Umlilo (Umbona)								Isixhosa
Khusela isivuno sakho emililweni
Imiyalelo:
Folio strap: Ukuthintelwa komlilo
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Use a photo of a raging fire on lands
Emva kwehlobo elithile ngakumbi elineemvula ezinkulu nasemva kokwindla kuza ubusika. Ngenxa yexesha lonyaka leemvula, kuninzi ukutya okutyiswa izilwanyana, kodwa oku kukwathetha ukuba imililo yasendle inokubanga ingxaki exhalabisayo kulo nyaka. 
Imililo inokwenza umonakalo oxhalabisayo efama. Umcinga omnye wematshisi unokutshabalisa amawaka eehektare zamasimi alinyiweyo. Uninzi lwemililo etshisa izityalo lwenzeka phambi okanye msinyane emva kokuvuna kuba ngeli xesha izityalo zikholisa ukuba sezivuthiwe kwaye zomile.
Indlela yokuthintela imililo
Abantwana mabangadlali ngematshisi.
Abantu mabangalahli imatshisi evuthayo okanye umdiza (isigarethi) engceni eyomileyo, emagqabini, ematyholweni okanye koovimba.
Makungabaswa umlilo ovulekileyo ethafeni okanye ngamaxesha onyaka anomoya.
Abantu mabaqiniseke ukuba yonke imililo icinywe kakuhle.
Xa ubona umlilo
Xa ubona umlilo osethafeni, kuxele oko kwangoko kubamelwane bakho nakumphathi wemililo yendawo ohlala kuyo. Baxelele ukuba umlilo uphi kanye kanye.
Shiya umntu ekhaya oza kuxelela abantu ngomlilo. Ukuba unerediyo okanye ifowuni, iingcingo mazigcinwe zivuliwe ukuze kugqithiselwe iinkcukacha ezintsha msinyane emva kokufunyanwa kwazo.
Ukuba akungomnini-mhlaba, mazise loo mntu ngokuba umlilo uphi kanye-kanye.
Susa zonke izilwanyana zasefama nezixhobo zokusebenza uzise endaweni ekhuselekileyo.
Izixhobo zokusebenza onokuzisebenzisela ukucima umlilo
Izicima-mlilo – amanzi okanye uhlobo olomileyo olungumgubo.
Yenza isixhobo sokubhula umlilo ngeebhanti zerabha ezindala ezimanzi okanye ngeengxowa ezimanzi. Ukubetha umlilo ngeebhanti okanye ngeengxowa ezimanzi kutshabalalisa umoya (i-oksijini/umongomoya) ofunwa ngumlilo ukuze uvuthe. Xa unganelanga umoya, umlilo uyayeka ukuvutha wandule ukucima kancinci, kancinci.
Sebenzisa iimpompo zehabulusaka ukumanzisa izityalo nengca ekufutshane nephambi komlilo. Iimpompo zehabulusaka zikwaluncedo xa kuqwalaselwa ukudunguka komlilo emva kokucinywa kwawo.
Sebenzisa iziphathi zamanzi nempompo yamanzi enokukhupha amanzi awaneleyo.
Izikophu, iiharika nemihlakulo zinokusetyenziswa ukunqamla umlilo ukuze uvuthele kwicala elichasene nelomoya. Isixhobo esixabayo ngumcu womhlaba ophantse ukufana nendlela apho kungekho nto khona enokuvutha. 
Sebenzisa izikophu neeharika ukucima umlilo ngesanti nangomhlaba. Kwakhona zisebenzisele ukususa ingca neentsasa ezinokuvutha lula.
Sebenzisa izixhobo zokusika ingca nezityalo ezingekavuthi neziphambi komlilo ozayo.
Ukulwa umlilo
Hlangabeza umlilo ukusuka ngakwicala elinye okanye kumacala amamabini uzame ukucutha ububanzi bomlilo ongaphambili.
Ukuba kukho ibhanti yomlilo (isinqamli) okanye isithintelo esiyindalo esifana nomlambo, zama ukucutha ububanzi bomlilo ngakwicala lesithintelo.
Misela abantu abalwa umlilo kwiindawo ezifanelekileyo zobuchule ukuze bacime amalangatye avuthuzwa ngumoya. Umoya onamandla uyakwazi ukuqhubela phambili amalangatye kude kangangekhilomitha enye.
Kubalulekile ukuwubethela ngaphakathi umlilo kwindawo evuthayo ukuze amalangatye angavuthelelwa engceni nasemagqabini angekavuthi.
Yiba soloko ubeke iliso kwicala oya ngakulo umoya ngalo lonke ixesha.
Xa sowucinyiwe umlilo
Wakuba ucinyiwe umlilo, makwenziwe okulandelayo:
Qiniseka ukuba abantu abalwa umlilo abenzakalanga.
Hamba-hamba kwindawo yomlilo kwiiyure ezintathu obona buncinci ukuqwalasela ukuvuka komlilo.
Buyisela izixhobo zokusebenza kwindawo echanekileyo.
Phinda uzalise iziphathi zamanzi ezifana neetanki.
Khanda izixhobo zokusebenza ezonakeleyo.
Izikhokelo zokunqamla umlilo
Nabani umnini-mhlaba apho uqalise khona umlilo okanye ukuvutha okanye umhlaba onokusuka kuwo umlilo makalungise kwaye agcine isixhobo sokunqamla umlilo ngakwicala lomda wakhe phakathi komhlaba wakhe kunye nawuphi umhlaba osecaleni kwawo. Ngumsebenzi noxanduva lwakho ukuqinisekisa ukuba umlilo ungaqali emhlabeni wakho. Ukwenza izixhobo zokunqamla umlilo ovuthayo, lixesha elichithwa kakuhle kwaye kunokukhusela wena nefama yakho (intsimi, izakhiwo, izityalo nemfuyo) ekutshabalaleni. Abanini bomhlaba osecaleni kovuthayo banokuvumelana ngendawo yokubeka isixhobo esinye sokunqamla umlilo ngaphaya komda.
Isixhobo sokunqamla umlilo:
Masibe banzi kwaye sibe side ngokwaneleyo ukuze sibe nako ngokwaneleyo ukuthintela umlilo wasethafeni ekunwenweleni kumhlaba okufutshane;
Masingabangi ukhukuliseko lomhlaba: kananjalo
Masingabi nanto enokuvutha ise umlilo ngaphaya kwaso.
Injongo yezixhobo zokunqamla umlilo
Injongo yezixhobo zokunqamla umlilo:
Kukuthintela ukunwenwa kwemililo ecimekayo ngengacimekiyo;
Zibonisa apho unokucinywa khona umlilo;
Zibonisa apho ukuvutha okungasemva kungaqala khona;
Zibonisa indawo yokuhlasela komlilo; kananjalo
Zibonisa indawo yokufikelela emlilweni.
