Planning (Maize)									isiXhosa
Isicwangciso esingaphelelanga sibhetele kunesingekhoyo
Folio strap: Ulawulo
Byline: Ulwazi luhlanganiselwe ukusuka kwincwadi yoqeqesho ebhalwe nguMarius Greyling ngoLawulo lweeFama ukwenzela Iinzuzo
Ukuze ishishini libe nempumelelo, kufuneka lilawulwe kakuhle. Sibalulekile kakhulu isicwangciso esilungileyo kuba sisiseko apho yonke eminye imisebenzi yolawulo imiselwa khona.
Ukulawula ngendlela elungileyo kuthetha ukuba imisebenzi emine yolawulo – ukwenza izicwangciso, ukwenza ulungiselelo, ukuphumeza nokuqwalasela mayenziwe kakuhle, umsebenzi ngamnye ufumane ingqalelo eyimfuneko ukuze ishishini ligcinwe lisebenza kakuhle kwixesha leminyaka ngenjongo yokumisela iinjongo, ezifana nokwenza inzuzo. 
Ukwenza izicwangciso ngokuqinisekileyo makube ngowona msebenzi ubaluleke kakhulu womlimi njengoko kusisiseko apho yonke imisebenzi yakhe yokufama isekwa khona. Ukwenza izicwangciso kunokuchazwa njengokuqikelela imisebenzi yexesha elizayo eyimfuneko ekuzuzweni kweenjongo ezithile zeshishini nokubalula imisebenzi kuyilo oluthile (izicwangciso) lokuphumeza loo misebenzi. 
Kaninzi kucingeleka ukuba umntu akanakwenza isicwangciso esisiso kwimeko yokufama ngenxa yokuba umsebenzi wokufama uphenjelelwa ziimeko ezingenakuqinisekiswa nomngcipheko, ofana neemeko zemozulu, izifo, inkxaso kunye nokungazinzi kwamaxabiso amagalelo naweemveliso. Imingcipheko elolo hlobo nezimo ngezimo iphathelene nemveliso kwezolimo kunjalo nje ayinakuphikiswa kwaye ingumceli-mngeni ngokuphathelene nezicwangciso kwishishini lokufama. Nangona kunjalo, isicwangciso esingaphelelanga sibhetele kunesingekhoyo. Kucetyiswa ukwenza isicwangciso ngokomyinge wonyaka nokulungelelanisa izicwangciso xa kunokubakho iimeko ebezingacingelekanga phakathi enyakeni.
Xa kusenziwa isicwangciso kufuneka kuthathelwe ingqalelo kokulandelayo: 
Kufuneka kwenziwe ntoni? 
Kufuneka yenziwe phi?
Kufuneka yenziwe nini? 
Makwenziwe kangakanani? 
Mayenziwe njani?
Ukwenza izicwangciso
Ukwenza izicwangciso kufuna ukuba izicwangciso zibalulwe ngokuzibhala kwaye kufuneka ukuqeqesheka. Umntu makazenze aphinde azenze zide zibe sisiqhelo. Ukwenza izicwangciso kusenokuba kwincwadi yeziganeko zemihla ngemihla, ebhodini yohlobo oluthile, ekhompyutheni okanye kwenye into. Ngokuya usenza izicwangciso ngale ndlela ziya ngokuba yinto ekhoyo nenako ukwenzeka kuba zisekwe kumava nakulwazi lwethuba elidlulileyo.
Ukwenza izicwangciso kukholisa ukusekwa nokwenziwa ngokwexesha lonyaka ngamnye. Okuza kwenziwa kunyaka ozayo efama. Nangona kunjalo kufuneka sibe khona isicwangciso sethuba elide esisekwe kokuza kuveliswa kwithuba lexesha elide.
Isicwangciso sethuba elide
Esi sisicwangciso esibanzi kakhulu esalatha okucwangciselweyo okuza kuveliswa efama kwithuba elide – ukufikelela kwiminyaka emihlanu okanye nangaphezulu. Umzekelo, ukwenza isicwangciso sokuvelisa iihektare ezingama-500 zezityalo zemali esesandleni ngonyaka ngamnye, ukuvelisa inyama esuka endle nokuvelisa iinkuku zenyama.
Ukwenza isicwangciso sonyaka ngamnye
Isicwangciso sonyaka ngamnye masibe namacandelo amabini obona buncinci adweliswe ngezantsi:
Isicwangciso jikelele
Ngokubanzi oku kufanele ukwalatha inyathelo jikelele elifanele ukugqitywa kunyaka ozayo elifana nokupeyinta isakhiwo esithile, ukufaka isibiyeli esitsha, ukulondoloza izibiyeli, ukuthenga elinye ikhuba, izifundo/iintsuku zamafama ekuza kuyiwa kuzo nezinye izinto.
Isicwangciso/Izicwangciso ngeeemveliso
Okuza kuveliswa ncam ngonyaka uphelele, ingakanani, njani kwaye imveliso nganye iza kuthengiswa njani. Isicwangciso sonyaka ngamnye wama-2010/2011 masibandakanye imisebenzi elandelayo yemveliso, umzekelo:
Ukulima iihektare ezingama-400 zombona otyheli ukwenzela imveliso yefama, intsalela iza kuthengiswa ngokobhambathiso kwindawo yokugcina isondlo.
Ukulima iihektare ezili-100 zikajongilanga, emazithengiswe ngobhambathiso ngalunye.
Ukuvelisa ama-200 eenkatyana zeenkomo zenyama ezineenyanga ezingama-20 ubudala endle neziza kuthengiswa kuBhaza-bhaza weVenkile iYYY.
Ukuvelisa iinkuku zenyama ezingama-40 000 ngenyanga nganye eziza kuthengiswa eXXX Chicken Wholesalers.
Isicwangciso kufuneka sibandakanye imisebenzi ngokubanzi, umzekelo:
Ukupeyinta indawo yokusebenzela nesitora seetrektara.
Ukwakha idama kwikampu ye-9.
Ukukhanda nokugcina zonke izibiyeli.
Isicwangciso senyanga nganye
Ukususela kwisicwangciso sonyaka – isicwangciso ngokubanzi neseemveliso – kunokuhlanganiselwa isicwangciso senyanga nganye. Umzekelo isicwangciso seNyanga sikaMeyi 2011 sinokuma ngolu hlobo:
Ngokubanzi – ukupeyinta indawo yokusebenzela nesitora seetrektara.
Isicwangciso seemveliso – malunga nombona kuhlolwa onke amasimi ukuze ngojongilanga kuvunwe iihektare ezili-100.
Iinkomo – zonke izilwanyana zinikwa isikhothwa sasebusika, onke amathole anikwa isondlo esinabayo, kulunyulwa amathole okuqala, kuqikelelwa ubunzima bawo kuze kuphawulwe onke amathole, amathole anikwa ithamo lechiza elinguzifo-zonke kwaye kufunyaniswa ubunzima bemizimba yazo zonke izilwanyana.
Iinkuku zenyama – kwenziwa yonke imisebenzi yemihla ngemihla, thengisa indlu yesibini uze ulungise indlu yesithathu ukwenzela isicuku esitsha zamantshontsho.
Isicwangciso seveki nganye
Ekuqaleni kwenyanga izicwangciso zeveki, ngeveki nganye yenyanga ziyenziwa. Iziseko zezicwangiciso zeveki nganye zizicwangciso zenyanga, ngokubanzi nangokuphathelene nemveliso.
Isicwangciso sosuku (isicwangciso samanyathelo okanye isicwangciso sokusebenza)
Isicwangciso sokugqibela masibe sisicwangciso sosuku ngalunye ekupheleni kweveki engaphambili 
nokwalatha ngeenkcukacha ezithe chatha okuza kwenziwa ngosuku ngalunye kwiveki elandelayo.
 Umzekelo: Iveki 9 - 13 Meyi 2011. (Isicwangciso seveki nganye nosuku ngalunye sihlanganiselwe 
kwitheyibhile1).
Itheyibhile 1:
Umbona
Ujongilanga
Iinkomo
Iinkuku zenyama
Ngokubanzi
NgoMvulo 09
Ukuhlola intsimi yesihlanu
Ukuvuna iihektare ezilishumi zentsimi yesithathu
Ukuqwalasela iinkomo.
Ukuqwalasela isikhothwa sasebusika, isondlo esandayo.
Ukulumla, ukuphawula, ukunika ithamo, ukulinganisa ubunzima bamathole ali-100.
Ukulungisa indlu yesithathu.
Imisebenzi yemihla ngemihla indlu yokuqala neyesibini.
Ukupeyinta indawo yokusebenzela
NgoLwesibini10
Ukuhlola intsimi yesithandathu
Ukuvuna iihektare ezilishumi zentsimi yesithathu 
Ukuqwalasela iinkomo.
Ukuqwalasela isikhothwa sasebusika, isondlo esandayo.
Ukulumla, ukuphawula, ukunika ithamo, ukulinganisa ubunzima bamathole ali-100.
Ukulungisa indlu yesithathu.
Imisebenzi yemihla ngemihla indlu yokuqala neyesibini.
Ukupeyinta indawo yokusebenzela 
NgoLwesithathu 11
Ukuhlola intsimi yesixhenxe
Ukuvuna iihektare ezilishumi zentsimi yesine 
Ukuqwalasela iinkomo.
Ukuqwalasela isikhothwa sasebusika, isidlo esandayod.
Ukucoca iziphathi zamanzi ezilishumi.
Ukulungisa indlu yesithathu.
Imisebenzi yemihla ngemihla indlu yokuqala neyesibini.
Ukupeyinta indawo yokusebenzela 
NgoLwesine 12
Ukuhlola intsimi yesibhozo
Ukuvuna iihektare ezilishumi zentsimi yesine 
Ukuqwalasela iinkomo..
Ukuqwalasela isikhothwa sasebusika, ukuqwalasela isidlo esandayoreep feed.
Ukucoca zonke iziphathi zamanzi.
Ukulungisa indlu yesithathu.
Imisebenzi yemihla ngemihla indlu yokuqala neyesibini.
Ukupeyinta indawo yokusebenzela 
NgoLwesihlanu 13
Ukuhlola intsimi yethoba
Ukuvuna iihektare ezilishumi zentsimi yesine 
Ukuqwalasela iinkomo.
Ukuqwalasela isikhothwa sasebusika, isidlo esandayo.
Ukukhanda isango lesibaya.
Ukulungisa indlu yesithathu.
Imisebenzi yemihla ngemihla indlu yokuqala neyesibini.
Ukupeyinta indawo yokusebenzela 
(Ifanele ukugqitywa namhla).
Xa lilifutshane ithuba lesicwangciso makufakwe iinkcukacha ezithe chatha. Kwakhona khumbula ukuba izicwangciso azikwazi kungaguquki, ngakumbi kwishishini lokufama. Zininzi iziganeko ebezingabonakali ngaphambili, ezifana nemililo yasethafeni, ukwaphuka kwezinto, ukugula nezinye izinto.
Ukwenza izicwangciso njengomsebenzi wolawulo usisiseko sokwenza ulungiselelo nokuphumeza okuza kuxoxwa kwinqaku lexesha elizayo. Ngaphandle kokwenziwa kwezicwangciso kwakhona akusayi kubakho lawulo lufanelekileyo kuba ukwenza izicwangciso kulinyathelo lokuqala emsebenzini wolawulo ngokumisela imigangatho eyimfuneko yolawulo.
Ngethuba lokwenza izicwangciso nakwelokwenza ulungiselelo, ukuphumeza nokuqwalasela umphathi kufuneka azinikele kweminye imisebenzi yolawulo efana nobunkokeli, unxibelelwano, ukukhuthaza, ukwaba imisebenzi, ukuququzelela, ukwenza izigqibo nokugcina ingqeqesho. Umda wobandakanyo kule misebenzi uya kuqikelelwa ngobukhulu beshishini.
