UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Imisebenzi
Indlela Yokufaka Isicelo
INDLELA YOKUFAKA ISICELO SENGQESHO
IMISEBENZI
INDLELA YOKUFAKA ISICELO
IMIGAQO-NKQUBO
IMIVUZO
INDLELA YOKWAZI NGEZITHUBA ZEMISEBENZI YASEBURHULUMENTENI
Azipapashwa zonke ngaphandle izithuba zemisebenzi karhulumente kumajelo osasazo. Ezinye izithuba zipapashwa ngaphakathi kurhulumente kuphela.
Izithuba eziphezulu, oko ke kukuthi, ezi zikwinkonzo yabalawuli abakhulu, kufuneka zipapashwe kwisizwe siphela, ngokwemimiselo elawula iinkonzo zoluntu. Ungakufumana okunye ngezi zithuba ziphezulu ngokuthi ufunde ngokwemimiselo incwadana ecacisa ngazo.
INDLELA YOKUFAKA ISICELO SESITHUBA SOMSEBENZI KARHULUMENTE
Inyathelo lokuqala xa ufaka isicelo sesithuba somsebenzi karhulumente kukugcwalisa iphetshana lesicelo sesithuba somsebenzi karhulumente, ebizwa ngokuba yi-Z83. Ungalitsala kwikhompyutha eli phetshana lesicelo, okanye ulifumane nakweyiphi na iofisi karhulumente.
Iphetshana lesicelo sesithuba somsebenzi waseburhulumenteni kufuneka ligcwaliswe kuyo yonke imisebenzi karhulumente, kumgangatho karhulumente wesizwe nowephondo. Izicelo zezithuba zemisebenzi ziye zingamkelwa ngaphandle kwephetshana u-Z83 eligcwaliswe ngokupheleleyo. IPalamente yeSizwe, IPalamente yePhondo leNtshona Koloni kwanoomaspala (urhulumente wedolophu) abalisebenzisi eli phetshana lesicelo somsebenzi.
Ukuze ukwazi ukuligcwalisa kakuhle eli phetshana lesicelo, kuya kufuneka ube nephepha elipapasha eso sithuba somsebenzi phambi kwakho ukuze ube neenkcukacha ezizizo, ezifana nenombolo yeso sithuba, isihloko sesithuba eso, kwanesebe elisipapashileyo, ukuze zigcwaliswe ku-"Part A" weli phetshana lesicelo.
Emva kokuba uligcwalisile iphetshana lesicelo eli, kufuneka ufake neCV yakho. Usenokucelwa ukuba ufake neekopi zeempepha ezingqina nayiphi na imfundo imfundo onayo okanye izidanga othe kwiCV yakho okanye kwelo phetshana unazo. Faka isicelo sesithuba somsebenzi eso (kwiphetshana u-Z83,iCV kwaneekopi ezingqina imfundo yakho) kwindawo exelwe kuloo mpapasho weso sithuba phambi komhla wokuvalwa.
Musa ukuthumela ezinye iinkcukacha okanye iimpepha emva kosuku lokuvalwa njengoko zingayi kunikwa ngqwalasela. Izithuba ziqhele ukupapashwa malunga nenyanga phambi kokuba zivalwe.
YINTONI ONOKUYILINDELA EMVA KOKUFAKA ISICELO SESITHUBA SOMSEBENZI WASEBURHULUMENTENI
Emva kosuku lokuvalwa, zonke izicelo ziya kuqwalaselwa ze abafaki-zicelo abathile bachongelwe (bafakwe kuluhlu olufutshane) udliwano-ndlebe. Abo bachongelwe udliwano-ndlebe baya kutsalelwa iminxeba ukufikelela kwisivumelwano ngomhla wolo dliwano-ndlebe.
Ikomiti okanye igqiza labachongi lilo eliqhuba olu dliwano-ndlebe. Ngokwemimiselo yeenkonzo zoluntu, ikomiti leyo kufuneka ubuncinci ibe nabaqeshwa bakarhulumente abathathu, abakumgangatho womsebenzi olinganayo okanye ongaphezu kwalowo weso sithuba sipapashiweyo. Ikomiti yabachongi iya kuthi emva kokuba lugqitywe lonke udliwano-ndlebe ize nesiphakamiso sokuba kuthathwe bani kwabo bebefake izicelo zeso sithuba.
Ikomiti yabachongi kufuneka izigcine izizathu zesiphakamiso sayo. Esi siphakamiso sinokuphunyezwa okanye sikhatywe ngumntu onoxanduva namagunya amakhulu okuqesha, ekuthi ke kwisebe lephondo ibe yi-MEC yelo sebe. Kufuneka kunikezelwe izizathu apho isiphakamiso sikhatyiweyo.
Yonke ingqesho enezivumelwano zokusebenza ixesha elingaphezu konyaka imelwe kukuba nexesha lokuvavanywa apho emsebenzini.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
