Ulawulo (Umbona)									IsiXhosa
Ulawulo oluphucukileyo luya kukubeka endaweni ephezulu
Folio strap: Ulawulo
Byline: Ulwazi luhlanganiselwe ukusuka kwincwadi yoqeqesho ngoLawulo lweFama ukwenzela iiNzuzo nguMarius Greyling
Redraw the diagram and make each factor a bright different colour
Ingaba uziphethe kakuhle izilwanyana zakho? Okanye ingaba amadlelo kwifama yakho abonisa iimpawu zokutyisa okugqithisileyo? Ingaba unamava okwaneliseka xa ujonge isityalo sakho esikhula ngempumelelo? Emva kokuvuna uyawakhathalela amasimi akho? 
Yintoni eyenza ukuba omnye umlimi abe nempumelelo ngaphezu komnye? Oku kungaxoxwa ngako kude kutshone ilanga. Nangona kunjalo, ekugqibeleni zonke izizathu zinokunxulunyaniswa nomgangatho wolawulo kwaye malunga neshishini lokufama – ulawulo lomsebenzi wokufama.
Inkcazelo ngolawulo lokufama
Ziliqela iinkcazelo ezikhoyo ngolawulo lokufama kodwa ngokudibanisa zonke iinkcazelo kufumaniseka ukuba zonke zithi ulawulo lwefama “kukusetyenziswa ngemfezeko okanye umdibaniso wayo yonke imithombo esetyenziswayo, abantu nezinto eziphathekayo, ukuze kuphunyezwe iinjongo zeshishini lokufama.”
Abo babhekiselele kwiingcingane baya kuthi, kodwa masikhe sihlalutye inkcazelo siqale ngeenjongo okanye imigqaliselo yeshishini lokufama. Omnye angasuka athi eyona njongo equka zonke ezinye okanye ebaluleke kakhulu inokuba kukufumana inzuzo ngokwenza njalo kubekho inzuzo elondolozekayo. Ewe, isenokuba khona imigqaliselo eyongezelelweyo efana nokuphucula umgangatho wokuphila kwakho, njengokuvelisa imveliso eya kuthandwa ngabathengi nabanye. Nangona kunjalo, eminye imigqaliselo eyongezelelweyo inokufezeka kuphela xa kukho inzuzo efumanekileyo. Naxa ingengomgqaliselo wenene, abanye abalimi bakhetha ukuba nomonde balawule ishishini lokufama kuba befumana indlela ephucukileyo yokuphila kulo. Xa kungekho nzuzo efumanekayo, kwayona loo ndlela yokuphila isuka ingabi salunga. Ngokwemiqathango yemali ugqaliselo luxelwa njengembuyekezo elungileyo kutyalo-mali, kodwa ngenjongo yokubeka izinto lula masithethe ngenzuzo. Ngendlela ecace gca, inzuzo ibonakaliswa njengengeniso ekuthatyathwe kuyo iinkcitho (inzuzo = ingeniso – iinkcitho okanye ingeniso – iinkcitho = inzuzo).
Ubutyebi obungabantu nezinye izinto ezisetyenziswayo, ezikhankanywe kwinkcazelo, nabo kubhekiselelwa kubo njengemibandela yemveliso, ulawulo, abasebenzi, umhlaba kunye nemali eyinkunzi yokuqalisa ishishini. Abasebenzi bamele bonke abaphangeli. Umhlaba umele intsimi eyinto ekhoyo (amasimi angumhlaba), uhlaza (ekutyiswa kulo), amanzi). Imali eyinkunzi yokuqalisa ishishini yimali ephathekayo nezinto ezixabisekileyo ezingashenxiswayo ezifana nezakhiwo, izibiyeli, iintlanti, iishedi nenye impahla yexabiso eshenxisekayo efana nezithuthi, izixhobo zokusebenza, iitrektara, imfuyo eyandayo namagalelo okufumana imveliso njl.
Imisebenzi emine yolawulo
Inyathelo lolawulo linemisebenzi emine yolawulo eyile, ukwenza izicwangciso, ukwenza ulungiselelo, ukuphumeza nokuqwalasela apho;
Ukwenza izicwangciso ikukwazi ekufuneka kwenziwe, njani, nini. 
Ukwenza ulungiselelo ikukwazi ukuba ngubani oza kwenza ntoni, nini, phi (ukwabiwa kwezinto ezisetyenziswayo).
Ukuphumeza ikukwenza okubonakalayo oko bekucwangciselwe nokwenzelwe ulungiselelo.
Ukuqwalasela ikukuthelekisa okwenziweyo, kulungile okanye akulunganga ncam, kunaloo nto ecwangciselweyo, nelungiselelweyo kunye nokufuna izizathu zokuphambuka emgaqweni ukuze kusetyenzwe phucukileyo kwixesha elizayo.
Ngaxeshanye, xa kuphunyezwa umsebenzi ngamnye wolawulo umlimi/umlawuli makabe yinkokeli, athathe izigqibo, anxibelelane ngaphakathi nangaphandle, anike umsebenzi, anxulumanise amacandelo, akhuthaze abantu aphinde agcine ingqeqesho ngendlela engacwangciselwanga necwangciselweyo.
Ngaphaya koko, ukuze likwazi ukwenza inzuzo elondolozekayo kwaye liphumeze zonke iinjongo zalo ishishini lokufama malibe nemveliso eliyikhuphayo likwazi ukuyithengisa – kufuneka ke ngoko lihlangabeze iimfuno zabaxumi. Ngokubanzi iimveliso zingaba kukutya, imichiza, iplanga okanye izilwanyana. Igama elithi “iimfuno” libandakanya imibandela efana nomgangatho kunye nobungakanani bemveliso, ixesha elixeliweyo lokunika inkonzo kunye/okanye inkonzo eyenziwa ngamaxesha abekiweyo, indawo yokunika inkonzo kunye nokubekelelwa kwempahla.
Malunga nesibalo samagama esisiseko sithe ingeniso – iinkcitho = inzuzo/ilahleko (ingeniso – inkcitho = inzuzo/ilahleko), kubalulekile ukukhumbula ukuba yonke into esiyenzayo okanye maxa wambi esingayenziyo besifanele ukuyenza, malunga neshishini lethu, oko ekugqibeleni kuzibonakalisa kwisibalo sethu samagama. Ingeniso inganda okanye icutheke kunjalo ke nangeenkcitho. Siyakubala konke ukutsala umnxeba esikwenzayo? Ingaba konke ukutsala umnxeba esikwenzayo bekuyimfuneko? Siyalubala lonke utyelelo lwethu lwasedolophini? Siyayinika imfuyo yethu isondlo esifakelwayo xa isifuna? Ingaba iitrektara zethu nabanye oomatshini banikwa inkonzo kwaye baqwalaselwa rhoqo? 
Ngokuphathelene nale ngxoxo, ibinzana lamagama elithi ulawulo lwefama lungachazwa njengokwenza izicwangciso, ukwenza ulungiselelo, ukuphumeza nokuqwalasela abasebenzi bakho, intsimi yakho nazo zonke izinto ezinexabiso ezingashenxisekiyo nazo zonke ezishenxisekayo kubandakanywa amagalelo kumsebenzi wemveliso ngokukhokela, ngokwenza izigqibo, ngokunxibelelana, ngokwabela abanye umsebenzi, ngokunxulumanisa, ngokukhuthaza nangokugcina ingqeqesho ukuze kukhutshwe iimveliso eziya kuthandwa ngabathengi kodwa kufumaneke inzuzo.
Xa kusenziwa isazobe kungalinganiswa ngolu hlobo:
Ukukhokela
Ukwenza izigqibo
Unxibelelwano
Ukwaba umsebenzi
ULAWULO =				 Izinto ezisetyenziswayo Ukunxulumanisa							 
Ukukhuthaza
Ukugcina ingqeqesho
Imibuzo ebuzwe ekuqaleni kweli nqaku ngoku inako ukubalulwa ngokubuza oku; uyazenza izicwangciso, uyalwenza ulungiselelo, uyaphumeza ngokunjalo uyaqwalasela ukuze ugcine imfuyo yakho kakuhle? Ingaba isixokelelwano sakho sokutyisa uyasenzela izicwangciso, uyasilungiselela, uyasiphumeza ngokunjalo uyasiqwalasela kakuhle? Ingaba imveliso yesityalo uyayenzela izicwangciso, uyayilungiselela, uyayiphumeza ngokunjalo uyayiqwalasela kakuhle kubandakanywa, umzekelo imiba efana nokuhlalutywa komhlaba?
Imisebenzi emine yolawulo kwakhona inako ukubonwa njengamavili esithuthi okanye itrektara. Ukuba kukho ivili elinye elingahlohlekanga kakuhle ngumoya okanye okubi ngakumbi kuthi kanti lipaca-paca isithuthi sisenako ukuya phambili ngesakhono esicuthekileyo kodwa kungekudala kusuka kwenzeke umonakalo kangangokuba isithuthi sinyanzeleke ukuba sime ngxi. Kunjalo nakushishino. Ukuba omnye wemisebenzi yolawulo awuqhutywa kakuhle, ishishini lakho lisenako ukuyifumana inzuzo kodwa kungekudala, kungaba semva kweminyaka emihlanu nokuba yelishumi okanye emininzi kunoko, ishishini lakho liya kuma. Kanti oko ngumceli-mngeni wexesha elizayo; ukuba ulawulo lwakho aluphucuki ngonyaka ngamnye, ekugqibeleni liya kuma, kude kungaphindi kubekho nzuzo ifumanekayo. Umntu akanako ukwenza izinto ngendlela enye unyaka emva komnye; kufuneka uphucule ulawulo ngokwandisa ingeniso kunye/okanye ukulawula iinkcitho zakho. 
Ingeniso inokwandiswa, umzekelo ngamaxabiso athe chatha kunye/okanye imveliso ethe chatha ngomlinganiselo ngamnye (umbona – ngeetoni/ngeehektare) kunye/okanye izicwangciso zemveliso eziphuculiweyo (ukufama okuchanwayo) kunye/okanye ukwanda kwemveliso ekhutshwayo kunye/okanye ukuguqulwa kweshishini kunye/okanye ukulenza ngenye indlela.
Iindleko zinokucutheka, umzekelo ngokuzama ukufumana amaxabiso aphantsi ezinto eziligalelo kunye/okanye izicwangciso zemveliso eziphuculiweyo (ukufama okuchanwayo) kunye/okanye ukucutha iindleko njengokunciphisa abasebenzi kunye/okanye ukulawula iindleko ngokuphumeza uhlahlo lwabiwo-mali kunye/okanye ukwandisa imveliso ekhutshwayo.
Kwishishini lokufama umnini/umphathi makalawule imimandla elandelayo:
Ulawulo lwemveliso (ukukhutshwa okubonakalayo kweemveliso);
Ulawulo lokuthenga (ukuthenga izinto ezingamagalelo emveliso nezinto ezixabisekileyo);
Ulawulo lokuthengisa (ukuthengisa iimveliso);
Ulawulo lwemali (ukulawula iimali kubandakanywa iirhafu, izicwangciso ngomzi, imingcipheko neentandabuzo);
Ulawulo lwezinto ezisetyenziswayo (i-ofisi neengxelo ezigciniweyo);
Ulawulo lwabasebenzi (abaphangeli);
Ulawulo lobudlelwane nowonke-wonke (ubudlelwane nonxibelelwano);
Izinto ezixabisekileyo (ukuqwalasela, ulondolozo ngokuthengiswa kwezinto ezixabisekileyo) ulawulo lwempahla egciniweyo (ukuqwalaselwa kwezinto eziligalelo kwimveliso); kananjalo	
Ulawulo ngokubanzi (imiba efana nempilo nokhuselo lwabasebenzi, ulawulo lomlilo nokhuseleko lwefama).
Nangona le mimandla ikhankanywe ngokwahluka kwayo, inxulumene kuba naxa unokuxakeka kulawula (usenza izicwangciso okanye usenza ulungiselelo okanye uphumeza okanye uqwalasela) ummandla othile kungenzeka uxakeke kukulawula enye indawo okanye iindawo. Umzekelo xa usaxakeke lulawulo lwemveliso usenokuxakeka lulawulo lwemali, lulawulo lokuthenga nalulawulo lwabasebenzi. Oku kwenza ukuba ukulawula ifama kube ngumceli-mngeni omkhulu. 
Kwakhona yinyaniso ukuba akukho mntu onokulawula engenalwazi, ngezinto zangaphandle nezangaphakathi. Ngoko ke, kufuneka kuqokelelwe ulwazi kangangoko kunokwenzeka kanti oko kunokwenzeka ngokufunda, ngokumamela, ngokuqwalasela nangokurekhodisha. Kufuneka nonke niyiqhele intetho ethi, xa ungenakubeka esikalini, akunakulawula. Xa ungazi ukuba ipesenti yokwanda komhlambi wakho weenkomo ngama-60% kuphela, uza kulawula njani ukuze uphucule ipesenti yokwanda komhlambi wakho? Kaloku kufuneka uqale ngokugcina ingxelo uqokelele ulwazi ngoonobangela bepesenti ephantsi yokwanda komhlambi wakho nendlela ongayiphucula ngayo okanye onokulungisa ngayo oonobangela abanokuba khona. Kuyafana nakwisivuno sezityalo zakho, ukukhutshwa kobisi, ukukhutshwa kwewulu, isantya sokukhula kweenkuku zakho zenyama okanye nokuba yintoni.
Okokugqibela, njengabalawuli beefama kufuneka siphinde sikhumbule ukuba yinxalenye yoxanduva lwethu ukulondoloza ubume obusingqongileyo xa silawula amashishini ethu ngokusebenzisa iindlela eziphucukileyo zezolimo. 
