Jane(Umbona)									IsiXhosa
UMama uJane uthi…
Folio strap: 
Photo: Use a new photo of Jane 
Nangona kwenziwe imizamo emikhulu yokutshabalalisa ukhula, sifumanise ukuba kweli xesha lonyaka leemvula, abalimi abaninzi kubatsalise nzima ukutshabalalisa ukhula. Lo nyaka ube ngumzekelo omhle wokubonisa abalimi ukuba ukutshabalalisa ukhula ngemichiza yeyona ndlela ifanelekileyo! Kwiziganeko ezininzi, amasimi ebemanzi kakhulu abalimi bengakwazi kulima phakathi kwemiqolo, kaninzi abalimi banikezele kwidabi lokulwa ukhula. 
Lixesha lokuba uqwalasele amasimi akho ukuze uzibone zonke iingxaki oya kudibana nazo kunyaka ozayo. Ukhula malungaze lukumangalise – lungaba lukhula oludala nekukudala lukhona entsimini ngezizathu ezininzi, okanye ukhula lonyaka ozayo luya kuvela kwimbewu yokhula ewe emhlabeni kwixesha langoku lonyaka.
Akukabi semva kwexesha ukuba ungenza umahluko emasimini akho. Khumbula okulandelayo:
Ungaziyeki iindawana ezincinci ezinokhula, tshabalisa loo ndawana ingekanwenwi. 
Luchonge ngokuchanekileyo ukhula ukuze ulwazi utshaba lwakho kwaye ukwazi nokwenza ilinge lokulutshabalalisa. 
Musa ukuvumela isityalo esilukhula ukuba sibe nembewu, inkoliso yokhula oluhlala iminyaka lunokwandiswa yimbewu nakukuziphinda-phinda.
Lawula ukhula ngendlela yemveliso yezityalo eqhelekileyo. Khumbula ukufumanisa ngezitshabalalisi zokhula ezinokuba khona nezinokusetyenziselwa ukutshabalalisa ukhula.
Musa ukuluvumela ukhula ukuba lukhule ngokukhululeka kwintsimi esentloko (wenakker – okanye emngciphekweni wentsimi). Uhlaselo olubi lunokuqala apha luze lunwenwele kuyo yonke intsimi ekugqibeleni. 
Qiniseka ukuba ulungiselelo lwakho lomandlalo wezithole lulungile, makungabikho lukhula entsimini phambi kokutyala. Oku kuya kunika isityalo ithuba lokuphuhla ngaphandle kokhutshiswano. 
Ukuba kukho oluhlala unyaka wonke, cinga ngokusebenzisa iindlela zokungahlakuli ukuze utshabalalise ukhula ngemichiza.
Lima amasimi apho kukho khona ukhula lonyaka wonke. Ukuhlakula kunokuba neempembelelo ezimbi elukhuleni. (Jonga inqaku lesixhenxe elingasentla, kwezinye iziganeko ukutshabalalisa ukhula ngemichiza kusenokuba yindlela ephucukileyo). 
Qaphela ukuba unganwenwisi ukhula ngoomatshini ngokuba neziqwentshu zeengcambu, amagaqana nezikhondwanana zithuthwe zisiwe entsimini ecocekileyo zizixhobo zikamatshini. Ukungxamela ukuya kwenye intsimi kunokwenza abantu balibale ukuqinisekisa ukucoceka kwezixhobo zokusebenza.
Yenza imephu yeendawo kwifama yakho apho olu khula luvela ekwindla ukuze ukhumbule ukulutshabalalisa kwixesha lonyaka elilandelayo. 
Ngethamsanqa amaxabiso ako konke ukutya okuziinkozo ngathi ayenyuka – ndithemba ngenene ukuba lo mkhwa uya kuqhuba ukuze wena, mlimi, ukwazi ukufumana inzuzo emva kokuvuna nokuthengisa isityalo sakho. Khumbula ukuba umsebenzi wokufama ungaphezu kokuba sisimbo sobomi – ulishishini kwaye kufuneka ugqalisele yonke imizamo yakho yokufumana inzuzo kuwo ukuze ube ngumlimi olondolozekayo. 
