Ilungu (Umbona)								IsiXhosa
Ndingaba lilungu laseGrain SA njani?
Folio strap: Ukongeza ixabiso
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Nawuphi umntu ongumlimi wezityalo eziziinkozo unako ukuba lilungu leGrain South Africa. Kukho iintlobo ezahluka-hlukileyo zokuba lilungu lalo mbutho, kodwa ezona ntlobo zixhaphakileyo ngamalungu apheleleyo orhwebo namalungu amaqela ofundo-nzulu. 
Iintlawulo ezenziwayo ukuze umntu abe lilungu elipheleleyo lorhwebo yiR2 ngetoni nganye yeetoni zokutya okuziinkozo okukhutshwayo, ukuze eyona ntlawulo incinci ibe ngama-R570 (kubandakanywa i-VAT). 
Kukho ukuba lilungu leqela lofundo-nzulu eliyi-R10 ngelungu ngalinye leqela lofundo-nzulu ngonyaka. Xa kukho abantu abanomnqweno wokwenza iqela lofundo-nzulu ukuze babe ngamalungu eGrain SA, nceda qhagamshelana noMphathi woPhuhliso ongoyena ukufuphi, baphathi abo banamagama neenkcukacha zoqhagamshelwano kwiphepha elingasemva kwale leta yeendaba. Injongo yala maqela ofundo-nzulu kukubamba iintlanganiso rhoqo apho kuxoxwa khona yonke imiba yomsebenzi wokuvelisa ukutya okuziinkozo. Ukuba lilungu leqela lofundo-nzulu kukwathetha ukufikelela kwizifundo ezininzi zoqeqesho ezinikwa yiGrain SA kunyaka uphelele. 
Sinethemba lokuba liya kuthi chatha inani labalimi abasaphuhlayo abaya kuba ngamalungu apheleleyo orhwebo eGrain SA ngokuhlawula umrhumo wawo we-R2 ngetoni nganye yeetoni abazivunayo. IGrain SA iyakufuna ukuba ube lilungu ukuze sithathe inxaxheba simele bonke abalimi baseMzantsi Afrika. 
