Jane (Maize)										IsiXhosa
UMme Jane uthi…
Folio strap: 
Photo: Use a photo of Jane 
Ezindabeni kutshanje uchatshazelwe kakhulu umba wePhiko loLutsha le-ANC othetha ngomhlaba (ezebhanki nezemigodi) kwaye kutsala umdla kakhulu ukubona indlela abantu abahluka-hlukileyo abacinga ngayo ngalo mba womhlaba uphelele.
Ndiwubona umhlaba njengobutyebi esibusebenzisela ukuvelisa ukutya nemicu. Zininzi izinto ezanda ngonyaka ngamnye emhlabeni – abantu, izilwanyana zasekhaya, iimoto njl. njl. Kodwa umhlaba wona awukwazi kwanda – awunandlela yakwanda. Xa unokucinga ngenyaniso yokuba baya ngokwanda abantu kodwa umhlaba ovelisa ukutya uya ngokuncipha (kaloku masikhumbule ukuba abantu basebenzisa isithuba samakhaya abo – izixeko zikhula ngokusebenzisa umhlaba), kufuneka siqiniseke ukuba isiqwengana ngasinye somhlaba sisetyenziswa kangangoko kunokwenzeka.
EMzantsi Afrika namhla, siphila phantsi kwemeko enzima apho ubukhulu bomhlaba ofanele ukusetyenziselwa ezolimo ulinywa ngabalimi abamhlophe abangabarhwebi . Ngoku kukho intetho yokuba makuthathwe lo mhlaba ngaphandle kokuwuhlawulela unikwe abantu abamnyama. Kwelinye icala, mkhulu umhlaba ophantsi kwengqeshiso yokudityanelwa (phantsi kogunyaziso wobuhlanga) kanti inkoliso yalo mhlaba awukhuphi nto. Kwakhona kukho amawaka amaninzi eehektare zomhlaba weefama onikelwe ngokusebenzisa iinkqubo zesebe lemibandela yemihlaba. Ingaba oku kuphathelene nebala lesikhumba somntu? Ngokoluvo lwam, HAYI – ukuze umntu abe nempumelelo, nokuba ngumlimi womhlaba omncinane okanye ngumlimi orhwebayo oko akunanto yakwenza nebala lesikhumba sakho.
Siyazi ukuba ukuze ubani abe ngumlimi onempumelelo, kufuneka abe nolwazi kunye nezakhono zobuchule, oomatshini, imimandla yokuthengisa kunye nenkxaso-mali yamagalelo emveliso. Ukusuka umntu anikwe umhlaba akumenzi umlimi – ukuba umi egaraji, akukho motweni! Ukuba unomhlaba, oko akuthethi ukuba ungumlimi. Ukuba ufuna ukubizwa ngokuba ungumlimi, kufuneka uwusebenzise kangangoko unokusetyenziswa umhlaba wakho.
Ndicinga ukuba kufuneka siwenze wonke umzamo wokunika abantu yonke inkxaso abayidingayo malunga nomhlaba asebenawo ukuze sonke isiqwengana somhlaba sinike isizwe sethu ukutya. Wakuba wonke umhlaba uvelisa ukutya kakuhle, kungaqwalasela eminye imibandela. Umhlaba uxabisekile, kwaye xa ukwazi ukufikelela emhlabeni, unoxanduva wokuwusebenzisa. Thina balimi sisuka siqolosele emsebenzini wokulima ngokupheleleyo singazihoyi iintetho ezenziwa ziingcali zopolitiko ezijonge icala lazo.
