Difference										 IsiXhosa
Umbona omhlophe notyheli – yintoni umahluko?
Imiyalelo:
Folio strap: Umbona
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Use pictures of white and yellow maize
Umbona omhlophe uyelele kakhulu ngokwendalo nangokwezofuzo emboneni otyheli, nangona kukho umahluko kwinkangeleko ngenxa yokungabikho kweziniki-bala ze-oyile yekharothini kwiinkozo zombona omhlophe kuba yikharothini enika ibala elityheli kwiinkozo. Iimeko zemveliso neendlela zokulima zifana nqwa ubukhulu becala.
Umbona omhlophe yimveliso engabalulekanga kangako ngokubhekiselele kwilizwe eliphuhlileyo. KwiZizwe eziManyeneyo, umzekelo, ezizezona ezingumvelisi omkhulu wombona ngokungenakuthelekiswa ehlabathini, ukulinywa kombona omhlophe kungaphantsi kwepesenti enye kwisixa esipheleleyo sombona olinywayo, ubuninzi baso bulinywa phantsi kobhambathiso lomsebenzi wokufama ngenxa yentengiso enqongopheleyo xa kuthelekiswa nezinye. 
Kude kube kutshanje, bekusoloko kukho ingqiqo eqhelekileyo yokuba umbona otyheli ufanele izilwanyana kuphela, awubalungelanga abantu. Le ngcinga ibe negalelo kwiintlobo zeenkqubo zokulima nokuthengisa umbona. Ukutya okuziinkozo okutyheli nokungumgubo bekubonwa njengokungafunwa kangako okanye okungafunwayo kwaphela ngabantu kwaza oko kwenza ukuba kungafumaneki ncam kubathengi. Ukungabikho kokutya okuziinkozo okutyheli okanye umgubo nako kunyuse iindleko zokutya kubathengi, njengoko kwimimandla yeentengiso ehlabathini, umbona otyheli unexabiso eliphantsi kunombona omhlophe. Ummandla wentengiso yombona otyheli ehlabathini mkhulu kwaye uzinze kakhulu ngaphezu kommandla wombona omhlophe, oko ke kuwenze ube ngumthombo wenkxaso ethembeke ngokuthe chatha, ngakumbi ngamathuba embalela. 
Ukhe wazama ukutya umgubo wombona otyheli? Kuyamangalisa ukuba ngokubanzi sikucingela kakubi ukutya umbona otyheli. Okutsala umdla eMzantsi Afrika namhla kukuba silima umbona omhlophe omninzi kodwa ube mncinci otyheli – mhlawumbi kufuneka iingqondo zethu zicinge ngokuphangaleleyo ngombona otyheli kuba kaloku xa siphelelwe ngomhlophe umbona, sinako ukutya otyheli! 
