INJONGO ZALE NCWADANA
Le ncwadi kufuneka ikuncede ekubeni:
Ufunde ngemibhobho enikezela amanzi acocekileyo kunye nemibhobho egutyula amanzi amdaka
Iprojekthi elungisa ukuvuza kwamanzi ngokudibeneyo
Indlela ongathi ngayo unciphise umthamo wamanzi owasebenzisayo
Inkonzo ezisiseko ezisimahla, intlawulelo yamanzi acocekileyo kunye namanzi amdaka (Ilindle) tariffs
Ukukwazi ukubala intlawulelo yamanzi acocekileyo kunye nogutyulo lwamanzi amdaka (Ityala logutyulo lelindle)
Ukubopha indawo ezivuza amanzi
Ukwazi ukufunda imitha yamanzi
UkuLungisa indawo ezivuza amanzi
Ukwehlisa umthamo wamanzi owasebenzisayo
Ukwazi ukuba luyintoni uxanduva lweSixeko kunye noxanduva lweCandelo leeNkonzo zaManzi
Wazi olwakho uxanduva
Isiza okanye Inombolo yendlu ... 
Amanzi emvula akhongozelwa agcinwe emadamini,aze acocwe ngamachiza athile ukuze abenokuseleka ngaphandle kwengxaki. Emva koko athi athuthwe ngemibhobho ayekufikelela kumzi wakho ngokusebenza oovimba bamanzi kunye nemibhobho yamanzi.
KUTHENI LENTO AMANZI ACOCEKILEYO KUNYE NALAWO AMDAKA EXABISA IMALI
Ukusekwa kwamadama, imibhobho yamanzi,amaziko okunyanga amanzi kunye nezokugcina amanzi kuxabisa imali ukuzakha kananjalo nokuzigcina zikwimeko esoloko isemgangathweni
Kungoko abasebenzisi bamanzi kufuneka bahlawulele amanzi abawasebenzisayo kunye nogutyulo lwalawo amdaka.
NGUBANI ONOXANDUVA LONIKEZELO LWEENKONZO ZAMANZI ACOCEKILEYO KUNYE NAMANZI AMDAKA KWINGINGQI YAKHO.
ISebe lemiCimbi yezaManzi kunye namaHlathi linoxanduva lokujongana namadama amanzi,nangona iSixeko singumnikazi wamanye amadama.Isebe leeNkonzo zaMAnzi leSixeko saseKapa linoxanduva lokuqinisekisa okokuba wena mmi ufumana inkonzo yamanzi acocekileyo kunye nokugutyulwa kwelindle.
KUTHENI LENTO KUSUNGULWE LEPROJEKTHI YOKUVINGCA IINDAWO EZIVUZA AMANZI ACOCEKILYO?
INDLELA OLUTHI UGUTYULO LWAMANZI AMDAKA (ILINDLE) LWENZEKE NGAYO UKUSUKA KWISIZA SAKHO Amanzi avela kwizitya zokuhlambela izitya, izindlu zangasese, ishawari ibhafu kunye nezinye zibizwa ugutyulo amanzi amdaka okanye ilindle. Luhamba ngemibhobho luze lunyangwe kumaziko okunyanga amanzi amdaka.Amanzi asuka kwezindawo zonyango athi ahambe abuyele emilanjeni naselwandle.
Uninzi lwabemi baseKapa lusebenzisa amanzi angaphezulu kunokuba bekufanelekile. Oku kumosha amanzi kunye nemali. Iiprojekthi zisekiwe ngaphambili ukukhawulelana nale mingeni.Leprojekthi ijolise ngqo kwimingeni ekwindawo ezihlala abo bahluphekileyo, ezinjengaleyo yakho,apho amaxabiso aqingqelwe izindlu angaphantsi kwe R100 000, jikelele. Iprojekthi ineenjongo zokonga amanzi kwaye yenze okokuba intlawulo yakho yamanzi kunye nogutyulo ifikeleleke ngakuthi. Oko kuyakwenziwa ngokuthi, wena unikwe ikhono lokuba ukwazi ukubona iindawo ezivuzayo uze uzilungise,khonukuze kunciphe ukumoshakala lwamanzi.Iyakuthi ibandakanye yonke imiba kubandakanywa ezentlalo-ntle, ulongamelo, ingeniso -mali kwakunye nobugcisa.
Izizathu eziphambili ezibangela ukusetyenziswa kwamanzi ngokuphakamileyo zezi:
Ukuvuza kwamanzi
Abantu abamosha amanzi
INDLELA ONGATHI WEHLISE UMTHAMO WAMANZI OWUSEBENZISAYO
Ungathi:
Ufunde indlela yokugcina imibhobho yonikezelo lwamanzi kwindlu yakho isoloko ikumgangatho onguwo
Ukuvala iStopcock ngokukhawuleza xa uthe wabona ukuba kukho indawo evuzayo.
Wazi ubungakanani bamanzi owasebenzisayo ngokuthi ukwazi ukufunda imitha yamanzi rhoqo.
Uyeke ukusebenzisa amanzi nalapho kungeyomfuneko
Uyakwehlisa intlawulo yakho yamanzi kunye nogutyulo lwelindle kwaye uyenze ukuba ifikeleleke kuwe.
Unciphise imfuno yamadama amatsha, amaziko okucoca amanzi, iindawo zokugcina amanzi,ngoko ke wongele bonke abemi beSixeko saseKapa imali eninzi.
Ukuba ungumnikazi wendlu okanye isiza,unoxanduva lokugcina imijelo yemibhobho yamanzi ikumgangatho onguwo kananjalo nokulungisa iindawo ezivuza amanzi kwisiza sakho.Abantu abahlala kwesi siza nokuba ngumnikazi okanye ngabanxusi, banoxanduva lokuqinisekisa okokuba basebenzisa amanzi ayimfuno kuphela kananjalo nalawo banakho ukuwahlawulela. Nangona kunjalo,ngethuba lale projekthi, zonke iindawo ezivuza amanzi kwimizi ngemizi ziyakulungiswa SIMAHLA.Eli iyakuba lithuba elinye kuphela.
Amagosa onxibelelwano aqeqeshiweyo ayakube ehambela amakhaya ngamakhaya, ukukunceda ekwalatheni indawo ezivuza amanzi, ekufundeni imitha yakho yamanzi, ukubonisa indlela yokugcina imijelo yemibhobho yamanzi ikumgangatho onguwo kananjalo nendlela yokwehlisa indlela owasebenzisa ngayo amanzi, khonukuze usebenzise umthamo oyimfuneko kwanalowo wena ofikelela ukuwuhlawula.
Emva koko amagcisa emibhobho yamanzi ayakuthi alungise iindawo ezivuza amanzi kumzi ngamnye.Abanye bantu balungisa imibhobho yamanzi bayakuthi bancediswe ekubemi baseke amashishini amancinane okwenza lomsebenzi, khonukuze balungele ukwenza lomsebenzi xa kukho indawo ezivuzayo kwixesha elizayo. Oko bayakwenza ngentlawulo efikelelekayo kuwe.Ngokusebenzisa umthamo wamanzi oyimfuneko nokwaziyo ukufikelela ekuwuhlawuleni kananjalo nokuhlawula intlawulo yamanzi qho ngenyanga, uyakuba ngumsebenzisi "wamanzi onobulumko. Njengoko kuza kuchazwa kamva, ukuba ugcina umthamo wamanzi owasebenzisayo ungaphantsi kwe 11kl ngenyanga awusayi kuhlawula nesenti ngamanzi.
AMANZI ACOCEKILEYO ANGAHLAWULELWAYO ASISIBONELELO KUNYE NEENKONZO ZOGUTYULO LWAMANZI AMDAKA.
Qho ngenyanga unikwa ama 6000 (6kl) elitha zamanzi acocekileyo kunye nokugutyulwa kwama 4 200 elitha (4.2kl) amanzi amdaka, simahla,ngaphandle kwentlawulo ngokungqamene kunye nothetho-nkqubo kazwelonke.
ISIBONELELO-MALI SABAHLUPHEKILEYO
Apho ixabiso eliqingqelwe indlu yakho lingaphantsi kwama R100 000 unesibonelelo sabahluphekileyo esithi sicuthe ityala lakho leenkonzo.Ngokwentlawuliso esetyenziswayo yabamanzi kunye nogutyulo lwamanzi amdaka, ityala lamanzi nogutyulo lwalawo amdaka le litha ezili -11 lingama R20.01 xa lidibene kunye ne rhafu-ntengo. Ukuba uhlala kwindlu exabiso layo liqingwe laba ngaphantsi kwama R100 000, oku kuthetha ukuba unganakho ukusebenzisa i11 lelitha zamanzi, uhlawule kuphela i-1c ngamanzi kunye nogutyulo lwalawo amdaka.
INDLELA OBALWA NGAYO UMTHAMO WAMANZI AMDAKA ATHE ATHUTHWA KUWE NGENYANGA
Ugutyulo lwamanzi amdaka lubalwa ngokwe 70% amanzi acocekileyo othe wawasebenzisa ukuya kutsho kuma 28kl ngenyanga (70% yama 40kl). Oku kuthetha ukuba ngama 40kl amanzi acocekileyo asetyenzisiweyo ngenyanga akusayi kubakho ntlawulo yongezwayo ngogutyulo lwamanzi amdaka.
INTLAWULISO
Amanzi kunye nogutyulo ahlawulelwa ngokusebenzisa intlawulo ehamba ngokwamanqanaba. Ukuba usebenzisa amanzi amaninzi kwaye nogutyulo lwelindle luphezulu , nentlawulo yakho yamanzi oyihlawula ngekilolitha nganye iyakuba phezulu. Gcina olu luhlu lungezantsi luhamba nexeha elimiyo kunye nentlawuliso esetyenziswayo.Amaxesha amaninzi, intlawuliso iyaguquka ngomhla wokuqala kuJulayi, kunyaka ngamnye.
Ngaphezulu kwama R12,31
Ngaphezulu R10,00
kwama 28
Abantu abaqeqeshelwe ukulungisa imijelo yamanzi bayakuncediswa ekubeni baziqalele amashishini amancinane khonukuze bakwazi ukwenza lo msebenzi wokulungisa indawo ezivuza amanzi kwixesha elizayo, ngentlawulo exabiso lifikelelekayo kuwe!
INDLELA YOKUBALA INTLAWULO YAMANZI KUNYE NOGUTYULO LWELINDLE
Umzekelo: Amanzi asetyenziswe ngenyanga 30kl ixesha elingane 32 yeentsuku.
Amanqanaba entlawulo yamanzi ngentsuku ezingama 32
AMANQANABA ENTLAWULISO YOGUTYULO NGAMA 32 EENTSUKU
Amanqanaba entlawulo yamanzi ngentsuku ezingama 29
amanqanaba entlawuliso yogutyulo ngama 29 eentsuku
IINDAWO EZIVUZA AMANZI EZIBONAKALAYO NEZIVAKALAYOAmaxesha amaninzi uyayibona okanye uyive indawo evuza amanzi. Uyakwazi ukuyibona itephu okanye umbhobho othontsizayo. Igongqo lamanzi kwindlu yangasese ethontsiza okokoko yenza ingxolo evakalayo.
WAZI AMATHONTSI OBE UNGAWAZI
Kunzima kakhulu ukuwalatha amanye amathontsi umzekelo, ithontsi elincinane elihla ethobhini. Ukuba uthi uqwalasele ngamandla ude ulibone.
Kuze kubekho ukuvuza kwamanzi okwenzeka ngaphantsi komhlaba okanye ukuvuza okungabonakaliyo. Ungakuqinisekisa ukubakho koku kuvuza ngokusebenzisa imitha yamanzi.
Vala zonke itephu uxelele wonke umntu okhoyo endlini okokuba angasebenzisi manzi tu kwaphela okwelothutyana.
Linda imizuzu engama 30 ukuze uqiniseke okokuba igiza kunye negqongo lamanzi lendlu yangasese zizele ngamanzi.
Ukuba oko kuvuza kuvuza kancinane elona nani lincinane kwelo vili liyakujikeleza kancinane nalo.Kungafuneka okokuba ungawasebenzisi amanzi ixeshana elithile khonukuze ube noku kubona oku.Ukuba ukuvuza kuphantsi komhlaba biza umntu onoqeqesho lokusebenza ngemibhobho yamanzi,ukuba aze kulungisa oko kuvuza.
FUNDA UKUKWAZI UKUFUNDA IMITHA YAKHO YAMANZI
Ukuba imitha yakho itshixiwe umasipala angayivula
UKUTHELEKELELWA KOMLINGANISELO WAMANZI OWASEBENZISILEYO NGENYANGA
Ukuba ufuna ukuthelekelela ukuba uyakuba yintoni umlinganiselo wamanzi oyakuwasebenzisa ngenyanga, funda imitha kwisithuba esishiyana ngentsuku ezisixhenxe. Uthelekelelo lwamanzi oyakuwasebenzisa = amanzi asetyenziswe ngentsuku 7 x 30 417 iinetsuku ÷ Ukuba ucinga ukuba amanzi ozakuwasebenzisa azakuba phezulu, thabatha amanyathelo okwehlisa isantya ngoko nangoko,phambi kokuba ufumane i-akhawunti. Ungonga amanzi amaninzi kunye nemali ngalendlela.
UKULUNGISA IINDAWO EZIVUZA AMANZI
Indawo ezininzi ezivuza amanzi, kulula ukuzilungisa,kufuneka nje ube nolwazi oluthile. Ukuba awunalo ulwazi nceda ubize umntu oqeqeshelwe lomsebenzi.
Qiniseka okokuba ucela iStopcock (itephu ethi ivale unikezelo lwamanzi kwijelo lesiza sakho) phambi kokuba wenze nawuphina umsebenzi ngesitshixo semitha yamanzi.Okubalulekileyo ekufuneka okokuba ukuqonde kukuba athetha ntoni lamanani akwi mitha yamanzi. Lomfanekiso ungezantsi ubonisa indlela yokufunda imitha engamanani odwa naleyo ihamba njenge wotshi.
wokulungisa iindawo ezivuzayo. Kakade kufaneleke okokuba ngoko nangoko ubona ithontsi, okanye kuqala ukuvuza, uvale I stopcock ukwenzela okokuba kungamoshakali amanzi ugqibele ngokuba kentlawulo yamanzi nogutyulo ephakamileyo,
Imitha yamanzi ifundwa qho ngenyanga siSixeko.
Amanzi owasebenzisileyo abalwa ngokuthabatha ekupheleni kwenyanga.
Itephu ezivuzayo
Itephu ivuza okokoko nangaphandle kokuba ikwi mo yokuba ibe ivalekile.Oku kudla ngokufuna ukuba iwasha itshintshwe.Amanyathelo athatyathwayo ayohlukana ngokuxhomekeke ukuba unetephu yexina okanye eye plastiki.Amanyathelo athatyathwayo xa kutshintshwa iwasha:
Sukuyijija intonga ejikeleziswa yokwenza umsonto ngoboya
Phinda ufakele la ntonga ijikeleziswayo yokwenza umsonto ngoboya.
Vala itephu, vula amanzi unike istopcock uphinde ujonge ukuvuza kwakhona.
Ukuvuka kwegqongo eligcina amanzi kwindlu yangasese
Qiniseka okokuba uyawuqonda umahluko phakathi kwentlobo ngentlobo zala magqongo phantsi kokuba uzame ukulungisa umonakalo kwelogqongo lamanzi lendlu yangasese. Ukuba uyathingaza, biza umntu oqeqeshelwe ukwenza lomsebenzi.Vala itsopcock kuqala phambi kokwenza ulungiso.
Amanzi athi aphuphumele ngaphezulu kwesoxhobo sempuphuma ngenxa yokuba ingalwana leyo ilungelelaniswe yaphezulu kakhulu. Kufuneka ulumkele okokuba ungophuli isixokelelwano seplastiki esingena kwi valve yebhola edadayo.Bamba ingalo yebhola edadayo ngesandla esinye ngelixesha ugoba isiphelo sengalo leyo kancinane ngesinye isandla,iye ezantsi kancinane.Ukuqinisekisa okokuba awusophuli isixokelelwano seplastiki, thatha ingalo yebhola yonke ngokukhulula ivalve yebhola.Ukuba ingalo leyo ine nathi yokulungelelanisa, jika lo nathi ukwehlisa ibhola edadayo
Xa ingalo yebhola edadayo ayikho
Amanzi ayazibalekela ephuma kwi valve yebhola.Iingalo zebhola edadayo ziyohluka ngokweendawo ezenziwe kuzo, ngoko ke qinisekisa okokuba uthenga ingalo efanelekileyo kwelo gongqo lamanzi unalo.Beka ingalo yebhola efanelekileyo endaweni yayo uze ufakele isikhokwanana sokwahlula.
Amanzi athi aziphumele kwivalve nangona umqheba wokugungxula ume ngendlela efanelekileyo yokuvala ukuba amanzi angaphumi.
Musa ukuxinzelela ngamandla. Ukuba awunakho ukususa indawo ephezulu yayo biza umntu oqeqeshelwe ukwenza lomsebenzi.Tsala iwasha endala iphume uze ufakele entsha endaweni yayo.Qinisekisa okokuba uthenge iwasha efanelekileyo ngokwelo gongqo unalo.
lamanzi uze ulifake ngokutsha. Kwakhona qinisekisa okokuba u...
Kuzo zonke ezimeko, ukuba ithontsi liyazinga emva kwamalinge akho okulungisa, biza umntu oqeqeshelwe lomsebenzi.
qinisekisa okoba awuziqinisi kakhulu inathi ezibambayo!
INDLELA YOKWEHLISA ISANTYA OSEBENZISA NGAYO AMANZI
Isitya sokuhlambela
Ungabokuze uhlambe amazinyo okanye izandla,izitya, pleyiti njalo njalo phantsi kwetephu yamanzi abalekayo. Ngalo lonke ixesha faka isivingci-manzi okanye uwakhongozele ngento, uzokukwazi ukuphinda uwasebenzise.
Ungabokuze uyeke itephu ibaleka amanzi.
Yithi rhoqo ukhangela ukuthontsiza, ulungise ukuvuza netephu ezonakeleyo (ithontsi eliwa ngomzuzu ngamnye) lingamosha amanzi angange 30l ngemini (oko kulingana nama 10 000l ngonyaka)
Faka iwasha zetephu ezintsha rhoqo ufakele nezixhobo ezibizwa tap aerators ukunciphisa okanye ukwandisa ukuphuma kwamanzi, oku konga amanzi kodwa uziva ngathi usasebenzisa umlinganiselo omnye wamanzi.
Indlu yangasese
Ungabokuze ugungxule kungeyo mfuneko ukwenza oko (ukuba ilubhelu yiyeke ihlale, ukuba imdaka ngebala yigungxule ihle).
Sebenzisa izixhobo zokonga amanzi ngalo lonke ixesha kwindlu yangasese ukunciphisa umthamo wamanzi okugungxula.
Yithi rhoqo ngoku phonononga izixhobo zokugungxula ukuqinisekisa ukuba ziqinile akukho kuphuphuma ngaphakathi uze ulungise umonakalo ngoko nangoko.
Ukuhlamba izitya
Zama ukuhlamba izitya kanye okanye kabini ngemini.
Igadi/ umphandle
Phinda usebenzise amanzi okuhlamba kangangoko unakho egadini yakho.
Ngemini zokunkcenkceshela, musa ukunkcenkceshela igadi phakathi kwentsimbi ye 10:00 kunye neye 16:00
Musa ukusebenzisa ithumbu xa uvasa imoto okanye sebenzisa amabhakethi amabini.
Hlamba eshawareni malunga nemizuzu e-3 usebenzisa isitshizi esonga amanzi esibizwa "water wise" uze ukhongozele lomanzi kangangoko unako ukuze uwasebenzise ekugungxuleni okanye egadini.
Yithi rhoqo umane uphonononga ukuvuza kwegiza uze ngokukhawuleza ulungise umonakalo.
ngaphandle kokuba uthabathe ingqalelo enkulu,ukunkcenkceshela igadi yakho kunye nokufakela ishawari okanye ibhafu kungenza kubenzima kuwe ukugcina umlinganiselo wamanzi owasebenzisayo ungaphantsi kwe 11 kl ngenyanga.
UXANDUVA LWESIXEKO SASEKAPA KUNYE NEENKONZO ZAMANZI
Ukwakha amadama kunye namajelo aziziseko athi athuthe amanzi ukuwasusa kulomadama makhulu (akude kwiSixeko) ukuwasa kumnyango wendlu yakho.
Ukunyanga amanzi ukuze kuqinisekiswe okokuba xa ufumana amanzi kwi tephu yakho,ufumana amanzi acocekileyo nakhuselekileyo ekubeni angaselwa, kuphekwe kananjalo kuhlanjwe ngawo.
Ukukunika, ngoku ngaphakathi kwengqiqo,inkonzo yamanzi nogutyulo ngalo lonke ixesha.
Ukunciphisa ixesha lokungabikho konikezelo lwenkonzo okubangelwa kukulungiswa kwebhobho emikhulu ethe yagqabhuka kunye nemibhobho yamanzi kamasipala evuzayo.
Ukugcina ijelo lamanzi likuxinzelelo olufanelekileyo
Ukufunda imitha yakho ngokuchanekileyo qho ngenyanga
Ukunika ingxelo yetyala leenkonzo echanekileyo.
INDAWO ONGAHLAWULA KUYO INTLAWULO YAMANZI KUNYE NOGUTYULO LWAMANZI AMDAKA.
Ungahlawula intlawulo yakho yamanzi nogityulo lwamanzi amdaka kwezi ndawo zilandelayo:
Hamba ne-akhawunti yakho ngalo lonke ixesha usiya kuhlawula uze ugcine ingxelo yentlawulo (risiti)
UXANDUVA LWAKHO
Kufuneka uchaze naziphina izinto ongaziqondiyo okanye iingxaki kwi...Oku kuyakunceda iSixeko kunye necandelo leeNkonzo zaManzi ekubeni lzinikezele inkonzo ebhetele kuwe.
Chaza iingxaki kunye nemibuzo emalunga :
Nokufundwa kwemitha yamanzi
Amanzi owasebenzisileyo
Kunye nenkcukacha nge akhawunti kwiSENTA YESIXEKO EKUTSALELWA KUYO UMNXEBA kule nombolo 086 010 3089
Faka ingxelo
Ukuphuphuma kwemibhobho yelindle okanye ukuvingceka kwayo, engekho kwisiza sabucala
Uxunzelelo lwamanzi olusezantsi. Tsalela umnxeba kule nombolo 086 0103054
Ngesiza sakho kufanelekile okokuba:
Ugcine imibhobho yamanzi ikwimeko elungileyo
Uqinisekise okokuba unqumamisa ukuvuza kwamanzi ngokukhawuleza emva kokuvela kwawo (ngokuvala istopcock).
Lungisa ukuvuza ngokukhawuleza ukuhlawulela ngokwakho oko.
Mane ukhangela ukuvuza kwamanzi ngokufunda imitha yakho rhoqo.
Yehlisa ukusebenzisa kwakho amanzi kube kuphela ngumlinganiselo oyimfuneko.
Hlisa umlinganiselo wamanzi owasebenzisayo ulingane nemali ongathi ube nakho ukufikelela ekuyihlawuleni.
Sebenza kunye necandelo leNkonzo zaManzi ukwenza okokuba iinkonzo zamanzi kunye nogutyulo zisebenzele indawo yakho yokuhlala.
Hlawulela iinkonzo ezikhankanywe ngentla ngomlinganiselo wasimahla kunye nesibonelelo-mali sabahluphekileyo esingama R20.
Musa ukugungxululela izinto ezingafanelekanga, i-oyile endala kunye nezinye izinto kumjelo wogutyulo lwelindle.
Musa ukugalela amanzi emvula/ amanzi angaphezulu kumjelo wogutyulo.
Qiniseka okokuba imitha yamanzi kunye nongqameko logutyulo zosoloko zifikeleleka ngalo lonke ixesha.
MASIBE NGABASEBENZISI BAMANZI "ABALUMKILEYO"...
Uyakuba ngumsebenzisi wamanzi "olumkileyo" ukuba:
Usebenzisa kuphela amanzi ayimfuneko
Uvala istopcock ngokukhawuleza wakubona kuvela ithontsi
Vula stopcock kuphela xa ufuna ukukha amanzi. Musa ukushiya amathontsi amanzi ethontsiza okokoko.Yimosharha leyo.
Sebenza kunye necandelo leNkonzo zaManzi ukwenza okokuba iinkonzo zamanzi kunyenogutyulo zisebenzele indawo yakho yokuhlala.
UKUGCINA INGXELO NGENDLELA OSEBENZISA NGAYO AMANZI
Qaphela umhla (umqolo 1)
Funda imitha - onke amanani amnyama nabomvu (umqolo 3)
Funda imitha intsuku inani leentsuku ezilandelayo, malunga nexesha elinye lemini - intsuku ezi 7 (iveki enye)
Bhala umhla.
Bala ubhale (umqolo 2)inani leentsuku emva kokufunda imitha kwangaphambili
Bala ubhale (umqolo 4)amanzi asetyenzisiweyo kwisithuba = umahluko phakathi kweziphumo zangoku nezangaphambili zokufundwa kwemitha yamanzi kumqolo 3
Bala intlawulo eqikelelweyo ngokulandela lamanqanaba alandelayo achazwe kwindawo ethi "Indlela yokubala intlawulo yamanzi kunye nogutyulo lwelindle". Qaphela okokuba ngenxa yokuba iyi-akhawunti yenyanga eqikelelweyo (30 417 eentsuku) amanqanaba entlawulo awazukulungelelaniswa.
Qaphela: ukufumana olona qikelelo lulungileyo sebenzisa isithuba sentsuku ezi 7.10.Ukuba amanzi owasebenzisileyo aphezulu kakhulu thabatha amanyathelo ngoko nangoko okwehlisa.
Sebenzisa olu luhlu ukugcina ingxelo yendlela osebenzisa ngayo amanzi
