Jane(Maize)										IsiXhosa
UMama uJane uthi…
Folio strap: 
Photo: Use a photo of Jane 
Hayi uyolo ebendinalo lokuba nenxaxheba kwiphaneli (isigqeba) ebivavanya ukhutshiswayo loMlimi woNyaka. Ngumsebenzi weminyaka emininzi ongene kwinkqubo yethu yophuhliso kwaye kube ngummangaliso ukubona abanye babalimi befikelela kumanqanaba obuchule. Ukufikelela kwisigqibo malunga nabantu abathathu abagqwesileyo bekunzima kakhulu njengoko wonke umntu ebesebenze kakuhle kangako! 
Nangona kungummangaliso kwaye kungumvuzo omhle ukubona inkqubela yabanye abalimi, kuyakhathaza ukufumanisa ukuba kukho abantu abangaqhubeli phambili. Lilishwa ukubona abantu abangazenzi kakuhle nezinto ezisisiseko sokulima – ukulungisa umhlaba, ukufaka isichumiso, ukukhetha imbewu echanekileyo nokutshabalalisa ukhula. Xa ungakwazi kwenza le misebenzi ekwisiseko sokulima akunakuze ube ngumlimi orhwebayo. 
Kaninzi uva abantu bekuxelela ukuba abakwazi kulandela iindlela ezichanekileyo zokusebenza ngezizathu eziliqela – abanye bathi abanatrektara, abanye batyhola iindleko zembewu nezesichumiso kanti abanye babeka ityala kurhulumente. Xa ufuna ukuba ngumlimi ophumelelayo kufuneka ube necebo olisebenzisayo. Zikhona izityalo ezingummangaliso omkhulu esizibone zityalwe ngesandla – intsimi encinci inokuvelisa isityalo esihle xa umhlaba uwulungise kakuhle, imbewu nesichumiso osisebenzisayo silungile kwaye nokhula ulutshabalalisa. Kubhetele kakhulu ukulima indawo encinci (uzilinganisele) wenze konke ngendlela elungileyo, kunokulima indawo enkulu kodwa kakubi nokuba kungesiphi isizathu. Wakuba sowukuchana ukulima indawo encinci kakuhle, unako ke ngoko ukwandisa indawo oyisebenzayo. 
Masikhumbule ukuba le nkqubo yophuhliso yaseGrain SA ifumana inkxaso-mali kwii-trust zezityalo eziziinkozo (ngakumbi iMaize Trust) kwaye abo basinika inkxaso-mali bafuna ukubona inkqubela. Ukuba akukho nkqubela ebonakala emasimini, siya kunyanzeleka ukuyivala inkqubo kwezo ndawo zisilelayo. Kuya kuba yimini elusizi ukurhoxisa inkxaso enikwa abalimi – nangona kunjalo, oku kusezandleni zenu. Ukuba inkxaso noqeqesho esininika lona lunexabiso kuni, kuya kufuneka ukuba niphumeze iinguquko eziyimfuneko kwimisebenzi yenu yokulima. Kunzima ukuba ngumlimi onempumelelo, kodwa konke onke kuxhomekeke ezandleni zakho – okwethu kukuba sikunike lonke uqeqesho nenkxaso esokukunika lona, kodwa kufuneka uguqule iindlela zakho! 
