Izityalo (Umbona)								IsiXhosa
Ukubaluleka kweengqikelelo zesityalo 
Imiyalelo:
Folio strap: Iingqikelelo zesityalo
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Ikomiti yesiZwe yeeNgqikelelo zeziTyalo ikhupha amanani ukuba afumaneke kumabakala ahluka-hlukeneyo kumaxesha onyaka okukhulisa izityalo nto leyo enika ingqikelelo yezityalo entsimini ngelo xesha. Ezi ngqikelelo zesityalo zidlala indima ebalulekileyo ekufunyanisweni kwexabiso leso sityalo.
Yintoni iingqikelelo zesityalo? 
IGrain SA inengqiqo yokuba iingqikelelo zesityalo zingumbandela ongacacanga kakuhle. Kufuneka kusetyenziswe ukuqiqa okuhluzekileyo malunga nendima kunye nomsebenzi wekomiti yesiZwe yeeNgqikelelo zeziTyalo phambi kokunika amacebiso ngeenguqulelo ezinokuqhuba ngokuba neempembelelo ezingafunekiyo kubalimi.
Mayikhunjulwe into yokuba iKomiti yesiZwe yeeNgqikelelo zeziTyalo yenza ingqikelelo yesityalo siphelele ingekuko kuphela okunikelwa kummandla worhwebo. Ngaphaya koko yinto engenakwenzeka ukufumanisa ububanzi bomhlaba olinyiweyo ngokunjalo nesivuno esiya kufunyanwa – kwenziwa ingqikelelo kuphela. Umgangatho wengqikelelo unokulunga kuphela xa abo bathabatha inxaxheba kuququzelelo lolwazi besebenza kakuhle. Owona mthombo mkhulu wolwazi isekwangabo abalimi.
Ngoobani iKomiti yesiZwe yeeNgqikelelo zeziTyalo (National Crop Estimates Committee – CEC)? 
IKomiti yesiZwe yeeNgqikelelo zeziTyalo (CEC) inokulandelayo:
Malunga nabalimi abangama- 3 000 abasebenzisana nayo bathumele ulwazi kwikomiti qho ngenyanga. 
Amaziko angala, i-Spatial Intel ne-Geoterra Image aqikelela indawo elinywe isityalo ngokusebenzisa intelekelelo ye-satellite (isipheke-pheke esijikelezayo).
Iziko le-ARC lezityalo eziziinkozo ngokunjalo neZiko leeNkozo eziNcinci asebenza ngeenkcukacha zobalo lwamanani nokukhetha njengeqashiso ngokusebenzisana nabalimi. 
Abameli bamaSebe amaPhondo ezoLimo abanika ulwazi ngesimo kwimimandla yemveliso. 
Amashishini ezolimo enza ezawo iingqikelelo zezityalo kwimimandla yawo. Olu lwazi lunikwa i-CEC kodwa imimandla yawo elinyiweyo ayisetyenziswa kwezo ngqikelelo.
IsiGqeba sabaBhexeshi kwezoBalo lwamaNani seSebe lesiZwe sezoLimo esiqokelela ulwazi, siqhubela phambili ezo nkcukacha ukuze senze iingqikelelo zaseburhulumenteni. 
Imibuzo elandelayo ibalulekile:
Ukuba i-CEC inokuyeka ukwenza iingqikelelo, ingaba akusayi kubakho zingqikelelo zesizwe zezityalo ezenziwayo na? Impendulo yalo mbuzo ithi, akunjalo kuba eminye imibutho iya kuzenza iingqikelelo ntonje akusayi kucaca ukuba zezikabani iingqikelelo ezichanekileyo.
Ingaba i-CEC izimele okanye ingaba ifumana iimpembelelo kwabanye abadlali-ndima kweli shishini? Kunzima ukuba ubani asuke aphembelele i-CEC njengoko beliqela abadlali-ndima abazimeleyo abanegalelo xa bebonke ekunyanisekisweni kolwazi. 
Luthini uluvo lweGrain SA?
IGrain SA ikholelwa ekubeni:
Ingqikelelo yendima elinyiweyo neyezityalo ezimeleyo, echanekileyo, neyenziwa ngexesha elifanelekileyo iyimfuneko ukwenzela ukusebenza okuchanekileyo kwemimandla yentengiso yokutya okuziinkozo. 
Abalimi, iKomiti yesiZwe yeeNgqikelelo zeziTyalo nabanye abadlali-ndima mabasebenzisane ukuze bakuphumeze oku. 
Amalungu eGrain SA kunye nabo bonke abanye abalimi mawakhuthazwe ukunika ulwazi oluchanekileyo, alunike rhoqo kwaye qho.
