Organise (Maize)									IsiXhosa
Yenza ulungiselelo ngendlela efanelekileyo – lungumsebenzi wolawulo obalulekileyo
Folio strap: Ulawulo
Byline: Ulwazi luhlanganiselwe ukusuka kwincwadi yoqeqesho yoLawulo lweeFama ukwenzela iiNzuzo nguMarius Greyling
Ukuze ukwazi ukuphumeza izicwangciso zakho zemisebenzi yexesha elizayo nokuze ukwazi ukufeza iinjongo zakho ngeshishini lakho, kuyimfuneko ukwenza ulungiselelo ngendlela efanelekileyo kwaye ithuba liselihle.
NgoJuni 2011 inqaku lePula/Imvula elithi, isicwangciso esingaphelelanga siphucukile kunesingekhoyo, ukwenza izicwangciso kuxoxwe ngako njengomsebenzi wolawulo. Umsebenzi wesibini wolawulo esiza kuxoxa ngawo lulungiselelo. Ulungiselelo luthetha ukuba kufuneka wenze amalungiselelo ngokwenkqubo efanelekileyo ngokuphathelene nokuphunyezwa kwezicwangciso zakho zemisebenzi yexesha elizayo. Nangona kunjalo, enyanisweni ukwenza izicwangciso nolungiselelo kaninzi kwenziwa ngexesha elinye. Okufanelekileyo kukuba ulungiselelo lubandakanye ukwenziwa kwesigqibo sokuba ngubani oza kwenza oza kwenza ntoni kwaye nini ekwenza phi kwaye njani nokwenza isigqibo malunga nezinye izinto ezisetyenziswayo ezifana noomatshini, izixhobo, izixhobo zokusebenza, izixhobo ezisetyenziswayo, iziseko zophuhliso kunye neenkxaso-mali eziza kufuneka ukuphumeza izicwangciso.
Ngoko ke ukuze njengomlimi ukwazi ukwenza ulungiselelo olufanelekileyo kubaluleke kakhulu ukuba ubazi ubutyebi obusetyenziswayo onabo – obezinto ezibambekayo nobungabantu. Ngokuphathelene nabaqeshwa umlimi makazazi izakhono zobuchule zabo, imfundo, uqeqesho abanalo, abanako ukukwenza (okubambekayo, okobuchule nokweemvakalelo), amava, amandla nobuthathaka. Abaqeshwa mabasetyenziswe apho basebenza ngokubalasela khona kanti xa kunokwenzeka mabenze oko bakonwabela kakhulu. Kwakhona kuyimfuneko ukwenza amalungiselelo ngenx’engaphambili nokuqinisekisa ukuba uthutho oluyimfuneko, izixhobo, izixhobo zokusebenza, izixhobo ezisetyenziswayo amagalelo neenkxaso-mali ziya kufumaneka endaweni nangexesha elichanekileyo. 
Ukuze ubani enze ulungiselelo makayibone yonke imisebenzi njengecwangciselweyo abeke nolwabiwo lwezinto ezisetyenziswayo emgangathweni ofanelekileyo ukuze afeze izicwangciso ekwenziwe izigqibo ngazo kuselithuba.
Ngokwemigqaliselo yolungiselelo olwenziwayo umntu unokudibanisa ukwenziwa kwezicwangciso nolungiselelo ngexesha elinye njengoko kubonisiwe kwitheyibhile 1. Lo mzekelo uqhutywa ukususela kumzekelo osetyenziswe kwinqaku elingaphambili malunga nokwenziwa kwezicwangciso.
Itheyibhile 1: Ukwenziwa kwezicwangciso noLungiselelo: Iveki 9 - 13 Meyi 2011
NgoMvulo 9
Imisebenzi ecwangciselweyo
Abaqeshwa ababandakanyekayo
Ezinye izinto ezisetyenziwayo
Umbona
Kuhlolwa intsimi yesihlanu.
UJan.
Isithuthuthu (uhambo).
Incwadi yokugcina iinkcukacha.
Ujongilanga
Kuvunwa intsimi. 
iihektare 3 - 10.
UPiet (umqhubi).
UPadiso, noVosloo, 
Ngabaqeshwa bethutyana aba-2.
Isixhobo sokuvuna.
Iitrektara ezimbini neenqwelo ezirhuqwayo.
Iinkomo
Kuqwalaselwa iinkomo.
Kuqwalaselwa izikhothwa nesondlo esinwenwayo.
Kuyalunyulwa, kuyaphawulwa, umthamo kujongwa ubunzima bamankonyana ali-100.
UKlasie.
UKlasie.
UMoloto, uAbram, noKagiso noHendrik.
Ihashe, incwadi yokugcina iinkcukacha.
Ihashe, incwadi yokugcina iinkcukacha.
Izibonelelo zokubamba iinkomo, izixhobo zokwandisa, amayeza nezixhobo zemilinganiselo yemithamo, isikali, incwadi yokugcina iinkcukacha.
Iinkuku zokosiwa
Kulungiswa indlu yesithathu (kususwa ummandlalo omdlala).
Imisebenzi yemihla ngemihla. 
Indlu yokuqala neyesibini.
UJohanna, uMinah noJohannes.
USarah, uMonica noDawid.
Iziguphuli, iingxowa nenqwelo erhuqwayo.
Izixhobo zezibambo eziyekelelayo.
Umsebenzi jikelele
Kupeyintwa indlu yokusebenzela.
Umbhambathiswa wabucala.
Izixhobo zokusebenza ezizezakho, njl.njl.
Ngokubhekiselele kulo mzekelo kucingelwa ukuba bonke abaqeshwa baqeqeshwe ngokwaneleyo kwaye banezakhono zobuchule ezifunekayo. Ngaphaya koko zonke ezinye izinto ezisetyenziswayo ziyafumaneka kwaye zilungele ukusetyenziswa. Ukuba akunjalo izicwangciso zakho nolungiselelo kuya kufuneka ukuba zolulwe ukuze zibandakanye uqeqesho lwabaqeshwa, ukulungiselelwa kobukho bezinye izinto ezisetyenziswayo ukuze zilungele umsebenzi onguwo ofana nokutyalwa okanye ukutofwa kwemfuyo ekufuneka kwenziwe. 
Lo ngumzekelo kuphela wendlela efanele ukulandelwa xa kusenziwa ulungiselelo kanti unokuhlengahlengiswa lula ukufanela iimeko nendlela ezikhethiweyo. Amava afunyenwe ngokwenza abonise ukuba luncedo olukhulu ukwenza izicwangciso nolungiselelo ngokubhala phantsi. Njengasekwenzeni izicwangciso, ulungiselelo lunokwenziwa encwadini yeziganeko zemihla ngemihla, nakuyo nayiphi incwadi, nasebhodini, ekhompyutheni okanye nakweyiphi indawo efanelekileyo.
Ngokufanayo naxa kusenziwa izicwangciso, ngethuba lenkqubo yolungiselelo umphathi makazinikele nakweminye imisebenzi yolawulo efana nobunkokeli, unxibelelwano, inkuthazo, ukwaba umsebenzi, uququzelelo, ukwenza izigqibo nokugcina ucwangco. Ububanzi bokuzibandakanya kule misebenzi buya kuxhomekeka ubukhulu becala ngokobukhulu beshishini. 
Mayibe ngumlimi oqalisa ngolungiselelo, ukunxibelelana ngolungiselelo nabaqeshwa bakhe aze eze izigqibo malunga nolungiselelo (yeyiphi itrektara eza kusetyenziswa okanye isixhobo okanye abaphi abaqeshwa). Kwakhona makagcine ucwangco aze aququzelele ulungiselelo phakathi kwamacandelo eshishini. Kwakhona kufuneka akwazi ukwaba imisebenzi yolungiselelo xa kuyimfuneko oko; umlimi akanakukwazi ukuzenzela yonke into ngokwakhe.
Khumbula ukuba xa kukho omnye wemisebenzi yolawulo engenziwanga kakuhle, ishishini lakho lisenako ukuzuza inzuzo kodwa kungekudala okanye ethubeni – mhlawumbi ingayiminyaka emihlanu okanye elishumi okanye elide kunoko – ishishini lakho liya kutshitshiliza endaweni enye. Kanti oko kuya kuba ngumngeni wexesha elizayo – ukuba ulawulo lwakho aluphucuki ngonyaka ngamnye – ekugqibeleni ishishini lakho liya kuma ndawonye, kude kungabikho nzuzo efumanekayo nanini. Umntu akanakwenza izinto ngendlela efanayo ngonyaka ngamnye. Unokuyiphucula imeko ngokwandisa ingeniso yakho ngokunjalo/okanye ngokulawula iinkcitho zakho. Ulungiselelo olufanelekileyo lusisixhobo esibalulekileyo sokuphumeza okukhankanywe ngasentla. 
