Farmer (Maize)										isiXhosa
Inkcazo ngeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Folio strap: INkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Photo 1: NguJane McPherson (ekhohlo), wafumana ukumangaliseka okumyoli xa etyelelwa ngoMnu Msebenzi Zwane, uMphathiswa wezoLimo eFree State noNks Nandi Mayathula-Khoza, uMphathiswa wezolimo eGauteng ngoSuku lwesiVuno eNAMPO. Kukwakho uGq Limakatso Moorosi (ekunene), iNtloko yeSebe lezoLimo eFree State.
Photo 2: NguGideon Ralepedie (Senwes), uG. Motseng, uJane McPherson, uB. Tswene (uMphathiswa waseMntla-Ntshona), uN. Maloyi (uSomlomo) ukuze kumqolo ongaphambili, kubekho uJapie Fransman (Senwes), uC. Kanyane noSello Lesupi nabo bebetyelele isiza soPhuhliso lwamaFama ngoSuku lwesiVuno eNampo.
Ubizo lweNkqubo yasegrain SA yoPhuhliso lwamaFama kukuphuhlisa abalimi abamnyama nabanesakhono sokurhweba ngezityalo eziziinkozo. Ukuphumeza le njongo, kubalulekile ukugqalisela ebantwini ngabanye; kufuneka simphuhlise umntu.
Uphuhliso ALUPHATHELANANGA nomhlaba.
Uphuhliso ALUPHATHELANANGA noomatshini.
Uphuhliso ALUPHATHELANANGA nemimandla yeentengiso. 
Uphuhliso ALUPHATHELANANGA nemali. 
Uphuhliso ALUPHATHELANANGA nokulimela umlimi.
Yonke le nkqubo iqala ngophuhliso lomntu – yonke eminye imiba ilandela ngemva. Uphuhliso yinkqubo asikokuqakatha. 
UMphathiswa wangoku wezoLimo, uNksk Tina Joemat-Pettersson walathe isidingo asibonayo sokwahlula abalimi ngokwezintlu ezahluka-hlukileyo. Ezo zintlu zinje: (nangona thina sizenzele eyethu imiqathango njengoko kungekho miqathango ekuvunyelwene ngayo malunga nezintlu ezahluka-hlukileyo).
Inqanaba 1
ihektare e-1 ukuya kwezili-10 
Abalimi abalimela ukuziphilisa
Inqanaba 2
iihekatre ezili-10 ukuya kwiitoni ezingama-250 
Abalimi abathengisa izixa ezincinci
Inqanaba 3	
Ngaphezu kweetoni ezingama-250
Abalimi abarhwebayo
Kusenokubhidisa kancinane ebantwini xa sisithi iNqanaba loku-1 kunye nabalimi abalima ihektare enye ukuya kwezilishumi bakuluhlu olunye. Kubalulekile ukuba nenkqubo ebandakanya amanyathelo achongeka ngokucacileyo – nawuphi umlimi ongenela inkqubo yethu njengokwiNqanaba 1 – abuthethi nto ubukhulu bomhlaba wakhe. Njengomntu okwinqanaba lokuqala, kukho izifundo ezithile ekufuneka eye kuzo nezisisiseko sokurhweba kwezolimo. Ngelishwa, kukho abalimi abangenakuze bagqithele phambili ngaphaya kweNqanaba loku-1 lomlimi kuba bengenakukwazi ukufikelela komnye umhlaba okanye kwabanye oomatshini. 
Abalimi beNqanaba 2 bakuluhlu olulandelayo kwaye kukho izifundo abafanele ukuya kuzo xa bekweli nqanaba – kufuneka bakhe phezu kolwazi abalufumene besekwiNqanaba 1. Aba balimi basenokungakwazi ukuqhuba ukuze bade bafikelele kwinqanaba elingaphaya kweli, kwakhona ngenxa yeengxaki zemali, ezomhlaba okanye ezoomatshini abangakwaziyo ukudlula kuzo. 
Abalimi beNqanaba 3 ngabo bakwazileyo ukuqhubela phambili ngaphaya kwenqanaba loku-1 nelesi-2, abakwazileyo ukuqonda konke abakufumene kuqeqesho nakwizifundo abazinikwe kumanqanaba okuqala amabini kwaye babe kwisigaba sokulima ngaphezu kweetoni ezingama-250 zezityalo eziziinkozo ngonyaka. Umlimi “wokuqala” okwaziyo ukufikelela kwiihektare ezili-1 000 ngokusebenzisa i-PLAS (umzekelo) akavumelekanga ukuqalisa inkqubo kwiNqanaba 3 – kubaluleke kakhulu ukuba umlimi ngamnye aqale kwinqanaba lokuqala andule ukuzakha ukusuka apho. Abanye abalimi bayafikelela kwisimo sokurhweba ngokupheleleyo ekugqibeleni, kodwa kukho abahlala belimela ukuziphilisa okanye ukuthengisa okuncinane ngenxa yezizathu ezahluka-hlukileyo. 
Iibloko zokuqalisa			 Ungenelelo			 Isiphelo sohambo 
Farmers Days 		
Inqanaba 1 – Abalimi abaziphilisayo – Ihektare e-1 ukuya kwezili-10
Izifundo zoqeqesho
Izifundo ezisisiSeko ngeMveliso yoMbona.
Intshayelelo yezifundo ngeMveliso yoMbona.
Intshayelelo yezifundo ngeMveliso kaJongilanga.
Intshayelelo yezifundo ngeMveliso yamaZimba.
Intshayelelo yezifundo ngeMveliso yeNgqolowa.
Intshayelelo yezifundo ngeMveliso yamaNdongomane.
Izifundo ngokuphatha oomatshini.
Iintlanganiso zamaqela ofundo-nzulu
Ukuthatha intwana yomhlaba ehlalutywayo.
Ubumuncu bomhlaba (pH) nesimo se-phosphate.
Ubunzulu bomhlaba.
Imozulu.
Ukulungiswa komhlaba okusisiseko.
Imbewu.
Amanani ezityalo.
Ukufakwa kwesichumiso.
Ukutshatyalaliswa kokhula nezibulali-zityalo.
Iimvavanyo zemiboniso-ngcaciso
Ukulungiswa komhlaba.
Ukufakwa kwekalika.
Ukufakwa kwembewu namanani ezityalo.
Ukufaka isichumiso.
Ukutshatyalaliswa kokhula nezibulali-zityalo. 
Iintsuku zabalimi
Uthungelwano namanye amashishini ngokubanzi.
Usasazo kunomathotholo
Ukugqithisela ulwazi kwabanye.
I-Pula Imvula 
Ukugqithisela ulwazi kwabanye. 
Inqanaba 2 – Abalimi abathengisa kancinane – iihektare ezili-10 ukuya kwiitoni ezingama- 250 
Izifundo zoqeqesho
Izifundo zoLondolozo lweTrektara neziXhobo zokuSebenza eFama.
Izifundo ezisisiSeko zokuKhanda iNjini.
Izifundo esezikwiBanga eliPhambili ngeMveliso yoMbona neNtengiso.
Izifundo esezikwiBanga eliPhambili ngeMveliso kaJongilanga neNtengiso.
Izifundo ngokuHlola iziNto eziSetyenziswayo neziCwangciso zeFama.
Izifundo zoPhuhliso lweZakhono zoBuchule.
Izifundo ngoLondolozo olwenziwa efama neNkxaso.
Izifundo ngokuPhathwa kooMatshini.
Iintlanganiso zamaqela ofundo-nzulu
Ukukhanda oomatshini nokubagcina.
Ukukhetha imihlanganiselwa.
Ukuchumisa okukokona kulungileyo.
Ukusebenzisa izinto ezisetyenziswayo eziyindalo ngendlela eyiyona ilungileyo.
Ukulawula imingcipheko ne-inshorensi.
Ukuthengisa nokugcina.
Ulawulo lwemali (iimali-mboleko zemveliso). 
Inkqubo yamaFama eseyikwiBanga eliPhambili
Ukufaka imilinganiselo yezixhobo zokutyala nezitshizi.
Izenzo zokuphethula umhlaba.
Ukumisela izixhobo zokusebenza.
Iimali-mboleko zemveliso.
Ukufikelela kwiintlobo zobonelelo nenkxaso karhulumente. 
Iimvavanyo zemiboniso-ngcaciso
Amanqanaba ahluka-hlukileyo okufaka isichumiso.
Ukukhethwa kwemihlanganiselwa.
Ukutshatyalaliswa kokhula ngemichiza (iinkqubo).
Iintsuku zamafama
Uthungelwano namanye amashishini ngokubanzi.
Usasazo kunomathotholo
Ukugqithisela ulwazi kwabanye.
I-Pula Imvula 
Ukugqithisela ulwazi kwabanye. 
Inqanaba 3 – Abalimi abarhwebayo – iitoni ezingama-250 nangaphezulu
Izifundo zoqeqesho
Izifundo ngoKwenza umSebenzi wokuFama ngenjongo yokufumana Iinzuzo.
Izifundo ngeMveliso yoMbona ephantsi koNkcenkcesho.
Izifundo ngeMveliso yeRhasi (iBhali) ephantsi koNkcenkcesho.
Izifundo ngeMveliso yeNgqolowa ephantsi koNkcenkcesho.
Izifundo ngoLondolozo lweetrektara zodidi oluPhezulu.
Amaqela ofundo-nzulu
Ukuthengisa izityalo eziziinkozo.
Iintlobo zokujikeleziswa kwezityalo.
Ukwahluka-hluka nokusetyenziswa kwezixhobo okukokona kufanelekileyo.
Inkqubo yamaFama ekwiBanga eseliPhambili
Uthungelwano;
Amashishini kwezolimo.
Ezolimo ezilungiselelweyo.
Amaqumrhu abonelela ngamagalelo.
Iibhanki nabaxhasi ngemali.
Ukukhokelela abalimi kwicandelo lokurhweba kwezolimo. 
Iintsuku zamaFama
Uthungelwano namanye amashishini ngokubanzi.
Usasazo kunomathotholo
Ukugqithisela ulwazi kwabanye.
I-Pula Imvula 
Ukugqithisela ulwazi kwabanye.
