Imfuyo (Umbona								IsiXhosa
Yandisa isakhono sakho sengeniso ngemfuyo
Imiyalelo:
Folio strap: Ukongeza ixabiso
Byline: Inqaku libhalwe nguJane McPherson noWillie Kotzé 
Photo:	Cow pictures
Caption 1: Esi sazobe sibonisa iinxalenye zomjelo wenkomo wokucola ukutya.
Caption 2: Ulusu nokuqulethwe lulo
Caption 3: Ifoto yodonga lolusu oluvalelekileyo.
Caption 4: Udonga lwesisu sesibini.
Caption 5: Umfanekiso wamalungu asongeneyo odonga lwesisu sesithathu. 
Njengoko sonke sisazi, umsebenzi wokufama lishishini kanti ukuze liphile kufuneka lifake ingeniso. Kwiminyaka embalwa edlulileyo, buye ngokwanda ubunzima bokufaka ingeniso ngemveliso yombona. 
Iindleko zamagalelo ziya ngokwanda kanti ixabiso lezityalo eziziinkozo alandi ngeso santya. Abalimi banamhla bazama ngazo zonke iindlela ukwandisa isakhono sengeniso yomsebenzi wokulima umbona. Zikhona iindlela eziliqela zokukuzuza oku kwaye enye yeendlela kukubandakanya umba wokufuya. 
Uninzi lwabalimi lufuye iinkomo, iigusha kunye/okanye iibhokhwe. Aba balimi bayakwazi ukufikelela emhlabeni ekunokutyiswa kuwo impahla kwaye ukholisa ukwanela kwixesha lasehlotyeni, kodwa kaninzi, akubikho malungiselelo awaneleyo okondla imfuyo ngeenyanga zasebusika. Ukuba uziva unomnqweno okanye unengcinga yokuba ngumlimi ofuyileyo, enyanisweni kufuneka ucinge ngokuba ngumlimi ovelisa ukutya kwempahla (ifula); kaloku imfuyo unokuyigcina kuphela xa unako ukutya kokuyondla. 
Ukuze wande umdla wokufuya, kuyimfuneko ukuyiqonda inkqubo ekucoleka ngayo ukutya kwizilwanyana ezetyisayo. Ngokufutshane, zimbini iinkqubo zokucolwa kokutya kwizilwanyana zasekhaya, ezinesisu esinye, umzekelo, ihagu, ihashe (nabantu) ukuze kwelinye icala, ibe zezo zetyisayo umzekelo, iinkomo, iigusha, iibhokhwe (nezinye ezitya ingca). Isilwanyana esetyisayo sinezisu ezine, iseso kuzo sinomsebenzi ongaqhelekanga.
Ngosuku lwesiqhelo lwenkomo, iiyure ezisibhozo zichithwa ngokutya (itya isintlakantlakiso), zize ezinye iiyure ezisibhozo zibe zezokulala ukuze ezinye iiyure ezisibhozo zichithwe ngokuhlafuna umetyiso. Emva kokutya ingca, inkomo isela amanzi ize izole ukuze iqalise ngenkqubo yokucolwa ukutya. Izixa zengca ezityiwa xa kutyiswa zikhulu ukuze inkomo yetyise enye yengca iyihlafune okwesibini zide izixa ezo zengca zibe ziziqwengana ezincinci ukuze ngolo hlobo zixubane kakuhle namathe (wona ayimfuneko ekucoleni ukutya). Oku kwaphulwa kokutya ngokuhlafuna kwenza kube lula ukuba izidalwanana ezincinanana zitye koku kutya. (oku kukwingxoxo eza mva kweli nqaku). 
Umjelo wokucola ukutya kwisilwanyana esetyisayo
Masiyiqale le ngxoxo ngokukhangela umjelo wokucola ukutya kwisilwanyana esetyisayo.
Umlomo
Umlomo usisiqalo senkqubo iphelele njengoko ukutya kufanele ukungena ngaphakathi. Umlomo uqulethe uphahla lwamazinyo (inkalakahla), amazinyo (wona aphuhla emva kokuzalwa), ulwimi namadlala amathe. Kulula ukufumanisa ubudala besilwanyana esetyisayo ngokujonga amazinyo njengoko amazinyo athile evela kubudala obuthile. 
Ummizo
Ummizo ungumbhobho odibanisa umlomo nesisu sokuqala (esibizwa ngokuba lulusu). 
Ulusu
Ulusu okanye isisu sokuqala, lusebenza njengefatyi enkulu yokubilisa. Akukho mongo-moya okanye (i-oksijini) eluswini yiloo nto lusaziwa njengolungenamoya. Ulusu lunokutya nesintlaka-ntlakiso (isiqulatho esisabungca) esityiwa yinkomo kanti isakhono sokuqulatha ziilitha ezingama-50 ezili-100 ukuya kwezili-120. Ngosuku ngalunye, inkomo eseyikhulile ifuna ukutya malunga neekhilogram ezilishumi zokutya okomileyo kunye neelitha ezingama-50 zamanzi. Iziqulatho zolusu zisoloko zinentshukumo. 
Ulusu neziqulatho zalo
Eluswini kukho izidalwanana (ezincinanana kakhulu) eziqhekeza isintlaka-ntlakiso ukuze inkomo ikwazi ukusicola. Ngaphandle kwezi bhaktiriya (iintsholongwane) nezidalwa zeseli enye zolusu inkomo ayinakukwazi ukucola nakuphi ukutya. Iintsholongwane zolusu zicola izintlaka-ntlakiso ukuze zenze ii-asidi zamafutha ezinako ukutsha, nokwenza iiprotheyini neevithamini.
Izidalwanana ezincinanana eziseluswini zisebenza kwiintlobo ezingqale kakhulu zesintlakantlakiso; kukho izidalwanana ezahluka-hlukileyo ngezidlo ezahluka-hlukileyo. Yiloo nto kuyimfuneko ukugcina izidlo zenkomo zifana kangangoko kunokwenzeka ukuze iinguquko zenziwe kancinci, kancinci. Xa kuguqulwa izidlo, kuye kufuneke ukuba kubekho ezinye izidalwanana ezahlukileyo eziza kukwazi ukusebenza ekutyeni okutsha, oku kuthatha malunga neentsuku ezintathu.
Isisu sesibini (i-retityulamu)
Iretityulamu yaziwa njengesisu sesibini. Sona senza indlela ephakathi kwesisu sokuqala nesesithathu (kwisisu sesithathu kulapho ukufunxwa kwamanzi kwenzeka khona). Isisu sesibini sikwasebenza njengomgibe wazo naziphi izinto ezingacolekanga ekunokwenzeka ukuba ziye zaginywa yinkomo, umzekelo iziqwentshana zocingo, okanye ilitye njl.njl. 
I-omasamu (isisu sesithathu)
I-omasamu sisisu sesithathu kwaye senziwe ngezicwili ezininzi ezisongeneyo. Umsebenzi waso ophambili kukufunxa amanzi. 
I-abhomasamu (isisu sesine)
I-abhomasamu sisisu sesine kwaye sesokugqibela apho ukutya okuhlafuniweyo nokwetyisiweyo kusetyenzwa zii-enzayimi ezikujika kube nako ukufunxeka ethunjini elincinci. 
Ithumbu elincinane 
Ukufunxwa kokutya kwenzeka ethunjini elincinci. Ekugqibeleni ukutya kungena kumjelo wegazi lenkomo ukuze kusiwe kumalungu ngamalungu enkomo apho kuphinda kuqhubeke khona ukusetyenzwa kwako. 
Isiphelo
Xa uqwalasela ingxoxo engenabugoci-goci engasentla, uqala ubone indlela ekubaluleke ngayo ukondla imfuyo yakho ngendlela efanelekileyo. Isizathu sokugcina imfuyo mhlawumbi kukuthengisa iimveliso zayo (ezifana nobisi, uboya okanye uboya bebhokhwe), okanye kukuthengisa inzalo (amankonyana, amatakane egusha namatakane ebhokhwe), okanye kukusebenzisa inyama. Ukuba izilwanyana zondliwa kakuhle kwaye ziyakhathalelwa, ziya kukwazi ukukunika imveliso ukuze ngolo hlobo zibe negalelo kwisakhono sokwandisa ingeniso kwishishini lakho lokufama. 
