Barley (Wheat)									isiXhosa
Ukuvuna Ibhali/irhasi phantsi koyilo lokunkcenkcesha lwaseTaung
Folio strap: Ukuvuna ibhali/irhasi
Byline: NguJohannes Kokome, uMphathi weMveliso yeBhali/yerhasi kwiSouth African Breweries eTaung
Unyaka ka-2010 ubuzele yimiceli-mingeni malunga nokulinywa kweBhali phantsi koYilo loNkcenkcesho lwaseTaung. Ibiyimiceli-mingeni eyahluka-hlukeneyo, phakathi kwayo ikukubandakanywa kohlobo lwe-cocktail, iqabaka nengqele eqhube kwada kwaba nguSeptemba, iimvula ezinileyo, izichotho nokulima okukokona kuncinci.
Ukufakwa kwe-cocktail njengohlobo olutsha phantsi koYilo loNkcenkcesho lwaseTaung bekungowona mceli-mngeni uxhalabisayo ekuqutyiselwe nawo. I-cocktail izibonakalise njengolona hlobo lunesakhono sokuvelisa imveliso yeetoni eziphezulu kakhulu. Ngokwembali yokulima ibhali eTaung, i-cocktail luhlobo lokuqala oluvelise iitoni eziveliswe kunyaka ophelileyo. Bekukho amasimi akwazileyo ukuvelisa iitoni eziyi 7,9 ngehektare nganye. Ukuba ibingekho imiceli-mingeni ekhankanyiweyo, i-cocktail ngeyilibonakalise ngakumbi ixabiso layo. Ingxaki ibe kukuhluzwa ne-nitrogen ebezingekho kwimigangatho ye-SABM. Oku kubonise ukuphucuka kweetoni ezifumaneka kwibhali ukususela efakweni kwayo kuYilo loNkcenkcesho lwaseTaung ngowe-1981.
Unyaka ka-2010 ibingunyaka obuxinwe yingqele/likhephu. Ingqele neqabaka ziqhube kwada kwaba ngo-Oktobha. Oku kuthetha ukuba iqabaka ichaphazele ibhali kumabanga ahluka-hlukileyo ukususela kwibanga lokuquva kwayo, ibanga lokudubula, ibanga lentlama ethambileyo naxa ibiseyivuthiwe. Oku kuyichaphazele kanobom ibhali. Iimeko zemozulu zibaluleke kakhulu ekulinyweni kwengqolowa. Bekukho iitoni ezili-1 129 nenayitrojini ebingaphantsi kwe-1,35, kodwa loo mgangatho ubuwamkelekile kwi-SABM kunyaka ophelileyo kwaza kwathengiswa iitoni ezingama-33 njengezihluzwa.
Imvula eninzi nayo ingawuchaphazela umgangatho webhali. Ixesha lokuvuna ngonyaka ka-2010 belisekuqaleni kweemvula zasehlotyeni. Ukuvuna ibhali bekuqale ngoNovemba ngomhla wesi-8 kwaza ngomhla we-12 kuNovemba zaqala ukuna iimvula zehlobo. Ngelo xesha ibisencinci kakhulu ibhali evuniweyo. Amasimi angakhange avunwe afunyenwe yimvula kwaba kungona afikelela kwibanga “eliphambi kokuntshula”. Nangona kunjalo, abakwaSABM bahambe baya kwenza uphando ngendlela bona nabalimi abanokuncedana ngayo nangendlela enoncedo abanokuyisebenzisa ngayo le bhali.
Izichotho ziyakwazi ukunciphisa imveliso nesivuno. Zimalunga ne-140 iihektare ezachatshazelwa sisichotho. Izichotho zafumaneka kumaxesha amathathu alandelelanayo. Ngokwamaqumrhu e-inshorensi umonakalo uphakathi kweepesenti ezihlanu nezingamashumi amane anesixhenxe. Oku kubonisa indlela nobungakanani esinciphe ngayo isivuno. Intsimi ekholisa ngokwaziwa ngokuvelisa phakathi kweetoni ezintandathu nezisixhenxe ngehektare nganye ikwazi ukuvelisa iitoni ezi 4,9 ngehektare nganye.
Kwakhona bekubalulekile ukufumanisa indlela yokunciphisa iindleko yezixhobo zokusebenza ngenxa yemeko emaxongo kwezoqoqosho. Ngoko ke bekubhetele ukusebenzisa ukulima okukokona kuncinci. Le ndlela inciphisa izixhobo ezisetyenziswayo – ukuze kwenziwe iqela lemisebenzi ngentshukumo enye. Ngale ndlela unako ukulima ngokukrazula, ukutyala nokufaka isichumiso ngexesha elinye. Ngokusebenzisa le ndlela  kube yinto enokwenzeka ukuvelisa iitoni eziyi 6,8 ngehektare nganye kwiihektare ezilikhulu elinamashumi amabini. 
Kulo nyaka abalimi bajongene nemiceli-mingeni emininzi abafunde lukhulu kuyo. Kwisivuno esifunyenweyo, iitoni ezingama-3 688 sisetyenziswe njengefula. 
