Study Group (Maize)									IsiXhosa
Kujoliswe kwiQela loFundo-nzulu laseFicksburg
Imiyalelo:
Folio strap: Okubalulekileyo ngalo
Byline: NguJohan Kriel, umququzeleli weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama
Use the South African map and show where Ficksburg is
Igama leqela lofundo-nzulu
IQela loFundo-nzulu le-Imperani (Ficksburg.) 
Ummandla onikwa inkonzo leli qela
Yi-Ficksburg ne-Rosendal.
Amalungu eqela
ngama-35. 
Umhlaba olimekayo wemveliso yezityalo eziziinkozo
ziihektare ezili-1 510.
Isixa esipheleleyo seehektare ezilinywe ngeli xesha lonyaka 2010/2011 
Ziihektare ezingama-289.
Kungani ungalinywanga umhlaba olimekayo?
Izizathu zokungalimi iihektare ezithe chatha zezi:
Iingxaki ngokufumana iimali-mboleko zemveliso;
Ukungabikho kwezixhobo ezithembekileyo;
I-pH (ubumuncu) esezantsi yomhlaba;
Isimo somhlaba se-phosphate esezantsi;
Iingxaki zemfuyo evela eLesotho;
Umhlaba oyekwa njengefusi iminyaka emininzi;
Ukungabikho kwenkxaso kaRhulumumente; kananjalo
Umhlaba ngowamaqela abantu ngoko ke akululanga ukufumana imali yokuqalisa ngomsebenzi wemveliso.
IQela loFundo-nzulu lidibana kaninzi kangakanani?
IQela loFundo-nzulu lethu lidibana qho ngenyanga nganye ukuze libambe iingxoxo malunga nenkqubo yengqolowa kanti lidibana qho emva kweenyanga ezimbini malunga nenkqubo yombona. 
Luncedo luni olufumaneka ngokuba lilungu leQela loFundo-nzulu?
Ngoku siyakwazi okwenzeka kwishishini lezityalo eziziinkozo kwaye siyazi nangamathuba afumaneka kwezolimo. Sinenkqubo yenkxaso esingqiyama ngayo xa kukho ingxaki.
Ingaba ikhona intsebenziswano phakathi kweQela loFundo-nzulu necandelo elirhweba ngokufama?
Ngamanye amaxesha siyadibana nabalimi abathile abarhwebayo kwiifandesi ngolo hlobo sizive siyinxalenye yoluntu olubanzi lwamafama.
Ingaba uyafuna ukudibana neQela loFundo-nzulu labalimi abarhwebayo kwaye kutheni ucinga ukuba oko kubalulekile?
Kubalulekile ukuba thina njangabalimi sithethe ngelizwi elinye. Umlimi osahlumayo usendleleni yokuba ngumlimi orhweba ngokutya. Ukuqalisa kunye, ukuthetha kunye nokunikana inkxaso kuya kubomeleza bonke abalimi.
