Imbewu (Umbona)									IsiXhosa
Indlela yokutshabalalisa imbewu yokhula engafunekiyo emboneni
Folio strap: Ukutshabalalisa ukhula
Byline: NguGq Jeanetta Saayman-du Toit (ARC-GCI, Potchefstroom) 
Ixesha lokuvuna lisondele kwaye kusekho iqela lamasimi elizele lukhula. Njengoko sixoxile ngalo mba kwithuba langaphambili, ukhula lulutshaba lomlimi wezityalo. 
Omnye wemiba ebaluleke kakhulu ngemveliso eziinkozo kukutshabalalisa ukhula. Ubukho bokhula phakathi kwezityalo kuyingozi ngeendllela ezininzi, ngakumbi malunga neelahleko zesityalo nongcoliseko lwembewu. Ngenxa yonqongophalo lokutya okutyekayo okuziinkozo ehlabathini, asinako ukuyekelela ide imbewu yokhula yonakalise ukutya okuziinkozo. Imbewu yokhula yeKhaki ayinakuvunyelwa emboneni njengoko ishiya ivumba elingamkelekanga ebantwini nasezilwanyaneni. Ngokwemithetho emiselweyo yokuphucuka nokucoceka kwesityalo, kukho imbewu engavumelekanga kwaphela emboneni. Ngokwale mithetho emiselweyo, umzekelo, akufuneki nembewu enye ye- olieboom (i-datura) kumthwalo wombona. I-Datura iyityhefu enkulu ebantwni kwaye ziliqela iziganeko zokutyhefeka eziyingxelo egciniweyo. 
Esinye sezifundo ezibaluleke kakhulu esifanele ukufundwa malunga nolawulo lokhula kukutshabalalisa oonobangela bongcoliseko. Umbona awungcoliseki njengesipho solawulo olulungileyo nolunganqunyanyiswayo lwesityalo sombona kodwa kungenxa yamalinge abhaqeka ngelo xesha okutshatyalaliswa kokhula.
Iindlela ezilungileyo zokufama zibandakanya okulandelayo: 
Ukuphuculwa kokuchuma komhlaba (ukhula oluthile luchuma emhlabeni ocekethekileyo nongatyebanga);
Ukusebenzisa imbewu elungileyo necocekileyo ngexesha lokutyala;
Qinisekisa ukuba imimandla ekufuphi asiyontsusa yembewu yokhula;
Ukusetyenziswa kweendlela zokutshabalalisa ukhula ukuze lutshatyalaliswe ukhula kwangoko lisaqala elo xesha lonyaka kuya kuthintela ukhutshiswano nesityalo malunga nokufuma nangokutyeba komhlaba kuze kuthintelwe ukumila kokhula okunokubanga ungcoliseko emva kwexesha; 
Ukuba ukutshabalalisa ukhula lisaqala ixesha lonyaka bekunganelanga, ukhula malususwe ngezandla okanye ngoomatshini entsimini phambi kokuvuna. Oku kuya kuthintela ukhula oluxubana nombona; ngokunjalo
Xa kususwe izixa ezikhulu zokhula emva kokuba sezimilisele imbewu, kucetyiswa ukuba mazitshiswe ukuze kuthintelwe ukuntshula kwazo kwixesha lonyaka elilandelayo. 
Khumbula ukuba isityalo esilungileyo sithetha ukuba makubekho imbewu eninzi – imbewu eninzi ecocekileyo!
