UJane (Umbona)								IsiXhosa
UMama uJane uthi…
Folio strap: 
Photo: Use a photo of Jane 
Mva nje usasazo ngathi eyona ngxelo luyinikayo iphathelene nolwaphulo-mthetho kunye nobukrelemnqa. Kwenzeka ntoni ebantwini bethu, kwimigangatho yethu yokuphilisana nakwiinqobo zokuziphatha zethu?.
Iinqobo zokuziphatha emsebenzini zibandakanya imbonakalo-zimvo yethu, ukuziphatha, ukuhlonela, unxibelelwano nokusebenzisana – indlela ubani asebenzisana ngayo nabanye. Umbuzo wenene kwimeko ethile ubandakanya okulungileyo nokwamkelekileyo xa kuthelekiswa nokungalunganga kunye nokungaqwalaselwanga ngokwaneleyo.
Kuyo yonke iminyaka edlulileyo embalwa kubekho amaqumrhu kunye nabantu ngabanye abangaziphathanga kakuhle emsebenzini, nechaphazela abanye ngendlela engathandekiyo. Oku kuye kwabandakanya ukubajongela phantsi abanye abantu xa abanye benze into ethandabuzisayo. 
Iinqobo zokuziphatha emsebenzini, ezifana nokuthembeka, ukuwenza kakuhle umsebenzi, ukuxabisa okwenziwa ngomnye umntu, ukusebenza ngokwenjongo, nokuziva uyinxalenye yombono okanye yesicwangciso esibanzi, kubalulekile. Akufuneki ukuba sifune kuphela ukwenza, kodwa kufuneka senze ngokufanelekileyo. Iinqobo zokuziphatha emsebenzini ziyingxam yemvisiswano – ziphuma ngaphakathi. 
Kumsebenzi wokufama maninzi amathuba amaninzi okuphosisa nokuqhatha. Cinga ngabantu ababoleka imali baze bangayibuyisi emva kokufumana isityalo; okanye abantu abalima isityalo, basise apho kufanelekileyo kodwa abanye benze ngathi khange basifumane eso sityalo; okanye abo baboleka imali yokulima inani elithile leehektare baze balime nganeno (ngaloo ndlela bangawasebenzisi onke amagalelo emasimini ngokwesicwangciso). Abantu abangaluhloneliyo ubhambathiso abangena kulo, nabantu abasoloko benezizathu zokungasebenzi nzima, abantu abathengisa izinto ezingezo zabo kunye nabantu abathenga izinto ezibiweyo...uludwe lungaqhuba okoko). 
Xa kufuneka sakhe icandelo lezolimo kwilizwe lethu kufuneka sibuyele kwimithetho-siseko elungileyo yokuthembeka, ukusebenza nzima, ingqiqo nentlonelo. Wonke umntu, kubandakanywa abantu abakumasebe karhulumente, makenze umsebenzi ofanelekileyo wosuku. Le kuphela kwendlela esiya kuphumelela ngayo. Ukuba uza kuguqula indlela ezenzeka ngayo izinto – qala ngokuziguqula wena ngokwakho. Khokela ngokuba ngumzekelo omhle, thembeka. Masibuyele endaweni apho sinokuthetha ngokuzithemba sithi: ilizwi lam ndiya kulihlonela.
