Icala lobomi (Umbona)									IsiXhosa
Mazi… uVictor Mahlinza
Imiyalelo:
Folio strap: Icala lobomi
Byline: NguJurie Mentz, umququzeleli wephondo waseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Photo: Use pic of Victor
USibongile Victor Michael Mahlinza wazalelwa e-Estcourt ngomhla we-14 Julayi 1961 waza wakhulela kummandla waseNtabamhlophe (White Mountain). Waqalisa ngemfundo yakhe yamabanga aPhantsi ngowe-1968 esiKolweni samaBanga aphantsi saseCornfield. Ngowe-1976 waya kwisiKolo samaBanga aPhezulu saseMtshezi apho aphumelele khona ibanga le-11 ngowe-1982. 
Ngowe-1983 wenza isigqibo sokuya eGoli apho asebenze khona njengomabhalane wombhambathiswa wokwakha unyaka omnye. UVictor wasebenza njengomthengisi kwiqumrhu lemichiza eGoli kwada kwaba ngowe-1986. Ukususela kowe-1987 ukuya kowe-1988 uVictor waqeshwa yi-M & L Distributors njengomqhubi kaganda-ganda. Ukususela ngowe-1989 ukuya ngowe-1995 waba ngumbhambathiswa owonganyelweyo wase-AMCA Construction ethutha imveliso. Ngowe-1996 uVictor wafuna ukuba ngumlimi waza wabuyela ekhaya. Waqalisa ukwenza umsebenzi wokufama elima izityalo zakhe ngeenkabi. Ngowama-2003 wathenga itrektara yakhe yokuqala. 
Ubomi bosapho
UVictor utshate noLinah kwaye basikelelwe ngabantwana abahlanu; iintombi ezintathu noonyana ababini. UFikile (26) unabantwana ababini. USizwe (19) uphumelele ibanga le-12 ePietermaritzburg kwisiKolo soQeqesho kwezoLimo saseZakhe kanti ugqibe izifundo ngezemifuno kwisiKolo soQeqesho saseBuhle eDelmas sithetha nje ngoku usebenza noVictor kwifama yakhe. UZandile (15) ukwibanga lethoba kwisikolo samaBanga aPhezulu sase-Abantungwa kunye noMpumelelo (11) okwibanga lesine kwisiKolo samaBanga aPhantsi saseMathamo.
UVictor uthembise uNorah umtshato kwaye banabantwana abathathu; unyana omnye namantombazana amabini. UAyanda (24) uphumelele ibanga le-12 kwisiKolo samaBanga aPhezulu saseMtshezi waza wafuma isatifiketi seN3 kwi-Civil Engineering kwisiKolo soQeqesho kwezobuGcisa saseBerea eThekwini. UAyanda naye usebenza notata wakhe efama. Amantombazana akhe amabini, uThakasile (20) ukwibanga leshumi elinanye kwisiKolo samaBanga aPhezulu sase-Abantungwa noBongeka (12) okwibanga lesithandathu kwisiKolo samaBanga aPhantsi saseMathamo .
UVictor uneetrektara ezimbini; iMassey Ferguson 440 4 x 4 neMassey Ferguson 5465 kanti unayo nemoto yeColt 2.8. Kukhulu aza kuphumelela kuko emsebenzini wokufama kuba ukhulele kuwo. Unombono kwaye ukhaliphe ngokwaneleyo ngokuphathelene nemiceli-mingeni yokuba ngumlimi.
Izityalo zakhe uzixhasa njani ngemali?
UVictor akasebenzisi mxhasi ngemali kodwa uxhasa izityalo zakhe ngemali yakhe, nto leyo eyingxaki kuye okwangoku njengoko ubukhulu becala esebenzisa umhlaba odityanelweyo apho aqesha khona iihektare ezilishumi elinesihlanu zomhlaba olimekayo kumlimi worhwebo. 
Uwafumana phi amagalelo akhe?
Onke amagalelo akhe uwathenga kwaTWK eWinterton ukuze athenge imichiza yakhe kwaFarmers Agri-Care eWinterton. UVictor uthenga imbewu ngqo kwaPannar and Monsanto kwaye wonwabe kakhulu yinkonzo ayifumana kubaxhasi bakhe ngamagalelo.
Yintoni indima kaRhulumente kwezolimo kwaye uyizalisekisa njani?
UVictor ubona indima yeSebe lezoLimo inika ithemba kakhulu kwindawo ahlala kuyo njengoko efumana inkxaso encomekayo kwaye ubona iSebe lezoLimo njengeliyizalekisayo indima yalo. ISebe lezoLimo lendawo yakhe libancedile abalimi ngokutyala umbona otyheli ukwenzela iSAB. Impumelelo yakhe emsebenzini wokufama inokunxulunyaniswa nokukwazi ukwenza izicwangciso ezilungileyo nokusebenza nzima kakhulu.
Yintoni ayibona njengesoyikiso kwinkqubela yakhe nakwimpumelelo?
Ubona isoyikiso esikhulu kwinkqubela yakhe ikukunika izityalo zakhe inkxaso yemali ukuya kufikelela kwibakala lokuthengisa. Iindleko zabasebenzi nazo zimnika inkxalabo enkulu.
Yeyiphi imiba yeshishini lokufama athanda ukuyiphucula?
UVictor unqwenela ukuphucula umsebenzi wokufuya iinkomo neebhokhwe kwaye oku ukubona kubaluleke kakhulu ekuzinziseni ukulima izityalo. Ubuchule bakhe bokuziphilisa kulo nyaka bube sekulimeni izityalo ezahluka-hlukileyo; njengoko ebelime umbona, iimbotyi ezomileyo, imifuno kunye ne-chicory ayilimela iNestle phantsi kobhambathiso.
