Sibu: Yha! Ukulo mfazi Ndikhumbula umama esithiremember to choose the right friends,  kuba zinenxaxheba enkulu eziyidlalayo ebomini bakho.
Tata kaBhiza: Unyanisile nkosikazi, phi ke , kungehli nobo buthongo nje kum.
Kholi: Mh. What a bad choice phofu iyafana nale ye AIDS kuba ndibabuhlungu kakhulu xa umntu eyifumene ngokonzakala kuba kukho aba bathi abanakutya ilekese enephepha abo bona nangona kubalusizi kodwa sube bezikhethele ukufa bexelelwe. Ikhona i-choice yokuba baphile kodwa bona bakhethe ukufa.
Mhinki: Ke akukagqibi nje esikolweni usafunda.
Siya: Enkosi man tshomza ngokufowuna bye.
12. Thozi isithandwa sika Mhinki
Mama kaBhiza: Zicenge tata umonakalo wona sewenzekile, ngoku kufuneka libelinye, mawungaphindi wenzeke ngenxa yethu.
Titshala: Kwedini inkqayi ingena ngentlontlo, njengokuba nifunda ukutshaya nje nizakukuqhela nizibone seningakwazi ukuzeyisa.
Kholi: WawuSeyingu Mhinki , azi yena ukhula nini njengokuba ephakuphaku kangaka nje? Uvele ayoyike le AIDS ngathi kuphela kwesifo esibulalayo.
Keli: (engenelela) Sekunjenje nini mama notata. Ndibone apha kuni ukuba ukutshaya nokusela kulungile kuba qho ndibuya esikolweni ndibuya ninxilile.
UM akhulu: Kunjalo Sibu mzukulwana , ubona ndiphumelele nje ndinalomzi mhle kangaka nje, ndalinda mntanam. Ndikhumbula ukuba ndihlangene noyihlomkhulu ndingumongikazi ogqibeleleyo ndingazanga ndancuma namfana ngaphambili. Ngexesha lethu ke mntanam zazingekabikho nezi zifo zingaka. Kodwa ukuzigcina kwandinceda ekubeni ndingalibaziseki kwizifundo zam. Ndalipasa emagqabini ibanga lam leshumi, kanti nezifundo ezo zobongikazi nakuzo ndaphuma phambili.
Tatomkhulu: Futhi nithi phiti zizinto ezizakunigcina nixakekile ningabi nalo ithuba lokucinga izinto ezingakhiyo nezinganifaka engozini.
ISINIKEZELO
Sibu: Heyi nam ndiyayibulela iNkosi kuba nangona bendizikhethele i-sport nje kodwa indigcine ndada nam ndaba nokuziqonda indlela zayo, ndayikhonza.
Bhiza: Lo nto indlela esincokola ngayo kula malanga sisoloko sibona sesifikile emakhaya. Hayi ke majita kuhle sendifikile ekhaya sakubonana kusasa.
Kholi: Heyi ndiqinisekile ukuba xa kungoku uyazisola uKeli kuba nalomqhele wayekuwo kwathi kwakutsho imbumbulu waphela kwangoko.
Bhiza: Heyi K mfondini uSbu uphezu kokuncedana nathi, xa ukhula akufuneki uzingxamele izinto zobomi kuba uyakubhatyaza ukuba uyangxama.
Siya: Yena uyathembisa torho ukhangeleka enesimilo, wonwabe ke nawe tshomi ndakubuye ndikufowunele.
Keli: Heyi Sibu ntanga nanga lamajita ebendifundisa ukutshaya phezolo.
Mama kaBhiza: (Ebuthula) Ewe , kunjalo ntonje ndenziwa bubuhlungu bentliziyo.
Mhinki: Kulungile ke sendiphuma endlini. (Bayafika esibhedlele bafika uSibu noBhiza sebengaphakathi kwigumbi elinoKeli).
Bhiza: Ewe ndibuza nhyani nhyani, lo mba bafondini uyoyikisa.
Mhinki: Kwazi bani kaloku abantu bayatshintsha, ndikhe ndive kusithiwa abanye abayifuni.
Simbele: Yhini na le,indenzani lenkwenkwe ndinqanqatheke kangaka .
Keli: Ngena xam amanz uwaqhelile. Ntangam khuphintsindiso ipoqe ngapha ibenguwe endaweni yayo.
5. Kholi ozikhethele ukulinda ixesha lobudala phambi kokuba angene kwizinto ezinjengokwabelana ngesondo
Simbele: He Novoti, kanti ide ibephi lentwana uKeli ndifuna ukuyithuma nje?
Fundi: Hayi akukho apho ndileqa khona.
Umboniso 2
Kholi: Yha tshomi khonukuze sithi itikiti lika ewe ndiyakuthanda yicondom. Xa esithi phantsi nge condom mna ndithi phantsi ngothando.
1. Sibu ozikhethele ukuzigcina exakeke zincwadi
Bhiza: Ndiyaphila maan qha ndivuye ndakukubona kuba bendingayazi ukuba nawe uthathwe apha.
Kholi: Ndiphilile tshomza ndiyakukhumbula qha.
Sibu: Ndikuvile ke tamkhulu, icebo kukuthi phithi zizinto ezingenabungozi ebomini bakho.
Sibu: Heyi ntanga masithandazeleni ukuba esi isizukulwana sikhethe indlela eya ebomini.
Tata kaBhiza: Uyabona ke mfazi sebejamelene nezo zinto bajamelene nazo nje kuqale kwamosha kwanina aba , abantu ekucace ukuba baqonda gqitha athi umntana akuthi kuthe ube sowutaka. Mna ke asokuze ndingene kweso sikolo senu hlala nabo ke ubabonise ndiyokulala mna. (utsho ephakama esiya kwigumbi lakhe lokulala.)
(USibu uncokola nomakhulu wakhe)
Mhinki: Kaloku Fundi khumbula ukuba nangona ndikholelwa kwi-condom, kodwa bendizixelele ukuba ndifuna ukufunda ndigqibe.
Umboniso 2
Mfundisi: Tyhini molo ntombam. Sowufikile?
Tata kaBhiza: (Naye efixiza) Mfazi ndincede sukuba sasithunuka esi silonda kuba ndim kanye mfazi undixelelela koko mna suke ndazenza isithulu nemfama. Namhlanje ndiyafana nothathe intsimbi eshushu ndamane ndiyifaka kuye ukuba imtshise. Ukuba ndandiphulaphule ngelesindile umntwana wethu.
Mhinki: Sana Fundi ubonisiwe uKeli zitshomi zakhe ooSbu kodwa yena wazikhethela indlela eya kwantshabalalo. Iidrugs kaloku Fundi azihleki nawe zikufaka apho ungaziyo kwaye waziqala nje lithamsanqa lakho ukuphuma kuzo.
Keli: He topi ndini ungakhe undenzele inceba wahlukane nam ngoba akhange ndikuhluphe nganicks. Andikwazi ke ngoku oyifuna emva kwam.
Kholi: Kodwa ke unyanisile, abazali nabo banetyala elikhulu ngokungambonisi umntwana eyona ndlela ilungileyo amakahambe ngayo ebomini.
Keli: Bafondini into isemntwini, kuxhomekeke ukuba ndifuna ntoni, hambani ngeniyibonayo nam ndizakuhamba ngendiyibonayo.
Mfundisi: Hayi mntanam maluhle uvalo awenzanga ntwimbi, ntonje kukho umcimbi ekufuneka sibonisene ngawo. Phofu injani imvuko mntanam?
Bhiza: Akwaba nam ndandibe nabazali abafana nabenu, abakwaziyo ukuhlala etafileni babonisane nabantwana babo, ingathi ngendandimamele ndaba namhlanje ndisindile. Akwaba abantwana abanjengani bangamanyelwa zitshomi zabo.
Mhinki: Haybo Siya tshomi, ithi uyaphosisa !
Keli: (Edubula ipolisa) Uphazamisa bani ?
Bhiza: Hayi undoyisile sisi kwaye ke kwasesikolweni wawuthetha ngoluhlobo singakukholelwa sisithi uzakube ujike akwajika nanamhlanje usamile. Ndiyabulela ke sisi ngembeko yakho nexesha ondiphe lona.
Sibu: Ewe makhulu andicingi ndivume kuba nasesikolweni siyafundiswa ngotishala ukuba xa sibona ukuba into ayilunganga sinegunya lokuthi hayi. Qha makhulu ndihlutshwa yenye itshomi yam yona ivumile ukuba bayifundise.
Amapolisa: Police! Izandla phezulu !
Bhiza: Wazi njani ke ngoku ukuba andikucelanga kuba kwa ukuba ndithi kudala ndakuthanda ixela ukuba kudala ndithandaza ndikucela.
Mama kaBhiza: (Ekhala) Yhu! Yhini umntwanam.
Keli: Ke Siya bendicela nje undiboleke uKoli umzuzwana.
Khushi: Nyhani ntombi? Kodwa unezinto sana ngamangomso owasaphi lawo umntu umthanda. What if lomfana akanakufowuna?
ISIQENDU SESHUMI ELINAMBINI
18. Umama kaBhiza
Keli: Haysuka ndakuyibona ngoko mna leyo.
Makhulu: Imfihlelo yam mzukulwana yayikukuba yitshomi nencwadi zam.
Sibu: Loo nto ithethe ukuba kufanele ukhethe itshomi ezifana nawe ezenza izinto nawe ozenzayo.
(Yimini elandelayo uFundi noSibu badibana esibhedlele beyokubona uBhiza)
Fundi: Kanti ke myeni wam zizame, uyikhuphe engqondweni yakho, mcele uBawo ayikhuphe engqondweni yakho, kuba enyanisweni eyethu indima siyidlalile. Sazama ukubabonisa koko basuka bona bazikhethela ilishwa lokukhawuleza, suke bagqitha nobom ngokukhawuleza.
Sibu: Ndinethemba nkosikazi inkosi iyakusipha abantwana abayakukhetha ngobulumko.
Bhiza: Ndiceluxolo tata asobe ndiphinde.
Sibu: Awunakuzilinganisa nabo wena kuba ndiyaqiniseka abaxubi yonke into le, kwaye ke bona badala kuxhomekeke kubo ukuba bazikhethele ukufa. Thina ke sithi sakutya eziziyobisi sihambe sisiba izinto zabantu kuba asikaphangeli asinayo imali yokuthenga eziziyobisi, kwaye uthi wakuziqhela ungafuni kuphinda wahlukane nazo. Uphele sele uhamba uqhekeza neemoto zabantu ukhupha iradio kuba kaloku ufuna ezidrugs ziyingozi. Ukanti ke akubulaleki kukugcina ingqondo yakho ixakekile ngezinto ezakhayo.
Mhinki: Ke sana.you know what Im trying to say.
Fundi: Ndiphilile Mhinki inkosi indigcinile, unjani wena?
Bhiza: (engenelela) Nasekhaya Sbu ntanga ubekiwe lo mthetho kodwa mna ntanga ndithubeleza phantsi kwawo.
Keli: Jongapha mntanandini sukundiqhoshela ndifuna ukuthetha nawe qha.
Tata kaBhiza: Mntwanam andonanga ngokuhlala nditye nani etafileni., kwaye ke kufanele wazi ukuba akukho kulo Sibu apha kukokwenu akuzokwenziwa njenga kulo Sibu apha.
Fundi: Hayi sana zabambi ezondaba, eyi kodwa Mhinki, ziyingozi ii -choices zabanye abantwana, kubuhlungu njani ukutshabalala komntu omaziyo umjongile nokuba ke sana uzikhethele kodwa okusalayo akumnandanga.
Mhinki: Fundi nangaphandle kokuba ngangathi, thina kaloku sana esethu isithethe asiyivumeli lonto, thina asazani nezonto zamaboyfriend de ube ufikelele kwixabiso lokuba ube yintombi endala nekwaziyo ukuthatha isigqibo esisiso sokuthandana usezingqondweni uyazi into oyenzayo.
Kholi: Heehayi unezinto ke noko ungumntu onjani na wena?
Sibu: Heyi Fundi kuzakuba sathiwani zii choices ezenziwa ngabantu kuba enyanisweni emsulwa akhonto ifihlakeleyo nto nje kuyana nokuba wena uzikhethela ntoni?
Novoti: Nguyihlo lo mntanam, nam ndafundiswa nguye lo ukuselutywala.
Sibu: Mfondini phendula utitshala.
Mhinki: Kwakude kube nini ?
Novoti: Kanti ngubani lo uthetha naye ngolu hlobo?
Nomzi: Mamela ke bhuti. Indawo yokuqala njengokuba ubusowuvile ebomini xa usenza into zifundise ukuyenzisisisa ngokukodwa xa ikusa empumelelweni. Yiba nevudu engqondweni yokuphumelela, bethelela ekwenzeni ezokuqala phambili ezokugqibela emva, nditsho ndisithi ke sana lwam education comes first  ezothandano nokwabelana ngesondo ziza mva kuba kuxa sowuyindoda okanye intombi ekwixabiso lokwenda xa ucinga ngokwabelana ngesondo.
Bhiza: Fundi enyanisweni kudala ndifuna khe sibe nethuba sincokole ngaba kukho indawo oleqa kuyo kuba bendizakucela khe sithi vu phaya kwezazitulo ziphantsi kwalamithi.
Mhinki: Fundi ndisendleleni eya kubona uKeli ndicela undikhaphe sidibane phambi kwesibhedlele.
Amakhwenkwe: Heyi jongapha wena bharu ndini ungazokuzenza onengqondo apha.
Titshala: Kulungile ke ndinixolele, kodwa ukuba nje nikhe naphinda, ndakunigxotha nize nabazali benu..
Sibu: Heyi madoda intangam ndiyixelela ndisithi mayizigcine ixakekile ngesport ukuze ilibale ngeengxaki kuba izakubuya idiniwe ilale ukanti ii -drugs zona zimsa kwezingaphezulu ii ngxaki.
Novoti: Sapha ndikuyele ngokwam sekaKeli ndifuna nokuqabula mna umzimba uyazixela ukuba andikaseli oko kusile. (utsho ethatha imali ehamba, endleleni udibana nonyana wakhe ehamba negquba la makhwenkwe angafundiyo) Heyi Keli kunini isikolo siphumile noyihlo kudala ekufuna ezakuthuma. Uhleliphi?
Sibu: Hayi mama notata ndiyanithembisa angekhe ndiniphoxe, khumbulani kaloku nandixelela kwandisemncinci ukuba into isekubeni ndikhetha ntoni na. Ndanixelela ukuba ndikhetha ubomi obunekamva eliqaqambileyo. Bomi obo ke bufuna ukwazi ukuzeyisa kwizinto zamva, zihlale uzibekele emva uqale ngezokuqala. Ndisemi ke bazali bam kwelo, Ezokuqala zohlala ziqala kum, ezokugqibela zohlala zigqibela.
Mhinki, Siya noFundi: (Ngaxeshanye) Yha ukulo Kholi lelethu.
Mpintshi: Kulungile K mfethu masigqagqanise le ndawo iyathandwa ngamarati.
Fundi: Intoni? Ufuna ukuba ube yitshomi yakhe?
ISIQENDU SESHUMI ELINANYE
Umfundi wokuqala: Kanti ngugawulayo owawutheni lo?
(UFundi noBhiza badibana eYunivesiti, uBhiza ucela uthando kuFundi).
Makhulu: Sibu mzukulu nifunde njani namhlanje?
Bhiza: Eyntanga its too late now ,there is nothing that anyone can do.
Sibu: Ayilulanga ke leyo ukuba la mntana uzinikele ngokupheleleyo.
Sibu: Isishiyile intangam.
ISIQENDU SESITHATHU
Siya: Tshomi awuphuphi tu uva kakuhle Im in love
Sibu: Yiphi ke mama?
Sibu: Unyanisile ntanga, masihambe.(batsho baphume, bahamba bencokola)
Sibu: Haybo Keli mfondini ubufuna ntoni emakhwenkweni angafundiyo ebusuku kuthiwani kokwenu xa uhamba ngobusuku?
Fundi: Kulungile nanku noKholi apha sakusele sihamba kunye, lonto ufowuna kanye sisancokola ngoKeli.
Thozi: Nje ngokuba nizikhusela kangaka nje what if omnye wenu angathandana nomntu oHIV positive
Ndenza umbulelo ongazenzisiyo kumakhulu wam ongasekhoyo
Mama kaBhiza: (Ethe phatsha) Yintoni tata ingaba. Umntwanam us?
Bhiza: He Sibu ntanga uvile ukuba uKeli usesibhedlele udutyulwe ngamapolisa?
Mama kaBhiza: Kunjalo tata kwaye ndakuxelela nabanye abazali ukuba masingonqeni singabazali ukuhlala nabantwana bethu phantsi sincokole nabo sibaxhobisa ngezinto zobom.
Sibu: Bekumnandi kakhulu, sakubonana ngomso.
Bhiza: Ndikule meko Fundi ngenxa yokuzikhethela kwam, ndoyiswa kukulinda nokwenza into eyiyo suke ndangxamela ukwenza izinto zabantu abadala andasebenzisa nezozikhuseli. Namhlanje ndijongene nengcwaba.
Mhinki: Yilento indehleleyo ke leyo. Khawutsho ke, uzixakekise ngantoni wena? Kuba mna kwase- high school ndazikhethela ukuzixakekisa nge- sport no-music xa ndiziphumza ezincwadini de ndibe ndikulungele ukwenza okunye.
Tata kaBhiza: Awu madoda! Enkosi ntombam ngokundazisa.
Sibu: Yha ntanga kona ukhukhetha akunzimanga kuba zininzi kakhulu izinto ezingamgcina umntu exakekile abe kude le kwizinto ezinokumhenda.
Fundi: Say it again  kuba nathi ubom busemnandi nje zii - choices zethu.
Fundi: (Ehleka)  No sex before marriage sana kwaye andivi buhlungu tu ke sisi ndineqhayiya ngaso.
Novoti: Ngoku sonke apha ekhaya nabantwana kufuneka sibengamanxila?
Sibu: Nam tata nomama ndibulela kakhulu ngabazali abafana nani ukusoloko nindibonisa nindikhuthaza kananjalo nindixhobisa, ndisemi kwelithi angekhe ndiniphoxe.
Keli: Ewe titshala kunjalo.
Bhiza: Yha itsho yona intetho kodwa ibhekisa kubantu abasenalo ithuba, mfethu iyahamba leya indoda nokuba sesingasathandi xa ndijongile ithuba lokukhetha ngoku kuye selifinciwe.
Fundi: Say it again elilizwe lifuna ii nkokheli zangomso. Iyakuba ngobani ke xa sizakukhetha ukufa? (Kusenjalo bafumana ifowuni evela ku-Mhinki).
Mpintshi: Eyi kodwa le into sazikhethela yona ngumngciphekiso wobomi bethu, ibe ingekho nale mali siyibhatalwa ngalamajita siwasebenzelayo.
Amakhwenkwe: Heke K mfethu bambapha (enikwa isiyobisi esiyipilisi)
Bhiza: Ingxaki mfondini kukusuke wonqene ukuzenza ezi zinto, ngoku zona zikhona zininzi.
Kholi: Hee nankumntu ephazama, uvelaphi ndiye  this is the new South Africa mfana incase ulibele, I have a right to say no. Ladlula eloxesha le abuse apho ubani wayesenza nantoni na ayithandayo emntwini.
Umboniso 3
Umboniso 1
Amakhwenkwe: Ke bharu ungenaphi wena? Angavumi ntoni?
Umboniso 3
Keli: (Encama uya kuKholi)  Well sikhona thina Fundi sijongile sizakubona ukuba uzakuphelelaphina.
Nomzi: Yabona ke tata yilonto ndiyithetha kusekusasa kangaka, uyabona qho xa ndivela edolophini ndizakuqokelela yonke imali le izinkozo ze ndiyifake kulatoti yokugcina imali ze qho yakuzala ndiyise ebhankini.
Fundi: Ukwaleka apho Mhinki, engatshixanga nje nawe ungumntu xa esithi akafuni condom ube ubusele ulungile ungazibona sele ugaxeleke kwenkulu ingozi.
Fundi: Masambe myenam, ukukhala apha akuzukunceda sekwenzekile kufanele sibone okulandelayo (ebulela inesi) siyabulela nesi. (Befika endlwini yabo uSibu unesingqala kukusweleka kabuhlungu kwetshomi zakhe.)
Sibu: (Ehleka) Njani ke mama?
Fundi: Kunjalo Kholi kodwa nabantwana nabo bayakwazi ukuthi beboniswa ngabazali bangafuni kuphulaphula bahambe befunda imikhwa emibi ezitshomini beboniswa kwamawabo.
Mhinki: Ke ngoku ngubani ozakuyakuxela kuloKeli?
(Kusesikolweni yibreak uKeli ufundisa abanye abantwana ukutshaya. UBhiza umbuza ngokuba uphelelephi ngezolo.)
Bhiza: Kulungile ke Fundi xa ndingathi masitshate, andithi uzakuthi usafunda.
Mhinki: Mna ndithi malibe linye maqela phantsi nge-boyfriend ungekatshati qha ke.
Tata kaBhiza: Masilale mfazi khonukuze ingqondo izokudlamka ikwazi ukufunqula umsebenzi ngendlela eyiyo.
(Ngengomso ufowunile uThozi bayadibana)
Fundi: Undoyika ntoni ntombi, khona uqale nini ukundoyika ngoku?
Siya: Haai khawuqashise sana ukuba uthetha nabani.
Umboniso 3
Fundi: Awuyazi Kholi ukuba umnqweno wam ngowokuba kwesisizukulwana sethu sibe ngabahlakaniphileyo ngokwenza ii -choices ezi-right zokukhetha ubomi kunokufa. Anditsho ukuba bakhethe le yam xa bengakholwa kodwa bakhethe nakwezinye ezi ziphilisayo, umntu asebenzise i-condom kwaye bathi phantsi ngee-drugs.
Sibu: Ndikuyekile ntanga kodwa ukhumbule ukuba ubugwala abakhi buyabulala.
Simbele: Yha! Uyindoda ke ngoku Uyangena ebudodeni.
Sibu: (Ebhekisa kuKeli) K Mfondini uzakwenzakala.
Keli: Ha..suka niyandishwabulela ke ngoku?
ndithi ukufaka isandla. Ndichukunyiswe kukubukela
Umboniso 3
Fundi: Ukulo Mhinki.
Kholi: Unyanisile Fundi phofu ke isaya kwichoice yomntu kuba mntu ngamnye uyinikiwe ingqondo yokwahlula akhethe lonto ayifunayo ngobomi bakhe.
Fundi: Okey ke bhuti ndingakuqakathisi kakhulu ndikuchithele ixesha lakho ubenethemba. Mna kaloku Bhiza uyayazi nje kwaseHigh School ndandisindisiwe, ngoko ke akukabikho nto itshintshileyo ndisasindisiwe. Bubomi endazikhethela bona obo, I mean xa ndisithi ubom ndixela ubomi bam bonke ndakuhlala ndisindisiwe de ndife.
Keli: (Efika kuKholi) Haai mntwana .
Umfundi wesibini: Kwelo ke ntanga kuxhomekeke ukuba ukhetha ntoni ukuba ube uphila okanye ufe.
Siya: Haybo tshomza uyandazi mosi ngesenditshilo ndathi ndiyadlala xa bendiphosisa.
ISIQENDU SESINE
Sibu: Bhiza mfondini ngowakho ke lowo umcimbi asingeni ndawo thina kuwo.
Umboniso 3
Tata kaBhiza: Nantsifowuni ikhala nkosikazi. Azi yintoni ngelixesha? Masendiyibamba. Hallow ndingakunceda?
Fundi: (Esabela icellphone) Hallow.
14. Simbele ngutata kaKeli
Umboniso 3
Thozi: Buyela embuzweni wam ke, kwenzeke ukuba ndinayo uzakuthini.
Mamfundisi: Kunjalo tata nam seyikukuthetha nje yimincili yokuvuyela into entle kuba kuhle ukubukela abantwana behamba kakuhle endleleni. Ndiyaqiniseka ukuba nabazali babo bazakuchwayita xa ubaxelela ngezindaba.
Bhiza: Ah.Sibu mfondini kanti nawe usindisiwe ungatsho nje?
Siya: Uyazi kakuhle tshomi ukuba ladlula eloxesha ngoku kubhalwe ngamagama amhlophe namnyana ukuba unelungelo lokuthi hayi entweni xa ungayifuni.
Thozi: Hallow sana.
Mhinki: Heyi ! Ezam zininzi i- role models, abazali bam netshomi zam kangangokuba sade saba neqhina esilenzayo netshomi zam ezine, elokuba asoze sithandane de sipase imatric yethu nangona nje sasisazi ukuba ukupasa imatric asilotikiti lokuthandana, usenokuthandana sele uphangela okanye utshate ungazange uthandane. Okwesibini ke sathi kulo gawulayo mninzi kangaka asikafuni kufa xa sithabathe isigqibo sokuthandana ngelo xesha sakusebenzisa i-condom.
Nesi: Ndicela ukunibona ecaleni nobabini.
Keli: Ku-late ntanga ngoku andinakuba sa..phila ngoku.
Fundi: Unyanisile uSbu, uThixo uhleli ekho njalo ukumamela izicelo zethu.
(Umama kaBhiza kunye noyise abuhli ubuthongo baxhalabile yimeko yonyana wabo kwaye bayazisola).
Keli: Eyiphi na ntanga? Oh.! Lebathi ngugawulayo, sakuyibona ngoko kakade sihleli sizakufa nje nokuba asibulawanga yiyo.
(UMfundisi uncokola nenkosikazi yakhe emva kokuhamba kukaFundi).
Mfundisi: Unyanisile ntombam, ndiye ndemka nencoko ndangakwazisi ngamagama akhe, umfana lo nguSibu unyana kaHeadman.
Nomzi: Ewe yabanayo.
Fundi: Siphilile tata ndibulela ukugcinwa yiNkosi. Uphila njani utata?
Bhiza: Kwaye ke mfondini uyazi nawe ndiba ukhe ulifunde elaqokobhe lecuba lithi smoke at your own risk.
Fundi: Ngumthandazo wam Kholi lowo, utsho nje wena awumbonanga indlela alusizi ngayo uphatha kusola nabazali bakhe ngokuba abazange bamkhathalele.
Makhulu: Uyabona ke mzukulu umntwana ohlakaniphileyo unjalo wenza izinto ezilungileyo khona ukuze angangeni kwimigibe engendawo.
Mhinki: Ndiphilile nam tshomi, ngaphandle nje kokuba ndikoyika.
Bhiza: Kunjalo mfundisi asokube siliphathe icuba.
Titshala: Licuba! licuba kwedini  icuba lifuna ntoni apha? lize nabani? elithatha phi?
17. Utata ka Bhiza
Fundi: Ewe tata ndothukile ukubizwa emishini.
Mhinki: Andinakulahla kaloku kuba ndisithi u-HIV Positive .Qha ndizakusebenzisa i-condom nokuba sesitshatile.
Umboniso 2
Sibu: Siphilile tata iNkosi isasiphethe kakuhle kakhulu. Ngaba uphila njani utata?
Siya: Uyabona ke Fundi uqaluchuku ke ngoku.
Fundi: Ewe tatMfundisi ndingavuya kakhulu kwaye ndingathanda nokwazi ukuba umfana lowo ngowakwabani, engubani khonkuze ndibuze ngokupheleleyo kwiNkosi yam ukuba ingaba ngumntu omelwe kukuba abe ngumyeni wam
Mama kaBhiza: Kodwa tata amaxesha ngamanye, kubalulekile ukuba xa benezinto abafuna ukuziqonda kumele sibancede sibaxhase kuba lo nto nalapha konomathotholo ithethwa rhoqo. Kaloku bona baphila kwixesha elixinene kakhulu nelinengxaki ezininzi abajamelene nazo nesithe thina sabanethamsanqa elikhulu lokusinda kulo miceli mngeni bona bayifumeneyo.
Mhinki: Ndicela uzundifowunele ngomso kwangelixesha ndakuqiniseka ngoko ngexesha lokuhlangana. (Emva koko bayohlukana) (UMhinki ubuyela kwigumbi lakhe aze ancokolele uKhushi nahlala naye egumbini)
Mhinki: Ndiphilile akho nto, unjani wena.
Mama kaBhiza: Masilale yise kaBhiza ubusuku buhambile
Mfundisi: Oh.! Utsho le imhlotshazana, nantsi icula kakhulu?
Titshala: Kunjalo kwedini?
(Lusuku lokungcwatywa kukaBhiza , uyafika umzimba kwiholo yecawa enkulu kuzele nabantwana be High School ebefunda kuyo phambi kokuba aye eYunivesiti bakho. Nolutsha luphume ngobuninzi balo). (Abafundi ababini bayancokola )
Lo mdlalo ungabahlobo abathathu (u Keli, uBhiza noSbu) ukusukela ethubeni bese ngamakhwenkwe esikolweni de baya kuba ngamadoda aziphangelelayo.Umbhali uye asithathe ahambe nathi kubomi lwalwentsha xa ludibana neenzima zokukhula ezijongene nolutsha lwase Mzantsi Afrika ezinje ngeziyobisi noGawulayo.
Bhiza: Uyayazi ntanga ndazenza onengqondo kunawe undixelela, nasi ke isiphumo sokuzikhethela kwam ubudenge nendandicinga ukuba bubulumko.
nemidlalo
Sibu: Kunjalo tata ndithandazile ndamcela kwiNkosi yam yandibonisa.
Fundi: (Ephuma kule incoko) Unjani kakade uBhiza? Ugqibele nini ukuya kumbona esibhedlele?
(Kwelinye icala uKholi, Fundi, Siya kunye noMhinki bayancokola.)
Mfundisi: Uqiniseskile nyana ingaba kodwa usithi ubonisiwe nje akungebi ubone intombi nje waza ngokuyithanda wacinga ukuba uboniswa yona?
Nomzi: Tyhini tata! Ungawubuza njani lombuzo. Kaloku tata lo mntwana uwenze lula kakhulu umsebenzi wethu wokumqeqesha akakhange asifake zingxakini kungoko ke ndicinga ngento yebhongo naye azibulele ngesimilo sakhe esihle nokukwazi ukumamela abazali.
Tata kaBhiza: Kwedini andincokoli nabantwana mna into zabantu abakhulu. Mna mntanam andikhuliswanga ngolo hlobo ndikhula ndisazi ukuba indaba zabantu abadala zezabo, abantwana ebantwaneni.
Sibu: Nilale kakuhle nani mama notata.
Sibu: Eyi ! Akeva ke la mjita iyahlupha lechoice  yakhe kanjani
Abalinganiswa
Sibu: Haybo Keli mfondini njani kungathethwa? Ufuna ukundixelela mfondini ukuba wena uhamba apho uthanda khona? Akho bani ukubuza nto?
nasisifo sikagawulayo, ndabona kuyimfuneko yokuba nam
ISIQENDU SOKUQALA
Thozi: Ndiyayazi lo nto kaloku nam ndakhetha ukuzixakekisa ngesport kuba ndandingafuni kuzifaka koziyobisi nakwinto zothando, de ndibe kwixabiso elililo. Ndazixelela ukuba ndifuna ikamva eliqaqambileyo nobomi obububo, bendiziqhayisa ngokuba mandiqale ngezokuqala ndigqibele ngezokugqibela.
Bhiza: Hayi ke xa utshoyo ntanga kodwa ngenye imini uyakuze usikhumbule.
Mhinki: Ndixelele ke tshomi, uyisebenzisile kodwa icondom?
Fundi: Ixhomekeke kuKholi ke leyo, qha kuyo yonke into oyenzayo sana ulumkele I AIDS kuba yona ayihleki tu sana iyagqugqisa phandlapha.
Lo mdlalo uthi uqwalasele iindlela ezahlukileyo abazikhethayo ukujongana nezinzima zabo. UKeli yena simbona ezidibanisa nabahlobo abangalunganga abathi bamfake endleleni eya kwantshabalalo. Ufundiswa ukutshaya aze ethubeni athathe neziyobisi. UBhiza yena uqhubekeka nobomi bakhe kodwa endleleni uthi adibane nesifo uGawulayo. USibu yena uzikhethela ubomi bokuziphatha kakuhle ekuthandeni iincwadi zesikolo nokuzigcina exakekile ngezemidlalo.
Novoti: Yhu! YisekaKeli uzakumbulala umntwana akumboni ukuba unxilile?
Umfundi wokuqala: Heyi kodwa ixesha lethu lizele zii nkathazo.
Nomzi: Ndiyicingiswa kukuba ndicinga ngebhaso endicinga ukuba singamthengela lona , tata ixesha liyakhawuleza kangangokuba ndicinga ngokumthengela into eyakuba liqhayiya nebhongo.
Mhinki: Heyi kumnandi sana nangona nje ke kungekabikho nto itshintshileyo ebomini bam. Wena tshomi uphetheke njani kwelocala?
Fundi: Bye Mhinki enkosi ngokufowuna.
Kholi: Khona tshomi sekwatshiwo, ndingathandana nooKeli abathi behleli nje bayotyiwe.
Bhiza: Ngokuqinisekileyo ntanga kosala abo bakwazileyo ukukhetha kuba ke sifa sinayo i-choice kumaxesha amaninzi.
Siya: Uyayazi kaloku tshomi bendingenakuthi ndiqala ndizigcine kangaka ndithathe nje..ukhubone? kodwa wena Kholi awothukanga why? kuba indlela uMhinki othuke ngayo.
Sibu: Ozakusinda ngozikhethele ukusinda mfethu, kwaye nawe uyaxela ukuba ooma babencokoliswa ngootata, ndiyavuma sisithethe kodwa bona izithethe babezihlonipha bezenza ngexesha elifanelekileyo nangendlela eyiyo kwaye nezi zifo zazingekho ngelabo ixesha .
Sibu: Mfondini akubuzwa ngampimpi apha phendula utitshala qha wena.
(Emva kokuba ebuyele egumbini lakhe uMhinki ufowunela uFundi nanjengoko esazi ukuba abanye abanangxaki).
Umboniso 1
Fundi: Amaboyfriend haybo Siya, bangangathi abo bantwana uthetha ngabo?
Mhinki: Kanti umuncu na sisi, kaloku thina sana njengoko besenditshilo awethu amakhwenkwe ukuba iyitshomi yakho ifuna ukuba nithandane hayi nidlale ukuthandana.
Fundi: Akunjalo bhuti likhona ithemba xa ungahlala emthandazweni ungazixheli. UThixo unakho yena ukwenza izinto esingenakho thina ukuzenza, ngokumthemba nje ungangcono.
Sibu: Kwelo ke ntanga ukuba ukhetha ukonqena, lithi ke elabadala umvuzo wesono kukufa, kaloku mfondini alikho inqenerha elingakha isizwe.
Mama kaBhiza: Ndinjalo nam tata ndome qoko lonto uvalo endinalo andazi nokuba ukugula kwalo mntwana ndikucinga kakhulu na. Ndihleli nje ndinombilini ingathi ndizakuva into embi.
Sibu: Mhndiyeva tata kambe ayandomeleza la mazwi, anditsho nam ndazibona ndithe phithi yisoka nokuzilolonga. Ngoku mama inkonzo yona udibene nayo xa kuphi kuba ndikhe ndikuve xa uncokola ngayo.
Sibu: Unjani kodwa ntanga?
(UMhinki uphuma kwithala lencwadi eKholejini yakhe udibana nomfana omcela uthando).
Bhiza: Tata heekakade njengokuba uninzi lolutsha lusithi phithi luthando nje ingaba nakwelenu ixesha kwakunjalo?
Simbele: He kwedini uvelaphi ngelixesha? Unayo lento yokucinga ukuba ngumzi wakho mawungene naxesha liphi. Uthi ndithuma bani icuba hi? Kunini ndinqanqatheka
Sibu noBhiza: (Ngaxeshanye) Molo K ntanga.
Kholi: Into endiyithandayo Fundi, yonke le yethu igenge ihlakaniphile ifuna ukulinda ixesha elililo phambi kokuba yabelane ngesondo kwaye nesa sifungo sethu sasisenzile sokuba no sex before 21years sonke sisasigcinile andisathethi ke ngawe kuba kaloku wena usindisiwe. Kanene sithini esa-slogan sakho?
Nesi: Sanukufane nothuke ! benimbona ukuba ebegula umhlobo wenu imeko yakhe ibimbi, usishiyile ke.
Sibu: Icondom ntanga! Usebenzisa yona okanye uyeke uye kwantsonganyawana ntanga. Kwaye umele kukuvuya wena kuba uyakwazi ukuzikhethela, kukho abanabeluqaqaqa bengenandlela yakuzikhethela kuba kwakusemnyama ngaloo maxesha futhi isafihlwa nale AIDS.
Nesi: Ewe tata kusesibhedlele apha, ingaba ndithetha notata ka-Bhiza?
(UKholi uncokola noFundi ngemeko kaKeli).
Mhinki: Kaloku wena tshomi awukholelwa ekubeni umntu makathandane engekatshati.
Bhiza: Heyi masambe ntanga masingamphazamisi mhlawumbi ufuna ukuphumla.
Thozi: Kunjalo,  and you who is your role model?
Mhinki: Heyi sana kaloku mna ndixakekile, zincwadi ngapha zii -netball nemiculo kwelinye icala. Zonke ezi zinto zifuna mna.
Nomzi: Ndiyabulela ke mntwanam ukuva ukuba kanti incoko nengcebiso zethu aziwi phantsi kuwe.
Mhinki: Andinalo tu ixesha bhuti kodwa ke ndingafane ndikwenzele nje inyobana.
Fundi: Yho! Ye ! hake nanko ke umhlola, izolo oku ubufuna ukuba yitshomi kaKholi namhlanje sowufuna ukutshomisana nam. Ngelishwa lakho ke bhuti anditshomisani namakhwenkwe mna.
Umboniso 2
Sibu: Kulungile ke ntanga nokuba asiboni ngasonye kwezinye izinto , mhle yena umntwana wabantu uzolile unesimilo kwaye nentsindiso leyo azibiza ngayo imfanele.
ISIQENDU SESIBINI
(USiya ufowunela uMhinki umbalisela nge boyfriend adibene nayo eYunivesiti).
Bhiza: Tyhini sesifikile bafondini  asiyivanga tu le ndlela sakubonana ngomso ke majita.
Mpintshi: (Ngoko nangoko uyaxhoma) Uxolo mhlekazi ungabisadubula ndiyaxhoma mhlekazi!
Keli: Eyi Bhiza ntanga kaloku mna nasekhaya ndiyalithunywa icuba, ndiyile ndayakulithenga elacuba bendilithunywe ngalamajita. Undikhumbuza nto mfondini andiphile nam nantsi enye yizani ndinifundise ukuba kutshaywa njani.
Sibu: Ningandithathi kakubi majita mna andifuni kunibona ningena kwii ngxaki eningena kuphuma kuzo kwaye ke likamva lo mntana wabantu eli nilibalelayo. Ndiyaniyeka ke ngoku hambani ngeniyibonayo kodwa nikhumbule amazwi athi, uze umkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho ingekafiki imihla oyakuthi ayindiyolele (Ntshumayeli 12:1)
Novoti: Ungambuzi kum uKeli kaloku yinkwenkwe endala ngoku.
Bhiza noSibu: (Bothukile)Akho nto imbi kodwa?
Kholi: Uyabona ke bhuti uyakukha phantsi isitya sigcwele kum, andikukhathalele nokuba unama- connection naphantsi komhlaba uyakubhantinta ubomi bakho bonke kum ntanga.
Mhinki :Yha! She must be a nice caring mother, nhe!
(URenji noNomzi bakwigumbi labo lokulala bayancokola).
Fundi: (bewolana) Mhinki, Siya, Kholi ukukhula kwethu yayingathi asoze sifike kwelixabiso sikulo ngoku.
Fundi: Mhinki ntombi khawuphumegusheni.
Umboniso 2
Mhinki: Tshomi khawuyeke ukudlala wena.
Mhinki: You mean you really did it.
Fundi: Ewe nesi (benxunguphele) Kwenzeke ntoni, uphi?
Bhiza: Eyi ntanga nam ndimzamile ndikhumbula nokuziqala kwakhe ndandikhona ndatsho ndancama.
Mhinki: Well, linye girls let us just abstain.
Umboniso 2
Mhinki: Kunjalo sisi nangoku ndinalo ixhala kuba utata undincoma mihlale.Bye Fundi ndakubuye ndikufowunele
Nomzi: (Engenelela) Ewe mntwanam, ukongeza kula mazwi katata abantwana abaninzi banempazamo yokusuke icertificate sematric basenze icertificate of love.
Fundi: Kunjalo kaloku sana ukusebenzisa iziyobisi kukuzidlakaza nje nokuba ufele ebubini.
Amakhwenkwe: Heyi yizanapha makwedini, inani ambanokusifunela i-entyi phaya.
Nomzi: Azihambi zonke kaloku mntwanam njengokuba soloko ndisitsho kuwe, uthando lufuna ixesha elininzi, kuba sukube ungahlangananga nebhola ngoku yona ingakwaziyo ukuthetha, sukuba uqubisene nomntu oza kufuna elakhe ixesha kwakweli lakho. Ininzi kakhulu ke mntwanam into edibana apho kungasa ndibala kodwa iyonke lonto yenza kube nzima ukuqwalasela izifundo zakho ngokupheleleyo.
Keli: Sbu mfondini utata nomama ndithi ndibuya ekudlaleni ndifike betiphile kungoko ke kungekho bani undibuza nto. Kwaye nokuba kwenzekile ukuba lindibone itopi xa ndifika livela nje lithi Heyi kwedini uvelaphi wena ebusuk..pha awuyazukub.. kuphelele apho, kusasa alisayazi yonke lonto.
Fundi: Ke ngoku Mhinki unelungelo kaloku lokuzikhethela lonto uyifunayo.
Keli: Girls; girls; girls wouldnt it be a funny world if you were created alone.
Keli: (Exakanisekile) Ntanga akwaba ndandinimame..le, xa. kuna.. mhla..nje ngendingekho kule..meko.
Sibu: Uyabona ke ukuba uqhubeka nale nto sizakushiya ke thina.
Umfundi wokuqala: Yho iyakuze ibe yinto yanini ke leyo?
Mfundisi: Sibu nyana ngumba omkhulu lowo, ingaba uthandazile kodwa? Kaloku ucelwa kuThixo umfazi ndiba uyayazi nawe lonto.
Sibu: Bhiza ntanga zininzi kugawulayo. Ezinye zezi uzaziyo ezinje ngokuba ungabelani ngesondo, okanye usebenzise icondom xa kwenzekile ukuba wabelane ngalo.
Mhinki: Haai.
abayakuvuna nto bakufunda lencwadi bahlanguleke.
Mhinki: Ndiphilile nam mhlobam akhonto. Fundi uvile ukuba uKeli usesibhedlele udutyulwe ngamapolisa? Phofu sana babhaqwe beqhekeza imoto suka yena xa kusithiwa mabaxhome izandla ngamapolisa suke wadubula kwamapolisa lawo .
Novoti: Awu ! Yise kaKeli uthi uyaziva nje kakuhle lento uyithethayo ungathini ukuthi umntana efunda ukutshaya uthi wena ungena ebudodeni? Uzakuxakana nento ngenye imini kwaye ungaze uze kum mhla waxakana nomqa wakho.
Siya: Heyi sana indiphethe kakuhle kakhulu iKholeji yam, uthanda njani ukwazi ukuba ndide ndafumana nebhaso lokuzibona sendithandana?
Fundi: Ndiyayiva mna lento ithethwa nguMhinki, ungayibulisa inkwenkwe ukhululekile kodwa sukuzithi nca kakhulu kuyo khumbula kaloku asingomntwana wakokwenu ngoko ke unokujikela uxakane naye.
Bhiza: Andizenzi ndinayo ingqondo.
1. Sifumana umntwana osebenzise iziyobisi ubomi bakhe buphela kabuhlungu ngokukhawuleza.
Fundi: Akunjalo bhuti awuveli ubone nje intombi ubesowuyithanda uthi wakugqiba uyicele kuThixo, ayihambi njalo. Uyathandaza uboniswe. Xa unyanisile nentombi leyo xa ufika kuyo angekhe yale kuba nayo iye ikuboniswe ungafumani bunzima
Keli: Kulungile Bhiza ntanga  bye bye nawe Mr Bible.
(USibu uncokola nomama wakhe uNomzi , notata wakhe uRenji kunye nomakhulu wakhe kumnandi lixesha lesidlo sangokuhlwa kuhleliwe etafileni).
Fundi: Kunjalo xa ubambelele nawe kuyo, kwaye ke alikho elinye icebo ndazikhethela ukuhlala eNkosini de kuphele ubomi bam kwaye andizisoli nge-choice yam kuba ukususela ndisengumntwana iNkosi yam yayiphatha kakuhle impilo yam. Nasezifundweni indincedile ndipase emagqabini kuzo zonke kuba kaloku bendithandaza ndicela ukuba indiphe amandla okufunda incwadi zam ngempumelelo.
Fundi noMhinki: (Ngaxeshanye) Haybo Siya uthetha ukuba awuboni nto imbi ekubeni yitshomi nenkwenkwe?
Keli: Haai girls!
Fundi: Ndivuyile nam ndakukubona.
Umboniso 3
Umboniso 1
Keli: Yho! Khawulezani ndiyafa.
Umfundi wokuqala: Undilahlekile ke ngoku. Njani?
bazikhethela ukuphila ubomi ngayo nanjengokuba siliva
Mfundisi: Hayi ntombam ngumbono omhle lowo asikuko nokuba kufanele nisihlawule ngokunifundisa kwethu, ntonje xa iNkosi ikunikile eloxanduva njengomntwana kufanele wenze njalo.
Umfundi wesibini: Nabo ke bona bayenzayo ,kwaye azange ndive kusithiwa kukho owakha wafa kuba elinde wada wamdala. (Kusenjalo kufundwa incwadi eyabhalwa nguBhiza engekaguli kakhulu) Nefundeka ngoluhlobo:- Lutsha lwakowethu njengokuba uninzi lwenu lundibonile ndingcikivwa zintlungu silumkeleni isifo sikagawulayo! Zikhetheleni ukuphila kunokufa nonke nina bangekachatshazelwa leligongqongqo sele nihlala ninjalo! Ncedani , nqandani naku ukufa kukrobe ngefesitile! Sanukuvuma ukuba lisele liniqongqotha eligongqongqo! Izwe lakowethu lijonge kuni Izwe lakokwethu likhedamile Isizwe sakowethu sinxunguphele! Sithi, azi ukuba ngobanina ingomso xa kunje. Azi ngobanina abayakukhokela ngomso xa kunje! Baphela abahlali bangomso Zaphela inkokheli zangomso Zaphela ingcali zangomso Nqandani, nqandani, nqandani! Lisekho ithuba lokunqanda lutsha! Linye, masibuyele kundalashe. Masiyekeni ukuqhankqalaza. Masamkeleni ixesha esikulo. Sazi ukuba zonke ezi zinto zisehlelayo zisibuyisela kundalashe,kwizithethe zamanyange.Elokuba silibale kukuthi, ladlula eloxesha kwakungoko yayile loo makhulu. Ngoku ndithi mna lixesha lokuba sithi libuyile ixesha loo makhulu. Kungenjalo ukuba silibele kukuthi ladlula elo xesha ingathi kum sithi abayakudlula silishiye lona ixesha lisemi.Oomakhulu bethu abazange baphumanto kukulinda ixesha elililo phambi kokwabelana ngesondo, koko baxhamla ubomi obude. Amava abo abaxelela ukuba inkanuko yinto yomzuzwana, nephinda idlule. Yeka wena zifike ii nkanuko, yindalo leyo neyokuba zidlule ikwayindalo, kwaye zigqitha ngathi azizange zabakho. Qinani lutsha kumzabalazo wokulwa nesifo sikagawulayo ndinithembile ninawo loo mandla.
Fundi: Ndibulela nabam abazali kuba namhlanje ndinjenjenje kungenxa yokundibonisa indlela elungileyo, nam ndaza ndabamamela ndakhetha yona. Akwaba uSomandla angasipha abantwana abangakhetha indlela ezilungileyo njengathi.
Simbele: Mfazi ndini musa ukuphendulana nam.
Renji: Kunjalo mfazi yinyaniso emsulwa nengenakuphikiswa yona leyo kodwa imali yalonto sakuyithathaphi kuba ngomso lo sizakukhupha imali eninzi kanti ke isengamaqalela nje.
Sibu: Itshuphinde ntanga kambe lithi elabadala, isala kutyelwa sibona ngolophu.
Siya: Yeha ke Fundi, wakhuza kangaka yintoni eyothusayo apho?
Renji: Ibhaso eliyakuba libhongo neqhayiya ngoba na mfazi.?
Thozi: Awuyazi indlela oyenze mnandi ngayo imini yam. Nam wena ndikwaxakekile kodwa inyaniso yeyokuba mhla ndakubona ndaphandlwa, andizange ndiyeke ukuba nomfanekiso wakho engqondweni yam.
7. Mhinki naye uzikhethele ukulinda ixesha elililo aze asebenzise icondom xa ekulungele oko.
Keli: What if  andifuni kumyeka, nizakwenza ntoni.
ulutsha lwesizwe sakowethu lutshabalala ngenxa yeziyobisi
Mhinki: Hayi Khushi ntombi ungayithethi lonto ndingakhe ndife kuqala nokuba ndizakube ndivuke.
Sibu: Esh yhini! Madoda sese ibe nje intanga yethu.
Sibu: Hayi ngalendlela nizisebenzisa ngayo.
Mhinki: Hallow Fundi unjani?
Umboniso 1
(UFundi usabela ifowuni evela kumfundisi ecela ukumbona emishini).
Bhiza: Heyi Fundi kubi iyagula lendoda sicelwe ukuba khe siphume kancinci ngumongikazi. (Kusenjalo inesi ibabizela ecaleni uBhiza noSibu).
Bhiza: (Engenelela) Awu Sibu ntanga kukhona ukuzikhethela?
20. Umfundi wesibini
Siya: Ndiphilile tshomi , wena unjani?
Siya: Tshomza kaloku yaba yinto yokuqala ukuyithetha kusbali wakho, ndamxelela ukuba mfana I love you too but on condom conditions kwaye ngethamsanqa lam naye ukulomoya ndikuwo we no condom no sex.
Keli: Awu , yintoni ngawe mfethu, sancokolisa mantombi wasixelela ukuba masilibale ngawo sizixakekise ngemidlalo, nezi ngoku ziyobisa kamnandi uthi masilibale ngazo. Kanti uphezu kwantoni?
Novoti: (Ehamba embombozela) Kanti mntanandini uzakukhe uyichophise ukufika kwakho endlwini ndiyakuxelela ungandazi nje uzakundazi. (Unovoti ufika ekhayeni ubalisela umyeni wakhe).
Siya: Andiboni nto imbi mna kulonto, esikolweni abantwana babelungu banawo amaboyfriend.
Mhinki: Yintoni guys kwenzeke ntoni ?
Fundi: Kunjalo kanye bhuti. Hayke masohlukane sendifikile mna ekhaya any way bekumnandi namhlanje enkonzweni.
Mhinki: Siya mhlobam bangandibhida bonke but not you. Unjani kodwa tshomza, uphilile?
Bhiza: Kanti mpintshi uyawoyika namashwa.
Keli: (Ephela) Niyiqi.nise Sibu mfondini, nishumayele elutsheni luzikhethele indlela eya ebomini lungazifaki kusetyenziso lweziyo.bisi kuba isi. phelo sazo sibuhlu.
Okokuqala ndiyabulela kuSomandla ngokundipha amandla
Nomzi: Mna mntanam ndandithe phithi yimixhentso yesintu, bendisithi xa ndivela esikolweni ndincedise umama ndakugqiba ndenze umsebenzi wam wesikolo emva koko ndiye kwimixhentso yesintu esasiyenza sikhuphisana namanye amaqela. Loo nto ke ibisinceda singabi nalo ithuba lokuthi phithi, ngamakhwenkwe nanjengoko ngelethu ixesha yayingowona mceli mngeni sasijongene nawo kuba kwelethu ixesha le yenu imiceli mngeni minizi kangaka sasingenayo.
Bhiza: Asikuko nokuba andikholelwa emthandazweni kodwa ndihleliwe ngamazwi entangam uSbu athi uze umkhumbule uMdali wakho ingekafiki imihla owothi ayindiyolele. Andihleli lo mazwi kuba mna ndasuka ndawenza into yokudlala kanti imihla izakukhawuleza..
Sibu: Yeyakwa Thembele tata nguFundiswa.
Fundi: Owu uKeli, kodwa ke masithembe ukuba uxolelanisene neNkosi yakhe.
Sibu: Ndiphezu komhlaba ntanga kuba uyandiphoxa kanti ndizamana nekamva lakho.
(UKeli ufundiswa ukutshaya iziyobisi kwanokusela utywala besilungu, uBhiza naye ukho kulamakhwenkwe kodwa yena akayingene).
Bhiza: Khawunyaniseke Sbu mfondini andidlali. Umbona njani ?
Renji: Xa ingamaphupha amahle nkosikazi akunani nokuba ungawalawula de kuse.
Umfundi wesibini: Ubulinda ude ufikele kwixabiso lobuntu obukhulu.
Mhinki: Sukundiva kakubi , andithethi lonto, nto nje ndithi kufuneka ulumke kangangoko unakho ekuzisondezeni enkwenkweni.
INTSHAYELELO
4. Fundi ozikhethele ukusindiswa.
Sibu: Ewe mfondi, ingaba uwubuza ngokunyanisekileyo lo mbuzo okanye uyazibuzisa ?
Enye yamakhwenkwe: (Ikhupha imela) Jongapha lahleka kungenjalo uyodibana nenyokiphungumhluzi.
Simbele: Tyhini, yini le uyakwazi ukutsho wena? Andithi wena lo unebhabhalaza ngoku umi apho.
Fundi: Asikuko nokuba ndiyashumayela mhlobam ndithetha nje inyani.
Umfundi wesibini: Sukuba sabuza mfondini inye qha ngoku into efunekayo sisisombululo, ixesha le mibuzo lona liphelile.
Bhiza: No ntanga ukuba kunzima ukuthetha sukuthetha sakuphinda sibuye xa noko uziva ngcono.
Keli: (Ebhekisa emakhwenkweni) Kanti abantu abakhulu banjani? Lento baze bathi besenza into bafune ukuba ihlonitshwe lo nto kungathethwa ngayo.
Fundi: Kaloku sana ndisithi ndinebhongo nje yilonto kwaye ndiqinisekile ukuba nabazali bakho banebhongo neqhayiya ngawe kuba awukhange ubaphoxe .
Keli: (eshwantshwatha eshushu) Haysuka mntanandini yimpilo yantoni leyo ningamaxhewukazi kakade? Bulelimbeko le ndikunika yona.
Keli: He mfondini xa utye ezinto maan endaweni yokungena engxakini uyalibala ngengxaki.
Kholi: Heekanti nisakhumbula genge?
Sibu: Sendivile kaloku mama , endicela ungene kuyo yile yenkonzo inceda njani ukuba ungathi phithi ngamantombi okanye ngamakhwenkwe? Ndicacelwe ngumdlalo webhola neminye kuba uyadinwa unxaphe ubesele ucinga ngokuya kulala ungabinalo ke ixesha lokucinga.
Umfundi wesibini: Mna ndithi ntanga isisombululo sinye lets abstain silulutsha or condomise de kuvele iyeza. Okwangoku, ukuba usafuna ukuphila kufanele uzikhethele kwezo zimbini.
Mhinki noFundi: Well ixhomekeke emntwini ke leyo ukuba ukhetha ntoni ukunqumlela ikamva lakhe, okanye ukulinda ixesha eli lilo nekamva eliqaqambileyo
Renji: Yhu ! Yangumbono omhle kakhulu lowo nkosikazi, lo nto azange ndidlale ngenkomo zakowethu apha kuwe.
Fundi: Ndiyakuqinisekisa ukuba abo ngabangaqinanga kwinto abemi ngayo , mna ke ndihleli kanye ezinyaweni zenkosi yam nangoku ndithetha nawe nje ukufika oku kwam ekhaya ndenza nje ihome work yam, ndincedise umama apho kufanele khona ndibe sendisiba yindlela esingise apho ndiphila khona.
Umboniso 1
Sibu: Sesifana sigxwala nje emswaneni akhonto singaba sayenza ngoku selimkile ixesha ngaku K. Nangona ke ikho intetho ethi, akancanywa umntu.
Umboniso 1
Mpintshi: (Ehamba eqhutywa lelinye ipolisa esaxhome izandla usiwa evenini) Ndikuyekile ntanga uzakuzibonela.
Simbele: (Ethatha intonga) He! Andiva! Utsho kubani kwedini kwakha kwathethwa nam ngolo hlobo? Ina khawuvapha.(emtsho ngentonga).
Kholi: (Bencokola kwakhona bobabini noSiya) Tyhini unantoni na kakade uKeli, ucinga ukuba lela xesha umntu wayesenza into ayithandayo kwintombazana kuba ingenawo amandla okulwa kuye, akayazi kakade ukuba uRhulumente omtsha wafika wangamandla kuthi thina babengenawo.
Simbele: Ukuba ngumthetho lo uthi abantwana mabangaqeqeshwa yiya, nawo lowo ndiwulindile ukuba nguwo lo uthi abantwana mabathuke kooyise.
Polisa: (limfunqula lincediswa lelinye bemsa evenini bemleqisa esibhedlele) Ukuba ubungadubulanga ngowungagqitywanga kanti ukwalilo negwala ingathi ukhaliphile nje?
Siya: Ndiphilile tshomi, unjani wena? Kunjani tshomza kulo Kholeji yakho?
Fundi: Hayi tata, enye into umtshato asinto ndikhe ndicinge ngayo kuba ndizixelela ukuba ndisanda kuphuma esikolweni, kusafanele ndincedise abazali bam.
Sibu: Usenza buhlungu nathi ngoku ntanga ndandithetha nje mna futhi ke uThixo uyaxolela akafani nathi, ukuxolele yena nangoku koko nje kusele ukuba wena uzixolele.
Fundi: Ohndiyabulela tata.
Sibu: Xa ubafuna ntoni mfondini abantwana babantu? Kuyacaca ukuba lento iphandlapha uyiva ngembali inkenteza kude lee kwezakho indlebe.
Renji: Qhuba ndimamele mfazi.
Novoti: Ndithule.
Makhulu: Wenze kakuhle ke mzukulu, uyabona ke mzukulu wam naxa bekufundisa uze wenze njalo ungavumi kuba ukhe waqalisa nje awokwazi ukwahlukana nalo. Abantwana abaninzi bazifumana sebesengxakini ezinkulu ngenxa yokungakwazi ukuthi hayi kubantwana abangangabo. Unelungelo mntwanam xa into ungafuni ukuyenza uqine uthi hayi.
kunye noBonani osadla amazimba, ngegalelo labo abalenzileyo
Umboniso 2
Keli: Awu titshala yamininzi le mibuzo ndaxakwa nokuba ndiqale ngowuphi
(Kwelinye icala uKoli ufowunela uSiya, uSiya umbalisela ukuba ugqiba kuthetha noMhinki).
Renji: Ungasiphoxi ke mntanam ucinge ukuba ugqibile ngoku esikolweni ungenza nantonina, usaqala mntwanam awukenzinto kungona uyakuqala ibanga lokuqala. Uze mntanam uzigcine ngoluhlobo ubuzigcine ngalo, uze uthi phithi zincwadi zakho, uziphumze ngokuzilolonga nangebhola le ubuyidlala, azange sabona ntombazana kwigumbi lakho ngoku ubuzilalela wedwa kwelagumbi lingaphandle uze ungathi wakufika eYunivesiti uthi ukhululekile kuba besingakhange sikubambe kakade.
Fundi: Kunjalo into isele nathi basaphilayo ukuba sishumayele ivangeli lokuba ulutsha maluzikhethele ukuphila kungenjalo luyaphela.
Renji: Awu isekude kangaka nje nkosikazi loo nto uyicingiswa yintoni kuba ke usayakuqala ngomso.
Thozi: Kunjalo kodwa ke ngoku ndikhulile ndiyakwazi ukuqiqa yonke into ndiyenza ndisazi ukuba indisaphi.
Tata kaBhiza: Kunjalo kanye mfazi usishiyile unyana wethu.
Sibu: (Ehleka) Heke tamkhulu wena wawuthe phithi yintoni?
Keli: Awu! titshala sizakube silifunela ntoni?
Mhinki: Nalapho wethu angekhe uqiniseke kuba babe sibakhona abafuna esiqwini, uthi ukhe uve kusithwa nje umntwana umfumene engekatshati nje yayiyintoni?
Fundi: Akho ngxaki mhlobam ukhulile ngoku, umelwe kukuba uthathe nasiphina isigqibo osifunayo. I-22 years xa ungasindiswanga ininzi kakhulu, ndinebhongo mhlobam ngawe.
Keli: Awu ngantonina sana? Uyayazi nje sana ukuba bendizidlulisa nje phaya kula mntana ndaqala kuwe moss.
15. Amapolisa
(Kusemva kwesidlo sangokuhlwa uSibu kunye nabazali bakhe bahleli ndawonye bayancokola).
Mhinki: Ndiyavuyisana nawe ke tshomi, singaze sililahle ke esasilibambe kwase sikolweni elithi no condom no sex, we choose life.
Sibu: Ndiyabulela tata
Mfundisi: Ke ngoku ntombam ingaba uthini ? Ndikunike ithuba ukhe uye kuthandaza?
Renji: Kunjalo mfazi , tyhini ukulibala into enkulu kangaka! Kukudinwa komzimba kukusebenza mfazi, bendixakeke gqitha namhlanje emsebenzini.
Bhiza: (Engenelela) Keli mfondini no sukuvuma ntanga.
Keli: Icondom? Eyi wena Sbu udlala ngathi kanjani.
Mhinki: (Ehleka) Kuthe kanti sicinga ntonye, lelethu ke bhuti de sahlulwe kukufa.
Umboniso 2
ISIQENDU SESIBHOZO
Mfundisi: Siphilile ntombam inene iNkosi isiphethe kakuhle kakhulu. Hayi ntombam, ukungena emxholweni, kukho umfana osuka apha, noboniswe yiNkosi ukuba wena naye ningakha umzi wenu nibe ngumfazi nendoda de nahlulwe kukufa. Endifuna ukukuqonda ke ntombam ingaba wena awukhange uboniswe na?
Sibu: Eyi masigodukeni genge, akuzukusinceda ukuhlala apha, igodukile intangam, into isele nathi ngoku.
Nesi: (Iyafika ibeseyicela ukuba khe baphume) Uxolweni khaniphume kancinci ndizakuphinda ndinibize.(Xa bephuma kufika uFundi, uMhinki noKholi)
Mfundisi: Ndizindlebe ndonke mfo wam.
Bhiza: Keli mfondini uphelelephi izolo?
Tata kaBhiza: Nkosikazi utyiwe zii ntlungu umntwana wethu, nceda umkhulule aphumle, zimngcikivile ii ntlungu.
Tatomkhulu: Kunjalo mfowam.
9. Makhulu kaSibu
Thozi: Undiphendule ke sana, ndicela ke ngoku senze elam nelakho, elokuba sinyaniseke omnye komnye.
Kholi: Kodwa Fundi ukuzikhethela kusemntwini kuba ngoku sekusetyenziswa neecondoms kwaye ke uRulumente uphisa ngazo akukho nokuzimela ngokungabinamali.
11. Renji utata kaSibu
Sibu: Ingxaki zantoni mfondini usemncinci nje.
Keli: Haysuka xa ningobani. Ndingoyika ukushwatyulelwa nini?
(UBhiza noSibu bancokola ngolu daba lukaKeli seludume kuyo yonke indawo).
Novoti: Kanti sizakungena, kwaye sizakungena sekungekuhlanga kuba njengangoku ndiya emapoliseni, unongekhe ehle ngowokuba ndixhatshazwe nguwe umthetho ukho.
Nesi: Oh!Shem lo ebekwelagumbi liphaya?
Nomzi: Yilonto tata ndiqonda ukuba mandikukhumbuze nje.
Tata kabhiza: Ululamile ngokwenene mfazi unyana wethu kodwa mna ndohlulwe luxanduva lwam, kuba ngumsebenzi wethu bazali ukubanqwanqwada abantwana bethu singafihli nanye into, zebazikhethele ke eyabo indlela kodwa thina siyidlalile eyethu indima. Kowu madoda! Ukungaqondi! ukungaqondi! Kodwa nkosikazi ndifunguma, aba abantwana ndakubaxelela ndingafihli nanye into.
Sibu: Yayiyintoni imfihlo yakho makhulu?
Sibu: Awu ! Madoda intangam what a waste of precious life. He was still young. Ebenamaphupha enenjongo zangomso, yhini kanti sisifo esitheni esi. Awu! Saphela.
Umfundi wokuqala: Isisombululo sizakuvelaphi mfondini kuba ii ngcali kuyiminyaka zizama ngandlela zonke kuphathwa kuthwa nantsi ngapha kuphindwe kuthiwe nantsi ngaphaya. Isimanga abantu bona bayaphela abemanga ecaleni andisathethi ke ngathi lutsha.
Bhiza noSibu: Awu ntanga! Yhini ukuthetha ngolu hlobo?
Bhiza: (Engenelela) Titshala elicuba lize noKeli lo! Uliphiwe ngamanye amakhwenkwe, ebemthume ukuba makaye kuwathengela izolo, sihlangene nawo xa besivela esikolweni izolo.
ngenkxaso yakhe.
Sibu: Lilonke mfethu wena sowungxamele ukugoduka.
Mfundisi: Hayi siphilile nyana, kuhle nathi inkosi isasigcinile, sibulela nje ukukubona. Phofu ingaba awuleqwa nto?
Mamfundisi: Hee kunjalo tata futhi ndinayo into ethi abantwana sebehlanganisiwe nguMdali ngokuqinisekileyo naye uFundi uyakubuya evuma ebonisiwe yinkosi.
Bhiza: Ufane nje wathi asiboni ngasonye kuthe kanti awethu amehlo ayaphakelana.
Renji: Kunjalo ke ukuba nomfazi onengqondo. E..Sibu nyanam.
Sibu: Yha B ntanga khamxelele nawe uK.
Sibu: Awu ntanga i-sport, ukufunda, umculo, ukwenza imixhentso , imidaniso ndibala ntoni na ntanga okubalulekileyo wena yenza into kuba akwabi nanto yakwenza ungongenileyo ekuhendweni.
Khushi: Ndiyakuva ke sisi, nyhani ngoku unakho ukuthatha isigqibo esisiso kuba nengqondo nayo icinga ngokuphangaleleyo ngoku.
Bhiza: Awu bafondini! Yhini madoda lo mfo ukufa kabuhlungu kangaka.
Siya: Niyakhumbula sihlekwa ngabanye abantwana besithi asoze siyenze lento sifane nje saqhina lomaqhina ethu.
Keli: (Ewe phantsi) Yho. Mpintshi uphi mfondini andigqibile.
Sibu: Ndimamele tata.
Bhiza: Angavumi ukutshaya, unelungelo lokuba ale.
Thozi: Nam ndiphilile. Ke ndicela ukhe undiphe nje kwixesha lakho imizuzu nje embalwa andizukulibazisa, singakhe sihlale phaya kula mithi.
Fundi: Yimani ke makhe sibuyele apha kuSiya. Kanti sana uzimisele ukutshata nini, sonke sitshatile nje thina?
Bhiza: Molo Fundi .
Thozi: I love you Mhinki, please promise me that  uyakubuya nempendulo enguyes xa ubuya.
Bhiza: Nam ntangam ndakuyibona ngoko.(Amakhwenkwe angafundiyo ayafika)
Mhinki: (Esabela icellphone) Hallow.
Sibu: Hayi mna majita andifuni kungamameli izwi labantu abadala kuba umakhulu ukhe andibalisele ngesiphelo esibi somntwana ongaphulaphuli abazali bakhe.
6. Siya naye uzikhethele ukulinda nokusebenzisa icondom xa ekulungele ukwabelana ngesondo.
Mfundisi: Makubenjalo nkosikazi kodwa ke xa lo mfana elathisiwe ngokwenene kumele ukuba naye abuye engqina ukuba kunjalo kodwa andithandabuzi, ngumthandazi lo mfana njengo-Fundi lo angekhe azixhamle athi ubonisiwe kanti udlala ngathi.
Keli: Oh.Kanene mntanandini ndikulibele ukuba unebango lokuba usindisiwe.
Sibu: Ikhona tata ndihambele apha kuwe ngomcimbi obaluleke kakhulu.
Bhiza: Uxolo tata asikuko nokuba bendizama ukukudela ntonje kuba uSibu yena ukhe andixelele ukuba yena xa besidla isidlo sangokuhlwa bahlala bonke etafileni axhotyiswe ngabazali bakhe bemlumkisa ngazo zonke izinto ezinobungozi ebomini.
Mhinki: Ndifumene iqabane ntombi and I know ayizondaba zimnandi ezo kuwe.
Fundi: Bye Mhinki ndikunqwenelela okuhle kodwa.
Siya noKholi: Well girls  into isemntwini njengokuba benitshilo kuxhomekeka ukuba ukhetha ntoni yeyiphi ekulungelayo.
Fundi: Kanti ke umakhulu ukhe andibalisele ukuba nabo babebanazo itshomi zamakhwenkwe koko bona babe senza nje bedlalisa de umntu afikelele kwixabiso lokwenda.
ISIQENDU SESIHLANU
Umboniso 1
Renji: Njengokuba sele etshilo unkosikazi ngomso lusuku lakho lokuya eYunivesiti.
Sibu: Inceda njani ke yona mama?
Sibu: Ewe tata.
Renji: (Engenelela) Ewe mntanam liyinene eli lithethwa nguNomzi umama wakho, ubudoda abungxanyelwa buyacetywa ukuze ungabuphosi.
Sibu: (Ekhwaza inesi ebona ukuba uyaphela uKeli) Nesi! Khawuleza!
Simbele: Oh.nguwe lo othi kulentwana mayithuke kum? Iv apha (edibanisa noNovoti ngentonga).
Keli: Ingxaki azinabuncinci ntanga.
Tata kaBhiza: Kunjalo nkosikazi ndiyalekile, umntwana uyakungena ngenkani yakhe engozini ndimxelele.
Sibu: Si! Kodwa nkosikazi iyandikhathaza indlela ii ntanga zam ezibhubhe ngayo .
Siya: Yhu! Ukuzola nokonwaba ebebuya kuba lapho bobungenambaliso (kwayena ehleka) Ndiyadlala torho isizungu ebesinokubakho asithetheki.
Sibu: Oh ndiyeva ke makhulu, into isekuthini phithi.
Fundi: Yilento ngathi ndiyabhoka kaloku sana, kuba uyaqonda ukuba yayisenzeka lo nto kudala ukhumbule ke sisi ukuba abantu bakudala bebengaleqi zinto kodwa kwakubakho abo babesiba ngamaxhoba.
Nesi: Nilale kakuhle tata.
Bhiza: Bendisatsho ke Sbu ntanga ndisakubalisela ngesehlo sayizolo qha ndiphazanyiswe kukungena kukatitshala. Le inguKeli yazinika ntanga, athe nje lamajita esathi bamba heyi yangena lento ngathi kudala, kulapho ke mna ndibaleke khona. Phofu uyithanda njani eyokuba ndithi xa ndimnqanda uK suke enye yalamajita indirholele imela.
10. Nomzi umama KaSibu
Bhiza: Heyi ntanga andinabunjani ziyanditya ii ntlungu (utsho efixiza) ndiyawacinga mfondini amazwi akho, undibonisa ngandlela zonke. Akwaba ndandikumamele kuba namhlanje ngendingagcumi zii ntlungu. Khanijonge ukubabahle kwenu niphile qete.
Sibu: Lamjita mfondini sambonisa kangangoko asinatyala, wathi yena uzikhethele landlela, well yayililungelo lakhe ke elo nangona thina sasibona nje ukuba uzikhethela ukufa.
Siya: Kodwa ke endikwaziyo kukuba sizakufa sonke.
Fundi: Kunjalo kanye tata kuba nabo bathi abafuni ndiphangelele bona koko mna ndiziva ndinomthwalo wokubancedisa kuba ndibona ukuba banazo into abazinqwenelayo nabangazange bazifumane kuba imali bayichitha ekufundiseni mna.
Siya: Xa ndinixelela inyani kudala umntu wam efuna sitshate qha ndisaxhamla incasa yokuziphatha kaloku sana, ndatshata nje kumhla yaphela loo nkululeko.
Siya: Eyi ngathi ndiyayibona lo mini sisithi we are the Big Four and we choose life no condom no sex.
3. Keli obelixhoba leziyobisi.
Siya: Ndikukhumbula okwam tshomi, kwaye ke ndinendaba ezintsha tshomi ndichole itiki eQonce.
Sibu: Eyi Keli ntanga ungxamele ukundixaka kwezintsuku. Khawuzikise ukucinga mfethu ndiyakucela, utitshala akakhange atsho ukuba akatshayi nto nje uyasilumkisa njengomntu onamava, uyabazi ubungozi bokufunda ukutshaya. Waqala nje ntanga ukutshaya akululanga ukuyeka kwaye ke thina sisengabantwana asikafikeleli kwinqanaba lokuba singatshaya.
Siya: Kholi sana andimgxeki uMhinki, thina bantu batsha uninzi lwethu lubulawa yiyo.
Keli: (Ehamba eleqa abanye nanjengoko bona bebulise nje bagqitha.) Heyi majita la mntanuFundi sisiqina ntloko kanjani.
ISIQENDU SESITHANDATHU
Kholi:  I wish  itshomi zakhe zingafunda isifundo zizikhwebule kwii -drugs zingekagaxeleki kwingozi efana nale kaKeli.
Makhulu: Uyabona ke mntanam ngamaqalela ke lawo, nizakumbona seletshaya into eqinileyo.
Kholi: Hayi tshomam nyhani? Wena wonke, makube ngumntu woqobo lowo.
Fundi: Kona kunjalo Siya akukho mntu waziyo ukuba uzakufa nini na. Kwaye siyazi ukuba sonke sizakufa kodwa ayithethi ukuba zise ekufeni ukubona, makuzifikele ungakubizanga.
Siya: Hayi kum tshomi no condom no sex kaloku mna sana ndathi ndisakuziqonda ukuba ndiyamthanda umfana ndamxelela ukuba imiqathango yicondom xa kuyiwa emcimbini okanye andiqalisi kwa ukuzifaka kobo buhlobo.
Le ncwadi iqulathe indidi nendlela abantwana abathe
Sibu: Inyaniso bazali bam kukuba ndiyabulela ukuba nabazali abafana nani xa ninonke kuba ndakuzikhethela ngokwam ukuya esihogweni nindibonisile indlela eyiyo.
Nomzi: Nditsho kaloku mntanam izifo ezi zogawulayo, iziyobisi njalo- njalo.
Kholi: Ewe tshomi kunjalo kodwa asikaze siliqhawule iqhina esasilenze eHigh School, lika no condom no sex.
Kholi: Asifikanga sigalelekile futhi mna girls ndifuna senze ithekokazi elikhulu lokuzibulela.
Siya: Molo.
Fundi: Eyi zambi ezondaba ave kubuhlungu xa simana siphela kodwa nje ngokungaqiqi kwethu ilahleko nje enjalo, ndiyeva ngamaxhoba ayesesebumnyameni ndiyavelana nawo kakhulu., kodwa thina noko sikhula ngoku sele uRhulumente ezama ngandlela zonke ukuba abantu basinde, qha asiva.
Kholi noMhinki: (Ngaxeshanye) Unyanisile uFundi tyhini Siya uzakude ududelwe.
Keli: Haasuka andiwoyiki mna amarati nindithatha njani, ndaziwa ngawo onke sijema sonke nawo.
Sibu: Ndiyakuva Fundi, kambe ath amaXhosa unendlebe nje unetyala.
Keli: Waqhela ukutsho ulungelwe ivapha. (esadubula gqi elinye emva kwakhe libe selimdubula)
Fundi: (ephendula icell) Hallow.
Renji no N omzi: (ngaxeshanye) Ulale kakuhle nawe.
Siya: Uyabona ke bhuti akabhatalwa nesenti u-10111 ibe seyisithi ngxingxilili apha iveni yamapolisa, kwaye ukuba uyawasokolisa sikhona ukuwancedisa ukukukhwelisa ngemva.
Nomzi: Uyabona ke tata kwinyanga yesithathu ndakuyikhupha ndiyivulele kwicala elinenzala ze qho ngenyanga kutsalwe lomali khonukuze ibe nenzala ethe xhaxhe. Uyakuthi egqiba uSibu esikolweni ibe seyikwazi ukuthenga eli bhaso lam lebhongo.
ISIQENDU SESHUMI
Sibu: Heyi Fundi yakuxhasa inkosi usemncinci wada wabangumphangeli .
21. Amakhwenkwe angafundiyo
19. Umfundi wokuqala
Keli: Ukhe weva bani ebulawa kukusela, naba nje mna abazali bam basadla amazimba ababikwa hlaba.
Novoti: Umthetho wona awenzanganto, isiXhosa sithi ugotywa uselula ngoba uyaphuka xa sele umdala. Sukuthi wakungakwazi ukuqeqesha utyhole umthetho.
Mhinki: Enkosi tshomi andikhange ndicinge ukuba uyakuzithatha lula ngoluhlobo ezindaba.
Siya: Yha tshomi , wena ke ndiyazile ukuba izakubangumbuzo wokuqala.
Tatomkhulu: Nam nyan am ndandithe phithi zincwadi zam. Mna ke mzukulwana andifuni kukufihlela ndandingazidibanisi nabantu abahlala ezindywaleni, bendisithi xa ndiziphumza ezincwadini ndiyekudlala intenetya nebhola yombhoxo. Abantu ke ebendizidibanisa kunye nabo ibingabo ndidlala nabo ibhola kuba besithetha ntonye, nabo bebengaseli bengatshayi .
Mhinki: Awazinto wena sisaqhagamshelana nanamhlanje sobane, iqhina lethu ke sakuliqhawula sakutshata okanye xa sele sonke siqalile ukuthandana.
Mhinki: Mandithi sibonene njengangoku siyathandana kwenzeke ukuba sicinge ngokutshata andithi ngoku sigqibe ukuba mna nawe sisebenzise i-condom xa sisabelana ngesondo?
Siya: Asiyazi ke leyo, esiyaziyo kukuba uKeli uthe phithi kukuba yitshomi kaKholi ke qha.
Keli: He mfondini sukulibala kukubhuda sisemsebenzini apha kwaye ke mfethu sowutshilo nawe ukuba sazikhethela, sayeka isikolo sakhetha ubusela , sasinalo ilungelo lokufunda siphumelele nje ngabanye.(kusenjalo amapolisa ayafika).
Sibu: Heyi iyanikezela intangam , igqityiwe yile Aids kangangokuba i-girl friend  yakhe ibingcwatywa kule veki iphelileyo.
Mfundisi: (Esaqhubeka nokuthetha) Ndithetha ukuthi ke mfowam, umfazi ngumntu oyakuhlala naye ubomi bakho bonke. Kungoko kufuneka uqiniseke ngomntu omthathayo ukuba ngumntu omalathisiweyo nguSomandla kuba xa umolathiswe nguThixo, zakudlula inkqwithelo namaqhwa zinishiye nisamile kuba kaloku namiliselwa ngonamandla onke. Sigqithe ke apho mfowam. Ingaba intombi yeyakwabani?
Fundi: Kunjalo myeni wam masiyithandazele le ngxaki iphume kuwe, sizimisele ekuncedeni abangekangeni kulo mgibe bangabi sangena.
5. Sibe nabo nabanye abantwana ababenekamva elihle ngenxa yobulumko bokuzikhethela indlela eziphilisayo. Nokunye ke okuninzi okungaphakathi zifundele.
Sibu: Heemama ndangathi sendingenile kule ngxaki.
Mamfundisi: Si! mhle ke tata lomntwana enjalo nje ululamile, unobubele, yhazi inqabile loonto kule mihla sikuyo umntu abenesimilo ezazi ukuba mhle.
Bhiza: Khawutsho ntanga nam ndingomnye osoyisakalayo?
Nomzi: HeetatakaSibu uyahamba umntwana ngomso ukuya eYunivesiti ke ndicinga ukuba lithuba lokuba simxhobise.
(USibu, uKeli noBhiza bavela esikolweni badibana namakhwenkwe angafundiyo)
Bhiza no Sibu: (Ngaxeshanye) Kulungile titshala asokube siphinde. (Uyahamba utitshala basala bodwa.)
Mhinki: Heyi ntombi ndidibene nomnye umfana namhlanje kanye xa ndiphuma e-library, endoyikisayo kukuba oko ndihlangene naye ndiva nje ngendlela eyodwa kangangokuba ingathi akusasi, ndiyazisola nangokungamniki impendulo kwangoko.
8. Titshala
Umboniso 1
Keli: Yitsho usenza mfethu.
Bhiza: Eyi Sbu ntanga ingathi wena awundinqweneleli mpumelelo kweli linge ndiceba lona.
Keli: (Engenelela) Ah.! Mr Bible ngoku uqonda ukuba mawusifake iBible usishumayeze.
Nomzi: Ndisatsho ke mntanam akukho nto yogqitha ukulinda phambi kokuba wabelane ngesondo nentombazana kuba yonke into mntanam inexesha layo. Ngoku lixesha lokuba ufunde wenze zonke izinto zobutsha uze kwakufika ixesha elililo ufune ke intokazi ekufaneleyo.
Tata kaBhiza: Kunjalo kanye nkosazana.
Fundi: Kunjalo kanye, futhi andiyiboni into engaze indahlule nentsindiso.
Sibu: Hayi mna ekhaya kwathiwa ndingaze ndiliphathe icuba ngaphandle kokuba ndithunywa ngumntu omkhulu.
Mhinki: Uyazi ibingathi akusasi, inyaniso yona yeyokubana ndiyakuthanda njengokuba bendikhe ndatsho. Ngoko ke ndiyasamkela isicelo sakho. Qha ixhala lam lelokuba ndingumntu oxakeke kakhulu.
Sibu: Tata ndicinga ukuthatha umfazi.
Siya: (Engenelela) Kunjalo kanye bhuti xa engafuni kuthetha nawe lahleka ke ungazokusidina apha.
Keli: (Eqondele esayotywe ziziyobisi) Tyhini! Linantonina elitopi nam ndenza eqondene nam.
Mhinki: Kaloku Thozi ngumvuzo wokulinda lowo kuthwa izinto ezinexabiso azifumaneki lula, nawe ulindile kungoko ufumana elithamsanqa nje, kanti ke nam ndizibona ndisethamsanqeni ukufumana umntu esicinga ntonye senze ntonye.
Mhinki: Inyaniso yeyokuba ndikuthande nam ndiqala ukukubona kodwa ke ayithethi ukuba lo nto sendisamkele isicelo sakho.
Mhinki: Uwathathaphi lo mava xa uqala ukuthandana ngoku?
Sibu: Mna makhulu ndizimisele ukuba ndizigcine ndixakekile ngemidlalo enjengebhola ekhatywayo neminye imidlalo, ukuze ndingabi nalo ithuba lokufunda ukutshaya nokusela nezinye nje izinto eziyingozi.
Mpintshi: Heyi mfondini yintoni le uyenzayo? Awuboni ukuba uzifaka engozini?
Fundi: (Emphendula nangona sele emkile kuye.) Apho ndisebenzela khona bhuti.
Renji: Tyhini! Kusebusuku mfowam hayi masikukhulule uyokulala kuyavukwa ngomso.
Tata kaBhiza: Kwekhu mfazi kubi ukuxoka indihleli into yokugula komntwanam xa kanye ezakuthwala isidanga sakhe suke athwale esokufa .
Kholi: He bethuna, khanimamele nanku umhlola. Izolo xa bendisiya evenkileni ndidibene noKeli uthi ucela ndibe yitshomi yakhe.
Ndivumeleni ke nam mzi kaNtu khe ndenze elam igalelo
Siya: He wethu sowuboleka nje xa ubusibuze nini impilo?
Sibu: Hayi tata, ndithandazile ndayiboniswa nguThixo, ndaphinda ndathandaza ndicela ukuba kubekho ii mpawu ezothi zenzeke ndibone ukuba ngenene le ntombi ndiyiboniswayo yiyo. Ngenene ke tata ezo mpawu zenzekile ndaqiniseka ngolo hlobo.
Novoti: He yisekaKeli uyayazi ukuba njengokuba kudala simfuna nje lo mntana uhleli negquba la makhwenkwe angafundiyo phaya ngasevenkileni, phofu bayatshaya.
Novoti: Yhu! YisekaKeli kanti ungenwe yintoni? Udibanisa nam nje ndenzeni mna?
Sibu: Yho! Hayi mna ntanga ekhaya simiselwe ixesha lokubuya ekudlaleni asibuyi nje nangeliphi ixesha.
Bhiza: Ndiyabulela ke sisi ngembeko yakho masitsho sisiya. (Bayafika ezitulweni bahlale.)
Keli: (Ebhekisa kumhlobo wakhe) Heyi Mpintshi jikela kwelacala mna ndizakungena ngapha.
(USibu ufika kwaMfundisi, uyokuxelela uMfundisi ukuba uyibonisiwe intombi nanjengoko sele efikelele kwixabiso lokutshata).
(UFundi udibana neetshomi zakhe emva komngcwabo bayancokola).
Sibu: Hayi ntanga sukube uzixhela ngalonto, okubalulekileyo wena phila, wazi ke ukuba uzakulungisa wenze obekufanele ukwenzile.
Umboniso 1
Fundi: Tyhini ! akhange ndiyazi ukuba ndizakufika ulapha.
13. Novoti ngumama kaKeli
Bhiza: Sisibhedlele kaloku. (batsho bephuma)
Keli: Eyi nina majita bendinithembile kanjani, nako nina nibhatyaza akhonto imbi siyenzileyo moss kwaye mna andiboni nto imbi ekutshayeni kwaye nayo le awuthi iyatshaya, icinga ukuba asiyazi lonto.
Siya: Sakuyibona ngoko ke leyo.
Sibu: Heyi kunjalo ntanga zona ziyingozi kuba zizo ezi zimfake kulo mgibe simnqanda. Well amangesi athi its never too late to mend, ndizakuthetha naye qha ke ingxaki asiyazi nokuba ukweyiphi imeko. (Kwelinye icala uMhinki noFundi bayancokola kwicellphone).
Siya: Well ingozi ke yile ingaphetshwayo, kwagama eli lithi ngozi liyazitolika.
Kholi: Haybo Fundi ntombi i-AIDS ingenaphi ke xa uyitshomi nenkwenkwe?
Polisa: Tyhini yini le zinani ezintwana. Heyi ! Uphantse wakonzakalisa mfondini.
Umboniso 2
Renji: Sibu nyana yonke into kuyana nokuthi ngaba uzimisele kangakanani na, ukuzibophelela kuyo nokuzimisela ekuphumeleleni.
Thozi: Awazi ndivuye njani , ndiziva nje ndingoyena mfana usethamsanqeni.
Mama kaBhiza: (Ejika intloko esathetha ngelixa umyeni aphakamayo.) Kodwa yise kaBhiza asinakuyixhiba emntwaneni lonto sekunjalo, qha thina kufanele ukuba sibone ukuba abantwana bethu sibakhupha njani. Yho ! Ungakhathazeki wena Bhiza mntwanam mhlawumbi ngenye imini uyakunyibilika.
Mhinki: Maqela ningandivi kakubi, kodwa mna ndedwa andinakuze ndimise ngecondom, ewe ndiyavuma yena urhulumente wenza kangangoko ukukhawulelana nathi lutsha kodwa ingxaki apho ikhoyo, ikulo mntu uzakube uvalelene naye. Uzakuthini xa ekubhokela ninobabini esithi akafuni condom abe sele etshixile nakulo mnyango?
Keli: Nam ndibona njalo ntanga, lo mjita yonke nje into soloko eyenza eyokwenyani.
Bhiza: Nasekhaya, ngaphezu koko akathengiselwa umntwana phaya kula venkile.
Nomzi: Oh .ndinokuthini ukulibala. Kaloku mntanam ndithe xa ndifika e-University; ndifika kunyaka wam wokuqala ndangena kwinkonzo yabantwana besikolo, hayi ke mntanam ndazinikela ipeni yanye nde phithi yiyo.
Bhiza: (Ehamba) Ndiyakushiya ke mna Kmfondini. (Ukeli naye uyagoduka kodwa sele bemtshayisile iziyobisi ufika kokwabo elelo yozi-yozi. Ufika kokwabo uyise naye ongumahlaleshushu eshushu).
Sibu: (Ephakama esuka kule ndawo inecuba) Eyi majita ndiyanishiya mna ngoku, andingethandi ukubonwa kule ngxaki. (kusenjalo gqi utitshala).
Keli: (Esadubula emapoliseni) Mfondini khawuyeke ukuphazamisana nam emsebenzini wam.
Fundi: Yha! Injalo lonto Sbu yinyaniso emsulwa engenakuphikiswa, zona i- challenges ziyakuhlala zikho, undoqo kukuba  how do you handle them kuba isisombululo kwinto nganye sikhona, yonke into ifuna ubulumko. Bulumko obo ke ngokweyam inkolo bufumaneka kulowo wasidalayo.
Kholi: He wethu Siya , sewude uzimoshele ixesha nje ndiyingxowa yombona kakade, ndiyabolekisa?
Keli: Ungazenzi mhle ngam Sbu, wena ungayimpimpi uthanda
Renji: Nyana wam awusiphoxanga ukususela mhla waqala a mabanga aphantsi, namhlanje uphumelele ibanga leshumi emagqabini ungazange wasiphoxa, nalapho ke mntanam uya khona uze wenze njalo.
Sibu noBhiza: (Ngaxesha nye) Hayi mfethu asikushwabuleli nto nje siyakucebisa.
Mpintshi: Kuba uzakuphendula phi ngoku awazi ukuba uya eziseleni?
2. Sibenomntwana obhubha ngenxa yokuyekisa nokungafuni ukusebenzisa i-condom xa esabelana ngesondo.
Fundi: Kunjalo kanye ke sisi umntu uzisa ngokwakhe ekufeni ekubona kumaxesha amaninzi kuba ke kulemihla ishunyayezwa kwii -tv nakwii -radio into yokuba yingozi kweziyobisi kodwa umntu aqhubeke ayokuzifaka kuzo ngoku evile.
Umboniso 3
Kholi: Kubulelwa imbeko xa bekutheni kanene, kutheni ngathi uyaphazama nje? Akhonto indidibanisa nawe mna kaloku ungazokusiqalapha.
Thozi: Ingaba ke ngoku senaliqhawula iqhina?
Renji: Ufanele kaloku umamakho nyanam zimbi kakhulu izinto ezehlela abantwana babantu phandlapha bengaqondanga.
Thozi: Enkosi maan. (Behlala phantsi komthi , emva kokuba bebuzene amagama bazana, ungena emxholweni.) Ke sana ndiyakuthanda maan kudala ndimana ndikubona kwangosuku nje lokuqala ndikubona awazange amehlo am asuke kuwe.
Sibu: Ingaba makhulu wawungenazo ii tshomi?
Thozi: Kunjalo.
Bhiza: Kwazi bani mama ukuba uyakube sele eshiyiwe lixesha?
Bhiza: (Eqhubeka nencoko) Fundi kudala ndakuthanda kwase sikolweni qha ndandilinde ukuba noko sipase imatric. Otherwise Fundi ndiyakuthanda. Fundi : Haybo Bhiza mfondini yintoni undidanisa nje ndikuthembile, imatric ayisositshixo sokuvulela uthando nje.
Mhinki: Hayi kaloku de siyokuthesta, kaloku sisenokutshata kanti u- HIV or mna ndi -HIV ngoko ke ukutshata kwethu akusiniki mvume yokwabelana ngesondo ngaphandle kwesikhuseli.
Mfundisi: Owu! Nyana ukuba nayo ikubonisiwe, uyakube ufumene inkosikazi ngokwenene, imhloniphile uThixo loo ntombi, njengokuba nesibhalo sisithi i siqalo sobulumko kukoyika uYehova. Masithandaze ke nyana uhambe. Ndizakumfowunela ngoku ndimcele ukuba afike apha emishini ngoku.
Fundi noSibu: (befika esibhedlele) Molo mongikazi sizokubona uBhiza.
Kholi: Yha! Sisebenzela ukukhetha okukuko sana.so that ukufa kwethu kube kokufanelekileyo singazifaki kuko sijongile.
Sibu: Ndimamele mama.
Fundi: (Behamba) Nam ndiyabulela wethu ngokundiva ndinethemba lokuba ngenye imini uyakuziqonda kakuhle zonke ezizinto.
Sibu: Unyanisile ngoku masingathi cwaka masixelele abantu ukuba iziyobisi zimqhubelela kwantshabalalo umntu, kwaye ne-AIDS iyabulala. Abantu mabawalumkele lamagongqongqo mabini. Bangazikhetheli wona.
ekufundeni kwam ndingamlibalanga nomlingane wam
Siya: Nakanjani kaloku tshomi ayibuzwa nokubuzwa leyo, uyazi kakuhle nje Mhinki ntombi kaloku ndizikhethela ukuphila.
Kholi: Fundi unjani shem uKeli kuba ndiva kusithiwa benikhe naya kumbona?
Fundi: (Bebulisa) Molweni bethuna, yintoni nema ngaphandle masingeneni.
Keli: Kanti wena mama ufuna ntoni kum, kuba mna ndicinga ukuba ndininika ithuba lokuba nisele kakuhle notata.
Mhinki: Mna ke tshomi zam ndeva isiXhosa sisithi iyeza elikrakra lelona liphilisayo futhi kulungile ukuqala ngencindi yekhala kunokuqala ngobusi ugqibele ngekrakra, kodwa ke njengokuba besesitshilo kusemntwini ukuzikhethela kakade ubomi kumaxesha amaninzi bungokuzikhethela.
2. Bhiza obelixhoba lokubulawa sisifo sikagawulayo
Kholi noMhinki: (Ngaxeshanye) Nitsho nisithini ke maqela?
Sibu: Sicela uxolo titshala asokube siphinde.
Kholi: Uyabona ke sana ufumene owokwenene umntu, eyi tshomi singathetha kuse mandiyeke sana inokuba nalo  airtime seyiphelile ngoku.
Bhiza: Heyi bafondini, makhe siyiyekeni le incoko iyandoyikisa khe sibuyele kule yalo mntwana uFundi, ndiyambona nje yena uKeli edlalisa mna andidlali ndiyamfuna la mntana.
Mhinki: Kaloku bhuti .oo ..ndicela ukwenza umzekelo ngawe ungakhathazeki.
Tatomkhulu: (Efika uyangenelela naye kule ncoko kaloku ufike sekuphakathi kuba ebeye kwindibano yenkonzo) Ewe Sibu mzukulwana lento isekuthini phithi! Ungandibuzi nje mna ukuba ndandithe phithi yintoni na?
Renji: Hayke mfo wam uwagqibile unkosikazi uze wenjenjalo.
Sibu: Ingaba nenkonzo ke mama yabanayo indima eyidlalayo ekubeni ungathandani?
Novoti: (esiya ngasemnyango eshwabula) Ngoku uthi wakuxakana nomqa wakho ubethe mna kanti uzakundazi tata. Nguwe lo ndandikuxelela ngokutshaya kukaKeli wena wathi ungena ebudodeni.
Sibu: Ewe tata.
Mhinki: Ndizakuxinanisa kaloku kwelo xeshana lingekhoyo ndimfake noko kaloku Khush ndimdala ngoku ndiyakwazi ukuhlenga-hlengisa, lingakho ithutyana.
Simbele: Anukungena apha endlini nakushwabula nilapho phandle.
Makhulu: Ndandinazo izihlobo endandincokola nazo xa ndiziphumza ezincwadini kodwa eyona nto ndandithe phithi yiyo yayizincwadi.
Thozi: Kulungile ke ndiyasihlonipha isicelo sakho sokuyakucinga kodwa singahlangana nini ke kwalapha ?
Fundi: Yha kunjalo kodwa nalapho ngokwenkolo yam akuzi wena mfana uzokucela uthando kum, uyathandaza kuqala uboniswe lontombi wandule ke ukuthatha amanyathelo.
Sibu: Ntanga sukuzicinga ezo zinto zizakubuyisela umva jongana nalengxaki ukuyo ngoku uyamkele, uthathe zonke ingcebiso ozibonayo ukuba zingakunceda uphile.
Khushi: Ke ngoku sana njengokuba ngathi uthe phithi ngulo mfana uzakwenza njani.
Kholi: Uyabona ke bhuti andikho cheap olo hlobo mna ungacingi ukuba uzakwenza nje nantoni oyithandayo kum kwaye ke andiyotshomi yamakhwenkwe ndicela ulahleke ecaleni kwam.
Sibu: Yha! Kunjalo nangona zikhona nje ii- challenges  umntu ahlangana nazo.
Keli: Eyi ntanga alixoki elithi ungabolahlimbo yakho ngophoyiyane kuba ngoku nala mntanuKholi undixhaye ndamanzi.
Amakhwenkwe: Ina wena Keli mpitshi yeka ezizifede zibini, iya phaya kwa my sister ziyathengiswa ii -entyi phaya.
Nomzi: Inkonzo ke bhuti ii nceda ngokuba wakugqiba ukufunda incwadi zakho uya enkonzweni. Ingena yonke imihla phakathi evekini ngo-six to half seven kwaye ke umsebenzi wakwanokholeji mninzi xa uthe phithi nguwo uphinde uziphumze ngenkonzo angekhe uswele nto yakwenza kuba ii ngcinga zihambelana nokungaxakeki. Xa uxakekile alikho ixesha lokucinga ngento zokwabelana ngesondo nangeendywala.Eyokugqibela ke mntwanam. Ungalibali ukukhetha ii tshomi ezifana nawe ngokwezinto enizenzayo kuba xa ukhethe abangafani nawe ngokwenza hleze ukwenza kwabo kukoyise ukwenza kwakho okuhle.
Khushi: Yhu! Hayi sana umthandile lomfana, wena inguwe wonke kunini abafana begileka apha kuwe ubabhebhetha.
Mfundisi: Kunjalo nkosikazi emva nje kweveki ezimbini uFundi ebuye nempendulo ndakubazisa.
Siya: Yha! Tshomi I mean I did it.
Fundi: Tyhini molo Bhiza unjani kodwa?
Sibu: Tata.
Fundi: Heyi Kholi imeko kaKeli ayintlanga tu yona kwazi ophezulu ukuba uyakuphila.
Umboniso 1
Umfundi wesibini: Andiboni njalo mna, ndibona ukuba simke kakhulu kwizithethe zethu ngoku ke yindlela esibuyiselwa ngayo ngophezulu le.
Mfundisi: Hayi ke mfo wam ngokwenene uthandazile, kaloku mfo wam umfazi lo asinto incinci njengokuba abaninzi becinga njalo, kuzele luqhawulo mitshato nje kule mihla kungenxa yabantu abacinga ukuba ukuthatha umfazi kukuthatha ifenitshala yona uthi wakudikwa yiyo uyithengise uthenge enye.
Fundi: Nabakho nje sana jonga indlela enizigcine ngayo, sonke nje oko sasifungile akukabikho usophulileyo sibadala ngoku.
Mhinki: Heyi ndibhidekile ndicela ukhe undinike ixesha ndiyicinge lento kuba mna ndiyaqala ukubona namhlanje wena ke kudala undibona.
Mfundisi: Kunjalo nkosikazi kaloku xa umntwana ezinikele ngokupheleleyo kuYesu ubanjenga lo mntwana akajongi kwizipho ezihle anazo koko wenza ngokwendlela inkosi yakhe ethi makenze ngayo. Banethamsanqa wena aba bantwana kuba nomfana lo unesimilo uyayithanda naye iNkosi.
Siya: Ewe.
Mfundisi: Molo mfo wam, tyhini hlala nasi isitulo. Usaphila kodwa mfo wam?
Keli: Uzakuphendula uthini kulamajita xa ubuya ungenamali?
Mfundisi: Masithandaze ke mntwanam uhambe uyokuthandaza ndikunika kangangeveki ezimbini.
Umboniso 1
Fundi,Kholi noMhinki: Hayi shem usiphendule sisi kakade kukuwe ukuzikhethela.
3. Sibenomntwana obenesiphelo esihle kakhulu ozigcine exakekile yimidlalo nencwadi zakhe nazo zoke izinto ezakhayo.
Keli: Batsho bonke sana kodwa sibabone sebetshomisene nathi ngoku bebesithi basindisiwe.
Polisa: (Lidubula phezulu lifuna ukuba uKeli ayeke) Izandla phezulu !
Fundi: Ewe Mhinki kunjalo kodwa andinagunya lokuma phambi kwelungelo lakho.Qha ke undincede usebenzise i-condom kuyo yonke into ozakuyenza
(Uyise kaKeli onguSimbele kunye nonina kaKeli uNovoti bancokola ngonyana wabo uKeli).
Sibu: Kunjalo eneneni, ndiwabonisile la madoda indlela eyiyo yokukhetha ubomi obububo suka bona bakhetha le yokukhawuleza babhubhe.
(USibu kunye no Bhiza bayokubona uKeli esibhedlele bafika ekubuxhakaxhaka bomatshini).
ndithathe inxaxheba ekwakheni nasekuphuhliseni ulutsha
Umboniso 4
Sibu: (Enkqonkqoza) Molo tatuMfundisi..
Keli: (Enqwala nje ) Mh(ezama ukuvuma kodwa ukukhupha amazwi kunzima).
Bhiza: Ke Sbu ntanga masiyekumbona ukuphuma kwethu esikolweni ukhe uphinde mfondini uzame ukuthetha naye mhlawumbi angakhetha ubomi kunezidrugs.
Tata kaBhiza: Kunjalo mfazi, phi ke, andinabo nobekati ubuthongo!
Nesi: Usishiye phezolo, imeko yakhe ibiseyimbi kakhulu.
ISIQENDU SESITHOBA
Umboniso 2
Bhiza: Ah.uthini na mhlobam uthi ukhe phantsi isitya sigcwele.
uNomathiphu kunye nomalume bam, ongasekhoyo uMxeleli
Sibu: Uyabona ke Bhiza kunjalo kanye ntanga kuba ingxaki apho ikhoyo isithukuthezi siqala engqondweni hayi ke siwutyhutyhe umzimba, kanti ukuba ingqondo yakho uyigcina ixakekile uyakusinda kwaye nexesha xa uxakekile liyakhawuleza ubone sekufika elokulala. Kwaye ke nezi zinto sizingxamelayo ziyabulala.
Koli: Akwaba abasengamaxhoba eziyobisi bangafunda nto ngokusweleka kukaKeli.
Keli: AhSibu ntanga akukho nto ithethwayo edladleni nokuba ndingabuya nini.
Thozi: Yho! Sana mna ndikhuliswe ngumama ohlakaniphe kakhulu nosoloko endinqwanqwada endicebisa njalo, ingathi ndiyamva  Sithe mntanam ubomi abungxanyelwa, ngoku usengumntwana yonwabela izinto zobuntwana ungangxameli ezobudala kuba buyakubhida ubomi nditsho ngamava mntwanam.
ISIQENDU SESIXHENXE
Kholi: Hallow Siya unjani?
Kholi: (Ephakamisa amanqindi) Yha good choices sana. Kodwa Fundi sana ndiqinisekile ukuba banebhongo ngawe abazali bakho.
Umfundi wesibini: Kaloku mfondini khumbula ukuba phaya endulo kwakungabelwana ngesondo ungekatshati.
(USibu noFundi bakhonza kwinkonzo enye, bayancokola ukuphuma kwenkonzo sebephangela).
Umfundi wokuqala: Ukuba akufuni kutshata ke ubusithini?
Nesi: Tata ndinendaba ezimbi, usishiyile uBhiza phambi kwentsimbi yeshumi elinanye ngokuhlwa nje.
Siya: Kuya kuhlala kunjalo kaloku sana ligama lethu kukuzikhethela ubomi.
Sibu: Ewe tata nditsho yona.
Fundi: Lelethu myenam, kangangokuba mna emva nje komngcwabo kaBhiza ndizimisele ukuthatha nokuba yi-yure nje enye kwixesha lam ndifundise abantwana abasakhulayo nabasasindileyo kulamagongqongqo.
Umboniso 2
Siya: Oh! Ndiyeva. Kodwa girls ayikude into yokutshata kwethu, niyaqonda nje ukuba siseneminyaka nje eyi-16 kuphi naphi ukutshata kwethu?
(Kwelinye icala uBhiza uncokola nabazali bakhe kodwa bona abayingene le yokuncokola nabantwana).
Bhiza: Molo ntanga.
Keli: (Encama ehamba) Suka lo-clever lo oko mntandini wawuzenza clever ngoko awukatshintshi nangoku.
Fundi: (Ethetha kwi-cellphone) Kulungile tata ndisendleleni ezayo. (Ngoko abe sele eleqisa emishini)
Keli: E..ELicuba titshala.
Bhiza: I know Fundi the fact is noko sikhulile ngoku.
Bhiza: Itsho uphinde Sbu who knows mhlawumbi ngomso sakube sizi soccer stars.
Mhinki: Ndiyakwazi kaloku wena tshomi njengokuba izakubazii good news  nje kuwe zii -bad news kwabanye.
Titshala: He makwedini! Nenzantoni apha? Sapha ndibone, thyini! Yintoni le makwedini?  thetha kwedini thetha
Polisa: (Lithetha nelinye) Heyi mfondini khawukhwaze enye iveni idibane nathi phaya esibhedlele izokuthatha eli liphilileyo ibanjwa, thina kuzakufuneka singenise eli esibhedlele.
Thozi: Qhuba ngekhe ndikhathazeke.
Bhiza: Yha! Sbu ntanga ukuba singakwazi ukulwa ezona zinto zisitsalela kuzo nesizaziyo ukuba isiphelo sazo asilunganga.
Sibu: Jonga ke ntanga isizini yesoka iyaqala ngomso, kanti nerabhi nayo iyaqala loo nto iyakukunceda ungabi naxesha lokucinga ngeengxaki.
Novoti: Siyasela kuwe ngoku?
Thozi: Side sitshate.
Nomzi: (Ehleka) Utsho na myenam, hayi ke ndibulela kakhulu xa undixhasa kulombono wam. Masilale kusebusuku ngoku, khe ndiyeke ukukulawulela amaphupha ndingekalali nokulala.
Umfundi wokuqala: Kwakuba kunini? Ngoku thina ubomi bethu kufuneka bume?
Sibu: Heyi ntanga what a waste luyaphela ulutsha , kanti ngobani abazakuphatha kweli lizwe lobawo xa siphela kangaka yi-AIDS ngapha, zii -drugs ngapha, kanti kwenzeka ntoni?
Simbele: Kwedini andiyiva le nto uyithethayo, ushwantshatha uthini uthethela esifubeni nje? Lo nto uvuza nezinkcwe. Kuqhubeka ntoni kuwe kwedini?
Nomzi: Eshe! He myenam ndicinga ukuba lo mntwana simenzele isibhadlalala setheko mhla wagqiba eYunivesiti.
Fundi: Mhinki nguwe mhlobam , ndiphilile unjani wena?
MamakaBhiza: Nam myenam ndinalo ityala ukuba ndandihleli nawe sabonisana ndingasuke ndikukhalale xa ungaqondi ngekungenje namhlanje. Awu usana lwam lululamile lusimamela suke sadlala ngalo mathuba.
Siya: Hayibo Mhinki lilonke uthi masibezintshaba namakhwenkwe.
Sibu: Kunjalo tata.
Sibu: Kungcono ukuba ubenalo ithuba lokuba noko akhe aphefumle azibone ukuba akakhange enze kakuhle. (babuyela koFundi)
Mama kaBhiza: (Efixiza) Kowu yise kaBhiza ngekuba ndizama ukungayicingi lento kodwa ndithi ndakucinga indlela umntwana wam awayesicenga ngayo efuna sincokole naye ngobomi suke thina sambhekelisela kude (egixa) namhlanje! Namhlanje umntwanam uyangcungcutheka zintlungu ngenxa yokuqina kwentloko zethu singabazali.
Bhiza: Utsho nje wena Sbu, kuthiwa ntanga nguye oqale wadubula amapolisa. Heyi ndibuhlungu kanjani nguKeli nalendlela aziphethe ngayo.
4. Sibenaye nomtwana ozikhethele impilo yokusindiswa okokukuthi uhamba inkonzo ngokuzinikela ngokupheleleyo naye ikamva lakhe libelihle kakhulu.
Sibu: Kwelo ke kukuwe ntanga ukuba uyitolike ngolo hlobo, mna bendicebisa nakuzikhethela ke .
Mhinki: I wish you all the best tshomi, wonwabe lo mfana akuphathe kakuhle. Nam xa selendisithathile isigqibo ndakuxelela.
(UKeli neqela lakhe babhaqwa ngamapolisa beqhekeza imoto).
(Sebetshatile uFundi noSibu batshate umtshato omhlophe betshatiswa nguMfundisi.UFundi no-Sibu bayokubona umhlobo wabo uBhiza esibhedlele bafumana indaba zokuba usweleke ngephezolo.)
(UKholi kunye noSiya badibana noKeli).
Nomzi: Ngokusuka bathi bakupasa imatric bakufika eUniversity baqalise ukuthandana udibane nomntwana sele enesinye isimilo ongasaziyo, isiphumo ke singabi sihle kuba kaloku Sbu mntanam
Simbele: (emphinda ngentonga) Usabuza wena?
Sibu: Nam ndiyangena ngoku. (abe sebulisa kuBhiza) Molo mfondini.
Fundi: (Engenelela) Unyanisile uSbu, uzenza worse ngokucinga in a negative way. Siyazi kukuba ii ntlungu ozivayo, thina asiziva,  but please dont add them by stressing yourself with things that you cannot change.
Mama kaBhiza: Kunjalo, nezindaba bezisinxubisile sizivile. Liyinyani lona elokuba khonukuze ingqondo isebenze kakuhle ifuna uphunyuzwe umzimba.
Bhiza: Heyi ntanga masiyiyeke ngoku lencoko iyandoyikisa.
Mhinki: Ndiyadlala tshomi bendikutsala nje. Bye ke sisi ndakube ndikufowunele.
negama ZIKHETHELE.
okubhala le ncwadi.
(UKeli, uBhiza noSibu badibana kunye noFundi, Kholi, Siya kunye noMhinki)
Amakhwenkwe: Ahmpintshi khaliyeke maan elitopikazi liye kulendawo liya kuyo. Khawuyeke ukub uligcwalisela.
lwakowethu isizwe sangomso. Ndinethemba lokuba bakhona
Keli: (Ebhekisa kuFundi) Haai baby kunjani? (Engekaphenduli uFundi) Ke sana ndicela ukubayitshomi yakho.
Mhinki: Haai Fundi unjani?
(Isikolo siphumile uBhiza ubalisela uSibu ngento ebehlele ngezolo noKeli) .
Bhiza: Heyi mbi mfondini uK andikholwa ukuba uzakuphila.
Bhiza: Kunjalo ntanga asikwazi kuma phambi kwe-choice yakhe, singamcebisa kodwa elokugqibela kumele liphume kuye.
Fundi: Kunjalo Mhinki, abantu boze bazisokolise ngokuleqa izinto ezikhawulezayo nezizakuphelela esithubeni kuba kwa ezi wayezenza zokutshaya esafunda zazikude lee kuye kodwa maxa wambi andimgxeki asinawo amandla kaloku thina singakhangesihlale kumdali wethu.
Mhinki: Ndiyakwazi ke wena Fundi ndizakudibana nawe sowushumayeza kwamna lowo
Thozi: Unjani?
Sibu: Kakuhle kakhulu makhulu, kodwa sithe xa sibuya esikolweni sahlangana namakhwenkwe asithuma icuba, ndabaleka ndathi ekhaya akufunwa ndiliphathe.
ISIPHELO
Titshala: Niyayazi phofu makwedini ingozi enizifaka kuyo? Kuba niqala ukutshaya nje, nizakugqithela kwelandelayo into, ubusela kuba nizakungabinayo imali yokuthenga eli cuba nibe izinto zabantu nizithengise kuba nifuna ukuthenga icuba.
Keli: Awu! Unjani na olady uyandibona nje ukuba ndisaxakekile. Ubuza njani ibhasi ibhaliwe?
Keli: Anditsho sbali kodwa ngubani ozakusinda kulo gawulayo, negama liyazitolika liyagawula. Indawo yesibini noma bethu babe ncokoliswa ngobawo sisithethe sidala.
Umboniso 1
16. Inesi
Sibu: Ukuba angaphila kungafuneka simcenge aye kwezindawo zinceda abantu abafuna ukuyeka iziyobisi kodwa ke nalapho kufanele akhethe ngokwakhe kaloku asinakumnyanzela thina, ukuzikhethela kokwakhe.
Keli: Awu ntanga yintoni enobungozi kulonto akho nicks kakade nje ezizinto zenzelwa ukusetyenziswa ngabantu nje.
