UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu
UCwangciso noPhuhliso
Uphuhliso lweeNdawo zokuHlala zabantu
UPHUHLISO LWEENDAWO ZOKUHLALA ZABANTU: UBUME
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
USHICILELO
UQHAGAMSHELWANO
ISetyana loPhuhliso lweeNdawo zokuHlala zabantu lijongene nokuqhutywa, ukukhuthazwa, ukunxityelelaniswa nokulawulwa kweendawo zabantu zokuhlala ezihlangeneyo, ulwakhiwo lwezindlu olungxamisekileyo, kunye nophuculo lweendawo zokuhlala zoogobityholo kwiphondo liphela.
Imisebenzi:
Ukukhuthazqa nokuqhutywa kolwakhiwo lwezindlu ngendlela ehlangeneyo nezinzileyo kwintlalo yoluntu
Ukukhuthaza kokubuyiselwa komhlaba ngokuhlangeneyo nokuzinzileyo
Unxityelelaniso nokuqhutywa kophuhliso lweendawo zokuhlala
Uncediso looMasipala kulwakhiwo lwezindlu ngexesha likaxakeka
UPhuhliso loLwakhiwo lweziNdlu kwiNtlalo
UPhuhliso loLwakhiwo lweziNdlu kwiNtlalo lujolise ekukhuthazeni nokuqhuba ulwakhiwo lwezindlu zoluntu, eyindlela yokwakha elungiselelwe abantu abamivuzo iphantsi ukuya kwephakathi enikezelwa ngamaziko olwakhiwo lwezindlu kwaye inokungabandakanyi ukuba umntu afumane ubunini bendlu ngokukhawuleza. Eli candelo lincedisa kulwenziwo lwezicwangciso, izicwangciso zoshishino nochongo lomhlaba ofanelekileyo wophuhliso.
Ikwanxibelelana kwaye inxulumanisa namanye amasebe kunye noorhulumente boomasipala, ikhuthaza uphuhliso lolwakhiwo lwezindlu zoluntu oluhlangeneyo, kunye nokuqwalaselwa nokuphononongwa kwemeko yamaphulo olwakhiwo lwezindlu zoluntu.
Uphuhliso olulandela ubuyiso mhlaba lunika isikhokelo kuluntu olufaka amabango ngokunxibelelana noomasipala kunye nabanye abathathi nxaxheba kuphuhliso olulandela ubuyiso mhlaba apho umhlaba uthi ubuyiselwe kuluntu njengembuyekezo.
Ngokwesi sikhokelo, eli candelo likhuthaza uphuhliso oluzinzileyo ngokunxulumene nezoqoqosho lwasentlalweni, ukulingana ngokwasentlalweni kunye nemvelo engqongileyo.
Uphuculo lwendawo yokuhlala
Uphuculo lwendawo yokuhlala lujongene nophuculo lweendawo zamatyotyombe eNtshona Koloni, kwaye yeyona njongo iphambili kulwakhiwo lwezindlu kwisizwe siphela. Ikwanxibelelanisa iinkqubo zolwakhiwo lwezindlu ezingxamisekileyo ngokunika uncedo apho iimfuno zolwakhiwo lwezindlu olungxamisekileyo zithi zivele ngenxa yeentlekele zasendalweni kunye nezinye kunye nabantu abaphila phantsi kweemeko ezibuhlungu nezinoxinzelelo, njengeempuphuma.
Uphuhliso lwendawo yokuhlala
Uphuhliso lwendawo yokuhlala lujolise ekukhuthazeni nokuqinisa indlela yokuhlala koluntu eNtshona Koloni ehlangeneyo nezinzileyo. Ikwalawula ukuhlala kwabantu ngokusemthethweni ngokukhangela ukuhlala ngokungekho mthethweni kwiiPropati zeZindlu zaseNtshona Koloni.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
