INkomfa (Umbona)									Isixhosa
Iinkxalabo eziphakanyiswe eNkomfeni 
Folio strap: INkomfa 
Byline: NguIlana Koegelenberg, onegalelo kwiGrain SA
UMnu Jan Botha waseThaba’Patchoa uphakamise iinkxalabo eziliqela egameni labalimi abasaphuhlayo ngethuba leNkomfa yaseGrain SA ngomhla we-9 Matshi 2011. Ugqalisele kakhulu kwimiceli-mingeni abajongene nayo abalimi abasaphuhlayo kunye nokusilela kukarhulumente ekubancediseni. 
“Njengabalimi abamnyama, sijongene nemiceli-mingeni efana naleyo yabalimi borhwebo kwaye njengakwiziganeko ezininzi le miceli-mingeni isibetha ngakumbi kuba asinanto sinayo esiyibekele ecaleni,” utshilo uJan phambi kokuqhuba ngokunika imizekelo yeengxaki abajongene nazo nendlela urhulumente abaphoxe ngayo. 
Inkxalabo yokuqala ayiphakamisileyo linqanaba elisezantsi lepH (ubumuncu) yomhlaba. Ukhankanye indlela kunyaka odlulileyo iDAFF eFree State ebithembise ngayo abalimi bayo ngekalika. Iimephu zeGPS zenziwa, zathathwa iisampulu, anikwa amacebiso, kwaqikelelwa izixa zekalika kanti nemali yayikhona kuhlahlo lwabiwo-mali. Konke oku kwakusekwenziwe ngoMeyi 2010 kodwa ikalika ayikasasazwa nangoku emasimini. “Oku kusichaphazele isityalo sehlobo kunyaka odlulileyo kwaye kuza kuphinda kusichaphazele isityalo sengqolowa kulo nyaka,” utshilo uJan. 
Imeko emaxongo yoomatshini neetrektara ibe yinkxalabo yakhe yesibini. Uthethe ngendlea iGrain SA iye yenza uhlolo olucokisiweyo lweetrektara noomatshini babalimi abangama-42 eFree State yaza yacela iDAFF ukuba incedise abalimi ngezigidi eziR2,5 zeendleko zokukhanda. Oku kuye kwalunga ngomhla we-12 Matshi 2010 kodwa kude kube ngoku akukho nto yenzekileyo.
Inkxalabo yakhe elandelayo ibe ziikhonto ezonakeleyo nemisele yamanzi. “I-DAFF inenkqubo yoKhathalelo loMhlaba eyenza umsebenzi omhle, kodwa uhlahlo lwabiwo-mali lwayo luncinci kakhulu kwaye umhlaba ukhukuliseka ngokukhawuleza kunokuba inokusebenza.”
Uphinde wakhankanya isimo esimaxongo seendlela zeli lizwe nendlela embi esichaphazela ngayo abalimi, phambi kokugqithela kwingxaki yokutyisa okugqithiseleyo. “Ukutyisa okugqithiseleyo makulawulwe yiDAFF ngokusebenzisa inkqubo eyayisakwaziwa njengebodem beskerming,” ucebise watsho uJan. 
Ukusilela koomasipala ekulawuleni amasimi adityanelweyo nako kungene kuludwe lwakhe ngokunjalo nobunzima bokufumana iimali-mboleko zemveliso. UJan uchaze ukuba kunyaka odlulileyo ngama-25% kuphela amasimi abalimi abamnyama alinyiweyo kuba abalimi bengakwazi kufikelela kwiimali-mboleko zemveliso. Iinzuzo zincinci kakhulu azikufanelanga ukuboleka imali. IGrain SA yenze izicwangciso zoshishino zabalimi abali-52 abakwinkqubo ababefuna ukulima izityalo zasehlotyeni. Abalimi bebefuna ubonelelo lwethutyana ukuphumeza oku kodwa urhulumente zange asenze isigqibo malunga nalo mbandela. “Ama-27 000 eehektare zomhlaba ebenokulinywa ngaba balimi bamnyama – urhulumente khange ancede nganto, kodwa uthi uxhalabile ngokhuseleko lokutya.” 
UJan uphinde wakhankanya inkxalabo ngenyaniso yokuba abaphathi besolulo abakwazi kubanceda abalimi. “Abanamva omsebenzi wokufama, kwaye uninzi lwabo abayi nakwezo fama.”
Umzekelo wokugqibela wokusilela kukarhulumente ekuhlangabezeni iinkxalabo zabalimi abasaphuhlayo ube ngumbandela weSebe lemiBandela yemiHlaba elinika abantu abangengobalimi umhlaba. “Abalimi benene baqhuba ngokutsala nzima kuba bengenamhlaba ongowabo, kodwa umhlaba unikwa abantu abangakwazi kuwusebenzisa.”
UMnu Jan Botha ugqibezele intetho yakhe ngokucela uSihlalo weNkomfa ukuba agqithisele umyalezo wabo kumanqanaba angawona aphezulu karhulumente. “Akanancedo kubalimi abamnyama kwaye akukho ndlela yokuguqula eli candelo ngaphandle kokuba abonelele abantu ngeenkonzo,” uphethe ngokutsho.
