Wafuna ukuba azekelwe uSikhulume, waba ngafunelwa intombi akayifuna. Wafunelwa iintombi zeenkosi neziikhulu, hayi bo, akazifuna konke; wathi xa abantu sebeediniwe befuna, ukumkhalala, wathi, "Ndifuna intombi kaMangangezulu." Bathi abantu, "Yho! unani 10 mntwaana ukusa oku? KwaMangangezulu akuyi lubuyayo." Wathi, "AndikhathaIi, ndingaba andisayi kuze ndizeke ngaphandle kwaloo ntombi." Bada abantu bavuma kuba kuthethe inkosi.
Banduluka ke Iwakufika usuku lokuba bahambe. Bathi endleleni yabo bacanda ihlathi eIikhulu, baza bawela umlambo; babona impuku. Yathi impuku, "Musani ukundishiya ndiyimpuku eneendaba." yathi le mpuku, "Ndihlinzeni," bayihlinza. Yathi, "Ndithatheni ufele, inyaama niyibeke phezu kweIitye ingatyiwa ziimbovane." Bahamba baya kufika kwaMangangezulu. Yathi le mpuuku (oko kukuthi, ufele Iwayo), "Ngenani ngelinye isango nize nithi kwakubuzwa ukuba kutheni na ukuba ningeene ngesango t:iivaliweyo likho eIivulekileyo, nithi, "Lisiiko lethu.', Kwabuzwa ekhayapha, bathi ukuphendula, soba sihamba. Uya kuza ke uMangangezulu acofe eziinqeni intsimbi, athi ongenayo amxabele. Ze nithi ke akugqiba, owothukileyo avuse abanye nihambe." Hayi ke bethu zeza iintombi. Bathi abafana, "Sinyingiseni intsimbi." zabanyingisa ke iintombi. Kwalalwa. Yemka impuku noSikhulume nomfazi wakhe. Wafika uMangaangezulu, wamana ukucofa ezinqeni exabela kongenaantsimbi; watsho ezintombini zodwa, watsho akwasala nokuba ibenye. Wahamba umduna omkhulu ethetha yedwa esithi, "Afile khona la magqwirha abefuna ukuumka nomntan' am." Bavusana abayeni bemka. Wavusa abantu bonke uMangangezulu ukuba baye kukhangela. Bangena batyhila. Kwowu! batsho ngesijwili sesikhalo esikrakra, besithi, "Yho! Yho! abantwana bethu! La magqwirha asindile kwafa abantwana bethu." Wathi akuyiva loo nto uMangangezulu wafuna ukuzibulala ngakumbi, ngakumbi ngomntwana wakhe; bamnqaanda' abantu bakhe. Wahamba uSikhulume nabantu bakhe baya kufika kwelaa hlathi lempuku eneendaba. Yathi, "Ndambathiseni enyameni yam ndiyasala ngo ku." Bayishiya ngemibulelo emikhulu kunene. Bahaamba baya kufika ekhaya. Kwenziwa imigidi kutshatiswa inkosi nentombi yesikhulu uMangangezulu. Yayinto enkulu yomsitho, amadoda atyhuluba azilahlela emduudweni. Abonakala amadoda omdudo namadoda anoonyawo Iwengqaqhu.
Seyibile ing4tyhofithi. Wathi umfazi sithe ngaphaya kwelitye elalilikhulu ecaleni kwakhe, wamana ukulisuunduza kancinci. E-e! Kwakanye, kwathana lenye layisuukela, kwagqobha kuphumela kunye nelitye liyiphethe. Yabila indoda yalithonti, yabila isoma, iphathe kukhwina ngamanye amaxesha. Kwalile ngorhatya layiyeka yaya kufika ekhaya. Yathi khebevu egumbini. Wathi umfazi, "Yintoni na Sobani?" "Owu, mfazi wam, andithena ndisaakha amaqunube kwelaa tyholo lisekuthinithini, ndibone ngelitye selonde ngam lisiza kum lindisukela. Ligqobhe liphumela nam eli langa lonke lanamhla, ndidinwe andiyonto Nobani." Wathi umfazi, "O-o! Kunjalo? Waatsho wayeka ke waphaka wayinika. "Awu! Ub'uzuze phi na Nobani, nkosikazi yakuthi?" uvakele esitsho omdala equlethe obanzi umthamo 10. Wathi unkosikazi, "Hayi, ndizuze kowethu." Hayi bethu kwatyiwa kwayinto entle ekhay' apha, konwatywa kwahluthwa kwamnandi.
Kwathi ke kaloku indoda yazeka umfazi. Lo mfazi wazaala abantwana bababini, intombi nenkwenkwe. Igama lenkwenkwe lalinguSikhulume kuba 10 mntwana wazaaIwa engathethi, engakhohleli, enganyi ebeleni likanina. Wayesitya isicakathi asikhelelwe ngudade wabo qha, engayifuni konke into ayenzelwe ngomnye umntu. Wakhula ke 10 mntwana wada wayinkwenkwe endala.
mnumzana kuba zizonka; wada wathi omnye umntwaana, kwaba bantwana baqavileyo, "E-h-e, yebethuni ziitheni na le nto ezikatata iinongwe zingatswiniyo ezethu zitswina nje? Zenziwa yintoni, Mama?" Wathi ke umfomkhulu, "Ha! Ha! Hayi mntwan'am kaloku, khu mbula le nto, ezam zezommango wamadoda, ezenu zezomrnango wabafazi."
Mhlawumbi kungatshiwo, kuthiwe kuxa kuthi qheke ukusa kwabakowethu ngakwiimbali ezibhaliweyo; kuukhona kuthiwa balulu kosulwa iintongo. Uthi othethayo umbhali thina bantu abaMnyama asinazo, nezo zikhoyo azizanga zabhalwa ngabantu bazo; koko zabhalwa ngabamhlophe, ekungebikho ngqiniseko yabunyaniso yobunjalo boko kuthe kwabhalwa ngabamhlophe, kuba nako yaba yingqokelela ethethwe kulowo nakulowa. Noko kuyimpasalala nje yomlomo kuphela. Uya kucaacelwa kukungadibani kwaloo ngqokelela iwa ngokuwa, isisonka seentsipho ngembali enye, eya kuvela ngokuuvela kubabalisi. Ozama ukudibanisa uya kunxibelela 010 lwathsaka lumabala-bala.
Kwakhutshwa into eninzi yabantu bokuhamba naye.
1. Intsomi kaMlengana
Yagoduka intsuduba yendoda itsho esayo sazala zizonka. Yathi xa igodukayo yahamba isimba iinongwe. Yaya yaya kufika ekhaya. "Awu! Hayi nkosikazi asiyoondlala kowenu ibomvu; abantu babhitye bangumhlaba, baphila ziinongwe nabo kwaye kunzima kubo kuba zinqabile nezo nongwe." Watsho warhol' abezimbe waziifaka engxoweni wabanika. Hayi ke bethu kosiwa apha, zamana ukutswina iinongwe kodwa zingatswini ezo-
Mlengana: Andiyithi nto.
1. Yintoni le M1engana uyenzileyo?
2. Ubulisaphi inqatha kodwa?
EZINYE IINTSOMI ZAMAXHOSA
weza nabo. Wathi uSikhulume, "Akukho nto ndinayo mna, into ekhoyo bendithe tu ngabom lonke ixesha eli."Wabachazela ngesilwanyana abesibonile ngepheezolo, watsho esithi kulo mkhwetha wodade boyise maze athi kwabanye abakhwetha sibonwe nguye, bathi bakuumphikisa athi, "Kulungile maze siluke iintambo siziboophelele ezinyaweni; ndakunishukumisa ke ndakusiva." Bemka ke, oko kukuthi bahlukana. Baya kuzingela kwakhona abakhwetha, beza nazo iintaka bazosa. Uyiincokole laa mkhwetha laa nto abeyiyalelwe nguSikhuulume, kwabanye. Bamphikisa abanye. Wathi, "Kuluungile, bafondini, masiluke iintambo sizibophelele ezinyaaweni; ndakunishukumisa ke mna." Bathi kulungile. Balala ke bonke kwasala uSikhulume. Savakala isilo sisitsho ngomgqumo waso, "Silwana gumpu - u! Silwana gumpu - u! gumpu - u! Wabashukumisa bavuka basiva sisekude bonke, balungisa izikhali zabo. Safika sazitya iintloko zeentaka kwathi tu. Basingena ngezikhali basibulala. Kwasa kusasa bakhangela. Tyhiinil Sisilo. Esi silo sikhulu, kwelinye icala silihlathi, kweeIinye sisilo. Amakhankatha aya kubiza amadoda, aza asibona esi silo soyikeka kunene.
Kwathi ke kaloku ngantsomi, yaziintombi zaya kukha imbola. Zahamba, zahamba, zabona inkwenkwana, ekwakusithiwa ukubizwa kwayo nguZibokobokwana, ilandela; zathi, "Uya phi?" Yathi, "Ndiya apho niya khona."
Isifundo
Mlengana: Bekungathanga nto.
Kwasa kusasa. Yala inkwenkwe xa ivulela iinkorno, wathi uyise, "Hayi, mntwana warn, hlala namhlanje kuza kuya mna namhla ezinkomeni." Yathi inkwenkwe, "Hayi, Tata, kulungile sohamba sobabini, ndiza kuya narn." Wathi orndala, "Hayi, kwedini, ndithe hlala. Akuukuya, akukundilandela." Yajika njalo ke inkwenkwana. Wahamba ke umduna waya wafika endaweni yakhe; wawuqhuba umsebenzi wakhe, wasila:
AbaMhlophe abeza kweli lethu, ukuze sibe nakho ukufunda ngobhalo lwabo, makube yinxalenye yorhuululu Iweziya zizukulwana zabo oluvele eMoha, emakube Iwaba nethamsanqa lokungalahlekwa lubhalo Iwenteethoyabo.
na namhla abangakhe balinge kobo bunzima? Khawuubuze ke, mfundi, uthi, "Isifundisa ntoni na le ntsomi!" Ndithi mna le ntsomi iyavusa, isixelela, isifundisa ukuba umntu 10 makangathi amabhongo akhe ahambe ewaathetha, ehamba ewathi pahaha. Makangawathethi, koko awagcine ngapha)<athi kuye awazi yedwa, azenze uSiikhulume ngawo, kuba uthi umntu akuwaphalaza aweenjenjalo, athi kanti selezuzile, selewenzile ngokuthetha oko. Musa ukuwathethisela em IiIweni aya kumkisela. Kuphela kwantsomi.
Ngenceba, uYesu uNyana kaThixo, wasibona ubuuhlwempu bethu, wasibona ubuze bethu, wasibona ukungabi nabani kwethu, ukubhukuxa kwethu; uku ngabi nabani kwethu akwanyamezeleka kuye. Yiyo loo nto namhla singabantu, yiyo loo nto singezizo iinkeedama; ade atsho umculi,
Abamelwana beli lizwe yayingamaGongqongqo. Kwaathunywa inkwenkwe yekhaya, egama IinguMlengana, ukuba ayokueela umlilo kwelamaGongqongqo. Suka uMlengana ekuyeni kwakhe, khephu inqatha lentso; yekoko ukuya kueela umlilo. Waya waya kufika kwelo zwe. Akufika kurnzi wokuqala, "Ndizokueela umlilo," impendulo, "gqithela phambili." Walityhutyha elo zwe esenza 109 thelele-Mohaba kantantanazo, wada waya kufika kwindlu epf1ezulu n~yokugqibela, indlu yexhegookazi. "Ndizokueeia umlilo," ngelindyengezelayo 10' mnt' omdala. "Thabatha nanguya eziko." Usithathile isikhuni umfana, waza washiya ethe qhushe inqatha eluvundwini waza kwaoko wasimbela isinqe ukungena kwindlela egodukayo.
"Gu-u, gu-u ngamathunz'okuhlwa Gu-u, gu-u ngumkaMyezwana"
Hayi ke, kwathi bhazalala. Wafika noMlengana waya wakuzithi ukuzifihla ebuhlanti esiseleni. AmaGongqoongqo atya atshayela alekenea konke okwakulapho.
Suka ngobushushu bovundu latsho ukuchininika inqatha. Yeka k~, uthungo Iwatsho ngentungelo kwisi zwe sonke. Yeka, ukuphuma kwamaGongqongqo kwiiminyango ngeminyango, yanguwashiywa nowashiywa ukunyathelwana kusiyiwa (kusingwa) kwieala lothungo. Yehla ingozi nokufa kwamaGongqongqo enyathelwa ngamanye. Kwathi kwakufikwa kuloo ndlu yangomnye udasa-dasa, yaba ngurhwaphilili kuxhwithwana ngelo nqatha, kwaphandwa nalapho lalikhona kwatshiwo iziko laziindonga, athathisa kwixhegokazi, alithi nqwammnqwam eva ekhondweni IikaMlengana, atsho ngompookazi wothuli emva kwakhe. Wathi akunyeka ngasemva wabona ukuba konakele, waya wathi ekhaya wakhwaza esithi, "Balekani ndiza nalukhulu." Bathi ekhaya, "uthiini?" bathi, "uthi masihlahle inyama siyifake (siyigalele) ezimbizeni." Waphinda wakhwaza uMlengana, "Baleekani ndiza nalukhulu," kwathiwa "uthini?" Kwathiwa, "uthi makueholwe iinkuni zibekelelwe, iimbiza zibekwe eziko." Waphinda kwakho, "Ndithi balekani ndiza naluukhulu." Wasele ubonakala umpongo wothuli utsho kwahlwa emini. Kwathiwa, "Uthi masibaleke uza naluukhulu."
Masingagxeki abangaphambili kuko konke oko, kooko masithabathe indlela yokuvelana nabo. Bangathi kanti abazazanga iindlela nelixa lokuqhawuka kokwazi ukubhala, kodwa kungakhe kutshiwo ukuthi ubhalo aluzanga lwabakho kwasendalweni. Sabethwa kabuhluungu, kuba nantso indoqo kwasentsaseni. Kwathiwa kumakhulu uMoses makabhale, waza wabhala khoon'ukuze kubekho imithetho elishumi eyinxalenye yeempilo yomntu, kwabakho ke ubhalo njalo. Nangelishwa ngemini kaNebhukadinetsari, wabakho umbhalo, naku waba yingxaki - bantwini, kodwa wafundeka kwiingcali ezazifundile. Nangezo mini yaconjululwa ingxaki eyaba ibhalwe ngolwimi Iwezo mini, oko uNebhukadinetsari wayethiwe Iwale likratshi, yaqina intamo yakhe yaluthiniko izele sisichemfu, sathi isiphumo wazibona selese zintlanjeni ndawonye nezilo zasendle, elalelwa ngumbeethe, ngamaqhwa, neqabaka, eyinxalenye yeenkomo, esidla utyani.
M1engana: Bendingalisi ndawo.
"Guuguu, ngamathunz' okuhlwa, Guugu-u, ngumkaMyezwana, Gu-u-gu-u, ngamathunz' okuhlwa, Gu-u-gu-u, ngumkaMyezwana."
hayi bo zangxama zona ngokucela. Wayithatha ingxowa wayicinezela ngonyawo. E-e! Kwakade ezingqathaneni, kuba kudala zibawa. Zayihabhuza ingxowa zathi tyuumbu, tyumbu ekutyeni. Kwowu, yesuka indoda yeva ezinyaweni, yasethuluka yatsho kwabanda. Yaba kuukhwazwa ayakhe itsho ukuma. Yaya yasukeliswa ngaamantombazana ngeengxowa zamazimba. Wathi akufiika kwenye indawo, komnye ummango owawukufuphi nomqolomba, wathi, "Hayi ke, ntombi zasebukhweni, bekani apha ngoku; ndakuba nakho ukuzithwala ndiziigoduse ndodwa ezi ngxowa." Zathi ukuphendula, "Hayi, sokhe siye kubona udade bobawo." Wathi, umkhuuthuka wendoda ngelilukhuni, "Ndithe, bekani apha nigoduke. Ukuba bendingayanga beniya kumbona nini? Hambani nigoduke!" Watsho wawaleqa. Babaleka abantwana bagoduka. Boyika nokuyixela le nto yenziwe ngumyeni kaBani, kuba umyeni 10 ngumyeni emzini, igama lakhe asinto ifana icakulwe. Bahlala nayo ke loo nto abantwana.
Kwasa omdala ebuya evulela iinkomo ngokwakhe eziqhuba. Waya kufika esigqubini sakhe watsho ngoolude uchopho umf omkhulu. Walandela umfazi, wafika xa itsho ngolude uchopho olu inkunz' endoda isila, seyimana isithi:
Makube sikho ke isizukulwana esaphuncukana noolwazi ngobhalo kulo mnombo wesizukulwana sendlu esiyiyo thina bamnyama. Kwaba lulahlekile ubhalo, lwalahleka lwaba lulahlekile ke. Izizwe, iintlanga, zineeendlela-ndlela zazo zokubhala ngeendlela zazo ngenteetho yolwimi lwazo, aniabali, iintsomi, nezinto-yinto ngokobuzwe.
Wagqiba umduna wagoduka. Waba kubekelwa iino ngwe ngumfazi wathi qikili akazitya unkabi. Wakrokra umfazi; wafuna ngaphakathi kwakhe ukuba angathini na ukuze ayifumane le nto yale ndoda.
"Gu-u-gu-u, ngamathunz'okuhlwa, Gu-u-gu-u, ngumkaMyezwana, Gu-u-gu-u, ngamathunz' okuhlwa, Gu-u-gu-u, ngumkaMyezwana,"
3. Le ntlekele uyizisele isizwe uyithini ngoku?
Uyise kaSikhulume wayeyinkosi, kukomkhulu kowaaboo Lafika ixesha lokuba amakhwenkwe asiwe esikweni, oko kukuthi, aluswe. Aluka ke onke engazange athethe konke uSikhulume. Lafika ixesha lokuba baphume ooSikhulume ebukhwetheni, oko kukuthi loo makhweenkwe aluke noSikhulume. Wamangala uSikhulume, baphuma bonke abanye abakhwetha kwasala abakhweetha bakomkhulu. Bathe ngenye imini baya kuzingela, bafika sekuhlwile endlwini yabo. Boja iintaka zabo, iintloko zeentaka bazigibisela phandle balala ke; kodwa uSikhulume wayengalali, wayengenabuthongo weva iSilo esikhulu sigquma sisiza sisithi, "Silwana - gumpu - u! Silwana gumpu - u! gumpu - u!" Safika satya iintloko zeentaka sazigqiba semka. Kwasa kusasa uSiikhulume ebiza umkhwetha ongunyana wodade boyise abaluke kunye baqabela entabeni eyayisentla kwendlu yabo. Bafika apho uSikhulume wakhohlela wathimla. Waqala ngoku woyika omnye. Wathi uSikhulume, "Akukho nto ndinayo, hamba uyokubiza udade wethu nentombi kadade boBawo." Wabaleka 10 mkhwetha
2. Iintombi zisiya emboleni
Makhe ndenze imbula-mbethe ngale ntsomi. lntsomi kaloku asimbali yenziwa emini, koko ngokuhlwa, kuvuuthiswa ngayo imbiza. lbisakuthi yakwenziwa emini baasuke abantu baye apho kuehithwa khona uthuthu, baziiqabe ngothuthu kumaphundu entloko maeala omaabini, bakholelwe ukuba azisayi kuphuma iimpondo. Okunye uthi umenzi wentsomi akuthi, "Kwathi ke kalooku kwayintsomi," bathi abaphulaphuli, "Chosi cimngeootshe, Mpondo phum'apha ungaphum'apha." 8athi, "phum'apha" batsho besalatha phantsi emhlabeni, bathi, "ungaphum'apha" batsho besalatha kumaphuundu entloko.
'Lisiko lethu.' Wathi umntu, ''yehal! namhla yeny' imini le kwaMangangezulu." Bathunyelwa ukuba baye kulala kwindlu entsha, baya kwendala, kwangomyalelo weempuku. Bathi bakubuzwa bathi, 'Lisiko lethu.' Waqhwa ba izandla umntu kwa oko, wathi, "Namhla yinyiqi." Baziselwa ukutya, yakuthatha impuku yathi, "Yityani oku, nikuyeke oku." Babuzwa ukuba bakuyekeleni na ukutya. Bathi bona ukuphendula, "Lisiko lethu." Wathi umntu "Yeka ke!" Yonke ke into yasoloko ikhethwa yile mpuku, bathi bakubuzwa, bathi ukuphendula, "Lisiko lethu."
Kwalile xa asathingazayo kwafika imvula enkulu esisi tshi yatsho yazithabatha iinkomo zaya kutshona emasi mini, waye yena unkabi elele. Wathi umfazi ngokuukhwaza okukhulu, eqhwaba izandla, "linkomo! linkomo emasimini!" Yatsho indoda yaxhuma yema ngeenyawo, yatsho owenkawu phandle. Yala xa ithe tye ethubeni, yajika isithi, "Ingxowa yam!" Wayesithi umfazi, "Tyhini! Unani? Unani, yingxowa ebinani le? linkomo ekutyeni kwabantu! Sisimanga sani esi usenzayo? Kutheni?" Yajika yasisibhene indoda ukusukela iinkomo. Wasala etsibela ingxowa umfazi, warhola. "T yhini le, hlelinje le ndoda ithe qikili nje itya izonka ezi yona yodwa? Kwowu! Sisimanga bantu basemaThileni," yatsho yayibeka. Wabuya umntu oyindoda. Wafika sel' emaphikana ekheefuza. Wangena nje watsibela ingxowa yakhe, wakroba, wavakala esithi, "Hayi kanti ayikhange iphathwe ingxoowa yomnt' omkhulu."
Yathi impuku xa baza kukhupha iinkomo, "Musani ukungena ngesango, ngenani ngezantsi, nokuzikhuupha, nizikhuphe ngezantsi." Benjenjalo. Kwabuzwa, bathi, "Lisiko lethul" Wathi umntu, "Ehe-e!! Nithe kuyini na namhla kwaMangangezulu". Baziqhuba ke iinkomo. Kwala emini lezisa izulu lamnyama latsho ngeenduudumo nemibane, kwatsho into enkulu yesichotho. Yathi impuku, "Ngenani phantsi kwalaa nkabi inkulu nibeke ingubo kaSikhulume yeNabulele," benjenjalo. Satsho, satsho, satsho isichotho zafa iinkomo kakhulu. Segqiitha baphuma. T yhini! Akusekho nanye igusha, nabhookhwe, nankomo, seyingamathambo odwa! Bagoduka, baqhuba loo nkomo yodwa. Badibana nabantu bakwaaMangangezulu bephethe iingxowa neengobozi; kuba beza kuwola amathambo abo. Basuka badana balusizi, bafumana bathi, "Nisinde njani?" bathi, "Lisiko lethu." Wathi akubabona uMangangezulu wothuka woyika, wathi, "Ezi zinja ziya kumka nomntan' am!" Kwahlwa balala. Yathi impuku kungekalalwa, iintombi zalapha zingekafiki, "Maze ninyinge iinqwemesha neechachawe ezintombini nonke, thina noSikhulume nentombi le
Kubafundi
"Ngenceba, ngenceba yakho Mkhululi wam"
4. Ubuthe uze uyenze le nto bekutheni?
4. USikhulume
Zajika zonke zamsukela zambamba; zambetha zaambetha, zamshiya apho. Wavuka uZibokobokwana walandela yena. Zaphinda zakhwaza zibuza, "Uya phi kodwa Zibokobokwana?" Waphinda waphendula ngeelithi, "Ndiya apho niya khona." Zajika ngokucaphuka zonke zamkhanda ngamatye, zamkrwitsha, zamsila, zamshiya zahamba. Waziqokelela yena uZibokobokwaana walandela waya kufika naye sezifikile kuqala zona. Kwabonakala lisibekela lisizisa izulu. Yana imvula; yana kakhulu. Wathi uZibokobokwana, "Ndingayakha mna indlu ngoku," zathi zonke, "Kha uyakhe Zibothoboothwana khe sibone." Wayakha wayifulela, kwayinto emnandi zahlala kakuhle zonke. Waphinda umf' omkhuulu wathi, "Ndingenza mna ukuba kubekho ukutya, inyama, umlilo nembiza apha." Zathi, "Kha wenze siibone." Wenza kwanjengokuba ebethethile zabakho zonke ezo nto. Kwaphekwa kwatyiwa. Balala. Lafika igongqongqo ebusuku latya amathambo naloo malaahIe babesoja kuwo inyama, latsho sazala esalo isisu lemka.
Kwathi ngenye imini, kwathiwa mabaye kwalusa.
Bafika ekhaya uSikhulume waya kulala esangweni, omnye waya endlwini noodade wabo. Wathi oqale wa vuka kusasa akubona le nto isesangweni wabaleka wenyukela entabeni, njalo njalo bada baphela tu abantu ekhaya. Kwabikwa eIizweni lonke ukuba kukho isilokazi esiye kuvingca komKhulu. Impi yaxhoba yaya entabeni. Yaba ngadubula hayi, azakhe zitsho iimbumbulu ukuufika kwada kwaphuma oodade wabo bakhwaza abantu. Baqala ukuhla intaba babuya. Babona ukuba nguSiikhulume. Wathetha ke uSikhulume ukususela loo mini.
Waya wajika kwenye indawo waya kuhlala yedwa; kwee tha, tha, tha iingqatha zambini. Zathi ezi ngqatha qengqelele, qengqelele, "Mus'ukusishiya nathi, Kheenkebe, siya ndawo uyiyayo," wahamba yena. Zamlaandela njalo zona. Wazithatha wazithi cum cum wahaamba. Zavuka zeva ekhondweni zamlandela. Wazithatha wazithi khatha engxoweni wahamba waya kufika ebu khweni. Wafika ukutya kukuninzi apha, kuyindyebo. Waphekelwa ke esenzelwa ububele umyeni kaNobani. Kwalile xa atyayo, kwavakala kusithi gushu, gushu engxoweni, "Siphe nathi, Khenkebe, sibayeni sonke." Wayimbambazela ingxowa efuna ukuba mazithothe,
Wazirhola ke 10 mfo ezo ngxowa ezirholela kumqoloomba owawukufuphi apho, wazifaka kuwo. Wafuna ilitye lokusila neenkuni wabasa. Waqala ke unkabi wasila esosa izonkana emana ukuthi:
Kwasa kusasa; wathi uZibokobokwana, "yibani niha-Kwathi ke kaloku, kwabakho indlala enkulu kakhulu kwelinye i1izwe bada abantu belo zwe baphila ziinongwe zodwa. Enye indoda, ekwakuthiwa nguKhenkebe igaama, yathunywa ngumfazi wayo ukuba iye kumeelela ukutya kowabo. Lo mfazi wayaleza waqononondisa kumyeni wakhe okokuba angawatyi amaqunube endleela. Waswantsula wahamba wenjenjalo umphambo wendoda. Wahamba ewagqitha amaqunube njalo, ahambe enqanuka ebawa wada wavakala esithi umduuna omkhulu, "Awu, makhe ndiqhawule mabinithathu, ndikhe ndiqabule ndiweve; noko akusayi kubaakho ngozi xa embalwa kangako." Wawathatha ke wathi muzu muzu, wabuya weva endleleni ethe tyu loo ngxowa yenkabi yebhokhwe emagxeni.
Gcwizi, masitsho, phantse savalelwa, phantse safika sekusithiwa, Chat sekuvaliwe, sekuphelile, akusekho noko lincikane ithuba sekuphelile. Ukuba siqonda njalo masizibonakalise, sifinyeze ibe mifuphi, ngokuthi siqookelele konke esithe sakuva. Ukuba oko kungathi kuungabi yonyaniso, ngubani oya kungqina ukungabi nyaniso yoko? Akakho. Akukho apho soba sayifumana khona inyaniso yobunjalo bento. Masikhe senze amaavikela-ntloko ngokuthi sichola-chole kwiintshela ngeeentshela zeembathu. Mazibekho nokuba zimfuphi kangaakanina izijungqwana zee~bali zakowethu, ezingaba zakha zavakala, ziviwa nangubanina. Zingaqokelelwa zibe yinto eninzi okanye umqulu wencwadi engqiingqwa. Kusenakho ukufumaneka noko kwiminzalukaz ana yamaqongqolo, iimpunde namajanqela, ekungathi kanti amanye asandula ukutshona, kusakhumbuleka kodwa ako ebesakukubalisa. lintsomi, ooNongqawuse, izimanga zezehlo, iziganeko nezinye, nanjengoko sekuukhankanyiwe, ezo zijungqwana zoba ziintlabazahluukane, ziwe ngokuwa. Kunjalo makungayekwa, makweenziwe noko, kuba akufani nokuya esimawusini ungeenatiki.
Khangela nantso inceba yobuzali kumfazi; uwa evuka nabantwana bakhe noko asisishiywa. Akhange acinge ukuba kungehla ukutya ngaphandle kwabantwana bakhe; abuye abe nenceba nakuwe, ithethe inceba, ithambo lethambo, angabi nakho ukunyamezela. Khaangela, siswela-rkebandini, phulaphula uve, qonda uqiiqe, wenze okusesikweni; kuba uxelelwe, mntundini, uYehova akufunayo kuwe.
M1engana: Andenzanga nto.
Animncomi na udade boSikhulume ngolu khalipho Iwakhe lungakanana, nonyamezelo lokunyamezela umnakwabo? Wayemthanda umnakwabo engazenzisi; ubomi bakhe wabenza buncinci ngokuthanda umntaakwabo. Sifunde lukhulu ke apho ngothando.
Kuthe ngelingeni wavela emnyango umfazi wakhwa za esithi, "Baleka uye kukhwela kwelaa Iitye sasidlala kulo singamantombazana." Waya evuya umfo omkhuulu. Waya wathi laI<acu-cwa ngaphezulu selekhefuza ethe ncithi Iiphika. Yafika imazi yenkomo yazifIxa ngomsi ndokazi, yazintlala-ntlala yada yafa. Yahlinzwa, ingatyeebe i1itheke-theke. Kwaba yinqaba ukuba iza kuphekwa ngantonina kuba umlilo awusaziwa oko i1izwe lambaathiswa yindlala, wathi nomlilo awananzwa bani. Kwaba yinqaba nenkohla.
Athi, "Abakhwetha mabaphume kudala sixela ukuba baza kude bahlelwe yingozi." Wamangala uSikhulume. Akhutshwa amanye kwasala yena nalaa mkhwetha wodade boyise. Wathi ngenye imini mabaye entabeni. Baya. Wathimla wakhohlela, wathi kuye makaye kubiza udade wabo nentombi kadade boyise. Wabaleka 10 mkhwetha weza nabo. Wathi uSikhulume, "Mntakweethu kudala kwathiwa masiphume, ke mna ndamangala; ndithi ke, andisayi kuze ndiphume ngaphandle kokuba uyekundifunela ingubo yeNabulele." Kwowu! Walila udade wabo, wathi,'''Y-hini, rllntakwethu undenza ntoni, ndakuyifumana phi iNabulele?" Wathi uSikhulume, "Ndingaba andisoze ndiphume, ndakufela apha." Wathi udade wabo. "Kambe wandiqala usemncinci akwavuuma nonyoko, namhlanje uthi mandiye kubulawa zizi Iwanyana endingazaziyo."
Osikhulume : Isiqendu Sesibini
Intshayelelo
Kwathi ke kaloku kwayintsomi; Chosi cimngeotshe, Mpondo phum' apha ungaphum' apha; kwabakho indlaala elizweni, enkulu engazanga yakha yabakho enjalo kwelo lizwe, indlala ebomvu-mnyama.
Yeka ke isaqunge! Yathi kuba le mazi ibingezizo neengewangu, kwakuba nje zavuka phantsizonke ingcwangu, yonda ngomsengi. Yeka kef Naye umsengi akubona ukuba kunyembelekile, lakuba Iitake phaya nelo thunga, wathi 'nyawo zam niya kuze nithi nakha nandenzela ntoni?' Yabila indoda yathi xhopho, yalithoonti, ithiwe mba yimazi yenkomo.
Ewe, mntundini, maninzi nam amazwi nokuthetha esendikuvile, athi nokuthi esi sidalwa singumfazi asiilunganga, sikhohlakele. Ewe, ngaba kunjalo, nokuba njalo, kodwa makhe sikhangele siqwalasele oko izinto zinjalo zona pha~athi kwakho mntu oyindoda nonguumfazi. Namhla bangaphi na abantu abenziwe abahlolookazi ngamadoda atya iinkobe kwelinye icala? Narrihla bangakanani na abantwana abenziwe iinkedama kOQwa bayeva imihla nezolo ukuba ooyise badla amazimba kwelinye icala? lintsizana ezingabantwana iziswana zibhukuxile ubuswana bunoboya zifa yindlala. Nankuya umntu oyindoda esiwa evuka esithi, "Mna ndingokaabani andixakekanga nditya amafutha omhlaba," etsho okunene etyebe eyimbembeshu, kodwa naluya usapho lwakhe lusifa yindlala; nabaya abantwana bakhe, bediibanise amaxhwele betsho ngeziswana ezikralileyo eziinemithambo, ingamaphuphusana besenziwa yindlala. Le ntombi yabantu iwa ivuka nabo, ibaphethe ngamaazinyo njengenja, kodwa ukho uyise wabantwana. Kuuswele, kudingeka into enye kulo mfo, eyona nto kunjaloonje; kudingeka inceba. Ulihlwempu lenceba. Yhini, mfoondini, ukuba ub'utsho ngezimnandi izonka zamazimba, nanziya iintsana zakho zisolulana, zitswinisana neenoongwe? Akunasithukuthezi leli vumba noku kutswina kweenongwe? Yini, mfondini, ukuba uhombe ube ngumcinga ude ucetywe nokuhlalwa ziimpukane, se umana uzibhek' amacala uxel' uthekwane? Nanziya iintsana zakho zitsho ngeziswana ezimaqhutyana emva phaya azinamambathisi. Uyahlekwa, tyhini, uhlekwa naziintaka kanene; neso sithunzi sakho umana ukusijeezula usithi, "Kwowu, ndifanelekile," siyakuhleka sona, sithi, "Uyadinga, ulihlwempu, uyiswele inceba." lsaya kubuya iphele nale ingathi uyenzela obu buhomba bakho, usaya kufunyanwa ngomso useludakeni, ufana nehagu, umdaka unjalo, kuba akunayo into enkulu, umntu angumntu ngayo, Inceba.
Bagoduka bafika ekhaya bazenzela umphako. Benza izonka zombona zazine, nezamazimba zakwazine. Baanduluka ke bafahla benjenjalo ukuya kufunela uSikhuulume ingubo yeNabulele. Bahamba belala bevuka bada baya kufika ezizibeni zeNabulele. Bathi kwesokuqala baphosa izonka zombona zozine, zakhutshelwa ngaaphandle. Baphosa ezamazimba nazo zakhutshwa. Beegqitha baya kutsho kwesinye isiziba; nalapho kwanjalo. Benza loo nto ke kuzo zonke bada basibona esi siziba sineento ezikhazimlayo; ziphandla emehlweni, boyika. Baya noko, bafika baphosa izonka zombona zozine azabuya; baphosa ezamazimba azabuya nazo. Wakhuulula udade wabo wangena. Wafika imazi yeNabulele i1ele. Yavuka yathi, "Ndihlinze msinya ngoku abantwana barn bangekhoyo, baza kufika banidle. Khawulezisa." Waba ngathini ukuhlinza kwathi nkqi; ayahlinzeka. Yathi, "Hamba, phuma abantwana barn bayeza." Waaphuma, yazikhuphela ngaphandle iNabulele yathi, "Ndihlabeni nindihlinze." Bayihlinza ayakhe itsho ukuuhlinzeka. Yasuka yazihlinza kwayona kwangoko; yathi, "Songani isikhumba nithwale nihambe." Baba ngathi, nka-nka, ayakhe itsho ukuthwaleka. Yazithi dwenge kubini iNabulele, yalukhozo Iwezimba elinye icala, elinye yalukhozo lombona. Bahamba baya kufika ekhaya ezinzulwini zobusuku. Bafika ehleli uSikhulume, elindiile, bamnika ingubo yakhe, ingasentIe imenyezela. Waathi, "Hayi ke mntakwethu ndiyaphuma ngobu busuku." Baphuma ke oodade wabo bayitshisa indlu.
Kuphela kwantsomi
Kwaphela tu konke okuyimpilo ebantwini, kodwa kwabakho imazi yenkomo komnye umzi. Lo mzi kwaakukuloMlengana. Le mazi yayisele iza kuzala, ifake kakhulu. Okunene kungayanga phi yathi yazala. Kwaakumaxa indlala igqubayo. Kwakha komulwa ngesigqookro ezo ntsukwana. Kuthe kwakuba umthubi uphelile, uyingxebha, kwathiwa makuxhelwe ithole kutyiwe Iona, ukuze kuphilwe ngobisi. Laxhelwa ithole. Kwathi xa kuza kusengwa kwambathiswa inja ngofele. Lwangena ukheeemba Iwenja Iwankemza Iwatshela. Akusondela umsengi, nethole-nja libethelelwa, alakhe litsho ukusuka ithole-nja. Waba ngathi umsengi, "suke-suke," hayi ayakhe inja. Ude ngokueaphuka, hlasi isigqigqana sentonga senkwenkwana ebibethelela, watsho kanooborn kwimikhono yangaphambili. Yasuka nayo inja ngokuqaqanjelwa yayixhoma yangu - nke-e-e - nkee, Iwaya Iwathaka phaya nolo fele.
