Congress										IsiXhosa
Kusekho ezinye iingqungquthela ezincinci eziza kubakhona kulo nyaka
Imiyalelo:
Folio strap: Ingqungquthela
Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama
Ngonyaka ngamnye iGrain SA iququzelela iNgqungquthela yonyaka eBothaville ngenyanga kaMatshi. Kulo nyaka, imihla yeNgqungquthela iza kuba ngowe-9 nowe-10 kuMatshi 2011. 
Ngokwamalungiselelo eNgqungquthela, siza kubamba iingqungquthela ezincinci ezisixhenxe zamalungu aseGrain SA amaqela ofundo-nzulu – iintlanganiso zeenqila zibanjelwa amalungu arhwebayo aseGrain SA. Kwixesha elidlulileyo, sibambe iintlanganiso ezine kuphela zamafama asaphuhlayo, kodwa siqaphele ukuba ngamanye amaxesha kuba nzima kubalimi ukuhamba imigama emide esiya ezintlanganisweni. 
Njengelungu elenze yonke intlawulo yeqela lofundo-nzulu laseGrain SA, uyamenywa ke ngoko ukuba uze entlanganisweni ekwindawo yakho, nelungiselelwe ngumququzeleli wephondo elinika inkonzo kwiqela lakho lofundo-nzulu. 
Iintlanganiso zilungiselelwa ngendlela elandelayo: (eyona ndawo ithe ngqo uya kuphinda waziswe ngayo).
Table 1:
Iphondo
Indawo
Umhla
EMpuma-Koloni – nguIan Househam
eKokstad
1 Februwari 2011
EMpuma-Koloni – nguLawrence Luthango
eMthatha
2 Februwari 2011
EFree State – nguJohan Kriel
eSenekal
11 Februwari 2011
EGauteng/eMpumalanga – nguDaan Bosman 
eBronkhorstspruit
16 Februwari 2011
EMntla-Ntshona – nguTonie Loots
eZeerust
24 Februwari 2011
EKZN – nguJurie Mentz
eVryheid
24 Februwari 2011
Sicela ukuba uye kwezi ntlanganiso kwaye ucingisise ngemibuzo elandelayo: 
Yintoni efanele ukukwenzela yona iGrain SA, engumbutho wethu wemveliso, wena njengomlimi wezityalo eziziinkozo? 
Ingaba iGrain SA izilungiselele ukujongana nekamva?
Kwiingqungquthela ezincinci, abalimi balungiselwa ukujongana neNgqungquthela kanti amalungu amaqela ofundo-nzulu anikwa ithuba lokunyula abameli bawo kwiNgqungquthela. Kwixesha elidlulileyo, siye sazama ukwahlula amalungu amaqela ofundo-nzulu ngokwaseMntla, eMzantsi, eMpumalanga naseNtshona, kodwa oku kuya ngokuba ngumceli-mngeni njengoko imida ingacacanga. Ukuze kwenziwe izinto zibe lula, senze isigqibo sokubamba intlanganiso kwinqila yephondo ngalinye lomququzeleli. Kuya kuvunyelwa abathunywa abangama-32 kwiNgqungquthela (ngokomgaqo-siseko waseGrainSA) ukuba aye kwiNgqungquthela eBothaville ngomhla we-9 nowe-10 Matshi 2011. Kwaba bathunywa bangama-32 abaya kwiNgqungquthela, kunokunyulwa abameli abane abaza kungena kwiKomiti yesiGqeba yaseGrain SA. Kweli nqaku kwiphepha lesihlanu, uya kufunda ngezihlomelo ezicetywayo zomgaqo-siseko. 
Ngokwamava ethu, siphawule ukuba abantu ababanyulwa kulawulo lwesiGqeba abasoloko bengabalimi bezityalo eziziinkozo, ngenxa yoko basuka bangakwazi ukwenza igalelo elifuneka xa kuqhutywa iintlanganiso. Sinethemba lokuba abalimi baya kuvuma ukulunga-lungisa umgaqo-siseko ngendlela ecetywayo ukuqinisekisa ukuba abalimi abasaphuhlayo banyula abameli abafanelekileyo abanika inkonzo kwiKomiti yesiGqeba. La malungu ekomiti mawabe nengqiqo ngecandelo elirhweba ngezityalo eziziinkozo ukuze anike igalelo kwiingxoxo nakuqulunqo lwemigaqo-nkqubo.
