Jane(Maize) 										IsiXhosa
UMme Jane uthi…
Folio strap: 
Photo: Use a photo of Jane 
KwiPula/Imvula, kwiminyaka emininzi besisoloko sinika ugqaliselo kwezolimo nakwimveliso kuphela, side silibale ukuba ngaphandle komlimi, akunakuze kubekho mveliso kwaphela kungekhe kubekho kutya nazintsinga. Ngaba uyayazi indlela obaluleke ngayo? Uyayazi into yokuba wena wondla ihlabathi? 
Sonke siyakuphepha ukukhankanya intetho ethi HIV nethi AIDS – ngokungathi luhlobo oluthile leshwangusha kwizizwe zehlabathi. Akukho mntu esimbona ephila phantsi kwelishwa xa enoxinzelelo oluphezulu lwegazi, okanye isifo seswekile nokuba sisifo somhlaza. Yinkolo yam endiqinisekileyo ngayo ukuba kufuneka simjonge kwangolo hlobo umntu onentsholongwane yeHIV neAIDS. Le ntsholongwane eyivayirasi ihlasela isixokelelwano sokuzikhusela komzimba wakho ukuze ivule iminyango ezingena ngayo izifo ezikubulalayo. Iindaba ezimnandi kukuba unako ukuba nempilo entle nobomi obulungileyo naxa unayo intsholongwane yeHIV. 
Yintoni ekufuneka siyenzile? 
Kukuvavanyelwa intsholongwane yeHIV ukuze uyazi imeko yakho. “Ukuba nolwazi ngamandla.”
Ukuba unentsholongwane yeHIV, fumana unyango eklinikhi. Musa ukwamkela nayiphi intsilelo kwinkonzo enikwa yiyo nayiphi iklinikhi kwaye qiniseka ukuba unayo imfanelo yokufumana ii-anti-retro viral (ii-ARV) (ngokwesibalo seeseli zakho zegazi ze-cd 4) kwaye uzifumane rhoqo ngokunjalo uzisele ngokokumiselwa kwazo. Okwangoku akukabikho nyango luphilisa umntu kwiHIV, kodwa iyalawuleka kwaye unako ukuphila ubomi obupheleleyo obude ukuba uyilawula kakuhle. 
Ukuba ulwenzile uvavanyo lweHIV waza wafunyaniswa unayo, zinikele ukuba uvavanyelwe neTB (isifo sephepha). Xa isakhono somzimba wakho sokuzikhusela siphantsi ngenxa yeHIV, uba sisisulu sokufumana iTB. YiTB egqiba ulangazelelo lwakho lokutya, ekukhohlelisayo, ethoba ubunzima bomzimba wakho. Qiniseka ukuba xa uneTB ufumana unyango lokukuphilisa – kaloku iyanyangeka iTB! 
Ukuba, kwelinye icala, uvavanyiwe malunga neTB waza wafunyanwa unayo, ngena nakuvavanyo lweHIV – kusenokwenzeka ukuba unayo nayo njengoko isakhono somzimba wakho sokuzikhusela siphantsi. 
Akukho mfuneko yokuba umntu abulawe kukuba nentsholongwane yeHIV – into efunekayo kukuba mawuyazi imeko yakho uze ufumane unyango. Nceda yiya kuvavanyo ukuze xa unayo intsholongwane, ufumane unyango. Siyanidinga nonke! 
