IPALAMENTE INIKA UMKHOMBANDLELA…
IPalamente yoMzantsi Afrika iseke uMgaqo-nkqubo woLawulo lweNkunkuma njengenxalenye yesicwangciso esihambelana nolawulo lwendawo yokusebenzela ekhuselekileyo nesebenzayo. 
UMgaqo-siseko uthi abantu baseMzantsi Afrika banelungelo lokuhlala kwindawo engenabuzaza kwimpilo okanye kwisimo sabo sokuphila. Oku kuquka ukukhuselwa kwendawo ngemithetho efanelekileyo kwanamanye amanyathelo okuthintela ungcoliseko kunye nokuthotywa komgangatho womhlaba, ukukhuthaza ulondolozo kunye nokwenza uphuhliso lomhlaba oluya kuhlala luhleli. Singawulungisa omnye womonakalo wathwaxa iplanethi yethu ukuba sisonke singathabatha inxaxheba ekwenzeni umahluko. 
IPalamente izinikele ekuqinisekiseni kokhuseleko lwempilo kwanokhuseleko lwaMalungu nabasebenzi basePalamente kunye nabo bonke abantu abasebenza okanye abangena ngokusemthethweni kumasango ayo. Iziko lizinikele ekugcineni amasango ePalamente ekumgangatho ophezulu wokubonelela ngendawo yokusebenzela ekhuselekileyo kwanesempilweni, lithintele lize lilawule ngokukuko imingcipheko ekhoyo kwindawo ekusetyenzelwa kuyo. 
INDIMA KWANOXANDUVA LWEPALAMENTE EKUCOCENI INDAWO ESINGQONGILEYO
Uwiso-mthetho olufana noMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini [Occupational Health and Safety Act (OHSA)], lunyanzelisa iPalamente okokuba ibonelele kangangoko inako ngendawo yokusebenzela ekhuselekileyo, iyigcine kananjalo ingenazingozi nabuzaza kwimpilo yabasebenzi bayo. Kulindeleke ukuba abasebenzi baphathisane nomqeshi ekuqinisekiseni ukuba iimfuno zoMthetho ziyafezekiswa. IPalamente inoxanduva lokwazisa bonke abasebenzi bayo ngokubaluleka kokulondoloza indawo abasebenzela kuyo, kwanangendima kunye neemfanelo zabo kulo mbvandela. 
IMIGAQO KUNYE NEENKQUBO
IPalamente idale isicwangciso esihambelana nolawulo lwendawo yokusebenzela ekhuselekileyo kwanesebenzayo , kuquka ukusekwa koMgaqo-nkubo woLawulo lweNkunkuma,  
Injongo yoMgaqo-nkqubo kukubonelela ngobume bokuziswa kweenkonzo ngokulinganayo kubasebenzi nabantu bangaphandle abakumasango ePalamente, nkonzo ezo ezifikelelekayo neziya kuhlala ixesha elide. Umgaqo-nkqubo ujolise ekuqinisekisweni ngokulahlwa kwenkunkuma ngokukhuselekileyo njeenjongo zokunciphisa ungcoliseko, ukukhulisa ukusetyenziswa kwezinto ezilahliweyo nokuqinisekisa  ukuba inkunkuma ephuma ePalamente iphathwa ngokwemigaqo equlathiweyo. 
UKONGA UMBANE 
IPalamente ikhuthaza ngokusetyenziswa kwezibane ezonga umbane ngeenjongo zokunciphisa inkunkuma, ukonga umbane kwaneendleko. Izibane ezonga umbane zisetyenziswa ekukhanyiseni kwiindawo zikawonke-wonke naseziphasejini zasePalamente. 
UKULAWULWA KWENKUNKUMA
“Inkunkuma ” yiyo nayiphi na into, enokuba yeyomoya, eyolwelo okanye ephathekayo okanye nayiphi na edibene nezi, ethi isekwe rhoqo nguMphathiswa weSizwe wezOkusingqongileyo kunye noKhenketho ngesaziso esikhutshwa kwiGazethi kaRhulumente. 
ULawulo lweNkunkuma ePhathekayo
Inkunkuma
Inkunkuma iqokelelwa mihla yonke ifakwe kwiingxowa zeplastiki ekunokubonwa ngapha kwazo.nakwiziqulathi ezivela kwiindawo zonke zize zisiwe kwiindawo ezigunyazisiweyo zokugcina inkunkuma.
Inkunkuma kumaziko ezempilo
Inkunkuma yamayeza ifakwa kwiziqulathi zeplastiki ezisemgangathweni (ezimthubi) zize zisuswe ngumniki-nkonzo onesivumelwano rhoqo okanye xa kuyimfuneko. 
Inkunkuma yombane
Zonke izibane ezonga umbane ezingasasebenziyo zithathwa zisiwe kwindawo yokuzicola, zicolwe ngokukhuselekileyo.
Inkunkuma yolwelo 
Inkunkuma yolwelo ifakwa kwiziqulathi/iinkonkxa eziphawuliweyo ezisemgangathweni zize zisuswe rhoqo. 
Inkunkuma yamachiza
Amachiza afakwa kwindawo etshixwayo egcina amachiza ukuthintela ukusetyenziswa ngokungekho mthethweni. Onke amachiza kufuneka afakwe kwiziqulathi eziphawuliweyo ize intwana yamachiza anobungozi aphawulwe ngokuchanekileyo. 
Iziqulathi zerhasi ezibotyoziweyo
Umniki-nkonzo kufuneka azisuse ngoko nangoko iziqulathi zerhasi ezingasasebenziyo kumasango ePalamente aze kananjalo aqinisekise ukuba iziqulathi zilahliwe ngokwemfuno esemthethweni ukuze kuthintelwe ukusetyenziswa kwakhona okuyingozi. 
AMAPHULO ASEZA KWENZIWA
Ukulahla i-oyile ekuphekwa ngayo
IPalamente ikwiphulo lokuthenga iziqulathi zokusetyenziswa kwakhona kwe-oyile ekuphekwa ngayo esele isebenzile ngokuthi ziyiguqule loo oyil eilahliweyo ziyenze idizili. Asikhuthazwa isimbo sokuchithwa kwe-oyile yokupheka kwimisele yamanzi. 
Ukususwa nokusetyenziswa kwakhona kwenkunkuma yamaphepha
IPalamente iqesha umniki-nkonzo omtsha wokususa inkunkuma yamaphepha ukuze isetyenziswe kwakhona. Zonke ii-ofisi ezisePalamente ziza kunikwa iibhokisi zenkunkuma yamaphepha ekuzakuqokelelelwa kuyo inkunkuma yamaphepha. Ezi bhokisi ziya kuchithwa rhoqo ngeveki. 
Inyathelo ngalinye lokukhusela okusingqongileyo kwethu, ukonga umbane nokunciphisa inkunkuma linendima eliyidlalayo. Luxanduva olungentlalo lwabo bonke abemi baseMzantsi Afrika, kuquka onke aMalungu kunye nabasebenzi bePalamente ukulondoloza okusingqongileyo ukuze kuxhanyulwe sisizukulwana esizayo size kananjalo sikhuthaze ngenkcubeko yophuhliso oluyakuhlala luhleli.
