UJane(Maize) (350 words)							IsiXhosa
UMama uJane uthi…
Folio strap: 
Photo: Use a photo of Jane 
Kumaxesha ngamaxesha kufuneka sikhe sinqumame sizibuze ngesikwenzayo. Kumzamo wokufikelela kwimpendulo ecacileyo, kufuneka ngokunjalo sixele esingakwenziyo. Masiqale ngezinto esingazenziyo:
Asibasebenzisi babhambathiswa abamhlophe ukufama emhlabeni wabamnyama.
“Asibenzeli umsebenzi wokufama” abantu.
Asizami ukunika abantu amathuba okufama abebenamathuba kwixesha elidlulileyo.
“Asenzi nkqatho yokukhohlisa abantu”.
Asizami kufumana amanqaku ekhadi yeegowuli ze-BEE ukulungiselela abo bathenga ezi mveliso.
Asizami kufumana amanqaku ekhadi yeegowuli ze-BEE ukulungiselela abo banika inkxaso yamagalelo.
Zinto zini esizenzayo?:
Siphuhlisa abalimi abamnyama – abazimeleyo, abalimi abamnyama abalondolozekayo. 
Siqeqesha abalimi abamnyama ukuba baziqonde izizathu zezinto abazenzayo.
Sikhuthaza abalimi ukusebenzisa imithombo yobutyebi bendalo kangangoko kufanelekile.
Sibonisa abalimi abamnyama indlela yokukhathalela umhlaba abawusebenzisayo. 
Sincedisa abantu ngento abanayo, ukuze baziyilele ngokwabo ingeniso kwaye bazivelisele ukutya kwabo, koluntu lwabo nokwesizwe sethu. 
Siguqula imbonakalo yezolimi – ukusuka kwishishini elonganyelwe ngabamhlophe ukuya kwelo limele ngokwenene onke amaqela enkcubeko naweentlanga.
Sincedisa abantu abanofikelelo emhlabeni – emhlabeni odityanelweyo, okanye umhlaba oqeshiweyo, okanye umhlaba ongowabo (ngokusebenzisa umhlaba ngendlela elondolozekayo nenenzuzo ngakumbi).
Sizama ukusebenza nawo onke amasebe karhulumente ngokunxulumanisa uncedo olunikwa abalimi.
Senza izicwangciso ukuze abalimi bafumane oomatshini nezixhobo zokusebenza.
Senza izicwangciso zokufikelela kubonelelo lweegranti ezivela emasebeni.
Kaninzi ndidaniswa kukuva ukuba abantu “balimela” abalimi abamnyama. Abanye abantu/imibutho isebenzisa imihlaba yabantu abamnyama ukwenzela inzuzo eyiyeyabo ukuze oku bakubize ngokuba “luphuhliso lwabalimi”. Ukuba ungumlimi omhlophe osebenzisa umhlaba womntu omnyama – wuqeshe, wuhlawulele kwaye ukwazise ukuba uqeshe umhlaba ukuze uzilimele wena. Nceda musa ukwenza ngathi unika uncedo kubalimi. 
