Iqela lofundo-nzulu (Umbona)								IsiXhosa
Kujoliswe kumaQela oFundo-nzulu aseMpuma-Koloni
Imiyalelo:
Folio strap: Okubalulekileyo ngawo
Byline: NguLawrence Luthango, umququzeleli wephondo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama
Use the South African map and show where the Eastern Cape is
Kukho malunga neehektare ezingama-2 152 zomhlaba olimekayo ezinokufunyanwa ngamalungu amaqela ofundo-nzulu kule ngingqi. Lo ngumhlaba odityanelwayo, umhlaba karhulumente kodwa olawulwa ngugunyaziwe wamaqela oluntu. Umlimi ngamnye “unemvume yokungena kuwo” (permission to occupy okanye i-PTO), mvume leyo efana nemvumelwano yokuqesha. Umlimi akanakuba ngumnini walo mhlaba, kodwa umhlaba awunakuxuthwa kusapho lwakhe.
Kweli xesha lonyaka abakwazanga kulima umhlaba oziihektare ezingama-857. Ziliqela izizathu ezibange le meko, kubandakanywa iindleko eziphezulu zamagalelo kunye neendleko eziphezulu zokusebenzisa ababhambathiswa. Abalimi abakwazi kuthenga izixhobo zokusebenza neetrektara ezizezabo njengoko amaxabiso abawafumanayo ezityalo eziziinkozo ephantsi ngokunjalo neenzuzo ziphantsi. Abalimi abaninzi abasasebenzisa umhlaba badala kwaye baxhomekeke ubukhulu becala kwiintlawulo zomhlala-phantsi. Abalimi abadala abanalungelo lokufumana uncedo lwemali olufana neemali-mboleko zasebhankini kwaye abakwazi kwandisa umhlaba abawulimayo ngemali abanayo. 
Umhlaba olimekayo omkhulu awubiyelwanga ngoko ke abalimi balahlekelwa kakhulu ngenxa yemfuyo etya emasimini alinyiweyo. Inkqubo yeCASP yeSebe lezoLimo ihamba kade ngokuphathelene nezinto zokubiya ezisisakhelo esisiseko. Inkqubo ebanzi yemveliso yokutya incipha ngonyaka ngamnye kwaye bambalwa kakhulu abalimi abancediswa yile nkqubo ukulima izityalo zabo. Abalimi basemaphandleni bafaka izicelo kwinkqubo yeASGISA esebenza umhlaba wamaqela abahlali ngaphandle kokubandakanya abanini bomhlaba. Esi asisosisombululo silondolozekayo njengoko sisazi ukuba xa i-ASGISA ingasawasebenzi amasimi, aya kuphinda abe lifusi kwakhona kuba kule nkqubo akukho kugqithiswa kwezakhono zobuchule kungekho nakuxhotyiswa kwenzekayo. Le meko ayiniki themba 
Amalungu eqela ahlangana kanye ngenyanga. Kukho ixabiso elikhulu ekubeni yinxalenye yeqela lofundo-nzulu njengoko abalimi bekwazi ukwabelana ngezimvo, bakwazi nokuchonga iimfuno zabo zoqeqesho kananjalo banikana namacebiso kunye nenkxaso. Abalimi basemaphandleni bakude kubalimi borhwebo kanti ngabalimi abambalwa kuphela abalima njengabalimi abarhwebayo. Uphuhliso malunga nale mimandla luyacotha, kodwa ndinovuyo ukunika ingxelo yokuba inkqubela iyabonakala. Abalimi basebenzisa imbewu yemihlanganiselwa, nesichumiso kwaye benza ilinge elibumbeneyo lokutshabalalisa ukhula emasimini abo ombona. 
