UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Isebe Lezempilo
ISEBE LEZEMPILO: UBUME
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
MALUNGA NELI SEBE
ISebe Lezempilo laseNtahona Koloni linika izigulana iinkonzo zononophelo lwempilo ezisemgangathweni nezifikelelekayo ngokwezimali.
Ukuze libe libe nokunikezela ngenkonzo yononophelo lwempilo esemgangasthweni kubo bonke abantu baseNtshona Kapa, iSebe Lezempilo lizinikele ekuekuqulunqeni isicwangciso-qhinga sexesha elide esibizwa ngokuba yiHealthcare 2010. Esi sicwangciso ke sinenjongo ekuphuculeni icandelo leenkonzo zononophelo lwempilo yoluntu eNtshona Koloni ukuze lijongane neenkonzo zomgangatho wokuqala, unonophelo wempilo yoluntu ekuhlaleni kwakunye nononophelo lokuthintela izigulo.
ISebe Lezempilo leli phondo lelinye lawona masebe amakhulu aseburhulumenteni kweli phondo yaye lifumana ama-27,9% (R5,7bn) ohlahlo-lwabiwo-mali lweli phondo. Abantu abaninzi abaphila kweli phondo abanalo ukhuseleko lwezempilo yaye uninzi lwabantu (ama-66%) luxinene kwiNqila yeKapa (kwiKapa neziphaluka). Bamalunga ne-12 lezigidi abantu abatyelela amaziko ezempilo kweli phondo ngonyaka ze babe malunga nezigidi ezimbini nesiqingatha izigulana ezilaliswa kwizibhedlele zethu ngonyaka.
Eli phondo kungoku nje lijamelene noxanduva lwezifo ezintathu, ezizezi:
Izifo ezosulelayo, ezifana nesifo sephepha, intsholongwane kaGawulayo noGawulayo ngokwakhe;
Izifo ezinobuzaza ezifana nesifo seswekile, ubushushu, isifo sobushushu kunye nempilo ze ke kubekho;
Neentlungu zomphwfumlo kwakunye nomthwalo weemeko ezingxamisekileyo.
AWONA MAPHULO APHAMBILI
INkqubo Yokuthintela Ukosuleleka Kosana Yintsholongwane kaGawulayo esuka Kunina yenye yeenkqubo eziphambili zeNtshona Koloni. Ngenyanga yoKwindla ka-2003 iSebe Lezempilo besele lizuze liyifumene yonke impumelelo yeli phulo kuzo zonke izithili zeli phondo ezingamashumi amabini anesihlanu, yaye onke amanina abekhulelwwe ngoko abezimasa iinkonzo zononophelo lwempilo yokubeleka eziququzelelwe ngurhulumente kungoku nje ayafikelela kule nkqubo yokuthintelwa ukosuleleka kweentsana ezingekazalwa yintsholongwane kaGawulayo esuka koonina.
IINKONZO
Iinkonzo ke zinikezelwa kuthotho lwamaziko kwimimandla emine yeli phondo.
IZIGANEKO
INyanga Yokwazisa Ngesifo Sorhudo, kwakunye,
NeNyanga Yempilo Yokubeleka
Ezinye iintshukumo zempilo ngale nyanga yoMdumba
IZITHUBA ZENGQESHO
IMIBA YEZEMPILO
Umhlaza
Eminye imiba
AMAZIKO EMPILO
Isibhedlele Sabantwana Somnqamlezo Obomvu
Iiklinikhi Zononophelo Lwempilo Kudidi Lokuqala
Amanye amaziko
Ukubalwa kwala Maziko
Ummandla
Inani lazo zizonke
Isibhedlele Esikhulu
Iklinikhi
IZiko Lempilo Loluntu
Isibhedlele Sesithili
Inkonzo Ehambayo
Isibhedlele Sempilo Yengqondo
Isibhedlele Sommandla
Inkonzo Yempilo Yokuzalisa
Iklinikhi Esecaleni
Isibhedlele Seengcali
Isifo Sephepha
Inani lazo zonke ziphelele
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
