ISIXEKO SASEKAPA IZITHINTELO ZAMANZI EZI HLAZIYIWEYO ZOMGANGATHO WOKU-1 (ULAWULO NOLONDOLOZO LWAMANZI NGENDLELA EYIYO)
Isaziso sokugqibela esiya kubo bonke abasebenzisi bamanzi (aselekayo) : Izithintelo zokusetyenziswa kwamanzi ezihlaziyiweyo (Ulawulo Nolondolozo Lwamanzi Ngendlela Eyiyo) ziza kuqala ngowo-1 Novemba 2005
Kukhutshwa esi saziso ngokuhambelana no"Mthetho kaMasipala ongeeNkonzo zaManzi weSixeko saseKapa wokuCutha okanye ukuThintela ukuSetyenziswa kwaManzi" obupapashwe kwiGazethi yePhondo enguNomb. 5994 ngowama-28 Matshi 2003, obhengeza ukuba, ukuqala ngowoku-1 Novemba 2005 de kukhutshwe isaziso, izithintelo ezihlaziyiweyo, neziya kuxhomekeka kwimiqathango ethile eya kube ibekiwe, mazisetyenziswe kwimida yeSixeko saseKapa. Ezi zithintelo zihlaziyiweyo zenzelwe ukuba zikhuthaze `ulawulo nolondolozo lwamanzi ngendlela eyiyo' esele luthotyelwa ngabo bonke abasebenzisi bamanzi njengoko kwakuvunyelwene neSebe leMicimbi yaManzi. Le mirhumo ikhoyo iza kutshintsha ukususela kuMrhumo weSithintelo oyi-20% ukuya kuMrhumo oHlisiweyo oyi-10% kumanzi nakwizinto ezichaphazela impilo yoluntu, (oku sekwamkelwe liBhunga). Injongo yesi saziso kukuba waziswe ngezithintelo ezintsha eziza kuqala ukusebenza ngowo-1 Novemba 2005, neziza kungena endaweni yezo bezikho kuqala zomgangatho 2. Nabani na ofuna ukuba angachaphazeleki kolu thintelo, makakwenze oko ngokuqhagamshelana nee-ofisi ezidweliswe ngezantsi apha. Nabani na owaphula imimiselo yesi saziso, uyakufunyaniswa enetyala kwaye ohlwaye ngokuhlawuliswa. Abophula lo mthetho kufuneka kunikwe ingxelo yabo kule nombolo ivuleleke ama-24 eeyure, 0860 10 30 54.
Izithintelo zaManzi eziHlaziyiweyo zoMgangatho Woku-1 (ULawulo noLondolozo lwaManzi ngeNdlela Eyiyo)
Noxa kuvumelekile ukuba ubani ankcenkceshele ngeziprinkla ngazo zonke iintsuku, akukho mntu oya kuthi engafumenanga mvume kwiBhunga ankcenkceshele ngamanzi eBhunga igadi, ibala lemidlalo, ipaki, okanye nayiphi indawo enengca esebenzisa amanzi aselekayo phakathi ko-10:00 no-17:00.
Xa unkcenkceshela igadi, ibala lemidlalo, ipaki, okanye nayiphi indawo enengca ngamanzi aselekayo usebenzisa umbhobho wamanzi, lo mbhobho awusayi kushiywa ungahoywanga ngaphandle kokuba kukho into ewalawulayo loo manzi aphumayo.
Akukho mntu oya kuthi engafumenanga mvume kwiBhunga ahlambe imigangatho eyomeleleyo okanye iipavumente enkcenkceshela ngombhobho esebenzisa amanzi aselekayo.
Umbhobho osetyenziselwa ukuhlamba iimoto, iinqanawe, iikharaveni uya kufakwa iqhosha elikwazi ukuwavala loo manzi.
Yonke imishini ezisebenzelayo yokucoca umchamo mayicinywe kuzo zonke izakhiwo ngamaxesha ezo zakhiwo zingasetyenziswa nguwonke wonke- okanye ngabasebenzi abangengabo apbo bacocayo. Uyacelwa ukuba unike ingqalelo kuMmiselo weGazethi yePhondo onguNombolo 5014 othintela ukusetyenziswa kwemishini ezisebenzelayo yokucoca umchamo kwizakhiwo ezitsha.
Izithintelo ekubhekiswe kuzo kumhlathi woku-1, 2 nowesi-3 kuphela, azisayi kusebenza:
ekuhlanjweni kwendawo ezithile ezinesamente ezikwimizi yokuxhela, kwiindawo zokwenza ukutya nakwiindawo ezineenkonzo zokuhlamba iimoto;
nalapho izithintelo ezithile ezibhaliweyo zikhululelwe siSixeko saseKapa;
nalapho eminye imibhobho yamanzi engaphathwayo isetyenziswayo kwaye isaziso somthombo walo manzi sibekwe kwindawo ecacileyo apho wonke ubani angasibona ngokucacileyo.
Zonke izicelo (zokungachaphazeleki kolu hlaziyo) ezivunywe phambi komhla wama-31 Okthobha, azisasebenzi kungoku nje. Izicelo ngoku ziya kuvunywa phantsi kwezizathu ezithile.
Izicelo zokukhululelwa ukungathobeli lo mthetho kufuneka zingeniswe kwenye yezi ofisi zilandelayo:
