Ixabiso (Maize) (350 words)								IsiXhosa
Imeko yangoku yamaxabiso kwisicwangciso sokulinywa kombona
Imiyalelo:
Folio strap: Ukongeza ixabiso
Byline: Eli nqaku linikelwe ngumlimi othathe umhlala-phantsi
Amanqaku exesha langaphambili kwiPula/Imvula atyhile amanyathelo afunekayo ekuthathweni kwesigqibo sokuba ngaba ngowuphi umxube wezityalo zasehlotyeni ofanelekileyo kwifama yakho, ngokuthathela ingqalelo isicwangciso sezinto ezisetyenziswayo, isakhono somhlaba, isicwangciso sokujikeleziswa kwezityalo kunye namaxabiso exesha elizayo kwiindawo zentengiso. IPula/Imvula yale nyanga ichaphazela uthotho lwamanqaku anxulumene nabo balimi kubandakanywa umbona kwixesha lonyaka elizayo lemveliso yezityalo zasehlotyeni. 
Amaxabiso exesha elizayo ombona otyheli nomhlophe athande ukuba qatha kancinane ngenyanga ka-Agasti 2011 ngokwemeko yamaxabiso exesha elizayo e-R1 840 ngombona otyheli ukuze umbona omhlophe ube yi-R1 815 oza kukhutshwa ngoJulayi 2012. Ngoko ke sinokusebenzela phezu kwe-R1 615 ngetoni nganye yombona yepokotho yomlimi kodwa kubekhoumahluko wothutho wama-R215 ukuya kuma-R225 ngetoni nganye.
Ixabiso elilelona lona elifumaneka ngombona ekuthenjwa ukuba ungathengiseka kumazwe angaphandle limalunga ne-R1 717 ngetoni nganye. Oku kwaziwa njengexabiso elisisalathiso sokulungelelanisasokuthengisa ngaphandle. Ixabiso elilelona lona elifumaneka ngokuthenga kumazwe angaphandle limalunga nama-R2 894 ngetoni nganye efikileyo eRandfontein. Oku kwaziwa njengexabiso elisisalathiso sokulungelelanisa sokuthenga ngaphandle. Ngoko ke sinako ukuvumelana ngokuthi ixabiso langoku nelexesha elizayo lemimandla ekude nonxweme lisekwe kwixabiso lokulungelelanisa lokuthengisa ngaphandle.
Oku kwalatha ukuba kusekho umbona oyintsalela kwiindawo zokuthengisa zethu zangaphakathi kwaye kukho uluvo olubonisa ithemba ngobukho bombona kwixesha lonyaka elizayo. Isalathiso samaxabiso siqwalasela yonke imibandela yolimo efana neemeko zemozulu, imfuno ebangwayo yabathengi, imveliso ekhoyo nombona ekusafuneka ukuba uthuthwe, amanqanaba otshintshiselwano lwerandi/nolwedollar, iimeko zemveliso zaphesheya koweelwandle namanqanaba alapha kweli enzala yemali-mboleko phezu kwemali eyinkunzi yokuqalisa ishishini ebolekiweyo, phakathi kwezinye izinto.
Umgangatho wombona ongowona wokugqibela ongene kwizisele ukusuka kubalimi mhlawumbi ubusezantsi ngenxa yeemvula ezigqithisileyo ezifumaneke ngexesha lonyaka lokuvuna kanti oko kunokubangela amaxabiso athile anyukayo ngokuphathelene nombona womgangatho olungileyo. Khumbula ukuba yonke le mibandela inako ukuguquka lingekafiki ixesha lokuvuna umbona kunyaka ozayo ngoJulayi 2012.
