyithumele ngefeksi kuLawulo lweNkunkuma: Ukufundiswa noKwaziswa koLuntu kwa-021 400 5922.
Igama lesikolo/iqela/umbutho:
Umnxeba:
IFeksi:
I-imeyile:
Inani labafundi/abandwendweli:
Ibanga labafundi:
Inani labongameli abadala:
Ulwimi olukhethwayo:
Umhla wotyelelo
Ixesha lotyelelo
Uya kufumana isiqinisekiso sokubhukisha kwakho ngefeksi okanye nge-imeyile kwisithuba seentsuku ezintathu zokusebenza
I-ARTS sisiza esisebenzayo esinemithetho yokhuseleko ephatheleneyo. Xa utyelela IZiko loVimba I-ARTS, le mithetho iya kuca­ciswa kubafundi/abatyeleli ngomqathango wokuba ithotyelwe ngawo onke amaxesha. IBhunga linelungelo lokurhoxisa okanye ukunciphisa utyelelo xa ithe le miqathango ayathotyelwa.
Imiqathango yokubhukisha:
Onke amaqela esikolo/abantwana kufuneka babe phantsi kolawulo lomntu omdala.Amaqela esikolo/abantwana bayacelwa ukuba bagcine ubuncinane utitshala/umntu omdala omnye kubafundi/abantwana abali-10 ngalinye.
Ukubhukisha okubambelayo kungenziwa ngefeksi kwi-ofisi yokubhukisha yoLawulo lweNkunkuma.
Makwenziwe isaziso esibhaliweyo sokurhoxisa utyelelo iiveki ezimbini ngaphambi komhla obhukishiweyo.
INTLOKO: UKUFUNDISWA NOKWAZISWA KOLUNTU
ICANDELO LOLAWULO LWENKUNKUMA
UMPHATHI WESIXEKO
IFOMU YEMVUME
Ngo-2002/3, izigidi ezi-2,3 zenkunkuma eninzi yenziwa ngabahlali, abatyeleli namashishini eKapa -oku kuphantse kube yi-2 kg ngomntu ngamnye ngemini ubuncinane. Ukwenziwa kwenkunkuma kukhula phantse nge-7% ngonyaka- ngokhukhawuleza kwenani lokukhula kwabemi le- 1,7%.Amanxiwa okugqumelela inkunkuma amathathu eSixeko sele evaliwe, kwaye amathathu aseleyo ayazala ngokukhawuleza.
Isebe loLawulo lweNkunkuma leSixeko lizimisele ukudala ulwazi nempembelelo yolawulo lwenkunkuma,nembuyekezo yolawulo lwenkunkuma oluhlanganisiweyo.Ootitshala, abafundi nentsapho zabo bayinxalenye yelilinge lesiSixeko. Ukwenzela ukwazisa abafundi kuhambo lomsinga wenkunkuma, iSixeko sinika abafundi ithuba lokutyelela esinye sezikhululo zaso sotshintsho lwenkunkuma.
Isikhululo soTshintsho lweNkunkuma sase-Athlone (ARTS), esineminyaka esibhozo sikhona, silungisiwe savulwa kanye ukunika abatyeleli isenzeko semfundo ngokusebenzisana kulawulo lwenkunkuma, ukucwezela Inkunkuma nokulahlwa kwenkunkuma lgendlela eyiyo. Utyelelo kwi- ARTS lunika ootitshala nabafundi ingqiqo kuhambo lomsinga wenkunkuma.
Utyelelo kwi-ARTS luya kuthi lwenzeke phantsi kwenkokhelo yabasebenzi abaqeqeshiweyo. Nanjengoko isisiza sokusebenza, inemithetho nemigaqo yokhuseleko engqongqo. Bonke abatyeleli kufuneke beyithobele le mithetho, kwaye batyikitye ifomu yokhuselo.
Uya kunikwa ibhib.Yinxibe ngawo onke amaxesha, uyibuyise emva kotyelelo kwiziko.
Mna, otyikitywe ongezantsi ... (igama elizeleyo lomzali/umlondolozi)
Inombolo yomnxeba yomzali/umlondolozi:... (eyomsebenzi)... (enye)likagqirha... Inombolo yomnxeba kagqirha ...
Izimo zempilo: isifo sokuma akukho nasinye okunye nika iinkcukacha ...
Ndiyavuma ukuba umntwana wam athathe inxaxheba kolu tyelelelo. Ewe
Hayi
Ndiyaqonda ngokuzeleyo kwaye ndisamkela ukuba yonke imisetyenzana yenziwa kumngcipheko womntwana wam.
Ndiyazi ukuba iSixeko saseKapa okanye abasebenzi baso okanye ii-arhente azisayi kwamkela xanduva lwelahleko, ukonzakala okanye umonakalo olunokwenzeka emntwaneni wam okanye kwizinto zakhe ngelixa ethabatha inxaxheba kutyelelo, ndirhoxisa naliphina ilungelo endinokuba nalo mna okanye umntwana wam lokubanga Imbuyekezo kwiSixeko saseKapa,abasebenzi baso okanye Ii-arhente ngokuphathelene nayo nayiphina ilahleko, ukonzakala okanye umonakalo owenzeke ngelixa ekutyelelo, nokuba ivele njani na nokuba yenzeke ngenxa yokungakhathali okanye enye Into, ndiyabakhusela ke ngoku kuwo onke amabango.
ITYIKITYWE E ... NGALO MHLA ... WE/WAMA ... 20...
UMZALI/UMLONDOLOZI ...
AMANGQINA: 1...
