‘Ukubhiyozela iNyanga yoLutsha’
Umxholo: “IPalamente ekhathalela inkqubela phambili yophuhliso lolutsha ukuphumeza inkululeko kwezoqoqosho.”
“Imbali yethu isoloko inyanzela ulutsha lwethu ukuba luthathe uxanduva luseluncinane ngobudala. Babangamajoni alwela inkululeko lo gama befanela ukuba bayadlala okanye basesikolweni. Ngoku ulutsha lwaseMzantsi Afrika lujongene nemiceli-mngeni enzima ngenxa yeminyaka yentswelo, ubundlobongela, nokuphazamiseka kwemfundo. Ubugorha obumangalisayo kunye nokuzinikela buyafuneka ukoyisa yonke imiqobo ukuze ulutsha lonwabela iziqhamo ezithe zaziswa kubo yintando yesininzi.” (Nelson Mandela, 15 June 1997) 
Ukubaluleka komhla we-16 kweyeSilimela/Juni
Umhla we-16 kweyeSilimela/Juni wabhengezwa njengeholide yoluntu ngurhulumente wentando yesininzi waseMzantsi Afrika emva kowe-1994. Esi sisikhumbuzo sovukelo mbuso solutsha kweyeSilimela/ngoJuni 1976. Le nyanga yonke ibekwe bucala ukubhiyozela umzabalazo wolutsha eMzantsi Afrika usilwa norhulumente wocalucalulo.
Iphawula uvuthondaba lokuqhankqalaza kolutsha laseMzantsi Afrika okwaqala ngowe-1976 kwaqhuba kwade kwaba kuzalwa intando yesininzi ngowe 1994.
Lo mzabalazo wolutsha wakhokelela kuphuhliso lwenkqubo yezemfundo ehlonipha isidima sobuntu, ukohluka kweenkcubeko kunye nenkululeko yokuzikhethela kwaye kuzama ukuqinisekisa ukufikelela kuko konke ngokulinganayo.
Ulutsha lweminyaka yowama-70 laba negalelo elikhulu ekumiliseni ikamva lelizwe lethu.
Lusaqhubeka ukudlala indima ebalulekileyo kuluntu, kwaye urhulumente wentando yesininzi uzinikele ekuphuhliseni ulutsha, njengenkokheli zangomso kunye nabagcini benkululeko yethu esayifumana ebunzimeni.
Iingxaki ezijamelene nolutsha
Ulutsha lwanamhlanje lujanyelwe yimiceli-mngeni emininzi equka:
izinga eliphezulu lokungaphangeli
intlupheko
ulwaphulo-mthetho
izifo nokosuleleka 
ukunqongophala kwezakhono
Ukungakwazi ukufikelela kwiinkonzo ezisisiseko
Ifuthe leNtsholongwane kaGawulayo/noGawulayo (HIV/AIDS) livakele kakhulu kulutsha. Ulutsha kunye namakhaya akhokelwa ngabantwana ayanda ngenxa yokusweleka kwabazali bebulawa zizifo ezinxulumene nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo (HIV/AIDS) ezifana nesifo sephepha.
Amathuba avulelekileyo kulutsha.
Kwintetho kaMongameli engoBume beSizwe, uMongameli Jacob Zuma wamisela unyaka wama-2011 njengonyaka wokudala imisebenzi wachaza ukuba amalinge okudala imisebenzi kufuneka ejoliswe ekuqaqambiseni uphuhliso lolutsha.
Ukuzama ukushukuxa imeko yokungaphangeli, urhulumente ubonelela ngenkxaso yokuqesha ulutsha ukukhuthaza abaqeshi kwicandelo lozoshishino labucala ukuba baqeshe ulutsha olungenamava okuphangela.
Imiba yezemfundo, izakhono kunye nophuhliso lamashishini amancinane olutsha inikwe ingqalelo kwintetho yohlahlo-lwabiwo-mali yoMphathiswa wezezimali uPravin Gordhan kunyaka mali wama 2011–2012. 
UMphathiswa wezeziMali uvakalise ukuba inkxaso ngezimali yabafundi iza kwandiswa ukuze ulutsha olungaphezulu lukwazi ukufikelela kwimfundo ephakamileyo nakumaziko oqeqesho, beqeqeshelwa uphuhliso lwezakhono. Kufakwe imali eyongeziweyo kwiNational Skills Fund, eyingxowamali yokubonelela ngoqeqesho kwabo bafuna umsebenzi.
   Ezinye iinkqubo zikarhulumente ziquka: 
The National Rural Youth Service Corps Programme, esungulwe liSebe loPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso loMhlaba ukunceda ulutsha luphuhlise izakhono ezitsha eziya kuba luncedo kwiindawo oluhlala kuzo.
The National Youth Chefs Training Programme, esungulwe liSebe LezoKhenketho, ukubonelela ngezakhono, ulwazi kunye namava ukuze lukwazi ukufumana umsebenzi ozinzileyo kushishino lwezokhenketho.
The Artisan Development Programme, esungulwe liSebe lezeMisebenzi yoLuntu likazwelonke ukuphuhlisa izakhono ezibalulekileyo kulutsha kwicandelo lezokwakha.
Urhulumente wentando yesininzi umisele amaziko afana neNational Youth Development Agency (NYDA), egunyaziswe ngumthetho ukuba ijongane nemiba yolutsha, ukusuka kumgaqo-nkqubo ukuya kuphuhliso.
I-NYDA liziko elisekwe ngurhulumente ukusabela ngqo kwimiceli-mngeni yezoqoqosho ulutsha olujongene nayo, nanjenge-arhente yophuhliso-nkxaso, ilungele ukuseka iqonga lokudala imisebenzi, ukuphuhlisa izakhono kunye nokudlulisela izakhono kulutsha loMzantsi Afrika.
Indima yePalamente kuPhuhliso loLutsha 
Ukuxhasa umxholo: IPalamente ekhathalela inkqubela phambili yophuhliso lolutsha ukuphumeza inkululeko kwezoqoqosho,” iPalamente idale amaqonga aliqela okujongana nemiba echaphazela ulutsha. 
IPalamente inezi komiti zilandelayo ezijongene nemiba yolutsha:  
Ikomiti yemicimbi yesebe yabaseTyhini, abaNtwana, uLutsha kunye naBantu abakhubazekileyo.
Ikomiti ekhethekileyo yabaseTyhini, abaNtwana, uLutsha kunye naBantu abakhubazekileyo. 
Ezi komiti zinoxanduva lokongamela imiba yolutsha kwaye kufuneka zijongene nemithetho echaphazela ulutsha.
IPalamente inamalinge aliqela ajoliswe kumacandelo ohlukileyo, umzekelo, iPalamente yoLutsha (ebanjwa ngenyanga yoLutsha) ekuthi kuyo kuxoxwe ngemiba ebhekiselele kulutsha kuphela.Ukuthatha inxaxheba kubekelwe bucala ulutsha lodwa, kwaye iingxoxo neenkqubo ziye zinikezelwe kulo.
Umgaqo-siseko unyanzela iPalamente ukuba ibandakanye uluntu kwimisebenzi neenkqubo zayo, ngoko ke ulutsha njengenxalenye yoluntu luyamenywa ukuba luthathe inxaxheba kumalinge ePalamente, afana neendibano zovakaliso zimvo, iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe kunye nezinye iinkqubo zokufikelela nokuthatha inxaxheba koluntu. 
Bangenza amazwi abo avakale ngokuthi benze iziphakamiso ngomlomo okanye ezibhaliweyo.
Ulutsha luyinxalenye yoluntu olunokuzimasa iiNtlanganiso zeeKomiti apho inkoliso yomsebenzi wasePalamente wenzewa khona, kwaye ulutsha lungazimasa neengxoxo ukuze lubukele, lutyebise ulwazi lwalo kwaye luzixhobise.
“IPalamente yoLutsha: Ukulawula ikamva.” 
