Otyheli (Umbona)									IsiXhosa
Yintoni eyenza ukuba izityalo zibe tyheli ngamaxesha obumanzi?
Imiyalelo:
Folio strap: Ukongeza ixabiso
Byline: NguLeon van Rensburg, uNjingalwazi kwezoBume boMhlaba, iSebe lezoMhlaba, iiNzululwazi ngeziTyalo neMozulu, kwiYunivesithi yaseFree State 
Photo: Otyheli
Caption: Iimeko ezixinaniswe ngamanzi zichaphazela inkqubo yokukhula yoninzi lwezityalo.
Ingcali yasemaNgesini kwezembali uH.G. Willis, wakha wathi imbali yomntu lugqatso phakathi kokufunda nokuwa. Malunga nabalimi bezityalo kwiindawo ezifumana imvula ehlotyeni eMzantsi Afrika, ngakumbi ezo zikwiindawo ezinomhlaba ophantse wabharha, olu gqatso luyinyaniso yemihla ngemihla. 
Imisebenzi yokulima izityalo kwiindawo eziphantse zabharha yenziwa ngohlobo lokuba ithintele isilingo sembalela esisoloko sikhona. Oku kwenziwa ngokujika-jika ukuxinana kwezityalo, ukusebenzisa ngendlela efanelekileyo amagalelo ezichumiso ngokwezivuno zethuba elide, izenzo zokulima ezilondoloza amanzi ukuze, ubukhulu becala, kwandiswe ukutyhuluba, kutyalwe ngeyona mihla ifanelekileyo kananjalo kukhethwe imihlanganisela ekwaziyo ukuziqhelanisa nembalela, njl.njl. Le mihlanganisela iphantsi kweqela lezityalo ezibizwa ngokuba zii-mesophyte, ezikhula phucukileyo kwimihlaba efumileyo kodwa enomoya. Iingcambu zazo ziqhelaniswe kakuhle nokuhlola-hlola izixa zamanzi nezezondlo ezisemhlabeni, umzekelo, iingcambu zombona zigqibhozela emhlabeni kumgama wama-24 mm ngosuku, zifikelela kobona bunzulu bukhulu beemitha ezi-2 ukuya kwezi-2.4, ngokokuxhomekeka kwiimpawu zomhlaba.
Uphuhliso lweengcambu lunokuthintelwa kakhulu okanye lunqandwe yimvula egqithisileyo ngokuphathelene nexesha langoku lonyaka, apho izityalo bezilinywe ngoDisemba nangoJanyuwari. Imvula egqithisileyo kwimihlaba ema amanzi iya kukhokelela ekugwantyeni kwamanzi emihlabeni ukufikelela kumanqanaba ashenxisa umoya kuyo. Inkqubo yokuphila kwendalo eya kuphenjelelwa kakubi kuqala kukuphefumla kweengcambu; izityalo zifuna amanqanaba athile enkxaso yomoya (i-oxygen/umongomoya) ezingcanjini zazo. Abaphandi babonise ngeemvavanyo ukuba phantsi kweemeko ezingenamoya kwaphela, ukukhula kweengcambu kungayeka kwisithuba nje semizuzu. Nangona kunjalo, izityalo ziyashiyana ngokunyamezela iimeko zokugwantya kwamanzi. Umzekelo, ii-hydrophyte (iirayisi) ziqhelile ukuphila phantsi kweemeko ezingenamoya emhlabeni. Kaloku ezi zityalo zingafa kwimihlaba enomoya owaneleyo. Iingcambu zezityalo ezingazithandiyo iimeko ezingenamoya, ezifana nemidumba (iimbotyi ezomileyo, isoya, njl.njl.) zifa emva kweentsuku ezimbalwa zogwantyo lwamanzi. Imiqondiso yokuqala yomonakalo wokuxinana kwamanzi isenokuvela emva kweyure enye nokuba zimbini kuze kuvele umonakalo wesigxina emva kweeyure ezingama-24, ngakumbi kwiintsuku ezifudumeleyo zelanga.
Xa ukuphefumla kweengcambu kuthintelekile eminye imisebenzi yokuphila kwezityalo efana nokukhula, ukufunxwa kwamanzi nezondlo nayo iyephazamiseka. Naxa emaninzi amanzi, izityalo azikwazi kuwafunxa amanzi nezondlo. Ngokokuxhomekeka kwibakala lokukhula kuye kubonakale imiqondiso ethile yezityalo. Umzekelo, xa ukuphefumla kweengcambu kucuthekile ngebakala lokukhula kombona, ukufunxeka kwamanzi nako kuya kucutheka ngokulinganayo nto leyo eya kuchaphazela ukufunxeka kwezondlo. Umqondiso oqapheleka lula kukuba tyheli kwamagqabi (chlorosis) ngenxa yokwetha kwe-chlorophyll. Oku kwenziwa kukunqongophala kwe-nitrogen kwisityalo, nangona i-phosphorus ne-postassium nezinye izondlo nazo zinqongophele. Kweli bakala isityalo sithuthela i-nitrogen kumagqabi asematsha ukusuka kulawo madala ukuze kulondolozeke ukukhula. Ukuxinaniswa ngamanzi okuqhubayo kugqibela ngokucutha ukukhula kwamahlumelo esityalo kunye neelahleko kwisivuno.
