Jane(Maize)										IsiXhosa
UMama uJane uthi…
Folio strap: 
Byline: 
Yintoni onayo njengomlimi (okanye njengomzi)? Ingaba unalo ufikelelo kuwo nawuphi umhlaba, kwimimandla yentengiso, kwiitrektara okanye kwizixhobo zokusebenza? KwiNkqubo yethu yoPhuhliso lwamaFama, isiseko sethu sithi “Yintoni onayo, iyintoni esinokukuncedisa ngayo ukuze ikusebenzele phucukileyo?”
Ukuba unalo ufikelelo emhlabeni, ingaba uwusebenzisa njani ngoku? Ingaba umhlaba unako ukusetyenziswa phucukileyo kwaye iyintoni ekuthintelayo ekubeni ungenzi njalo? Sikholelwa ekubeni wonke ubani unako ukuncediswa ukuba afumane isivuno esiphucukileyo sezityalo ngokuthi azisebenzise phucukileyo izinto ezisetyenziswayo anokuzifumana. 
Ukuba ngumlimi orhwebayo kuthetha ukuvuna ngaphezu kwemfuno yakho neyosapho lwakho. Xa uthengisa imveliso, ufaka igalelo kuzinzo lobukho bokutya kwaye ukufanele ukunikwa inkxaso. Thina njengeGrain SA, siyakulangazelela ukwandisa ubutyebi kuwe. 
Ixesha lasehlotyeni libe ngumceli-mngeni omkhulu. Okokuqala, amaxabiso asezantsi ezityalo eziziinkozo athintele ukufikelela kwiimali-mboleko zemveliso. Ngaphezu kwayo yonke imizamo yethu, iSebe lesiZwe lezoLimo lisilele ekuncediseni abalimi bethu. Kwabo bebenako ukulima, ixesha lokulima liqale ngokubalela kwaye iimeko zokulima bezimbi. Emva koko kuqalise iimvula ezingekade ziyeke. Ngoku awulawuleki umceli-mngeni wokhula nowezityalo ezigwantye emanzini. 
Noko amaxabiso embewu yezityalo eziziinkozo ne-oyile aphucukile kwaye abo bebelimile bafanele ukuvuzwa ngemizamo yabo. Ixabiso lengqolowa nalo liphucukile kwaye ixesha lonyaka elizayo libukeka lilkulungele kakhulu ukulinywa kwengqolowa (kwiindawo ezifanelekileyo). 
Sisebenza nzima malunga nokuphuhlisa ubudlelwane neSebe loPhuhliso lwaMaphandle nokuBuyiselwa koMhlaba. Sinethemba lokunika ingxelo malunga nale nkqubela kwiPula elandelayo. Xa sinako ukukwahlulelana nesebe lethu, singakwazi ukuncedisa inani labalimi elithe chatha. 
Sikunqwenelela yonke impumelelo kwinyanga ezayo – akwaba izityalo zakho bezinokuchuma kwaye nawe ube nethemba ngekamva lezolimo eMzantsi Afrika. 
