Uqoqosho (Maize) (685 words)							IsiXhosa
Abalimi bayintsika yesizwe sethu
Imiyalelo:
Folio strap: Ukongeza ixabiso
Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Grabber: Ngaba umlimi usoloko elima kodwa engatyalanga nto? Ngaba uhlakula unaphakade engakhange atyale nto kuwo? Kanti ekugqibeleni akatyali izityalo zakhe eziziinkozo zeentlobo ngeentlobo, iseso endaweni yaso entsimini? Uyazi kakuhle into afanele ukuyenza kuba uThixo umenze wabona kananjalo waqonda…INkosi uSomandla ngutitshala ongummangaliso kuba unika umlimi ubulumko. Ku- Isaya isahluko 28 iivesi 23 - 29.
Umsebenzi wokufama waba ngumsebenzi wokuqala ngqa ehlabathini kwaye wawusisifundo esasivela kuThixo. Ubalulekile ebomini. Ngoko ke, kubalulekile ukuba thina balimi siwubone umsebenzi wethu njengoyintsika ebomini nobaluleke kangangoko. 
Akufuneki sigqalisele kuphela ekwenzeni imali nokwandisa imveliso, kodwa kufuneka sijolise ekuveliseni izityalo zodidi nokutya okuya kuvelisa isondlo sobomi nemipilo entle edingekayo kuninzi lwabantu.
Yintoni igalelo labalimi kuqoqosho?
Banegalelo elikhulu kuqoqosho nakulwabiwo hlahlo-mali lwesizwe.
Abalimi bebonke ngabaqeshi abadala imisebenzi kweli lizwe lethu elinamanqanaba aphezulu kangaka entswelo-ngqesho.
Abalimi balima ukutya kodidi oluphezulu nokunempilo kwaye banegalelo kukhuselo lokutya kwesizwe.
Abalimi kulo lonke eli lizwe banendima kutyalo-mali phakathi kwabahlali beendawo zabo kwaye bayafuneka kwimpilo yoqoqosho lweedolophu zabo nolwesizwe.
Njengeengcaphephe zomhlaba, abalimi basebenza nzima bekhusela umhlaba, umoya, amanzi kunye neyantlukwano yentlaninge yendalo ephilayo ukuqinisekisa ukuba umhlaba uya kukwazi ukuvelisa ukutya kwezizukulwana ezizayo.
Umlimi uyakwazi ukuzenzela, ungumyili wemveliso, akaxhomekeki, usebenza nzima unomoya wokuphucula uluntu kwaye uyaphendula ngezenzo zakhe. Umlimi uvelisa umbona, ujongilanga neswekile ekukhanyeni kwelanga!
Ngelishwa, abalimi, njengabanye oosomashishini, batsala nzima phantsi kokuwa koqoqosho okusisimanga.
Ngenxa yeendleko zokusebenza ezisoloko zinyuka kuphinde kuhle amaxabiso eemveliso zolimo ngoku, abalimi abaninzi nabafuyi beenkomo baza kuva ubunzima okanye abasayi kukwazi ukuhlawula iimali-mboleko zawo zeefama ezihlawulwa ngokwezicwangciso. 
Ngaxeshanye, ubukho betyala elihlawulekayo lethuba elide nabo abunakuqinisekiswa, ngxaki leyo eza nezoyikiso ezithe chatha kwimisebenzi yoshishino lomlimi ngamnye. 
Into eyenzekayo kukuba abalimi banyanzeleka ukuba baxhomekeke ematyaleni ukuze bakwazi ukusebenza – ukuthenga imbewu nezondlo namanye amagalelo afunekayo ukuze kubekho okufakwe emhlabeni nokukhulayo. 
Kodwa ngenxa yokungabikho kozinzo kwiindawo zentengiso ukuze bathengise iimveliso zabo nangenxa yezoyikiso zeentlekele ezinxulumene nemozulu, ukhuselo lolo tyalo-mali lwakuqala lusuka lungabinakuqinisekiswa. Ababolekisi beemali besiqhelo bayazibona ezingxaki isiphumo ibe kukuba basuka baqinise isandla. 
Nathi ke ngoko kufuneka siqhube ngokubongoza urhulumente wanamhla ukuba ancedise abalimi ngenkqubo encomekayo, esekwe kakuhle nekhuselekileyo yokunikwa kweemali-mboleko zeemveliso. 
Amaxabiso kwiindawo zentengiso ayagungqa ngokunxulumene nezityalo ezingundoqo kanti iindleko zolimo ziyanyuka, kubandakanywa isichumiso, imbewu, isondlo namanye amagalelo enziwa efama, konke oko kuya kuqhuba ngokubeka umlimi ebunzimeni ngokwasemalini njengoko yena enolawulo oluncinane phezu kwenkxaso okanye imfuno ebangwayo yemveliso yakhe. Xa amaxabiso kwiindawo zentengiso yabalimi ehlile oko akusoloko kubonakala kumaxabiso okutya kwithala lasevenkileni – oku kuveza iinkxalabo zokuba abathengi bokutya okuziinkozo nabanye bafumana inzuzo endaweni yabalimi nabathengi.
UMzantsi Afrika uza kuchaphazeleka njani?
Ukuba abalimi balahlekelwa lishishini labo namgamakhaya abo kwaye xa abalimi abatsha bengakwazi ukungena kwishishini, oko kuya kuchaphazela abantu baseMzantsi Afrika. Abalimi bayintsika yesizwe nenqwanqwa lokuqala kwileli yezoqoqosho. Xa iifama zisilela, amashishini asesitalatweni esikhulu nawo ayasilela. Okuchasa oku kuyinyaniso nako – xa ziqhubela phambili iifama, namashishini esitalatweni esikhulu namaqela abahlali endawo leyo aqhubela phambili.
Abalimi badala ubutyebi benene, batyhila ixabiso lendalo elililo ukusuka kwimbewu nasekukhanyeni kwelanga kusuka kuvele imveliso eyondla thina emizimbeni nakuqoqosho. Ukuze kunikwe inkxaso ebanzi kwiintsapho ngeentsapho, ukufama kuyimfuneko kuzinziso nasekuphileni kwelizwe lethu. Ukuba silahlekelwa ngumlimi nokuba mnye okanye xa ubunzima buya ngokukhula kubalimi abatsha okanye kwabasaqalayo ukuba bafumane umhlaba, siya kuba sibeka imo esingqongileyo, ukhuseleko lokutya kwethu kunye noqoqosho lwelizwe lethu emngciphekweni.
