Okubalulekileyo ngaye (Umbona)							IsiXhosa
Khawumazi… uMonica Mathamba
Imiyalelo:
Folio strap: Okubalulekileyo ngaye
Byline: NguLawrence Luthango, umququzeleli wephondo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama
Photo: Use pic of Monica
UMonica Mathamba uhlala kuMmandla woLawulo lwaseMthatha Mbozisa apho alilungu loMbutho wabaLimi baseMbozisa khona. UMonica uqhuba umsebenzi wokufama emhlabeni odityanelweyo kwaye ukwazile ukubiyela amasimi akhe ezityalo eehektare ezintandathu.
UMonica uyile kwizifundo zoqeqesho ezilandelayo zaseGrain SA: Intshayelelo ngemveliso yombona kunye nezifundo ezikwiBakala eselingaPhambili ngemveliso yombona. UMonica uwuphucule umgangatho wemveliso yakhe yombona ngokusebenzisa ulwazi nezakhono zobuchule alufumene ngokuba lilungu leGrain SA. Wayevelisa iitoni ezi 3,5 ngehektare enye kodwa ngoku uvelisa iitoni ezi 4,5 ngehektare enye.
Uyifumana njani imali yokuxhasa isityalo sakhe?
Imali axhasa ngayo isityalo sakhe iphuma epokothweni yakhe njengoko engakuthandi ukuboleka imali kuba iimali-mboleko zisuka zamkelwe seligqithile ixesha lonyaka elifanelekileyo. 
Uwafumana phi amagalelo akhe?
UMonica uthenga amagalelo akhe eMthiza Farmers Co-op naseEast Cape Co-op. Amaxabiso athande ukuba phezulu kwaye akukho macebiso obuchule anikwa ngabaxhasi.
Yintoni indima karhulumente kwezolimo kwaye uyifeza njani?
Indima karhulumente kukunika abalimi amacebiso nezakhono zobuchule bobugcisa kananjalo nokubanika isakhelo esisiseko. UMonica uthi urhulumente akayifezi le ndima yakhe kuba akayiphumezi imigaqo-nkqubo yakhe.
Impumelelo yakhe uyinxulumanisa nantoni?
UMonica unxulumanisa impumelelo yakhe nothakazelelo analo nokusebenza nzima. Ukholelwa ekubeni ukusebenzisa imbewu engumhlanganiselwa, isichumiso nemichiza yokutshabalalisa ukhula kuphucule isivuno sakhe. Kulo nyaka, uMonica unqwenela ukuthenga ezinye izixhobo zokusebenza, ngakumbi isitshizi sezikhondo. 
