Plan (Maize)										IsiXhosa
Phumeza izicwangciso zakho ngendlela encomekayo
Folio strap: Ulawulo
Byline: Ulwazi luhlanganiselwe ukusuka kwincwadi yoqeqesho yoLawulo lweeFama ukwenzela iiNzuzo nguMarius Greyling
Zakuba ziqoshelisiwe izicwangciso zemisebenzi yexesha elizayo kwaye lwenziwe ulungiselelo lobutyebi obusetyenziswayo obungabantu nobuzizinto ezibambekayo, kufuneka kuqinisekiswe ukuba ukuphunyezwa kwezicwangciso kusemgangathweni ofunekayo. 
Ukuphunyezwa kwamanyathelo nemisebenzi ecwangciselweyo kujoliswe ekufezeni iinjongo zeshishini. Kuya kuba bubuyatha ke ngoko ukuba nocoselelo olubalaseleyo lokwenza izicwangciso nolungiselelo kodwa kungenziwa kakuhle ukuziphumeza. Ngenye indlela, impumelelo yempumezo inokuphazamiseka xa ukwenziwa kwezicwangciso kunye/okanye ulungiselelo lusilela. Makhe siqwalasele impumezo njengomsebenzi wesithathu wolawulo. 
Okunokwenzeka nangokubhekiselele kumanqaku ethuba elingaphambili ngokwenziwa kwezicwangciso (ngePula Imvula kaJuni) nolungiselelo (kwiphepha 4), sibona umzekelo ngomhla we-9 Meyi 2011, wokuba obekucwangciselwe kwenzelwa nolungiselelo kufanele ukuphunyezwa. Umzekelo:
Ukwenza izicwangciso noLungiselelo: Iveki 9 - 13 Meyi 2011
NgoMvulo 9
Imisebenzi ecwangciselweyo
Abaqeshwa ababandakanyekayo
Ezinye izinto ezisetyenziswayo
Impumezo
Umbona
Kuhlolwa intsimi yesihlanu.
UJan.
Isithuthuthu (uhambo).
Incwadi yokugcina iinkcukacha.
Kugqityiwe, akukho sifo siboniweyo.
Ujongilanga
Kuvunwa intsimi yesithathu, iihektare ezilishumi.
UPiet (Umqhubi).
UPadiso, uVosloo, abaqeshwa ababini bethutyana.
Isixhobo sokuvuna.
Iitrektara ezimbini neenqwelo ezirhuqwayo.
Kugqitywe iihektare ezilithoba.
Iinkomo
Kuqwalaselwa iinkomo.
Kuqwalaselwa izikhothwa nesondlo esinwenwayo.
Kuyalunyulwa, kuyaphawulwa, umthamo kujongwa ubunzima bamankonyana ali-100.
UKlasie.
UKlasie.
UMoloto, uAbram, uKagiso noHendrik.
Ihashe, incwadi yokugcina iinkcukacha.
Ihashe, incwadi yokugcina iinkcukacha.
Izibonelelo zokubamba iinkomo, izixhobo zokwandisa, amayeza nezixhobo zemilinganiselo yemithamo, isikali, incwadi yokugcina iinkcukacha.
Iinkomo zikwimeko elungileyo.
Sizalisiwe isondlo esikwikampi yesithathu.
Amankonyana ali-100 nemisebenzi igqityiwe.
Iinkuku zokosiwa
Kulungiswa indlu yesithathu (kususwa ummandlalo omdlala).
Imisebenzi yemihla ngemihla. 
Indlu yokuqala neyesibini.
uJohanna, uMinah, uJohannes.
uSarah, uMonica, noDawid.
Iziguphuli, iingxowa nenqwelo erhuqwayo.
Izixhobo zezibambo eziyekelelayo.
Indlu ilungisiwe.
Imisebenzi yemihla ngemihla yenziwe.
Umsebenzi jikelele
Kupeyintwa indlu yokusebenzela.
Umbhambathiswa wabucala.
Izixhobo zokusebenza ezizezakho, njl.njl.
Umsebenzi uqhutywa ngokwanelisayo.
Impumezo iqhutywa ngokungqalileyo lisebe lolawulo lwabasebenzi okanye ngabaqeshwa beshishini kwaye kufuneka bakhuthazwe ukwenza umsebenzi ngokuncomekayo. Ukuze impumezo ibe nempumelelo yenene, kufuneka kangangoko ukuba umphathi azinikele nakweminye imisebenzi yakhe yolawulo efana nobunkokeli, ukunxibelelana, ukunika inkuthazo, ukwaba umsebenzi, uququzelelo, ukwenza izigqibo nokugcina ucwangco.
Okufanele ukwenzeka
Kufuneka ukhokelo lwangaphakathi olomeleleyo kwabo baphetheyo olukwaziyo ukuqhubela phambili inkqubo yempumezo neendlela eziphucukileyo zokuphumeza izicwangciso ekufuneka ukuba mazisoloko zifunwa. Ophetheyo makayikhokele inkqubo yempumezo, kungengakuba uza kuzenzela yonke into ngokwakhe kodwa ngokukhuthaza abaqeshwa bakhe. Ukuze akwazi ukukhuthaza abaqeshwa kufuneka yena ngokwakhe akhuthazeke. Ophetheyo makabenze bashukume abantu ukuze benze abafanele ukukwenza ngokubalasele kangangoko banako. Ngethuba lenkqubo yempumezo kufuneka ophetheyo anike ukhokelo oluyimfuneko, oko kuyabakhuthaza abantu.
Lubaluleke kakhulu unxibelelwano olucacileyo kwinkqubo yempumezo yezicwangciso ekujoliswe kuzo. Imiyalelo mayicace kwaye ingqale kokuthethwayo. Wonke umntu obandakanyeka kwinkqubo yempumezo ethile ufanele ukwazi ukuba ngubani ofanele ukwenza ntoni, nini ngowuphi umgangatho nokuba kuyiwa phi.
Ngethuba lempumezo kubalulekile ukwabiwa kwemisebenzi. Umphathi akanakwenza yonke into ngokwakhe. Ububanzi bokwabiwa komsebenzi ubukhulu becala buya kuxomekeka kubukhulu beshishini kunye/okanye emsebenzini lowo uthile. Kwakhona buya kuxhomekeka ekubeni ngaba ulawulo lufuna ukuzibandakanya ngakumbi na kwinkqubo yempumezo, okanye ngaba luya kuma ecaleni njengabacebisi babalawuli. 
Kubalulekile ukunika ingqalelo ekunxulunyanisweni okufanelekileyo phakathi kwamacandelo. Iigiyeri zeshishini kufuneka ziqhube kakuhle ukuze ishishini lihambe kakuhle kwimpumezo enempumelelo. Ukuba unxulumaniso luphazamisekile oko kuya kuchitha ixesha kunye nemali. Khumbula ukuba ingeniso - iinkcitho = inzuzo okanye ilahleko. Ngokubhekiselele kumzekelo wethu, ukuba amayeza emilinganiselo yemithamo ayifumaneki ngentsasa yangoMvulo, impumezo yomsebenzi iya kubambezeleka.
Okuqhelekileyo kukuba kaninzi kulindeleke ukuba ophetheyo enze izigqibo ezingxamisekileyo ukuze agcine impumezo iqhuba kakuhle. Ukuba itrektara igqajukelwe lithayara ngexesha lokuvuna, kuza kuhlangatyezwana njani nengxaki? Kuza kusetyenziswa elinye ithayara? 
Ukubamba ucwangco phakathi kwabaqeshwa ngawo onke amaxesha kubaluleke kangangoko ukuze kuqinisekiswe impumezo efanelekileyo. Ngaba umsebenzi owenziwayo ungezantsi komgangatho owamkelekileyo? Ukuba oku kuziphatha akuqwalaselwa ngendlela efanelekileyo kunako ukuwachaphazela ngokuxhalabisayo amanyathelo athathwa kwimpumezo.
Ukubeka izinto zokuqala ekuqaleni
Okukholisa ukwenzeka kukuba awubi mnye umsebenzi ofuna ukuqwalaselwa kwaye khumbula ukuba kubakho nemiba ebingacingelwanga kwithuba langaphambili – imililo yasendle, nantso inkunzi yakho yexabiso ixinge edakeni emfuleni. Amava asixelela ukuba asinakuze sikwazi ukuqwalasela yonke imicimbi ngexesha elinye. Kufuneka kuthathwe isigqibo ngokuthi ngawaphi amanyathelo nemisebenzi efuna ukuqwalaselwa kuqala – oko kuthetha ukubeka izinto zokuqala ekuqaleni. 
Imisebenzi okanye umsebenzi oneempembelelo ezinamandla kwingeniso kunye/okanye kwinkcitho kunye/okanye ochaphazela abaqeshwa bakho, masithi mhlawumbi kufuneka besebenze ixesha elingaphezu kwelesiqhelo, loo misebenzi mayibonwe njengebalulekileyo. Imisebenzi inokuhlelwa ngendlela elandelayo:
Ebaluleke kakhulu/engxamiseke kakhulu; 
Ebaluleke kakhulu/engangxamisekanga kakhulu; 
Engabalulekanga kakhulu/engxamiseke kakhulu; kananjalo 
Engabalulekanga kakhulu/engangxamisekanga kakhulu.
Imisebenzi okanye umsebenzi okwindawo ephambili unokubonwa njengomsebenzi obaluleke kakhulu/ongxamiseke kakhulu. Ukubaluleka kakhulu kwalatha ukuba loo misebenzi inokuba neempembelelo ezinamandla kwingeniso – xa inokwenziwa ngokukhawuleza inokwandisa ingeniso – kanti xa ingenziwa inokuthoba ingeniso. Ngokunjalo/okanye kungenzeka ukuba ngumsebenzi onokuba neempembelelo ezinamandla kwinkcitho. Ukuba awenziwanga kwangoko uya kwandisa inkcitho. 
Ukungxamiseka kuphathelene nexesha onalo lokwenza umsebenzi othile ugqibeke – kufuneka wenziwe kwangoko/namhlanje okanye ungenziwa emva kwethuba. Xa uxakeke ngomsebenzi wokuvuna isityalo kuze kubekho ukwaphuka kukamatshini, ukukhandwa kwesixhobo sokusebenza okanye itrektara kuya kuthathwa njengomsebenzi obaluleke kakhulu/ongxamiseke kakhulu – okwindawo esekuqaleni. Ngokunjalo ukuba inkomo iqubisana nengxaki xa izala inkonyana, ngakumbi xa iyenye yeenkomo zakho ezikwandisela umhlambi. Ukugcina iifayili zeenkcukacha e-ofisini kuya kuthathwa njengomsebenzi ongabalulekanga kakhulu/ongangxamisekanga kakhulu, okanye ongekho kwindawo esekuqaleni, kunokwenziwa emva kwethuba..
Ngoko ke kuyimfuneko kwaye kubaluleke kakhulu, ukuphumeza zonke iinjongo zeshishini lakho, nokucoselela malunga nempumezo yazo zonke izicwangciso ukuze ibe semgangathweni omiselweyo. 
