Oomatshini (Maize)								IsiXhosa
Ukukhathalela oomatshini bakho xa kudlule ixesha lokuxakeka 
Imiyalelo:
Folio strap: Ulondolozo
Byline: Ulwazi lufunyenwe kwizifundo zoLondolozo lweTrektara neziXhobo zokuSebenza eFama 
Ngethuba lokuxakeka lasehlotyeni, kusoloko kungxanyelwe ukugqiba umsebenzi ngexesha elifumanekayo. Oko kubonakele ngakumbi kwixesha lasehlotyeni elidlulileyo kuba iimvula zifike emva kwethuba ngoko ke ithuba elifumanekayo belixabiseke ngaphezu kwalo naliphi ixesha langaphambili.
Okuqhelekileyo kukuba ngeli xesha lodandatheko, ulondolozo nokucocwa kweetrektara nezixhobo zokusebenza kuba sezantsi kuludwe lwezinto ezifanele ukwenziwa. Ngoku xa kudlule ukuxakeka, zinike ixesha lokuqwalasela izixhobo zakho zokusebenza. 
Ulondolozo lwazo zonke izixhobo zokusebenza
Coca umhlaba, inkunkuma negrisi eqokelelanayo kwizixhobo zokusebenza uze uphinde upeyinte amabalana akhuhlekileyo okanye adlekileyo. Oku kuthintela ukuba irusi ingonakalisi izixhobo zokusebenza kwaye yandise ubomi bazo.
Umatshini wonke wuthambise ngamafutha / yenza ngohlobo oyalelwe ngalo kwincwadana yomsebenzisi.
Ukuze uzigcine kakuhle, thobela phantsi naziphi iindawo. 
Khusela amazantsi neentsimbi zekhuba ekuruseni ngokusebenzisa irusi enobunzima okanye ngepeyinti yokuthintela ukurusa yamazantsi ekhuba.
Dwelisa naziphi iindawo okanye ukukhandwa okufunekayo. Zithenge uze uzifakele phambi kwexesha elilandelayo.
Gcina izixhobo zokusebenza ngaphakathi, xa oko kunokwenzeka, ukuze amathayara angasindwa.
Beka iibhodi ngaphantsi kwamazantsi ukuthintela ukukhuhleka emhlabeni nokurusa.
Susa iisilinda zoxinzelelo lwamanzi okanye urhoxise iisilinda ngokupheleleyo ukuze ukhusele iintsimbi zeesilinda ekuruseni.
Ulondolozo lwesixhobo sokutyala
Ulondolozo olwenziwa rhoqo nangendlela efanelekileyo lwesixhobo sokutyala izityalo ngokwemiqolo kunokwenza umahluko phakathi kwesityalo esinika inzuzo nesinika iilahleko eziphezulu. Ukukhetha, ukufaka, ukugquma nokomeleza imbewu yeyona misebenzi ibaluleke kakhulu emsebenzini wokuvelisa izityalo. Ukuba isixhobo sokutyala asisebenzi kakuhle ngenxa yokungahoyeki kwaso, kungalindelwa izivuno eziphantsi.
Khupha ezibhokisini isichumiso, izibulali-lukhula nezitshabalalisi-zinambuzane uze ucoce iibhokisi ezo, ngokunjalo namazantsi ezihlwayeli-mbewu ukuthintela ukurusa nokudleka. 
Qwalasela iindawo ezidlekileyo okanye ezaphukileyo uze ufake eziphilileyo endaweni yazo phambi kwexesha elilandelayo lokutyala.
Qaba izivuli zemiqolo, izigqubuthelo zeemela nezeediski kunye nazo naziphi iindawo ezipolishiweyo nge-oyile okanye ngegrisi ukuthintela ukurusa.
Thambisa zonke iibheringi. 
Valela izixhobo zokuphawula ngokungathi zisendleleni uze ugcine isixhobo sokutyala kwisakhiwo. Amavili esixhobo sokutyala mawangabi semhlabeni okanye emgangathweni.
