IQela loFundo-nzulu (Umbona)							IsiXhosa
Ugqaliselo kwiQela loFundo-nzulu le-Uphuzane 
Imiyalelo:
Folio strap: Icala lobomi
Byline: NguJurie Mentz, umququzeleli wephondo waseGrain SA wenkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Use the South African map and show where Uphuzane is (Paulpietersburg)
Igama leqela lofundo-nzulu
Iqela lofundo-nzulu le-Uphuzane.
Lindawoni iqela lofundo-nzulu le-Uphuzane?
I-Uphuzane iseMantla aKwaZulu-Natal kumgama weekhilomitha ezingama-25 ukusuka ePaulpietersburg kanye ngasekunene omlambo weBivane. Le yindawo esemaphandleni kakhulu ngokugqithisileyo kwaye inesakhiwo esisiseko esingalungiswanga kakuhle kanti abalimi abanazakhono zobuchule nolwazi ukuze bakwazi ukufama ngendlela elondolozekayo nangokuzimela. 
Ukuba lilungu leqela
Iqela lofundo-nzulu linabalimi abangamadoda nababhinqileyo abazimisele kakhulu ukufunda nokuphucula ingeniso yabo, ukuphucula ubomi babo ngokunjalo basebenzise ubutyebi bendalo ngendlela ephucukileyo. 
Umhlaba okhoyo olimekayo
Okwangoku aba balimi basebenzisa umhlaba omalunga neehektare ezingamashumi asixhenxe zomhlaba olimekayo kodwa kusekho umhlaba omkhulu olifusi okhoyo. 
Ziintoni izizathu zamasimi angasetyenziswayo?
Izizathu zobukho bemihlaba engasetyenziswayo ubukhulu becala zezokunqongophala kwemali, kuba amasimi abo ayadityanelwa baze ababolekisi bemali bangabi namdla wokubaboleka imali. Enye ingxaki yenziwa kukungabikho koomatshini, iitrektara nezixhobo zokusebenza. 
Iqela lofundo-nzulu lihlangana kaninzi kangakanani?
Iqela lofundo-nzulu lihlangana kanye ngenyanga ukuze lixoxe ngeengxaki nendlela yokusebenzisa izinto ezisetyenziswayo ezinqongopheleyo. 
Zeziphi izinto eziluncedo zokuba lilungu leli qela lofundo-nzulu?
Ndamangaliswa kakhulu ukufumanisa ukuba abalimi sebeqalisile ukusebenzisa iindlela zokukhupha imveliso zanamhla (ukungahlakuli) kwixesha lonyaka lama-2009/2010 ngempumelelo enkulu. Kweli xesha lonyaka langoku sebandise ukusetyenziswa kombona ongahlakulelwayo ngempumelelo enkulu. Uthakazelelo lwabo lokuguqula iindlela zakudala zokutyala umbona basebenzise indlela yanamhla lubonisa ukuba abachasani nenguquko nokuba uqeqesho nophuhliso luneziqhamo. (Walala wasala – ukuba ulibele kukuthi ngqwa, uyalahlekelwa).
Abalimi bafumanisa ukuba bafumana iinkcukacha ezininzi nolwazi ngokuba yinxalenye yeqela lofundo-nzulu nangokuya kwiintsuku zabalimi. Enye indlela yokufumana amava abanzi kukusebenzisa iiplothi zamalinge ukubonisa abalimi indlela elungileyo neyanamhla yokutyala umbona.
Ingaba kukho nakuphi ukudibaniselana phakathi kweqela lofundo-nzulu necandelo lokufama lorhwebo?
Kukhona ukudibaniselana phakathi kwamalungu ofundo-nzulu nabalimi borhwebo bendawo abahlala kuyo, kodwa umgama ukusuka apho bakhoyo ukuya kwabo balimi barhwebayo ungumceli-mngeni. Iqela lofundo-nzulu linobudlelwane obulungileyo neSebe lezoLimo kunyenabalimi abarhwebayo bendawo abahlala kuyo.
