UKUBHIYOZELA USUKU LWE-AFRIKA
Usuku lwe-Afrika lubhiyozelwa rhoqo ngonyaka ngomhla wama-25 kuMeyi/kwekaCanzibe.  
Intlangano yeManyano yase-Afrika yasekwa ngomhla wama-25 kwekaCanzibe e-Addis Ababa, e-Ethiopia.     
Ukuphawula esi siganeko, uSuku lwe-Afrika  luya kubhiyozelwa ilixa lama-48 kulo nyaka       
Intlangano yeManyano yase-Afrika yaba sisandulela seManyano yase-Afrika eyathi yasungulwa eThekwini, eMzantsi Afrika ngomhla we-9 kweyeKhala/Julayi 2002  
Kukho amazwe angama-54 e-Afrika ekukho kuwo amazwe angamalungu angama-53. IMorocco asililo ilungu leManyano yase-Afrika.. 
IManyano ye-Afrika ihlanganise ilizwekazi i-Afrika ukuba lishukuxe imiceli mngeni yalo emininzi efana nongquzulwano ngezikhali, ukutshintsha kwemozulu kunye nentlupheko.
UKUBALULEKA KOSUKU LWE-AFRIKA 
Usuku lwe-Afrika ngumbhiyozo we-Afrika, abemi bayo nobunye bayo.   
Ngumbulelo kwinkqubela abantu base-Afrika abayenzileyo kunye nokubonakalisa imiceli mingeni efanayo ejongene nayo kwimo yehlabathi.   
INDIMA YEMANYANO YE-AFRIKA KWILIZWEKAZI    
IManyano ye-Afrika lelona ziko liphezulu lokuxhasa ukudibana kwezentlalo-noqoqosho kwilizwekazi kujoliswe kumanyano olungaphezulu nobunye phakathi kwamazwe nabantu base-Afrika.
IManyano ye-Afrika isekwe kumbono ofanayo welizwekazi elimanyeneyo nelomeleleyo.       
Isekwasekwe kwimfuneko yokwakha ubuqabane phakathi koorhulumente nawo onke amacandelo oluntu, ingakumbi abasetyhini, ulutsha nezamashishini.    
Njengombutho welizwekazi igxininisa kuxolo, ukhuseleko nozinzo, kwaye isembindini wokwakhiwa ngokutsha kwelizwekazi.
IManyano ye-Afrika ijolise ekukhuseleni amalungelo entando yesininzi, amalungelo oluntu kunye noqoqosho oluzinzileyo e-Afrika, ingakumbi ngokuphelisa ungquzulwano kunye nokudala imarike efanayo nesebenza kakuhle.
UMBONO
Umbono weManyano ye-Afrika ngulo: “I-Afrika emanyeneyo, ehlumayo nenoxolo, eqhutywa ngabemi bayo kunye nemele amandla ashukumisa ihlabathi”.
IZENZO ZOMANYANO ZEMANYANO YE-AFRIKA
Abantu base-Afrika basungule izenzo zomanyano ngeManyano ye-Afrika ukuze : 
Bakhusele okusingqongileyo   
Balwe ubunqolobi bamazwe ngamazwe     
Balwe nobhubhane WENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/NOGAWULAYO, icesina kunye nesifo sephepha 
Basebenze ngemiba yenzondelelo yamalungelo oluntu efana nobunzima obufunyanwa ziimbacu nabantu abadinga indawo      
Baxhase uxolo, ukhuseleko kunye nozinzo, kunye nokuququzelela intsebenziswano nophuhliso lwe-Afrika
Bomeleze ubunye kwilizwekazi liphela kunye nokwakha imimiselo efanayo phakathi kwabantu base-Afrika.
UMZANTSI AFRIKA KUNYE NOSUKU LWE-AFRIKA
Isikhumbuzo soSuku lwe-Afrika siqaqambisa indima yegalelo loMzantsi Afrika kunye nenxaxheba kwi-ajenda yelizwekazi
USuka lwe-Afrika lusuku lokubhiyozela ilifa lobu-Afrika bethu, kunye nokubonisa imbali nenkcubeko yelizwekazi kwezobugcisa 
Ivuselela uxanduva kuye wonke ubani ingakumbi kulutsha, ukuphucula umgangatho wobomi babantu abachatshazelwa kwi kuquka:
Ezempilo, ukhuselo nokhuseleko  
Ukuvuselelwa kokuziphatha ngokusesikweni
Ukuyondelelaniswa kwemo yezentlalo, inkcubeko nemfundo    
Ekukhumbuleni uSuku lwe-Afrika, sinethuba lokuvuselela ukuzinikela kwethu kuthi, kwilizwekazi le-Afrika kunye nelifa nolwazelelo lwethu esabelana ngalo.
INDIMA YEPALAMENTE YERIPHABLIKI YOMZANTSI AFRIKA
IPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika ithatha inxaxheba kwimibutho eliqela yase-Afrika, kuquka iPan African Parliament (PAP) kunye neQumrhu loMzantsi Afrika loPhuhliso loLuntu.
Ngokuhambelana nomgaqonkqubo weli lizwe ngokuphathelele kumazwe angaphandle, iPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika inika ingqwalasela ekhethekileyo kwi-Afrika kwinkqubo-sikhokelo yomgaqonkqubo wobudlelwane bamazwe ngamazwe.Oku kuquka ukuzibandakanya ngokuzigqatsa kuwiso mithetho lwamazwe apho urhulumente woMzantsi Afrika athe wazibandakanya khona kwimigudu yokudala uxolo.
Kulo nyaka iPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika iza kusindleka Ingxoxo nge-Afrika ngomhla wama-23 kwekaCanzibe eya kulandelwa yingxoxo ngomhla wama-25 kwekaCanzibe emxholo wayo uthi “Ukuvuselelwa, inkqubela phambili kunye nophuhliso lwe-Afrika” ngenjongo yokubhiyozela uSuku lwe-Afrika.  
I-AFRICA KUNYE NEZIGANEKO ZOWE-2011
Iqumrhu lezoQoqosho lweHlabathi e-Afrika (World Economic Forum on Africa) ngowe-2011: eKapa, eMzantsi Afrika, 4 – 6 kwekaCanzibe 2011
Umxholo: “Ukusuka kuMbono ukuya kwiZenzo, iSahluko esiLandelayo se-Afrika”.
IQumrhu lezoQoqosho leHlabathi ngumbutho wamazwe ngamazwe ozimeleyo ozinikele ekuphuculeni imeko yehlabathi ngokubandakanya ezoshishino, ezopolitiko, imfundo ephakamileyo kunye nezinye iinkokheli zoluntu ukulungisa i-ajenda yehlabathi, yengingqi kunye neyezorhwebo.
UMboniso neNkongolo yezeMpilo e-Afrika 9 – 11 kwekaCanzibe 2011 (Africa Health Exhibition and Congress) 
UMboniso neNkongolo yezeMpilo e-Afrika iya kusungulwa kwekaCanzibe 2011 eJohannesburg Expo Centre, Nasrec, eMzantsi Afrika. Iya kwenza umboniso nenkongolo entsuku ntathu ibonisa imixholo eyahlukileyo enxulumene nezempilo e-Afrika, kwaye iya kutsala umdla wamawaka abasebenzi neengcali zezempilo ukusuka kwingingqi ukuya kwihlabathi jikelele.
UMNYHADALA WOSUKU OLUTSHA LWE-AFRIKA 27 – 29 KWEKACANZIBE 
Ukubhiyozela uSuku oLutsha lwe-Afrika, ukusuka kumhla wama-27 – 29 kwekaCanzibe, eRhawutini baza konwabela impelaveki yomnyhadala obizwa ngokuba yiSanaa Afrika, uMoya wokuBhiyoza uya kwambathisa intliziyo yesingqi sase-Afrika kunye nomphefumlo odlamkileyo ngokusindleka ubugcisa, ulonwabo, umculo kunye nokunye kwilizwekazi.
EMINYE IMIHLA EBALULEKILEYO YE-AFRIKA 
16 Juni/EyeSilimela uSuku lomntwana wase-Afrika 
9 Julayi/EyeKhala uSuku lweManyano ye-Afrika 
25 Septemba/EyoMsintsi uSuka lwabaseTyhini lwePan-Afrika
