IQela loFundo-nzulu (Umbona)							isiXhosa
Ugqaliselo kwiQela loFundo-nzulu iKhanyayo
Imiyalelo:
Folio strap: Icala lobomi
Byline: Ngu-Ian Househam, umQuquzeleli wePhondo waseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama 
Use the South African map and show where the Northern Eastern Cape is.
Photo 1: IQela loFundo-nzulu iKhanyayo kwintlanganiso yeqela lofundo-nzulu.
Photo 2: USihlalo weQela loFundo-nzulu iKhanyayo, uMnu uMagidela phambi kombona wakhe.
Igama leqela lofundo-nzulu
Iqela lofundo-nzulu iKhanyayo.
Lihlala phi iqela lofundo-nzulu?
Iqela lofundo-nzulu lihlala endaweni esemaphandleni enesiseko sophuhliso esincinane okanye esingekhoyo, mhlawumbi malunga nama-60 km ukusuka eBizana eMantla eMpuma-Koloni.
Ukuba lilungu leqela 
Iqela lofundo-nzulu linamalungu ali-100.
Umhlaba olimekayo okhoyo wemveliso
Ngumhlaba oziihektare ezili-100 okhoyo wemveliso.
Inani elipheleleyo leehektare ezilinywe kwixesha lonyaka lama-2010/2011 
iihektare ezingama-40.
Izizathu zokuba kutheni ungasetyenziswa wonke umhlaba olimekayo?
Unqongophalo lwemali.
Unqongophalo lwamagalelo.
Unqongophalo lwezixhobo zokusebenza.
Unqongophalo lwezibiyeli.
Imozulu – ekuqaleni kwexesha lonyaka lokulima lama-2010, iimvula zine emva kwexesha kwaza kwaba manzi kakhulu kangangokuba kungakwazeki ukutyala.
Umgama oya kubaxhasi bamagalelo, umzekelo abezichumiso, imbewu nemichiza.
Iqela lofundo-nzulu lidibana kaninzi kangakanani?
Iqela lofundo-nzulu lidibana neGrain SA qho ngenyanga kanti bona badibana qho ngeveki ukuze baxoxe ngomsebenzi wokufama.
Zinto zini eziluncedo ngokuba lilungu leqela lofundo-nzulu?
Izinto eziluncedo ngokuba lilungu leqela lofundo-nzulu kukugqithiselana ngolwazi, iingxoxo zeqela lofundo-nzulu, ukuqwalasela imisebenzi yezolimo elungileyo ngokuthatha iintwana zomhlaba ezilingwayo, ukutyala, ukufakwa kwemichiza etshabalalisa ukhula kunye neemvavanyo. Iqela lofundo-nzulu iKhanyayo belinethamsanqa ngokwaneleyo lokuya kwizifundo zeNtshayelelo ngoMbona.
Ngaba kukhona na ukudibaniselana phakathi kweqela lofundo-nzulu necandelo lokufama lorhwebo?
Akukabikho mafama arhwebayo kwindawo yabo!
Iqela lofundo-nzulu lizuze ntoni kwiGrain SA?
Ngokusebenzisa iintlanganiso zamaqela ofundo-nzulu, bafumene ulwazi, ngokukwazi ukuxoxa nokunxibelelana ngezinto eziluncedo nezingeloncedo zezenzo zokutyala ezichanekileyo.
Iimvavanyo zemiboniso-ngcaciso zibe neempembelelo kwiinzuzo zokusetyenziswa kwemichiza nesichumiso.
Njengesiphumo sokwenza iqela lofundo-nzulu, benze iqela lokuthenga imichiza nesichumiso kwiqela lofundo-nzulu.
