Constitution										IsiXhosa
Izilungiso ezicetywayo zomgaqo-siseko
Imiyalelo:
Folio strap: Umdla wohlobo olulodwa 
Byline: Ulwazi lukhutshwa yiGrain SA
Izilungiso ezicetyiswayo zomgaqo-siseko (umelo kumaqela okusebenza, isiGqeba neNgqungquthela malunga nabalimi abasahlumayo) ziya kuphakanyiswa kwiNgqungquthela kaMatshi 2011.
Kuya kuphakanyiswa izilungiso ezilandelayo zomgaqo-siseko:
Amaqela ofundo-nzulu (abalimi abangarhwebiyo) aya kunyula abathunywa abaya kungena kwiQela lokuSebenza kuPhuhliso lwamaFama ingekuko kwiNgqungquthela.
IKlabhu yeeToni ezingama-250 (abalimi abamnyama abarhwebayo) iya kunyula abathunywa abaya kungena kwiNgqungquthela apho amalungu amane amnyama esiGqeba aya kukhethwa khona phakathi kwawo.
Injongo yokuthunyelwa kwamalungu eKlabhu yeeToni ezingama-250 kwiNgqungquthela neyokunyula amalungu angena kwisiGqeba phakathi kwawo kukuqinisekisa ukuba abalimi abamnyama abarhweba ngezityalo eziziinkozo bayaya kwiNgqungquthela kwaye banenxaxheba kwisiGqeba kungabi ngabantu abangengobalimi bezityalo eziziinkozo abaphambili. Isiqinisekiso sokuthatha inxaxheba kwiQela lokuSebenza, kwiNgqungquthela nakwisiGqeba, nangona kunjalo, siya kuqhuba ngokusekwa emsebenzini wokuvelisa izityalo eziziinkozo.
Ukuze kuphunyezwe iingcebiso ezikhankanywe ngasentla, kucetyiswa ukuba umgaqo-siseko wangoku ulunga-lungiswe ngendlela elandelayo:
Izilungiso ezicetyiswayo malunga nomgaqo-siseko
Zinika iziqinisekiso zokuba lilungu – ingcebiso ngezongezo ezitsha kumgaqo-siseko 
Izilungiso ezicetyiswayo
Amalungu eqela lofundo-nzulu
Kuya kunyulwa abameli ababini bofundo-nzulu ngendawo nganye yeenkonzo zee-ofisi zeemimandla, ngethuba leentlanganiso zemimandla ezibanjwa ngonyaka ngamnye phambi kweNgqungquthela, ukuba zinike inkonzo kwiqela lokusebenza kuphuhliso lwamafama. Ithuba lesikhundla se-ofisi saba bameli beQela loFundo-nzulu kwiQela lokuSebenza liya kuba ngunyaka omnye, kwaye aba bantu baya kuba nemfanelo yokuphinda banyulwe kwithuba lenkonzo elilandela ithuba lonyaka.
Uhlanganiselo: Imimandlla yamaqela ofundo-nzulu 
IsiGqeba sahlule indawo elima izityalo eziziinkozo kwiriphablikhi ngokwemimandla esempuma nesentshona, ukuze iN1 emantla/emazantsi ibe ngumda ophakathi kwale mimandla mibini, eqinisekiswe yiNgqungquthela. Oko kwenziwa kuba ulwahlukaniso lwemimandla lunako ukulunga-lungiswa yiNgqungquthela kumaxesha ngamaxesha, ngokwengcebiso yesiGqeba, ukuze kuqinisekiswe ukuba ulwahlukaniso lwemimandla lunokusebenziseka kangangoko ngokuphathelene nemidla yabo bonke abalimi abasahlumayo bezityalo eziziinkozo esizweni.
AmaQela oFundo-nzulu abunjwe kummandla osempuma nosentshona ngokwemigqaliselo ekwinqaku lesi-7.7. IQela loFundo-nzulu ngalinye lihlanganiselwe ngamalungu eQela loFundo-nzulu ali-10 (ishumi) obona buncinci, alima izityalo eziziinkozo kummandla lowo. Ilungu leQela loFundo-nzulu kufuneka libe kwiqela elinye kuphela lofundo-nzulu.
Uhlanganiselo lweNgqungquthela 
Inqaku lama-25.3 eliphathelene nabathunywa babalimi abamnyama abarhweba ngezityalo eziziinkozo abangena kwiNgqungquthela, abathunywa abangama-32 (amashumi amathathu anesibini) liya kunikwa indawo. Aba bathunywa abasayi kusekwa ngokwemveliso okanye ngokwentlawulo yerhafu yemveliso yemimandla yabo. IKlabhu yeeToni ezingama-250 iya kubanyula qho ngonyaka abathunywa abangama-32 (amashumi amathathu anesibini) ukuba bangene kwiNgqungquthela, entlanganisweni ephambi kweNgqungquthela. Abathunywa abali-16 (abalishumi elinesithandathu) baya kunyulwa kwindawo yenkonzo esentshona (ekubhekiselelwa kuyo kwinqaku le-7.7). Abathunywa abatyunjelwe kwiNgqungquthela kufuneka banelise iziqinisekiso zemfanelo yokuba lilungu njengoko igqaliselwe kwinqaku le-5.1.4. 
Uhlanganiselo lwesiGqeba 
Inqaku le-11.3 abameli aba-4 (abane) abamele imidla yabalimi abamnyama abarhweba ngezityalo eziziinkozo kunye namaqela ofundo-nzulu kwiindawo zenkonzo ezisempuma nasentshona (njengoko kunjalo kwinqaku lesi-7.7). amalungu ama-2 (amabini) kwiindawo zenkonzo ezisempuma namalungu ama-2 (amabini) kwiindawo zenkonzo ezisentshona aya kutyunjwa ngethuba leNgqungquthela ngabathunywa bezi ndawo zezi nkonzo kwaye aya kunyulwa ngabo ngokusebenzisa iphepha lokuvota. Ilungu eli-1 (elinye) leendawo enkonzo lasempuma nelungu eli-1 (elinye) leendawo zenkonzo lasentshona qho ngonyaka. 
La malungu ma-4 (mane) esiGqeba aya kunika inkonzo ngenxa yesikhundla sawo kwiqela lokusebenza kuphuhliso lwamafama.
Isiqinisekiso semfanelo yamalungu esiGqeba 
13.3 ngokubhekiselele kumalungu akhankanywe kwinqaku le-11.2 nele-11.3 ngesibhengezo esibhalwe ngawo ngokwawo, aya kuzuza isabelo esikhulu sengeniso yomsebenzi wokufama kwimveliso nasentengisweni yezityalo eziziinkozo;
Qaphela: Ngoko ke, kuphakanyiswa ukuba imfuneko ekwinqaku le-13.3 iya kusebenziseka kubalimi abamnyama abarhwebayo kunye nabo balimi bamnyama abarhwebayo abakwisiGqeba. Eminye imigqaliselo malunga nesiqinisekiso semfanelo yokuba ngamalungu esiGqeba iya kugcinwa. 
6. Ukwandiswa kwezintlu zokuba lilungu 
5.1.4 Amalungu eKlabhu yeeToni ezingama-250 (abalimi bamnyama abarhwebayo). 
Amalungu eKlabhu yeeToni ezingama-250:
5.1.4.1 Alima izityalo eziziinkozo ngenjongo yokuthengisa;
5.1.4.2 Ahlawula imirhumo ebekiweyo yokuba ngamalungu nerhafu yemveliso kwi-GSA; kananjalo 
5.1.4.3 Aphakamisa iinjongo zeGSA, aya kuba nesiqinisekiso semfanelo yokuba ngamalungu eGSA.
Imfanelo yokuba lilungu iya kufunyanwa ngokomgaqo owandlalwe kwimiGqaliselo. Abathunywa beKlabhu yeeToni ezingama-250 abaya kwiNgqungquthela baya kufumana ilungelo lokuvota. 
5.2 Ilungu elikhankanywe kwinqaku le-5.1.1, 5.1.2, 5.1.3 nele-5.1.4, liya kugcina imfanelo yokuba lilungu leGSA kuluhlu olunye kuphela kwizintlu zokuba lilungu ezikhankanywe kwinqaku le- 5.1.
