UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
Isebe Lezabasebenzi
IiNkonzo
Ingqesho
ISEBE LEZABASEBENZI - IINKONZO: INGQESHO
UBUME
IINKONZO
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
Cofa kuloo nkonzo ukuze ufumane iinkcukacha ezigcweleyo.
Ukususela kwinyanga kaCanzibe ngo-2003, bonke abasebenzi basemakhitshini abasebenza iiyure ezingaphaya kwama-24 ngenyanga kufuneka babhaliselwe I-UIF. Oku kuquka abasebenza ngamaxesha athile kunye nabo basebenza isigxina. 
IKhefu Lokubeleka Likamama Nelikatata Lokujongana Nosapho
Abaqeshwa abangamakhosikazi banelungelo lekhefu lokuya kubeleka leenyanga ezine. Eli khefu lingaqala kwiiveki ezine phambi kosuku umntwana alindeleke ngalo futhi umqeshwa akanakunyanzeliswa ukuba abuyele emsebenzini de agqibe iiveki ezintandathu emva kokufumana umntwana lowo. 
Ukufaka Ibango Kwingxowa-mali Yentswela-ngqesho
Iyintoni iNgxowa-mali Yokhuseleko Lwabangasaphangeliyo? Ingxowa-mali le ibanceda njani abaqeshwa? Abasebenzi bangafaka ibango lemali engakanani? Ungasifumana isongezelelo xa sele uzisebenzisile izibonelelo zakho? ... 
Ukufaka Ibango Lembuyekezo Ngokonzakala okanye Izigulo Ozifumene Emsebenzini
Abasebenzi abonzakele okanye abathe bahlaselwa sisifo ngenxa omsebenzi wabo banakho ukufaka ibango lemali esuka kwiNgxowa-mali Yembuyekezo. Iintsapho zabo nazo zinakho ukufaka amabango ukuba umntu obebonelela ngenkxaso nokuphila kwamalungu azo uthe wasutywa kukufa ngenxa yesifo okanye ukonzakala akufumene emsebenzini.Ngubani onokufaka ibango? Ngubani onokufaka imali kule Ngxowa-mali? ... 
Ukunikezela Ingxelo Ngendawo Yokusebenzela Enobungozi
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uNovemba 2006
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
