INTETHO KAMONGAMELI ENGOBUME BESIZWE  (SoNA)
 “Ukubhiyozela ilifa lenkululeko ngokuthi komelezwe ikhonkco phakathi kwePalamente kunye naBantu”
EyoMdumba yinyanga ebalulekileyo ePalamente nakubo bonke abemi baseMzantsi Afrika. Lixesha lokucmngca, ucinga ngekamva kwaye uhlengahlengisa iimfuno zelizwe lethu ngokubaluleka kwamalungelo azo. Rhoqo ngonyaka kweyoMdumba iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe iyenziwa, xa uMongameli ethetha nesizwe njengenkokeli yombuso.
Yintoni iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe?
INtetho kaMongameli engoBume beSizwe, kuvulo lwePalamente rhoqo ngonyaka, yintetho ebhekiswa kwisizwe nguMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika. Le ntetho yenziwa kwiNdibano yoCweyo yeNdlu yoWiso-mthetho (NA) kunye neBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP) lasePalamente. Igxininisa  kwimeko yezopolitiko egqubayo ngelo xesha kunye nezentlalo-noqoqosho zesizwe. Le ndibano ibizwa nguMongameli kwaye isindlekwa nguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho kunye noSihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo. Yenye yeendibano ezinqabileyo apho zontathu iingalo zombuso ezibizwa ngokuba siSigqeba esiLawulayo, esimelwe nguMongameli, uSekela Mongameli kunye nabaPhathiswa; abezoMthetho, bemelwe yiNgqonyela yeJaji yelizwe kunye neeJaji ezingooMongameli; kunye nequmrhu leNdlu yoWiso-mthetho elimelwe ngamaLungu ePalamente zihlangana ndawonye. Amalungu oluntu nawo ayamelwa kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe ukuze athathe inxaxheba kulo msitho odlala indima ebalulekileyo ekwakheni isizwe sethu.
Kutheni iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe ibalulekile?
Kule ntetho, uMongameli uqaqambisa esikuphumezileyo kunye nemiceli-mngeni yonyaka odlulileyo kwaye azobe konke ekufuneka kwenziwe kuloo nyaka. Le ntetho iquka ezopolitiko, ezoqoqosho kunye nemiba yezentlalo kwaye ijongana nemeko jikelele yaseMzantsi Afrika. Icamngca ngemiba yasekhaya eMzantsi Afrika kwakunye nobudlelwane bawo e-Afrika nakumazwe aphesheya. INtetho kaMongameli engoBume beSizwe yindlela ebalulekileyo yokunika ingxelo yokwenzekileyo kunyaka odlulileyo ePalamente nakuluntu lwaseMzantsi Afrika kwanokubandakanya uluntu kwi-ajenda yezopolitiko yonyaka ozayo. INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ikwabhiyozela isizwe sethu kunye nokusakha.
 IBAKHO NINI LE NTETHO?
INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ibakho rhoqo kweyoMdumba. Kanti ke, xa kukho unyulo jikelele kubakho iintetho ezimbini kulo nyaka, enye yeyokuphawula iseshoni yokugqibela yePalamente efikelela esiphelweni ize eyesibini yenzeke emva konyulo, xa uMongameli omtsha nePalamente entsha zisaziswa. Ukushenxa kwisiqhelo kweyoMdumba wama-2010, iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yenziwa ngorhatya okokuqala, ukunika abemi baseMzantsi Afrika abongezelekileyo ithuba lokubona bangqine okwenziwayo kunye nokumamela intetho kaMongameli. Njengesiphumo salenguquko, inani lababukeli bakamabonakude lanyuka ukusuka malunga nezigidi ezimbini ukuya ngaphantsi nje kwezigidi ezine.
Inxaxheba yoluntu kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe 
Inxaxheba yoluntu yinxalenye ebalulekileyo yalo msitho. Amalungu oluntu ayamenywa ukuba athathe inxaxheba kulo msitho njengendwendwe ezimenyiweyo zePalamente. Abemi baseMzantsi Afrika abaphuma kulo lonke elaseMzantsi Afrika nabavela kwiPhondo ngalinye babayinxalenye yemiNgcelele yokuNika iMbeko. UMngcelele wokuNika iMbeko, owamkela uMongameli ePalamente, wenziwa ngabemi abaqhelekileyo baseMzantsi Afrika. UMngcelele wabaNtwana wokuNika iMbeko wenziwa ngabantwana abaphuma kwizikolo ngezikolo zelizwe kwaye wona umele ulutsha, othi uMzantsi Afrika unikele kulo ikamva lelizwe. Abemi baseMzantsi Afrika ababalaseleyo basoloko bemenywa ukuba babe yinxalenye yemibhiyozo. Baphuma kumaphondo onke eli kwaye ngabantu abanegalelo elikhulu elizweni 
INtetho kaMongameli engoBume beSizwe kunye nomsebenzi wokongamela wePalamente
INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ingundoqo kwindima yokongamela kunye nokunika ingxelo. Uvavanyo lwenene lentando yesininzi kukuba iPalamente ingakuqinisekisa kangakanani na ukuba urhulumente ahlale enika iimpendulo kuluntu. Ukongamela ngumsebenzi ogunyaziswa nguMgaqo-siseko kwiPalamente ukuba yongamela kwaye ibeke esweni izenzo zikarhulumente. IPalamente igunyaziswa ukuba yongamele onke amalungu oMbuso kuquka nalawo akumaphondo nakumgangatho woomasipala basekhaya ukuze:
Benze urhulumente aphendule ngemali yabarhafi 
Benze iinkqubo zikarhulumente zibe selubala kunye 
Nokwandisa ukuthembeka kukarhulumente kuluntu 
Xa iPalamente isenza umsebenzi wayo wokongamela igxininisa ekubeni: 
Iqaliswa njani imithetho
Ichithwe njani imali eyabiwe ngohlahlo-lwabiwo-mali kunye nokuba  
Amasebe karhulumente alawulwa kakuhle na.
Umsebenzi wokongamela ubangela ukulawulwa kakuhle kwamasebe karhulumente ukuze kuphuculwe ukuziswa kweenkonzo nokuphumeza umgangatho ongcono wobomi kubo bonke abemi.
KwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe, uMongameli ujonga ubume besizwe aze amisele iinjongo zomgaqo-siseko nezinto ekufuneka ziphunyeziwe kuloo nyaka. UMphathiswa weziMali ukhokelwa zezi njongo zomgaqo-nkqubo nesicwangciso sezinto ekufuneka ziphunyeziwe xa esenza uHlahlo-lwabiwo-mali lonyaka ozayo, olusoloko lusekupheleni kweyoMdumba. Iinjongo zomgaqo-nkqubo nesicwangciso sezinto ekufuneka ziphunyeziwe zenza isiseko esingundoqo sezinto ekufuneka urhulumente ezenzile kunyaka ozayo.  Luphawu iPalamente elusebenzisayo ukuze urhulumente aphendule ebantwini, azise iinkonzo, nendlela ethi ichithwe ngayo imali eyabiweyo.
Kwenzeka ntoni emva kweNtetho kaMongameli engoBume beSizwe?   
Emva kokuba iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yenziwe, iye ixoxwe ziziNdlu zombini zasePalamente. Amaqela ezopolitiko abanethuba lokunika ezawo izimvo abuze nemibuzo kwimiba ethe yashukuxwa ngethuba lentetho. Imiba exhalabisayo iziswa ngaphambili neendawo ezibaluleke kakhulu kwisizwe ziyagxininiswa. Uluntu lumenywa ukuba luzimase kwaye lujonge nendlela ehamba ngayo le ngxoxo njengoko ilisiko kuzo zonke iiseshoni zasePalamente, Emva koko, uMongameli uye aphendule kwimiba ephakanyisiweyo nakwimibuzo ezalwa yi.le ngxoxo. 
Uthini umxholo wePalamente kulo nyaka? 
Umxholo wePalamente wonyaka wama-2011 uthi “Ukubhiyozela ilifa lenkululeko ngokuthi komelezwe ikhonkco phakathi kwePalamente kunye naBantu”.  Rhoqo ngonyaka iPalamente ichonga umxholo ngokuxhotyiswa yinqwalasela yobuchule bePalamente. Umbuso wenene wentando yesininzi ngonqwenela ukuzuza igunya lawo ebantwini, ngokubamba unyulo rhoqo nokuthatha inxaxheba koluntu okungapheliyo kwinkqubo zikarhulumente. Umxholo ukhuthaza ukuqondwa kwentando yesininzi yomgaqo-siseko apho kuthathwa inxaxheba kwaye kumelwe abantu, apho abemi babandakanywa kwimiba yokwenziwa komthetho nokongamela. Igxininisa indima yePalamente, ekukumela abantu nokuqinisekisa urhulumente wabantu phantsi koMgaqo-siseko. Umsebenzi wePalamente kunye namaLungu ayo kufuneka ugxininise ekomelezeni amakhonkco phakathi kwabantu nabameli babo abonyuliweyo. Impumelelo yePalamente ixhomekeke ekuthatheni inxaxheba kwabo bonke abemi baseMzantsi Afrika ukukhomba indlela yokusebenza kwamaLungu ePalamente anyuliweyo kunye neziko ngokwalo.
Uluntu lungayithatha njani inxaxheba ePalamente? 
Ukubandakanyeka kwinkqubo yomsitho weNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yenye yeendlela uluntu olungabandakanywa ngayo kwiPalamente yabo. Zikhona nezinye iindlela zokuthatha inxaxheba ePalamente kwaye ezi ziquka ukuvota ngexesha lonyulo, ukuzimanya neqela lezopolitiko,  uphembelele iqela lezopolitiko ngokuzimanya unganyanzelwanga okanye ube lilungu lombutho ongekho phantsi kolawulo lukarhulumente, ukuqhagamshelana namaLungu ePalamente, ukwenza iziphakamiso okanye ukuthumela uxwebhu lwezikhalazo ePalamente.
IPalamente izinikele ekwenzeni ukuba ifikeleleke kuluntu lwaseMzantsi Afrika ngokuthi idale amathuba okuzibandakanya ngokunentsingiselo nokuthatha inxaxheba kwabo bonke: amadoda nabafazi, abafundileyo nabangafundanga, abaphangelayo nabangaphangeliyo, abangakhubazekanga okanye abantu abakhubazekileyo, abahluphekileyo (ingakumbi abahluphekileyo basemaphandleni), kunye nabanye abantu ekujoliswe kubo: bahlangane ize bathethe ngemiba ebhekiselele kwiimfuno ezingundoqo. Iinkqubo ezikhethekileyo ezifana nePeople’s Assembly, Taking Parliament to the People, Women’s Parliament kunye neYouth Parliament zonke ngamaqonga ekujoliswe ukubandakanya uluntu ngawo ukuze kuviwe izimvo zabo ngezinto ezibalulekileyo kubo. IPalamente ifuna ukunabisa ukubandakanyeka koluntu nokuthatha inxaxheba ngokuhambelana nomxholo walo nyaka othi “Ukubhiyozela ilifa lenkululeko ngokuthi komelezwe ikhonkco phakathi kwePalamente kunye naBantu”.
Ungathanda ukundwendwela ePalamente?
I-Ofisi yezemfundo zoluntu yasePalamente inikezela ngokhenketho lwasePalamente simahla  kunye nethuba lokuba uluntu lubone iingxoxo luhleli kwiigalari zeNdlu yoWiso-mthetho kunye neBhunga leSizwe lamaPhondo. Amalungiselelo angenziwa ukuze uluntu luhlangane namaLungu ePalamente  kwaye luzimase iiNDibano zovakaliso zimvo okanye iintlanganiso zeeKomiti. UKuba awukwazi ukuza ePalamente, ungakhangela iwebsite yethu www.parliament.gov.za uze ufumane ukhenketho lwePalamente ngemifanekiso yekhompyutha kuyo nayiphi na indawo okuyo ehlabathini.
Ngeenkcukacha ezithe vetshe qhagamshela:
Umntu oqhagamshelana naye:	Nhlanhla Mrwerwe
Umnxeba:		(021) 403 2266
Ifeksi:			(021) 403 3817 / 403 3303
I-imeyili:		nmrwerwe@parliament.gov.za 
AMANQAKWANA NGOKUKHAWULEZA
INtetho kaMongameli engoBume beSizwe iza kwenziwa kwakhona ngorhatya, ngomhla we-10 kweyoMdumba 2011.02.01
ISONA yahlulwa kathathu. Okokuqala kuthatha inxaxheba uluntu xa uMngcelele wokunika iMbeko usamkela uMongameli neendwendwe zakhe njengokuba behamba kwikhaphethi ebomvu. Oku kulandelwa ngumsitho wombuso oquka ukudutyulwa ngompu izihlandlo ezingama-21 kunye noMkhosi waseMoyeni obhabha ngeenqwelomoya udlula ePalamente ize ekugqibeleni iNtetho elindelwe ngabomvu.
AmaLungu oMkhosi wezoKhuselo lweSizwe aseMzantsi Afrika agudla indlela aza kuthatha yona uMongameli ukuya ePalamente.
UMngcelele wokunika iMbeko woMkhosi nawo uthatha inxaxheba kulo msitho kwaye iqela lawo leentambula lidlala umhobe wesizwe waseMzantsi Afrika.
Ukudutyulwa kompu izihlandlo ezingama-21 kunika imbeko kwiNkokeli yoMbuso, iflegi yesizwe, iNkokeli yoMbuso yelizwe langaphandle, ilungu losapho lwasebukhosini obuphetheyo kunye nowayesakuba yiNkokeli yoMbuso.
UMBONO WEPALAMENTE
Ukwakha iPalamente yabantu esebenzayo ejongene neemfuno zabantu eqhutywa liphupha lokuzalisekisa uhlobo lobomi obungcono kubantu bonke boMzantsi Afrika. 
